Hamba ‘Ngomendo Othe Tye’
UMPROFETI uIsaya wathi: “Kuya kuba kuhle ngalowo ulilungisa, kuba aya kudla isiqhamo sezenzo zawo.” UIsaya waphinda wathi: “Umendo welungisa uthe tye.” (Isaya 3:10; 26:7) Ngokucacileyo, ukuze ukusebenzisana kwethu kube nemiphumo emihle, simele senze okulungileyo emehlweni kaThixo.
Noko ke, sinokuhamba njani kumendo othe tye? Ziziphi iintsikelelo esinokuzilindela ngokwenjenjalo? Yaye abanye banokungenelwa njani ngokuzithoba kwethu kwimilinganiselo kaThixo yokulungileyo? Kwisahluko 10 sencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso, uKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo usinika iimpendulo zale mibuzo njengoko ethelekisa ilungisa nongendawo. Ukwenza oko ngokusebenzisa ibinzana elithi ‘i[ama]lungisa’ izihlandlo ezili-13. Izihlandlo ezisithoba kwezi zifumaneka kwindinyana 15 ukusa kweye-32. Ngoko, ukuhlolisisa IMizekeliso 10:15-32 kuya kuba lukhuthazo.a
Lubambe Nkqi Uqeqesho
USolomon walatha kukubaluleka kobulungisa. Uthi: “Izinto ezixabisekileyo zesityebi ziyidolophu yaso enqabisekileyo. Ukonakala kwezisweli bubuhlwempu bazo. Umsebenzi welungisa usingisa ebomini; imveliso yongendawo isingisa esonweni.”—IMizekeliso 10:15, 16.
Ubutyebi bunokuba likhusi kwiingxaki ezithile zobomi, njengoko nedolophu enezinto inikela umlinganiselo othile wonqabiseko kwabo bahlala kuyo. Yaye ubuhlwempu bunokuba yingozi xa kukho utshintsho olungalindelekanga kwiimeko zokuphila. (INtshumayeli 7:12) Noko ke, lo kumkani usisilumko usenokuba ukwabonisa ingozi ebandakanya ubutyebi nobuhlwempu. Umntu osisityebi unokutyekela ekuthembeleni ngokupheleleyo kubutyebi bakhe, ecinga ukuba izinto ezixabisekileyo anazo “zinjengodonga olukhuselayo.” (IMizekeliso 18:11) Yaye umntu olihlwempu unokuthi ngempazamo acinge ukuba ngenxa yokuba elihlwempu ikamva lakhe limfiliba. Baze ngaloo ndlela, bobabini bangazenzeli igama elihle noThixo.
Kwelinye icala, nokuba umntu olilungisa unezinto eziphathekayo ezininzi okanye ezincinane, izinto zobulungisa azenzayo zikhokelela ebomini. Njani? Kaloku, uyaneliseka koko anako. Akavumeli imeko yakhe yezoqoqosho iphazamise ukuma kwakhe okuhle noThixo. Nokuba usisityebi okanye ulihlwempu, umendo wendoda elilungisa umzisela ulonwabo ngoku nethemba lobomi obungunaphakade kwixesha elizayo. (Yobhi 42:10-13) Umntu ongendawo akangenelwa nokuba sele efumana ubutyebi. Kunokuba avuyele ukulondolozwa bubo aze aphile ngendlela evuyisa uThixo, usebenzisa ubutyebi bakhe ukuze aphile ubomi besono.
Ukumkani kaSirayeli uyaqhubeka: “Obamba uqeqesho ukumendo wobomi, kodwa olahla isohlwayo uyabhadula.” (IMizekeliso 10:17) Omnye umphengululi weBhayibhile ucebisa ukuba le ndinyana inokuqondwa ngeendlela ezimbini. Enye yazo yeyokuba umntu oluthobelayo uqeqesho ulandela ikhondo lobulungisa elikhokelela ebomini, ngoxa lowo ugatya isohlwayo elahleka kwelo khondo. Kwale ndinyana inokuthetha ukuba “lowo uthobela uqeqesho ubonisa indlela esa ebomini [kwabanye kuba umzekelo wakhe uyingenelo kubo], kodwa nabani na ongakunanziyo ukulungiswa ukhokelela abanye kwintshabalalo.” (IMizekeliso 10:17, New International Version) Nokuba imeko ithini na, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sibambelele nkqi kuqeqesho size singasityesheli isiluleko!
Yiba Nothando Kunokuba Nentiyo
USolomon wandula abeke umzekeliso oneenxalenye ezimbini ezithetha into enye, inxalenye yesibini ibethelela eyokuqala. Uthi: “Apho kukho ogubungela intiyo kukho imilebe yobuxoki.” Ukuba umntu umthiyile omnye entliziyweni yakhe yaye oko ukufihla ngamazwi amnandi okanye ngenkohliso, uyaqhatha—‘unemilebe yobuxoki.’ Ukongezelela koku, ukumkani osisilumko uthi: “Ozisa ingxelo embi usisiyatha.” (IMizekeliso 10:18) Kunokuba bayifihle intiyo yabo, abanye abantu bahamba bemtyhola okanye bamgxeke loo mntu bamthiyileyo. Obu bubudenge kuba ukusasaza ingxelo embi ngomntu enyanisweni akukuguquli oko akuko umntu. Yaye umphulaphuli okhaliphileyo uya kuyibona intiyo aze amjongele phantsi lowo usasaza ubuxoki. Ngoko lowo usasaza ingxelo embi uyazenzakalisa.
Kulikhondo lobulungisa ukungaphethukeli ekuqhatheni okanye ekusasazeni ubuxoki. UThixo wawaxelela oku amaSirayeli: “Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho.” (Levitikus 19:17) Yaye uYesu wabacebisa oku abafundi bakhe: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo; ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:44, 45) Hayi indlela okubhetele ngayo ukuzalisa iintliziyo zethu ngothando kunentiyo!
‘Yinqande Imilebe Yakho’
Egxininisa imfuneko yokulawula ulwimi, ukumkani osisilumko uthi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.”—IMizekeliso 10:19.
“Isidenge sithetha amazwi amaninzi.” (INtshumayeli 10:14) Umlomo waso “umpompoza ubudenge.” (IMizekeliso 15:2) Oku akuthethi kuthi wonke umntu osisithethi usisidenge. Kodwa hayi indlela ekulula ngayo ukuba ubani othetha kakhulu abe lijelo lokusasaza intlebendwane okanye amarhe enzakalisayo! Ngokufuthi intetho yobudenge inokungcolisa igama elihle, yenzakalise abanye ngokweemvakalelo, iphelise ubuhlobo ide yenzakalise ubani emzimbeni. “Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho.” (IMizekeliso 10:19 INguqulelo YesiXhosa Yowe-1996) Ngaphezu koko, kuyacaphukisa ukuba kunye nomntu osoloko enento yokuthetha ngayo yonke imibandela. Kwanga singangathethi kakhulu.
Ngaphezu kokuba ephepha ubuxoki, lowo uyinqandayo imilebe yakhe wenza ngobulumko. Uyacinga ngaphambi kokuba athethe. Eshukunyiswa luthando ngeendlela zikaYehova nomnqweno onyanisekileyo wokufuna ukunceda umzalwana wakhe, uyacingisisa ngemiphumo yamazwi akhe kwabanye. Amazwi akhe anothando nobubele. Uyacamngca ngendlela anokwenza ngayo amazwi akhe abe nomtsalane aze abe luncedo. Amazwi akhe ‘anjengeapile legolide kwinto yesilivere ekroliweyo’—anongiwe yaye andilisekile ngalo lonke ixesha.—IMizekeliso 25:11.
‘Qhubeka Usondla Abaninzi’
USolomon uqhubeka esithi: “Ulwimi lwelungisa yisilivere esulungekileyo; intliziyo yongendawo ixabisa kancinane.” (IMizekeliso 10:20) Oko kuthethwa lilungisa kusulungekile—njengento yodidi oluphezulu, isilivere esulungekileyo, engenayo intlenge. Oku kuyinyaniso ngabakhonzi bakaYehova njengoko besasaza kwabanye ulwazi olunik’ ubomi ngeLizwi likaThixo. UMyaleli wabo Ozukileyo, uYehova uThixo, ubafundisile yaye ubanike ‘ulwimi lwabafundileyo, ukuze bayazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi.’ (Isaya 30:20; 50:4) Eneneni, ulwimi lwabo lunjengesilivere esulungekileyo njengoko luthetha inyaniso yeBhayibhile. Hayi indlela axabiseke ngayo amazwi abo kwabo bantliziyo zinyanisekileyo kunemizamo yongendawo! Masisoloko sikulangazelela ukuthetha ngoBukumkani bukaThixo nemisebenzi kaThixo emihle.
Ilungisa liyintsikelelo kwabo balingqongileyo. USolomon uhlabela mgama esithi: “Imilebe yelungisa iqhubeka isondla abaninzi, kodwa izidenge ziqhubeka zisifa ngokuswela intliziyo.”—IMizekeliso 10:21.
‘Ilungisa liqhubeka lisondla abaninzi’ ngayiphi indlela? Igama lesiHebhere elisetyenziswe apha lidlulisela ingcamango “yokwalusa.” (IMizekeliso 10:21, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Liqulethe ingcamango yokukhokela nokondla, ngendlela efana naleyo umalusi wamandulo wayezinyamekela ngayo izimvu zakhe. (1 Samuweli 16:11; INdumiso 23:1-3; INgoma yazo iiNgoma 1:7) Umntu olilungisa walathisa okanye ukhokelela abanye kwindlela yobulungisa, ukuthetha kwakhe kondla abo bamphulaphuleyo. Ngenxa yoko, baphila ubomi obonwabileyo, obanelisa ngakumbi, yaye banokude bafumane ubomi obungunaphakade.
Kuthekani ngalowo usisidenge? Njengoko eswele intliziyo, akanazintshukumisa zintle okanye akakhathali ngemiphumo yezenzo zakhe. Umntu onjalo wenza nantoni na ayifunayo, engayikhathalele imiphumo. Ngenxa yoko, ujamelana nemiphumo yezenzo zakhe. Ngoxa ilungisa linceda abanye baphile, lowo uswele intliziyo akakwazi ukuziphilisa yena siqu.
Yiphephe Ihambo Evakalala
Ubuntu bomntu budizwa zizinto azithandayo nangazithandiyo. Ephuhlisa le ngongoma, ukumkani kaSirayeli uthi: “Kosisiyatha ukuqhubeka nehambo evakalala kunjengomdlalo, kodwa ubulumko bobomntu onokuqonda.”—IMizekeliso 10:23.
Bambi bayigqala njengomdlalo ihambo evakalala, yaye babandakanyeka kuyo kuba nje befuna “ukuzonwabisa.” Abantu abanjalo abakholelwa ukuba wonk’ ubani umele aziphendulele kuThixo, yaye abafuni kububona ububi bekhondo labo. (Roma 14:12) Iingqondo zabo zigqwetheka kangangokuba baqiqa ngelithi uThixo akabuboni ububi ababenzayo. Eneneni ngezenzo zabo bathi: “Akakho uYehova.” (INdumiso 14:1-3; Isaya 29:15, 16) Obunjani bona ubudenge!
Kwelinye icala, indoda esisilumko iyaqonda ukuba ihambo evakalala asingomdlalo. Iyazi ukuba ayimkholisi uThixo yaye inokulonakalisa ulwalamano lwayo naye. Ihambo enjalo ibubudenge kuba ibangela ukuba abantu bangazihloneli, ichitha imitshato, yenzakalisa ingqondo nomzimba ize ibangele ubani angazixabisi izinto zokomoya. Siya kuba sinobulumko ukuba siyayiphepha ihambo evakalala size sihlakulele uthando ngobulumko njengodade wethu othandekayo.—IMizekeliso 7:4.
Yakhela Kwisiseko Esilungileyo
Esalatha kwingenelo yokwakhela ubomi kwisiseko esifanelekileyo, uSolomon uthi: “Into eyothusayo kongendawo—iya kuza kuye; kodwa oko akunqwenelayo amalungisa aya kukunikwa. Njengokudlula komoya osisaqhwithi, kunjalo ukudlula kongendawo angabikho; kodwa ilungisa lisisiseko ukusa kwixesha elingenammiselo.”—IMizekeliso 10:24, 25.
Umntu ongendawo unokubenza babe nedyudyu abanye. Noko ke, ekugqibeleni oko kunkwantya kubuyela kuye. Ngenxa yokungabi nesiseko semilinganiselo yokulungileyo, unjengesakhiwo esingazinzanga esidilikayo xa kukho isaqhwithi esindlongondlongo. Uyoyisakala xa kuvela ingcinezelo. Kwelinye icala, isilumko sifana nendoda eyenza ngokuvumelana namazwi kaYesu. ‘Siyindoda eyingqondi, eyakha indlu yaso phezu kolwalwa.’ Yaye uYesu wathi, “yagaleleka imvula, zafika nezikhukula, yavuthuza nemimoya, yabetha kuloo ndlu, kodwa ayizange idilike, kuba yayisekwe phezu kolwalwa.” (Mateyu 7:24, 25) Umntu onjalo uzinzile—uyaqiqa yaye izenzo zakhe zisekelwe ngokuqinileyo kwimigaqo yobuthixo.
Ngaphambi kokuhlabela mgama ethelekisa ongendawo nelungisa, ukumkani osisilumko unikela isilumkiso esifutshane kodwa esibalulekileyo. Uthi: “Njengeviniga emazinyweni nanjengomsi emehlweni, unjalo umntu olivila kwabo bamthumayo.” (IMizekeliso 10:26) Iviniga ibangela ukuba izinyo liqaqambe. I-acetic acid ekuyo yenza incasa emuncu emlonyeni yaye inokubangela ukuba izinyo likabani liqaqambe. Umsi wenza amehlo atshotshozele aze abe nongcume. Kungoko ke, nabani na oqesha umntu olivila okanye omsebenzisa njengommeli eya kuba neenkathazo aze alahlekelwe.
“Indlela kaYehova Iligwiba”
Ukumkani kaSirayeli uyaqhubeka: “Ukoyika uYehova kuya kongeza imihla, kodwa iminyaka yabangendawo iya kunqunyulwa. Ulindelo lwamalungisa luluvuyo, kodwa ithemba labangendawo liya kutshabalala.”—IMizekeliso 10:27, 28.
Ilungisa likhokelwa luloyiko lobuthixo yaye lifuna ukukholisa uYehova ngeengcinga, amazwi nezenzo zalo. UThixo uyalikhathalela aze afeze iminqweno yalo elungileyo. Noko ke, ongendawo uphila ubomi bokungahloneli Thixo. Ngamanye amathuba amathemba akhe anokubonakala ezaliseka kodwa okwexeshana, ngenxa yokuba iintsuku zakhe zinqunyulwa lugonyamelo okanye isifo esithile esibangelwa yindlela aziphethe ngayo. Ngomhla wokufa kwakhe onke amathemba akhe ayatshitsha.—IMizekeliso 11:7.
USolomon uthi: “Indlela kaYehova iligwiba kwabangenakusoleka, kodwa ukonakala kukwabo baqhelisela okwenzakalisayo.” (IMizekeliso 10:29) Apha indlela kaYehova ibhekisela, kungekhona kwindlela yobomi esimele sihambe ngayo, kodwa kwindlela uThixo aqhubana ngayo nabantu. UMoses wathi: “NguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni.” (Duteronomi 32:4) Iindlela zikaThixo ezisesikweni ziyalikhusela ilungisa yaye ziyamonakalisa ongendawo.
Hayi indlela uYehova aligwiba ngayo kubantu bakhe! “Ke lona ilungisa, aliyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo; kodwa ke abangendawo, abayi kuwuhlala umhlaba. Umlomo welungisa—uthwala isiqhamo sobulumko, kodwa ulwimi olugwenxa luya kunqunyulwa. Imilebe yelungisa—iyakwazi okukholekileyo, kodwa umlomo wabangendawo ububugwenxa.”—IMizekeliso 10:30-32.
Ngokwenene amalungisa ahlala kamnandi yaye asikelelwe ngenxa yokuhamba ngomendo othe tye. Eneneni, “intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.” (IMizekeliso 10:22) Ngoko, kwanga singasoloko sinenyameko senze izinto ngokuvisisana nemigaqo yobuthixo. Kwakhona masiyinqande imilebe yethu size sisebenzise ulwimi lwethu sondle abanye ngenyaniso yeLizwi likaThixo esindisa ubomi yaye sibakhokelele kwindlela yobulungisa.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho engakumbi yeMizekeliso 10:1-14, bona IMboniselo kaJulayi 15, 2001, iphepha 24-7.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ulwimi lunokufana ‘nesilivere esulungekileyo’