UYehova, UThixo Wenyaniso
“Undikhulule, Yehova Thixo wenyaniso.”—INDUMISO 31:5.
1. Yayinjani imeko ezulwini nasemhlabeni ngethuba babungekho ubuxoki?
NGAPHAMBILI babungekho ubuxoki. Emazulwini kwakuhlala izidalwa zomoya ezigqibeleleyo, zikhonza uMdali wazo, ‘uThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) Babungekho ubuxoki, ingekho nenkohliso. UYehova wayethetha inyaniso noonyana bakhe bomoya. Wenza oku ngenxa yokuba wayebathanda yaye enomdla wokwenene kwimpilo-ntle yabo. Kwakunjalo ke nalapha emhlabeni. UYehova wadala indoda nomfazi bokuqala, waza wathetha inyaniso nabo ngokucacileyo nangokungqalileyo, esebenzisa ijelo elikhethwe nguye. Kwakuhlab’ umxhelo ngokwenene oko!
2. Ngubani owaqala ukusebenzisa ubuxoki, yaye ngoba?
2 Kodwa ke, ekuhambeni kwethuba, omnye woonyana bakaThixo bomoya wazenza uthixo ovukelayo, nochase uYehova. Esi sidalwa somoya, esaba nguSathana uMtyholi, sasifuna abanye banqule sona. Ngoko sabhenela ekusebenziseni ubuxoki, njengeqhinga lokulawula abanye. Ngaloo ndlela, saba “lixoki noyise wabo ubuxoki.”—Yohane 8:44.
3. Basabela njani uAdam noEva kubuxoki bukaSathana, yaye waba yintoni umphumo woko?
3 Esebenzisa inyoka, uSathana wathi kumfazi wokuqala uEva, wayengayi kufa ukuba wayegatya umyalelo kaThixo aze atye kwisiqhamo esalelweyo. Yayibubuxoki obo. Kwakhona wathi kuye emva kokuba etyile wayeza kufana noThixo, azi okulungileyo nokubi. Nako oko, kwakububuxoki. Nangona uEva wayengazange axokiswe ngaphambili, umele ukuba waqonda ukuba oko wayekuxelelwa yinyoka kwakungavisisani noko uThixo wayekuxelele indoda yakhe uAdam. Sekunjalo, wakhetha ukukholelwa uSathana, kungekhona uYehova. Ekhohliswe ngokupheleleyo, wathabatha isiqhamo waza wadla. Kamva, noAdam wadla kweso siqhamo. (Genesis 3:1-6) NjengoEva, naye uAdam wayengazange axokiswe ngaphambili, kodwa yena wayengakhohliswanga. (1 Timoti 2:14) Ngezenzo zakhe, wabonisa ukuba wayemgatya uMenzi wakhe. Oko kwaba nemiphumo emibi ngokugqithiseleyo eluntwini. Ngenxa yokungathobeli kuka-Adam, isono nokufa—kunye nobungendawo neenkxwaleko ezingathethekiyo—zasasazeka kuyo yonke inzala yakhe.—Roma 5:12.
4. (a) Bubuphi ubuxoki obathethwa e-Eden? (b) Simele senze ntoni ukuze singalahlekiswa nguSathana?
4 Nabo ubuxoki basasazeka. Mayingasisitheli into yokuba obo buxoki basemyezweni wase-Eden babucel’ umngeni inyaniso eyathethwa nguYehova uqobo. Lilonke uSathana wayesithi uThixo wayesikhohlisa esi sibini sokuqala singabantu, esibandeza nto ithile elungileyo. Kakade ke, wayexoka. Ukungathobeli kuka-Adam noEva akuzange kubazuzise. Bafa, kanye njengokuba uYehova wayetshilo. Sekunjalo, uSathana waqhubeka emgculela uYehova, kangangokuba kwiinkulungwane ezalandelayo umpostile uYohane waphefumlelwa ukuba abhale ukuba uSathana “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Ukuze ke thina singalahlekiswa nguSathana uMtyholi, simele sithembele ngokupheleleyo kwinyaniso eseLizwini likaYehova. Ungayiqinisa njani intembelo yakho kuYehova ukuze ukwazi ukumelana nenkohliso nobuxoki obusasazwa luTshaba lwakhe?
UYehova Uyayazi Inyaniso
5, 6. (a) Lungakanani ulwazi lukaYehova? (b) Lungakanani ulwazi lwabantu xa luthelekiswa nolukaYehova?
5 IBhayibhile ithi nguYehova “owadala zonke izinto.” (Efese 3:9) “UnguLowo walenzayo izulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezikuzo.” (IZenzo 4:24) Ekubeni uYehova enguMdali, uyayazi inyaniso ngayo yonke into. Ngokomzekelo: Khawucinge nje ngomntu owenza iplani yendlu yakhe aze azakhele ngokwakhe, efaka iplanga nesikhonkwane ngasinye sayo. Uyazi umva nomphambili loo ndlu yaye uyiqonda ukodlula nawuphi na omnye umntu. Umntu uyazi kakuhle into ayenze ngokwakhe. Ngokufanayo, noMdali wazi yonk’ into ngendalo ayenzileyo.
6 Khawuve nje indlela umprofeti uIsaya abuchaza kakuhle ngayo ubunzulu bolwazi lukaYehova. Uthi: “Ngubani na olinganise amanzi kumphakathi wesandla sakhe, walinganisa amazulu ngomolulo weminwe waza waquka nothuli lomhlaba emlinganiselweni, okanye olinganise iintaba ngesalathisi sobunzima, neenduli ngezikali? Ngubani na olinganise umoya kaYehova, yaye ngubani na onokuthi njengendoda emcebisayo amazise nantoni na? Wabhungisana nabani na ukuze lowo abe nokumqondisa, okanye ngubani na omfundisa umendo wokusesikweni, okanye omfundisa ukwazi, okanye amazise indlela yokuqonda kokwenene?” (Isaya 40:12-14) Enyanisweni, uYehova “unguThixo wolwazi” yaye ‘ugqibelele ngolwazi.’ (1 Samuweli 2:3; Yobhi 36:4; 37:16) Hayi indlela oluluncinane ngayo ulwazi lwethu xa luthelekiswa nolwakhe! Nangona luye lwanda kanobom ulwazi lwabantu, kodwa oko sikwaziyo ngendalo esijikelezileyo akulingani ‘kwanemiphetho le yeendlela zikaThixo.’ Kufana nje ‘nokusebeza’ xa kuthelekiswa ‘nendudumo enamandla.’—Yobhi 26:14.
7. Yintoni awayeyiqonda uDavide ngolwazi lukaYehova, ngoko yintoni esimele siyivume?
7 Ekubeni inguYehova osidalileyo, lizicacele elokuba usazi kakuhle. UKumkani uDavide wayekuqonda oku. Wabhala wathi: “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam. Uziqwalasele iingcamango zam ukude. Ukuhamba kwam nokulala kwam ndinabile ukulinganisile, kwaye uye waqhelana nazo zonke iindlela zam. Kuba akukho lizwi elulwimini lwam, kodwa, khangela! Owu Yehova, sele ukwazi konke.” (INdumiso 139:1-4) Noko ke, uDavide wayeqonda ukuba uThixo ubadale abantu banenkululeko yokuzikhethela—basenokukhetha ukumthobela okanye bangamthobeli. (Duteronomi 30:19, 20; Yoshuwa 24:15) Kodwa ke, uYehova usazi ngaphezu kokuba sizazi thina ngokwethu. Ufuna ukusinceda sizuze okuhle ebomini, yaye uyakwazi ukwalathisa iindlela zethu. (Yeremiya 10:23) Eneneni, akakho umhlohli, ingcali okanye umcebisi okufanelekela ngaphezu kwakhe ukusifundisa inyaniso nonokusenza silumke yaye sonwabe.
UYehova Unyanisekile
8. Sazi njani ukuba uYehova unyanisekile?
8 Ukuyazi inyaniso akuthethi kuthi umntu uya kusoloko ethetha inyaniso, okanye enyanisekile. Ngokomzekelo, uMtyholi wakhetha ‘ukungemi enyanisweni.’ (Yohane 8:44) Ngokwahlukileyo koko, uYehova ‘unenyaniso.’ (Eksodus 34:6) IZibhalo zisoloko zinikela ubungqina bokunyaniseka kukaYehova. Umpostile uPawulos wathi ‘akunakwenzeka ukuba uThixo axoke,’ yaye uThixo ‘akanakuxoka.’ (Hebhere 6:18; Tito 1:2) Ukunyaniseka kuyinxalenye ebalulekileyo yobuntu bukaThixo. Sinokumthemba uYehova kuba unyanisekile; akaze abakhohlise abantu bakhe abanyanisekileyo.
9. Igama likaYehova lihlobene njani nenyaniso?
9 Igama likaYehova liyakungqina ukunyaniseka kwakhe. Igama likaThixo lithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.” Oku kuthetha ukuba uYehova unguMzalisekisi wazo zonke izithembiso zakhe. Akakho omnye umntu okwaziyo ukwenza oko. Ekubeni uYehova enguLowo uPhakamileyo, ayikho into enokuthintela iinjongo zakhe. UYehova akapheleli nje ngokunyaniseka, kodwa nguye kuphela onamandla nobulumko bokuphumeza konke akuthethayo.
10. (a) UYoshuwa wakubona njani ukunyaniseka kukaYehova? (b) Ziziphi izithembiso zikaYehova oye wazibona zizaliseka?
10 UYoshuwa wayephakathi kwabaninzi ababona iziganeko ezimangalisayo ezangqina ukunyaniseka kukaYehova. UYoshuwa wayeseYiputa xa uYehova wazisa izibetho ezilishumi kwelo lizwe, echaza ngasinye sazo kwangaphambili. Kwakhona uYoshuwa wazibonela ngamehlo ukuzaliseka kwesithembiso sikaYehova sokukhulula amaSirayeli eYiputa aze awakhokelele kwiLizwe Lesithembiso, apho afika oyisa imikhosi eyomeleleyo yamaKanan awayeziintshaba zawo. Ngaphambi kokufa kwakhe, uYoshuwa wathi kumadoda amakhulu ohlanga lwakwaSirayeli: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi.” (Yoshuwa 23:14) Nangona ungazange uyibone loo mimangaliso yabonwa nguYoshuwa, ngaba ukubonile kusini na ukunyaniseka kwezithembiso zikaThixo ngethuba lokuphila kwakho?
UYehova Uyayidandalazisa Inyaniso
11. Yintoni ebonisa ukuba uYehova ufuna abantu bayazi inyaniso?
11 Khawucinge nje ngomzali onolwazi oluninzi kodwa ongathethiyo nabantwana bakhe. Akuvuyi na kuba uYehova engenjalo? Ngothando uYehova uthetha ngokukhululekileyo nabantu. IZibhalo zimbiza ngokuba ‘ngumYaleli Ozukileyo.’ (Isaya 30:20) Ububele bakhe bothando benza ukuba athethe kwanakwabo bangazimiselanga kumphulaphula. Ngokomzekelo, uYehova wathuma uHezekile ukuba aye kushumayela kubantu awayesazi ukuba abazukumphulaphula. UYehova wathi: “Nyana womntu, hamba, ungene phakathi kwindlu kaSirayeli, uwathethe amazwi am kubo.” Wandula ke wamlumkisa esithi: ‘Abayi kufuna ukukuphulaphula, kuba abafuni kundiphulaphula mna; ngenxa yokuba bonke abo bendlu kaSirayeli baneentloko ezilukhuni neentliziyo ezilukhuni.’ Sasinzima ngokwenene eso sabelo, kodwa uHezekile wasiphumeza ngokuthembekileyo, ngaloo ndlela ebonisa uvelwano njengoYehova. Ngoko nawe, nokuba intsimi oshumayela kuyo ilukhuni, ukuba uthembela kuThixo, unokuqiniseka ukuba uya kukomeleza njengoko wenzayo kumprofeti uHezekile.—Hezekile 3:4, 7-9.
12, 13. Ziziphi iindlela aye uThixo wathetha ngazo nabantu?
12 UYehova unqwenela ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:4) Uye wathetha ngabaprofeti, ngeengelosi, kwanangoNyana wakhe oyintanda, uYesu Kristu. (Hebhere 1:1, 2; 2:2) UYesu wathi kuPilato: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Wonk’ ubani ongakwicala lenyaniso uyaliphulaphula ilizwi lam.” Eli yayilithuba elihle lokuba uPilato afunde inyaniso ngelungiselelo likaYehova losindiso, eyifundiswa nguNyana kaThixo uqobo. Noko ke, uPilato wayengekho ngakwicala lenyaniso, yaye wayengafuni kufunda nto kuYesu. Kunoko, uPilato waphoxisa esithi: “Yintoni na inyaniso?” (Yohane 18:37, 38) Enjani yona impoxo! Noko ke, abaninzi bayiphulaphula inyaniso eyayivakaliswa nguYesu. Wathi kubafundi bakhe: “Anoyolo amehlo enu ngenxa yokuba ayabona, neendlebe zenu ngenxa yokuba ziyeva.”—Mateyu 13:16.
13 UYehova uye wayilondoloza eBhayibhileni inyaniso waza wayenza yafumaneka kubo bonke abantu. IBhayibhile iyichaza inyaniso njengokuba injalo. Isichazela ngeempawu zikaThixo, ngeenjongo zakhe, nangemiyalelo yakhe, kwaye iyidandalazisa ngobunjalo bayo imeko yabantu. UYesu wathi emthandazweni kuYehova: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Oku kwenza ukuba iBhayibhile ibe yincwadi ekhethekileyo. Yiyo yodwa eyaphefumlelwa nguThixo owazi zonke izinto. (2 Timoti 3:16) Isisipho esikhulu ngokwenene uThixo asinike abantu, nesixatyiswa gqitha ngabakhonzi bakhe. Kububulumko ukuyifunda mihla le.
Namathela Enyanisweni
14. Ziziphi ezinye zezinto uYehova athi uza kuzenza, yaye kutheni sifanele simkholelwe?
14 Sifanele sikuthabathe nzulu oko uYehova asixelela kona eLizwini lakhe. Ukoko athi ukuko, yaye uza kwenza kanye oko athe uza kukwenza. Sinezizathu ezihle zokumthemba uThixo. Sinokumkholelwa uYehova xa esithi uza ‘kubaphindezela abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu.’ (2 Tesalonika 1:8) Kwakhona sinokumkholelwa uYehova xa esithi uyabathanda abo bangamalungisa, naxa esithi uza kubanika ubomi obungunaphakade abo babonisa ukholo, kwanaxa esithi uza kuziphelisa iintlungu, ukukhala, kwanokufa. UYehova wasigxininisa esi sithembiso sokugqibela ngokuyalela umpostile uYohane esithi: “Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.”—ISityhilelo 21:4, 5; IMizekeliso 15:9; Yohane 3:36.
15. Bubuphi ubuxoki abusasazayo uSathana?
15 USathana yena wahluke ngokupheleleyo kuYehova. Endaweni yokuba akhanyisele abantu, uyabakhohlisa. Ukuze aphumeze injongo yakhe yokuwexula abantu kunqulo olunyulu, uSathana usasaza ubuxoki obahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, uSathana ufuna sikholelwe ukuba uThixo akanazimvakalelo ngathi yaye akakukhathalele ukubandezeleka kwethu emhlabeni. Kanti iBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uzikhathalela ngokwenene izidalwa zakhe yaye kumvisa ubuhlungu ukubona ubungendawo nokubandezeleka okukhoyo. (IZenzo 17:24-30) Kwakhona uSathana ufuna abantu bakholelwe ukuba ukusukela izilangazelelo zokomoya kuyinkcitha-xesha. Kanti zona iZibhalo zisiqinisekisa ngokuthi “uThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” Kwaye zisixelela ngokucacileyo ukuba “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—Hebhere 6:10; 11:6.
16. Kutheni amaKristu emele ahlale ephaphile yaye anamathele enyanisweni?
16 Umpostile uPawulos wabhala wathi ngoSathana: “Uthixo wale nkqubo yezinto [uye] wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo, ukuze ukhanyiso lweendaba ezilungileyo ezizukileyo ezingoKristu, ongumfanekiso kaThixo, lungakhanyi.” (2 Korinte 4:4) NjengoEva, abanye baye bakhohliswa ngokupheleleyo nguSathana uMtyholi. Abanye balandela ikhondo lika-Adam, owathi nakubeni engazange akhohliswe kodwa wakhetha ukungathobeli. (Yude 5, 11) Ngoko kubalulekile ukuba amaKristu ahlale ephaphile yaye anamathele enyanisweni.
UYehova Ufuna “Ukholo Olungenaluhanahaniso”
17. Yintoni esimele siyenze ukuze sikholise uYehova?
17 Ngenxa yokuba uYehova enyanisekile kuzo zonke iindlela zakhe, ulindele ukuba nabanquli bakhe banyaniseke. Umdumisi wabhala wathi: “Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho? Ngubani na oya kuhlala entabeni yakho engcwele? Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso eqhelisela ubulungisa yaye ethetha inyaniso ngentliziyo yakhe.” (INdumiso 15:1, 2) Ukucula kwamaYuda la mazwi athetha ngentaba engcwele kaYehova, ngokuqinisekileyo kwawakhumbuza ngeNtaba yeZiyon, apho uKumkani uDavide wayibeka khona ityeya yomnqophiso kwintente awayeyakhile. (2 Samuweli 6:12, 17) Le ntaba kunye nentente zazifanekisela indawo awayehlala kuyo ngokomfuziselo uYehova. Abantu babesiya apho, babongoze uThixo ukuze bakholeke emehlweni akhe.
18. (a) Yintoni abamele bayenze abo bafuna ukuba nobuhlobo noThixo? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
18 Nabani na ofuna ukuba nobuhlobo noYehova umele athethe inyaniso “ngentliziyo yakhe,” angapheleli nje ngokuyithetha ngomlomo. Abahlobo bokwenene bakaThixo bamele banyaniseke ngokusuk’ entliziyweni yaye banikele ubungqina bokuba ‘banokholo olungenaluhanahaniso,’ kuba izenzo zokunyaniseka ziphuma entliziyweni. (1 Timoti 1:5; Mateyu 12:34, 35) Umhlobo kaThixo akanamaqhinga okanye akhohlise, kuba “umntu . . . onenkohliso uYehova uyamcekisa.” (INdumiso 5:6) AmaNgqina kaYehova emhlabeni wonke azama ngamandla ukuba nenyaniso exelisa uThixo wawo. Oku kuza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
Ubunokuphendula Uthini?
• Kutheni uYehova esazi inyaniso ngayo yonke into?
• Yintoni ebonisa ukuba uYehova unyanisekile?
• UYehova uye wayidandalazisa njani inyaniso?
• Yintoni efunekayo kuthi ngokuphathelele inyaniso?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
UThixo wenyaniso wazi yonke into ngoko akudalileyo
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
Izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka