UYehova Unothando Olunyanisekileyo Olubalaseleyo
“UYehova . . . unobubele bothando kakhulu.”—INDUMISO 145:8.
1. Lukhulu kangakanani uthando lukaThixo?
“UTHIXO uluthando.” (1 Yohane 4:8) Loo mazwi amnandi abonisa ukuba uYehova ulawula ngothando. Kaloku, nabantu abangamthobeliyo bafumana ilanga nemvula evela kuye! (Mateyu 5:44, 45) Ngenxa yothando uThixo analo ngoluntu, kwaneentshaba zakhe zinokuguquka, zibuyele kuye, zize zizuze ubomi. (Yohane 3:16) Noko ke, kungekudala uYehova uya kubatshabalalisa abaqaqadekileyo ukuze abantu abamthandayo baphile ngonaphakade kwihlabathi elitsha elinobulungisa.—INdumiso 37:9-11, 29; 2 Petros 3:13.
2. Yiyiphi inkalo ekhethekileyo yothando uYehova ayibonakalisa kwabo bazahlulele kuye?
2 UYehova ubonisa uthando kubanquli bakhe bokwenyaniso ngendlela ezukileyo nehlala ihleli. Uthando olunjalo luchazwa ngegama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ububele bothando,” okanye “uthando olunyanisekileyo.” UKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo wayebuxabisa ngokunzulu ububele bothando bukaThixo. Ngenxa yoko kwenzeka kuye nokucamngca kwakhe ngendlela uThixo aye wasebenzisana ngayo nabanye, uDavide wayenokuvuma ingoma eqinisekile athi: “UYehova . . . unobubele bothando [okanye, uthando olunyanisekileyo] kakhulu.”—INdumiso 145:8.
Abanyanisekileyo BakaThixo
3, 4. (a) INdumiso 145 isinceda njani sazi abanyanisekileyo bakaYehova? (b) Abanyanisekileyo bakaThixo ‘bamsikelela’ njani?
3 Ethetha ngoYehova uThixo, uHana, unina womprofeti uSamuweli, wathi: “Ulinda iinyawo zabanyanisekileyo bakhe.” (1 Samuweli 2:9) Ngoobani aba “banyanisekileyo”? UKumkani uDavide uyaphendula. Emva kokubalaselisa iimpawu ezintle zikaYehova, uthi: “Nabanyanisekileyo bakho baya kukubonga [kukusikelela].” (INdumiso 145:10) Usenokuzibuza ukuba, abantu banokumsikelela njani uThixo? Ngokuyintloko bakwenza oko ngokumdumisa okanye ngokuthetha kakuhle ngaye.
4 Abanyanisekileyo bakaYehova kusenokuthiwa ngabo basebenzisa imilomo yabo bethetha kakuhle ngaye. Kwiimbutho zabo nakwiintlanganiso zamaKristu, yintoni eyintloko abathetha ngayo? Kaloku, bathetha ngoBukumkani bukaYehova! Abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo bavumelana noDavide, owavuma ingoma esithi: “Baya kuthetha ngozuko lobukumkani bakho [Yehova], nangamandla akho baya kuthetha.”—INdumiso 145:11.
5. Sazi njani ukuba uYehova uyaphulaphula xa abanyanisekileyo bakhe bethetha kakuhle ngaye?
5 Ngaba uYehova uyaphulaphula xa abanyanisekileyo bakhe bemdumisa? Ewe, uyaphulaphula xa bethetha. Kwisiprofeto esiphathelele unqulo lokwenyaniso kumhla wethu, uMalaki wabhala: “Ngelo xesha abo bamoyikayo uYehova bathetha omnye komnye, ngamnye neqabane lakhe, yaye uYehova wanikela ingqalelo ephulaphule. Kwaye incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) Kumkholisa gqitha uYehova ukuva abanyanisekileyo bakhe bethetha kakuhle ngaye, yaye uyabakhumbula.
6. Nguwuphi umsebenzi osinceda sibazi abanyanisekileyo bakaThixo?
6 Kwakhona abanyanisekileyo bakaYehova babonakala ngenkalipho nomdla abanawo ekuthetheni nabantu abangengabo abanquli boThixo oyinyaniso. Enyanisweni, abanyanisekileyo bakaThixo, ‘bazisa oonyana babantu izenzo zakhe zamandla nozuko lobungangamsha bobukumkani bakhe.’ (INdumiso 145:12) Ngaba uyawakhangela uze uwasebenzise ngokupheleleyo amathuba okuthetha nabantu ongabaziyo ngobukumkani bukaYehova? Ngokungafaniyo noorhulumente babantu abaza kuthi shwaka kungekudala, ubukumkani bakhe abunasiphelo. (1 Timoti 1:17) Kungxamisekile ukuba abantu bafunde ngobukumkani bukaYehova obungunaphakade baze babuxhase. UDavide wavuma ingoma esithi: “Ubukumkani bakho bubukumkani ngawo onke amaxesha angenammiselo, nolawulo lwakho lukuzo zonke izizukulwana eziya kulandelelana.”—INdumiso 145:13.
7, 8. Kwenzeka ntoni ngowe-1914, yaye bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba ngoku uThixo uyalawula esebenzisa uBukumkani boNyana wakhe?
7 Ukususela ngowe-1914, kuye kwakho izizathu ezingakumbi zokuthetha ngobukumkani bukaYehova. Ngaloo nyaka, uThixo wamisela uBukumkani obulawulwa nguMesiya ezulwini, yaye uYesu Kristu, uNyana kaDavide, unguKumkani. Ngaloo ndlela uYehova wayezalisa isithembiso sakhe sokuba ubukumkani bukaDavide buya kuhlala buqinile ukusa kwixesha elingenammiselo.—2 Samuweli 7:12, 13; Luka 1:32, 33.
8 Ubungqina bokuba ngoku uYehova uyalawula esebenzisa uBukumkani boNyana wakhe, uYesu Kristu, bubonwa ngokuzaliseka okuqhubekayo komqondiso wobukho bukaYesu. Eyona nkalo ibalaseleyo yaloo mqondiso ngumsebenzi uYesu awawuyalela bonke abanyanisekileyo bakaThixo xa wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:3-14) Ngenxa yokuba abanyanisekileyo bakaThixo basizalisekisa ngenzondelelo eso siprofeto, amadoda, amabhinqa nabantwana abangaphezu kwezigidi ezithandathu ngoku benza lo msebenzi ubalulekileyo ongasoze uphinde wenziwe. Kungekudala isiphelo siya kubafikela bonke abo babuchasileyo uBukumkani bukaYehova.—ISityhilelo 11:15, 18.
Ukuzuza Kulongamo LukaYehova
9, 10. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kukaYehova nabalawuli abangabantu?
9 Ukuba singamaKristu azahluleleyo, kuneenzuzo ezininzi ukuba nolwalamano neNkosi enguMongami uYehova. (INdumiso 71:5; 116:12) Ngokomzekelo, kuba simhlonela uThixo yaye sisenza ubulungisa, uyasamkela yaye siba nobuhlobo obusenyongweni naye. (IZenzo 10:34, 35; Yakobi 4:8) Ngokwahlukileyo koko, abalawuli abangabantu baqhele ukubonwa behamba nabantu ababalulekileyo, njengeenkokeli zasemkhosini, oosomashishini abazizityebi, okanye abantu abadumileyo kwimidlalo nakwezolonwabo. Ngokutsho kwephephandaba laseAfrika iSowetan, elinye igosa eliphambili likarhulumente lathetha la mazwi ngeendawo ezihlwempuzekileyo kwilizwe lalo: “Ndiyasiqonda isizathu sokuba inkoliso yethu ingafuni ukuya kule mimandla. Kuphela nje sifuna ukulibala ukuba izinto ezinjengezi ziyenzeka. Sityiwa sisazela yaye siba neentloni ngenxa yeemoto ezibiza imali eninzi esiziqhubayo.”
10 Phofu ke, abanye abalawuli bayixhalabele ngokwenene impilo-ntle yabantu babo. Kodwa kwanabo banenkxalabo ngabantu, ababazi kakuhle abantu ababalawulayo. Enyanisweni, sisenokubuza: Ngaba ukho umlawuli obakhathalelayo bonke abantu abalawulayo kangangokuba akhawuleze abancede xa besengxakini? Ewe, ukho. UDavide wabhala: “UYehova uyabaxhasa bonke abawayo, yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.”—INdumiso 145:14.
11. Ziziphi izilingo abajamelana nazo abanyanisekileyo bakaThixo, yaye luluphi uncedo abanalo?
11 Abanyanisekileyo bakaYehova uThixo bajamelana neemvavanyo neentlekele ezininzi ngenxa yokungafezeki kwabo nangenxa yokuba bephila kwihlabathi elisemandleni “ongendawo,” uSathana. (1 Yohane 5:19; INdumiso 34:19) AmaKristu ayatshutshiswa. Amanye anezifo ezinganyangekiyo okanye akhathazekile ngenxa yokufelwa. Maxa wambi, iimpazamo ezenziwa ngabanyanisekileyo bakaYehova zisenokubenza ‘baqubude’ ngenxa yokudimazeka. Noko ke, enoba bajamelana naziphi na izilingo, uYehova usoloko ekulungele ukuthuthuzela nokomeleza ngamnye wabo ngokomoya. INkosi uYesu Kristu uyabathanda abo banyanisekileyo.—INdumiso 72:12-14.
Ukudla Okwanelisayo Ngexesha Elifanelekileyo
12, 13. UYehova uzinyamekela kakuhle kangakanani ‘zonke izinto eziphilayo’?
12 Ngenxa yothando lwakhe olukhulu lobubele, uYehova uyabanyamekela abakhonzi bakhe. Oku kuquka ukubalungiselela ukutya okunesondlo. UKumkani uDavide wabhala: “Amehlo onke akhangela kuwe [Yehova] ngethemba, kwaye uyabanika ukutya kwabo ngexesha lako. Uyasivula isandla sakho uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.” (INdumiso 145:15, 16) Kwanangamaxesha entlekele, uYehova usenokuzenza izinto ngendlela yokuba abanyanisekileyo bakhe bazuze “isonka . . . sale mini.”—Luka 11:3; 12:29, 30.
13 UDavide wathi wanelisa “yonke into ephilayo.” Oku kuquka nezilwanyana. Ukuba belungekho uhlaza oluninzi kangaka emhlabeni nezityalo elwandle, izidalwa zasemanzini, iintaka, izilwanyana eziphila emhlabeni ngezingenayo ioksijini eziyiphefumlayo okanye ukutya. (INdumiso 104:14) Noko ke, uYehova uqinisekisa ukuba zonke iintswelo zazo zanelisiwe.
14, 15. Kulungiselelwa njani ukutya kokomoya namhlanje?
14 Ngokungafaniyo nezilwanyana, abantu baneentswelo zokomoya. (Mateyu 5:3) UYehova ubanyamekela kakuhle gqitha abanyanisekileyo bakhe ngokomoya! Ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathembisa ukuba “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liya kulungiselela abalandeli bakaYesu ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45) Intsalela yabathanjiswa abali-144 000 iyila udidi lwelo khoboka namhlanje. Esebenzisa lona, uYehova uye walungiselela ukutya kokomoya okuyintabalala.
15 Ngokomzekelo, inkoliso yabantu bakaYehova ngoku bayazuza ngokuba nenguqulelo entsha nechanileyo yeBhayibhile ngolwimi lwabo. Hayi indlela okuyintsikelelo ngayo ukuba neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele! Ngaphezu koko, kupapashwa iincwadi eziluncedo ekufundisiseni iBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kwezingama-300. Konke oku kutya kokomoya kuye kwayintsikelelo kubanquli bokwenyaniso emhlabeni wonke. Ngubani ofanele adunyiswe ngako oku? NguYehova uThixo. Ngenxa yothando lobubele olukhulu analo, uye wenza ukuba udidi lwekhoboka lukwazi ukulungiselela “ukutya . . . ngexesha elifanelekileyo.” Ngamalungiselelo anjalo, wanelisa “umnqweno wayo yonke into ephilayo” kwiparadesi yokomoya yanamhlanje. Hayi indlela abakhonzi bakaYehova abavuya ngayo xa kungekudala beza kubona umhlaba uguqulwa ube yiparadesi yokoqobo!—Luka 23:42, 43.
16, 17. (a) Yiyiphi imizekelo ekhoyo yokutya kokomoya okwafika ngexesha elifanelekileyo? (b) INdumiso 145 iyivakalisa njani indlela abavakalelwa ngayo abanyanisekileyo bakaThixo ngokuphathelele imbambano enkulu ebangelwa nguSathana?
16 Khawucinge ngomzekelo obalaseleyo wendlela okwafumaneka ngayo ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo. Ebudeni bowe-1939, kwaqalisa IMfazwe Yehlabathi II eYurophu. Kwangaloo nyaka, inkupho yesiNgesi yeMboniselo kaNovemba 1 yayinenqaku elinomxholo othi “Ubundilele.” Ngenxa yenkcazelo ecacileyo eyanikelwayo, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke abona imfuneko yokuhlala engoondilele kwimicimbi yamazwe alwayo. Oku kwawazisela ingqumbo yabo bonke oorhulumente kuyo yonke loo minyaka mithandathu yemfazwe. Noko ke, phezu kwako nje ukuvalwa komsebenzi nokutshutshiswa kwabo, abanyanisekileyo bakaThixo baqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ukususela ngowe-1939 ukusa kowe-1946, basikelelwa ngolwando olumangalisayo lwe-157 ekhulwini. Ngaphezu koko, ingxelo yabo echukumisayo yokugcin’ ingqibelelo ebudeni baloo mfazwe iqhubeka inceda abantu ukuba balubone unqulo lokwenyaniso.—Isaya 2:2-4.
17 Ukutya kokomoya okuvela kuYehova akufumanekanga nje kuphela ngexesha elifanelekileyo kodwa kwanelisa ngokwenene. Ngoxa iintlanga zazigaxeleke ekulweni ngeMfazwe Yehlabathi II, abantu bakaYehova bancedwa ukuba banikel’ ingqalelo kwinto ebaluleke ngakumbi kunokusindiswa kwabo. UYehova wabanceda baqonda ukuba imbambano enkulu, ebandakanya indalo iphela, iphathelele ilungelo likaYehova lokulawula. Hayi indlela ekwakuvuyisa ngayo ukwazi ukuba ukunyaniseka kweNgqina likaYehova ngalinye kwakufak’ isandla ekuthethelelweni kolongamo lukaYehova nasekungqineni uMtyholi elixoki! (IMizekeliso 27:11) Ngokungafaniyo noSathana, ongcikiva uYehova nogxeka indlela yakhe yokulawula, abanyanisekileyo bakaYehova baqhubeka bevakalisa ekuhleni besithi: “UYehova ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe.”—INdumiso 145:17.
18. Nguwuphi umzekelo wakutshanje wokutya kokomoya okufike ngexesha elifanelekileyo nokwanelisa ngokwenene?
18 Omnye umzekelo wokutya kokomoya okufike ngexesha elifanelekileyo yincwadi ethi Sondela KuYehova, eyakhululwa kwiiNdibano Zesithili ezininzi ‘Zabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’ eziqhutywe ehlabathini lonke ngowama-2002 ukusa kowama-2003. Le ncwadi, eveliswe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ yaza yapapashwa ngamaNgqina kaYehova, igxininisa iimpawu ezintle zikaYehova uThixo, kuquka ezo zikhankanywe kwiNdumiso 145. Ngokuqinisekileyo le ncwadi iya kuba nendima ebalulekileyo ekuncedeni abanyanisekileyo bakaThixo ukuze basondele ngakumbi kuye.
Ixesha Lokusondela KuYehova
19. Liliphi ixesha lamanqam elisondelayo, yaye sinokujamelana njani nalo?
19 Ixesha lamanqam lokuzinzisa imbambano yolongamo lukaYehova liyasondela. Njengoko kwaprofetwa kuHezekile isahluko 38, kungekudala uSathana uza kuyifeza indima yakhe ‘njengoGogi welizwe lakwaMagogi.’ Oku kuya kuquka ukuhlaselwa kwabantu bakaYehova ehlabathini liphela. USathana uza kwenza konke okusemandleni akhe ukwaphula ingqibelelo yabanyanisekileyo bakaThixo. Kunanini na ngaphambili, kuza kufuneka ukuba abanquli bakaYehova ngokunyanisekileyo bacele kuye uncedo, de balulilele. Ngaba ukuhlonela kwabo uThixo nokumthanda kwabo kuya kuba lilize? Akunjalo, kuba INdumiso 145 ithi: “Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo, kubo bonke abo bambiza ngenyaniso. Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo, nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa. UYehova uyabalinda bonke abo bamthandayo, kodwa bonke abangendawo uya kubabhubhisa.”—INdumiso 145:18-20.
20. Amazwi akwiNdumiso 145:18-20 aya kungqineka njani eyinyaniso kwixesha elizayo elingekude?
20 Hayi indlela ekuya kuvuyisa ngayo ukumva uYehova esondele kuthi nokubona amandla akhe okusindisa xa etshabalalisa bonke abangendawo! Ngelo xesha linzima ngoku elisondeleyo, uYehova uya kuphulaphula kuphela abo “bambiza ngenyaniso.” Ngokuqinisekileyo akasayi kubaphulaphula abahanahanisi. Ngokucacileyo iLizwi likaThixo libonisa ukuba nabani na ongendawo obiza igama lakhe kuba esengxakini akadli ngokuphumelela.—IMizekeliso 1:28, 29; Mika 3:4; Luka 13:24, 25.
21. Abanyanisekileyo bakaYehova babonisa njani ukuba bayakuvuyela ukusebenzisa igama likaThixo?
21 Ngoku kunanini na ngaphambili lixesha lokuba abo bamoyikayo uYehova ‘bambize ngenyaniso.’ Abanyanisekileyo bakhe bayakuvuyela ukusebenzisa igama lakhe emithandazweni yabo naxa bephendula ezintlanganisweni. Basebenzisa igama likaThixo xa bezincokolela. Yaye ngenkalipho bavakalisa igama likaYehova kubulungiseleli babo.—Roma 10:10, 13-15.
22. Kutheni kubalulekile ukusixhathisa isimo sengqondo neminqweno yehlabathi?
22 Ukuze siqhubeke sizuza kulwalamano lwethu olusenyongweni noYehova uThixo, kwakhona kubalulekile ukuba siqhubeke sizixhathisa izinto eziyingozi ngokomoya ezinjengokuthanda izinto eziphathekayo, ukuzonwabisa okungafanelekanga, ukungaxoleli, okanye ukungawakhathaleli amahlwempu. (1 Yohane 2:15-17; 3:15-17) Ukuba ayilungiswa, imikhwa nezenzo ezinjalo zisenokukhokelela kwisono esinzulu aze ekugqibeleni uYehova angakholiswa sithi. (1 Yohane 2:1, 2; 3:6) Kububulumko ukukhumbula ukuba uYehova uya kuqhubeka ebonakalisa ububele bothando, okanye uthando olunyanisekileyo kuthi, kuphela ukuba sihlala sithembekile kuye.—2 Samuweli 22:26.
23. Liliphi ikamva elizukileyo eliya kufunyanwa ngabo bonke abanyanisekileyo bakaThixo?
23 Ngoko ke masisoloko sikhangele phambili kwikamva eliqaqambileyo eliya kufunyanwa ngabanyanisekileyo bakaYehova. Ngokwenjenjalo, sinethemba elizukileyo lokubalwa phakathi kwabo baya kuzukisa, babonge, baze badumise uYehova “imini yonke” ‘nangonaphakade.’ (INdumiso 145:1, 2) Ngoko ke, ngamana ‘singazigcina kuthando lukaThixo sikhangele kubomi obungunaphakade.’ (Yude 20, 21) Njengoko siqhubeka sizuza kwiimpawu ezibalaseleyo zikaBawo wethu wasezulwini, kuquka ububele bothando obukhulu abubonakalisa kwabo bamthandayo, ngamana singasoloko sivakalisa amazwi avakaliswa nguDavide kumazwi okuqukumbela INdumiso 145 athi: “Umlomo wam uya kuthetha indumiso kaYehova; inyama yonke mayilibonge igama lakhe elingcwele ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.”
Ubuya Kuphendula Uthini?
• INdumiso 145 isinceda njani sibazi abanyanisekileyo bakaThixo?
• UYehova ‘uwanelisa njani umnqweno wayo yonke into ephilayo’?
• Kutheni sifanele sisondele kuYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abanyanisekileyo bakaThixo bayakuvuyela ukuthetha ngezenzo zakhe zamandla
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Abakhonzi bakaYehova ngenkalipho banceda abantu abangabaziyo ukuba bafunde ngozuko lobukumkani bakhe
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
UYehova wondla “yonke into ephilayo”
[Inkcazelo]
Animals: Parque de la Naturaleza de Cabárceno
[Umfanekiso okwiphepha 19]
UYehova uyabomeleza aze abakhokele abanyanisekileyo bakhe, abathandaza kuye befuna uncedo