Ngaba Uyawuvumela Umoya KaThixo Ukuba Ukukhokele?
“Umoya wakho ulungile; ngamana ungandikhokelela elizweni labathe tye.”—INDU. 143:10.
1, 2. (a) Chaza ezinye zezihlandlo uYehova awasebenzisa ngazo umoya oyingcwele ukuze ancede abakhonzi bakhe. (b) Ngaba umoya oyingcwele usebenza ngezihlandlo ezikhethekileyo kuphela? Cacisa.
YINTONI ethi qatha kuwe xa ucinga ngokusebenza komoya oyingcwele? Ngaba uye ube nomfanekiso-ngqondweni wemimangaliso kaGidiyon noSamson? (ABagwe. 6:33, 34; 15:14, 15) Mhlawumbi ucinga ngenkalipho yamaKristu enkulungwane yokuqala okanye ngokuzola kukaStefano xa wayemi phambi kweSanhedrin. (IZe. 4:31; 6:15) Kule mihla, kuthekani ngovuyo olubakho kwiindibano zethu zezizwe ngezizwe, ingqibelelo yabazalwana bethu abavalelwa ezintolongweni ngenxa yokungathathi cala nangolwando oluphawulekayo kumsebenzi wokushumayela? Yonke le mizekelo ingqina ukuba umoya oyingcwele uyasebenza.
2 Ngaba umoya oyingcwele usebenza ngezihlandlo ezithile okanye phantsi kweemeko ezingaqhelekanga kuphela? Akunjalo. ILizwi likaThixo lichaza amaKristu ‘njengahamba ngokomoya,’ ‘akhokelwa ngumoya,’ ‘naphila ngomoya.’ (Gal. 5:16, 18, 25) La mabinzana abonisa ukuba umoya oyingcwele unokuqhubeka unempembelelo kubomi bethu. Sifanele simbongoze mihla le uYehova ukuba akhokele izinto esizicingayo, esizithethayo nesizenzayo ngomoya wakhe. (Funda iNdumiso 143:10.) Njengoko sivumela umoya ukuba usebenze ngokukhululekileyo kubomi bethu, uya kuvelisa kuthi isiqhamo esihlaziyayo nesidumisa uThixo.
3. (a) Kutheni kufuneka sikhokelwe ngumoya oyingcwele? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?
3 Kutheni kubalulekile ukuba sikhokelwe ngumoya oyingcwele? Kungokuba kukho amanye amandla afuna ukusilawula, amandla achasene nokusebenza komoya oyingcwele. Loo mandla achazwa ziZibhalo ngokuthi ‘yinyama,’ kwaye akukutyekela esonweni kwenyama yethu ebuthathaka, ilifa lokungafezeki esalishiyelwayo njengenzala ka-Adam. (Funda eyabaseGalati 5:17.) Ngoko ke, yintoni ebandakanyekileyo ekuvumeni ukuba sikhokelwe ngumoya kaThixo? Ngaba akho amanyathelo asebenzisekayo esinokuwathatha ukuze sixhathise xa sitsalwa yinyama yethu enesono? Masiyiphendule le mibuzo njengoko sixubusha iinkalo eziseleyo ezintandathu ‘zesiqhamo somoya,’ ezizezi, “ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.”—Gal. 5:22, 23.
Ukuba Nobulali Nokuzeka Kade Umsindo Kukhuthaza Uxolo Ebandleni
4. Ubulali nokuzeka kade umsindo ziba negalelo njani kuxolo lwebandla?
4 Funda eyabaseKolose 3:12, 13. Ubulali nokuzeka kade umsindo ziyasebenzisana ukudala uxolo ebandleni. Zombini ezi nkalo zesiqhamo somoya ziyasinceda ukuba sibaphathe kakuhle abanye abantu, sihlale sizolile xa sichukushwa, kwaye singabuyisi izitya xa abanye abantu bethetha okanye besiphatha kabuhlungu. Xa sinento ngakomnye umKristu, ukuzeka kade umsindo, okanye ukuba nomonde, kunokusinceda singamncami umzalwana okanye udadewethu, kodwa senze konke okusemandleni ethu ukuze singcibe iintanda. Ngaba ngokwenene ubulali nokuzeka kade umsindo ziyafuneka ebandleni? Ewe, kuba sonke asifezekanga.
5. Yintoni eyenzeka phakathi kukaPawulos noBharnabhas, yaye loo nto ibonisa ntoni?
5 Masenze umzekelo ngoko kwenzeka phakathi kukaPawulos noBharnabhas. Babesebenze kunye iminyaka emininzi beshumayela iindaba ezilungileyo. Ngamnye kubo wayeneempawu ezithandekayo. Sekunjalo, ngeny’ imini kwabakho phakathi kwabo “ukudubuleka kabukhali komsindo kangangokuba bahlukana.” (IZe. 15:36-39) Esi siganeko sibonisa ukuba kwanabakhonzi bakaThixo abazinikeleyo banako ukuxabana. Xa umKristu engaboni ngasonye nelinye ikholwa, yintoni anokuyenza ukuze loo nto ingade ibangele ukuba kuphume amazwi abukhali anokudala ubutshaba?
6, 7. (a) Liliphi icebiso elivela kwiZibhalo esinokulilandela ngaphambi kokuba ifudumale incoko yethu nelinye ikholwa? (b) Yintoni esiya kuyizuza xa ‘sikhawuleza ukuva, sicotha ukuthetha, sicotha nokuqumba’?
6 Njengoko ibinzana elithi “ukudubuleka kabukhali komsindo” libonisa, ingxabano eyayiphakathi kukaPawulos noBharnabhas yaqalisa ngequbuliso ibe yayishushu. Xa umKristu eziva ukuba uya ecaphuka xa exubusha into nelinye ikholwa, kububulumko ukuthobela isiluleko esikuYakobi 1:19, 20 esithi: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba; kuba ingqumbo yomntu ayisebenzi bulungisa bukaThixo.” Ukuba imeko iyavuma, unokuzama ukutshintsha incoko, ukuyiyeka, okanye emke ngaphambi kokuba ifudumale.—IMize. 12:16; 17:14; 29:11.
7 Yintoni esiya kuyizuza xa silandela esi siluleko? Xa umKristu ezipha ixesha lokudambisa umsindo, athandaze ngaloo nto aze acinge ngeyona ndlela ibhetele yokuphendula, uyazivumela ukuba akhokelwe ngumoya kaThixo. (IMize. 15:1, 28) Umoya unokumphembelela ukuba abe nobulali kwaye azeke kade umsindo. Ngoko ukulungele ukusebenzisa icebiso elikweyabase-Efese 4:26, 29, elithi: “Qumbani, kodwa ningoni . . . Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.” Ngokwenene xa sisambatha ubulali nokuzeka kade umsindo, siba negalelo kuxolo nakumanyano lwebandla.
Yihlaziye Intsapho Yakho Ngokuba Nobubele Nokulunga
8, 9. Yintoni ububele nokulunga, kwaye ziba naliphi igalelo entsatsheni?
8 Funda eyabase-Efese 4:31, 32; 5:8, 9. Ububele nokulunga zihlaziya njengempepho emyoli nesiselo esibanda ceke xa ligqats’ ubhobhoyi. Zenza kube mnandi entsatsheni. Ububele luphawu olwenza umntu athandeke kuba lubangelwa kukuba nomdla wokwenene ebantwini, umdla obonakala ngezenzo zokunceda namazwi anolwazelelo. Njengobubele, ukulunga luphawu oluhle oluboniswa ngezenzo zokunceda abanye abantu. Kubonakala ngokuba umntu abe nezinwe. (IZe. 9:36, 39; 16:14, 15) Kodwa ukulunga akupheleli apho.
9 Ukulunga kuthetha ukuba nemilinganiselo ephakamileyo. Akupheleli nje kwizinto esizenzayo, kodwa okubaluleke nangakumbi, kubandakanya noko sikuko. Khawube nomfanekiso-ngqondweni webhinqa elilungiselela intsapho yalo iziqhamo, lihlola ngasinye ukuze liqiniseke ukuba simnandi yaye sivuthiwe, kwaye asibolanga ngaphakathi okanye ngaphandle. Ngokufanayo, ukulunga okuveliswa ngumoya oyingcwele kungena kuzo zonke iinkalo zobomi bomKristu.
10. Yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe amalungu entsapho asebenzele ekubeni nesiqhamo somoya?
10 Yintoni enokunceda amalungu entsapho yamaKristu ukuba aphathane ngobubele nokulunga? Ulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo lunendima ebalulekileyo. (Kol. 3:9, 10) Ezinye iintloko-ntsapho ziquka ukufunda ngesiqhamo somoya kuNqulo Lwentsapho yazo lweveki nganye. Akunzima ukuyenza le nto. Sebenzisani izixhobo zokwenza uphando ezikhoyo ngolwimi lwenu nize nikhethe umbandela oxubusha inkalo nganye yesiqhamo somoya. Ninokuxubusha iziqendu ezimbalwa nje ngeveki, nichithe iiveki eziliqela kwinkalo nganye. Njengoko niqhubeka nesifundo senu, fundani nize nixubushe izibhalo ezibonisiweyo. Khangelani iindlela zokusebenzisa izinto enizifundayo, nize nithandaze kuYehova nimcela ukuba asikelele imizamo eniyenzayo. (1 Tim. 4:15; 1 Yoh. 5:14, 15) Ngaba isifundo esinjalo sinokuwenza umahluko kwindlela amalungu entsapho aphathana ngayo?
11, 12. Ezinye izibini zamaKristu ziye zangenelwa njani ngokufunda ngophawu lobubele?
11 Isibini esiselula, esasinqwenela ukuwenza uphumelele umtshato waso, sagqiba kwelokuba siphande nzulu ngesiqhamo somoya. Siye sangenelwa njani? Umfazi uthi: “Ukufunda ukuba ububele buquka ukuthembeka nokunyaniseka emtshatweni kwenze umahluko omkhulu kwindlela esiphathana ngayo ukuza kuthi ga namhlanje. Kusifundise ukuba singathandi kunyanzelisa izinto kwaye sixolele. Kwaye kusincede safunda ukuthi ‘enkosi’ nokuthi ‘uxolo’ xa kufanelekile.”
12 Esinye isibini esingamaKristu, esasineengxaki zomtshato, safumanisa ukuba sasingaphathani ngobubele. Sagqiba kwelokuba sifunde kunye ngophawu lobubele. Waba yintoni umphumo? Indoda ithi: “Ukufunda ngophawu lobubele kwasenza sabona imfuneko yokuthembana kunokuba sicingelane kakubi, sikhangele izinto ezintle omnye komnye. Ngamnye kuthi waba nomdla nangakumbi kwiimfuno zomnye. Ukuba nobubele kwakuquka ukucela umfazi wam ukuba athethe ngokukhululekileyo ndize ndingacatshukiswa zizinto azithethayo. Kwakuthetha ukuba kufuneka ndahlukane nokuba nekratshi. Njengoko sasiqalisa ukuba nobubele emtshatweni wethu, yaya iphela into yokuthanda ukuzithethelela. Kwatsho kwee qwenge nakuthi.” Ngaba neyakho intsapho inokungenelwa xa inokufunda ngesiqhamo somoya?
Yiba Nokholo Naxa Uwedwa
13. Yiyiphi into esongela ulwalamano lwethu noYehova esifanele siyilumkele?
13 AmaKristu amele avumele umoya kaThixo ukuba uwakhokele xa ephambi kwabantu naxa engabonwa mntu. Namhlanje imifanekiso engcolileyo neendlela zokuzonwabisa ezingafanelekanga zizalise yonk’ indawo kweli hlabathi likaSathana. Le nto ilubeka engozini ulwalamano lwethu noYehova. Umele enze ntoni ke umKristu? ILizwi likaThixo lisiluleka lisithi: “Lahlani bonke ubunyhukunyhuku naloo nto igqithiseleyo, ububi, nize ngobulali namkele ukumiliselwa kwelizwi elikwaziyo ukusindisa imiphefumlo yenu.” (Yak. 1:21) Makhe sibone indlela ukholo, oluyenye inkalo yesiqhamo somoya, olunokusinceda ngayo sihlale sicocekile phambi koYehova.
14. Ukungabi nakholo kunokumenza njani umntu aziphathe ngendlela ephosakeleyo?
14 Ukuba sinokholo, siya kukholelwa ukuba uYehova uThixo ngumntu wenene. Xa sicinga ukuba uThixo ngumntu wasentsomini, kuya kuba lula ukuziphatha ngendlela ephosakeleyo. Masenze umzekelo ngoko kwenzeka kubantu bakaThixo bamandulo. UYehova watyhilela umprofeti uHezekile ukuba abantu babesenza izinto ezicekisekayo xa bengabonwa mntu, esithi: “Owu nyana womntu, ukubonile na oko bakwenzayo abakhulileyo bendlu kaSirayeli ebumnyameni, ngamnye kumagumbi angaphakathi emiboniso yakhe? Kuba bathi, ‘UYehova akasiboni. UYehova ulishiyile ilizwe.’” (Hez. 8:12) Uyibonile into eyaba negalelo kule ngxaki? Babengakholelwa ukuba uYehova uyayibona into ababeyenza. UYehova wayengengomntu wenene kubo.
15. Ukuba nokholo olomeleleyo kuYehova kusikhusela njani?
15 Khawuthelekise oku nomzekelo kaYosefu. Nangona wayekude nentsapho nabantu bakowabo, uYosefu akazange avume ukukrexeza nomfazi kaPotifare. Ngoba? Wathi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?” (Gen. 39:7-9) Ewe, uYehova wayengumntu wenene kuye. Ukuba uThixo ngumntu wenene kuthi, asiyi kubukela izinto ezingcolileyo xa singabonwa mntu okanye senze nantoni na esaziyo ukuba ayimkholisi uThixo xa sisedwa. Siya kuzimisela njengomdumisi, owacula ingoma esithi: “Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam ngaphakathi endlwini yam. Andiyi kubeka nantoni na yobutshijolo phambi kwamehlo am.”—INdu. 101:2, 3.
Khusela Intliziyo Yakho Ngokuzeyisa
16, 17. (a) Ngendlela ekuchazwe ngayo kwiMizekeliso, “umfana oswele intliziyo” ungena njani emgibeni wesono? (b) Njengoko kuboniswe kumfanekiso okwiphepha 26, namhlanje inokwenzeka njani into efanayo, kungakhathaliseki ukuba umntu mdala kangakanani?
16 Ukuzeyisa, okuyinkalo yokugqibela yesiqhamo somoya, kusenza sikwazi ukulandula kwizinto angazifuniyo uThixo. Kunokusinceda sikhusele iintliziyo zethu. (IMize. 4:23) Masenze umzekelo ngoko kuchazwe kwiMizekeliso 7:6-23, ebonisa indlela “umfana oswele intliziyo” aqhathwa ngayo ngunongogo othile. Ubanjiswa emva kokuba ‘edlule esitratweni esikufuphi nembombo yakhe.’ Mhlawumbi wabhadulela kwindawo ahlala kuyo lo nongogo ngenxa yokufun’ ukwazi. Ngoku wayengasayiboni into yokuba wayetsalelwa kwisenzo sobudenge ‘esasichaphazela kanye umphefumlo wakhe.’
17 Lo mfana ngewayeyiphephe njani le mpazamo inkulu kangaka? Ngokuthobela isilumkiso esithi: “Ungaphambukeli emendweni wakhe.” (IMize. 7:25) Nantsi ke into esiyifundayo: Ukuba sifuna ukukhokelwa ngumoya kaThixo, kuza kufuneka sikuphephe ukuzibeka esilingweni. Enye indlela umntu anokubhadulela ngayo kwisenzo sobudenge ‘somfana oswele intliziyo’ kukukroba onke amajelo kamabonwakude okanye i-intanethi ekhangela into angayaziyo. Enoba uzimisele okanye akazimiselanga, unokuzibhaqa sele ebona izinto ezingcolileyo. Unokuqalisa umkhwa ongacocekanga wokubukela amanyala onokungcolisa isazela uze wonakalise ulwalamano lwakhe noThixo. Loo nto inokuchaphazela kanye ubomi bakhe.—Funda eyabaseRoma 8:5-8.
18. Ngawaphi amanyathelo anokuthathwa ngumKristu ukuze akhusele intliziyo yakhe, kwaye akubandakanya njani ukuzeyisa?
18 Kakade ke, sinako ukuzeyisa kwaye sifanele senjenjalo ngokuthatha inyathelo elikhawulezileyo xa kusithi gqi umfanekiso ongacocekanga. Kodwa kuba bhetele nangakumbi xa siyiphepha kwasekuqaleni loo nto! (IMize. 22:3) Ukuzibekela imiqathango esikhuselayo nokunamathela kuyo kubandakanya ukuzeyisa. Ngokomzekelo, ukubeka ikhompyutha kwindawo esemehlweni abantu kunokusikhusela. Abanye bakhetha ukusebenzisa ikhompyutha okanye ukubukela umabonwakude kuphela xa kukho abanye abantu. Abanye bakhethe ukungabi nayo i-intanethi. (Funda uMateyu 5:27-30.) Ngamana singathatha nawaphi na amanyathelo ayimfuneko okuzikhusela thina neentsapho zethu ukuze sikwazi ukunqula uYehova ‘ngentliziyo ehlambulukileyo, ngezazela ezilungileyo nangokholo olungenaluhanahaniso.’—1 Tim. 1:5.
19. Ziziphi iingenelo ezifumaneka ngokuvuma ukukhokelwa ngumoya oyingcwele?
19 Isiqhamo esiveliswa kukusebenza komoya oyingcwele siza neengenelo ezininzi. Ubulali nokuzeka kade umsindo ziba negalelo ekubeni kubekho uxolo ebandleni. Ububele nokulunga zikhuthaza ulonwabo entsatsheni. Ukholo nokuzeyisa zisinceda sihlale sisondele kuYehova kwaye sicoceke emehlweni akhe. Ukongezelela koko, eyabaseGalati 6:8 isiqinisekisa isithi: “Lowo uhlwayelela umoya uya kuvuna ubomi obungunaphakade ngokwasemoyeni.” Ewe, ngenxa yentlawulelo kaKristu, uYehova uya kusebenzisa umoya oyingcwele ukuze abanike ubomi obungunaphakade abo bavumayo ukukhokelwa ngumoya.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ubulali nokuzeka kade umsindo zilukhuthaza njani uxolo ebandleni?
• Yintoni enokunceda amaKristu abe nobubele nokulunga entsatsheni?
• Ukholo nokuzeyisa zinokumnceda njani umKristu akhusele intliziyo yakhe?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Unokwenza njani ukuze uthintele incoko ukuba ingafudumali?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ukufunda ngesiqhamo somoya kunokuba yingenelo kwintsapho yakho
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ziziphi iingozi esiziphephayo xa sinokholo naxa sizeyisa?