-
Thembela NgoYehovaIMboniselo—2003 | Septemba 1
-
-
18, 19. IBhayibhile isikhuthaza njani ukuba sikholose ngoYehova, kodwa yiyiphi ingcamango ephosakeleyo abanayo abanye ngokuphathelele oko?
18 ILizwi likaThixo lisibongoza lisithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Lawo ngamazwi akhuthazayo nanik’ ithemba. Ngokuqinisekileyo akukho namnye kwindalo iphela othembeke ngaphezu kukaBawo wethu wasezulwini onothando. Kodwa nangona kulula ukuwafunda loo mazwi eMizekeliso, kusenokuba nzima ukuwasebenzisa.
-
-
Thembela NgoYehovaIMboniselo—2003 | Septemba 1
-
-
22, 23. (a) Kutheni sifanele sikholose ngoYehova xa sijamelene neengxaki, yaye sinokukwenza njani oko? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
22 Noko ke, IMizekeliso 3:6 ibonisa ukuba sifanele ‘simgqale uYehova ezindleleni zethu zonke,’ kungekuphela nje xa sijamelene neemeko ezinzima. Ngoko izigqibo zemihla ngemihla esizenzayo ebomini zimele zibonise ukuba sikholose ngoYehova. Xa kuvela iingxaki, asifanele siphelelwe lithemba, siphakuzele, okanye singalwamkeli ulwalathiso lukaYehova ngokuphathelele eyona ndlela ifanelekileyo yokusingatha imeko esijamelene nayo. Sifanele sizigqale izilingo njengethuba lokuxhasa ulongamo lukaYehova, lokumngqina uSathana elixoki, nelokuhlakulela ukuthobeka nezinye iimpawu ezimkholisayo uYehova.—Hebhere 5:7, 8.
-