Ukulusebenzisa Ngobulumko Ulwimi Lwethu
‘AKWABA bendinokuwaginya amazwi endiwathethileyo!’ Ngaba yakha yakwehlela loo nto? Kunzima kuthi sonke ukulawula ulwimi lwethu. IBhayibhile ithi singakwazi ukusenza mbuna phantse nasiphi na isilwanyana, “kodwa ulwimi, akukho namnye kuluntu onako ukulwenza mbuna.” (Yakobi 3:7, 8) Ngaba sifanele sinikezele? Akunjalo! Makhe siqwalasele eminye imigaqo yeBhayibhile enokusinceda sikwazi ukulilawula eli lungu lomzimba lincinane kodwa elinamandla.
● “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.” (IMizekeliso 10:19) Xa sithetha kakhulu, aba maninzi amathuba okuba sithethe into ebubudenge okanye eyonzakalisayo. Eneneni, ulwimi olungalawulwayo lunokuba njengomlilo, lusasaze intlebendwane eyonzakalisayo nezinyeliso. (Yakobi 3:5, 6) Noko ke, xa sizilumkela izinto esizithethayo okanye sicinge ngaphambi kokuba sithethe, oko kubonisa ukuba siyayiqonda indlela enokuba namandla ngayo into esiyithethayo. Ngenxa yoko, siya kwaziwa njengabanengqiqo baze abanye basihlonele yaye basithembe.
● ‘Umele ukhawuleze ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe ukuqumba.’ (Yakobi 1:19) Abantu bayakuthanda ukuphulaphulwa xa bethetha, kuba oko akubonisi ukuba sinomdla nje kuphela koko bakuthethayo kodwa kubonisa ukuba siyabahlonela. Kodwa kuthekani xa umntu othile ethetha into ehlabekisayo okanye ecaphukisayo? Ngoko simele senze umgudu wokuba ‘sicothe ukuqumba’ ngokuthi singaziphindezeleli. Mhlawumbi kukho into ecaphukise loo mntu yaye usenokucela uxolo ngoko akuthethileyo. Ngaba ukufumanisa kunzima ‘ukucotha ukuqumba’? Cela uThixo ukuba akuncede ukwazi ukuzeyisa. Akasoze ayibethe ngoyaba imithandazo enjalo.—Luka 11:13.
● “Ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.” (IMizekeliso 25:15) Ngokwahlukileyo koko kukholelwa ngabantu, ubulali bunamandla. Ngokomzekelo, impendulo enobulali inokuyidambisa inkcaso enamandla njengethambo, mhlawumbi ebangelwa ngumsindo okanye ikhethe. Liyinyaniso elokuba kunzima ukuba nobulali, ingakumbi kwimeko ecaphukisayo. Ngoko ke, cinga ngeengenelo zokwenza oko kuthethwa yiBhayibhile noko kunokwenzeka xa singakwenzi.
Ngokwenene imigaqo yeBhayibhile ‘ibubulumko obuvela phezulu.’ (Yakobi 3:17) Xa silusebenzisa ngobulumko ulwimi lwethu, amazwi ethu abonisa ukuba siyabahlonela abanye, ayathandeka yaye ayakha—‘njengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo,’ afanelekele kanye eso sihlandlo.—IMizekeliso 25:11.