“Intente Yabathe Tye Iya Kuchuma”
XA KUFIKA iHar–Magedon ize iphelise inkqubo yezinto engendawo kaSathana, “indlu yabantu abangendawo iya kubhujiswa.” Kuthekani ‘ngentente yabathe tye’? Ewe, kwihlabathi elitsha likaThixo, iya “kuchuma.”—IMizekeliso 14:11.
Noko ke, de kube lixesha xa ‘abangendawo beya kunqunyulwa emhlabeni yaye amaqhophololo eya kuncothulwa kuwo,’ abalulamileyo kumele baphile phakathi kwabangendawo. (IMizekeliso 2:21, 22) Ngaba abathe tye baya kuchuma phantsi kweemeko ezinjalo? Indinyana 1 neye-11 kwisahluko 14 kwincwadi yeBhayibhile yeMizekeliso zibonisa ukuba xa sivumela ubulumko bukhokele intetho nehambo yethu, sinokuchuma size sizinze ngokomlinganiselo othile nangoku.
Xa Ubulumko Busakha Intsapho
Ethetha ngempembelelo umfazi anayo kubomi bentsapho, uKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo uthi: “Umfazi osisilumko ngokwenene uyayakha indlu yakhe, kodwa osisidenge uyayichitha ngezandla zakhe.” (IMizekeliso 14:1) Umfazi onobulumko uwakha njani umzi wakhe? Umfazi onobulumko uyalihlonela ilungiselelo likaThixo lobuntloko. (1 Korinte 11:3) Akaphenjelelwa ngumoya wokuzimela geqe okhoyo kwihlabathi likaSathana. (Efese 2:2) Uyamthobela umyeni wakhe yaye uthetha kakuhle ngaye, nto leyo ebangela nabanye bayihlonele indoda yakhe. Umfazi onobulumko ufundisa abantwana bakhe izinto zokomoya nendlela yokuphila. Uyazibhokoxa emsebenzini kuba efuna ukuzuzisa intsapho yakhe, elenza ikhaya libe yindawo emnandi nefanelekileyo yokuhlala intsapho. Izinto uzenza ngononophelo aze ayonge nemali. Umfazi onobulumko ngokwenene ubangela intsapho iphumelele ize izinze.
Umfazi osisidenge akanantlonelo ngelungiselelo likaThixo lobuntloko. Usoloko ekulungele ukunyelisa indoda yakhe. Kuba engekho ngcathu, uyayisafaza imali yentsapho esetyenzelwe nzima. Kwakhona uchitha ixesha. Ngenxa yoko, ikhaya alihlali licocekile, yaye abantwana abakho mpilweni yaye abaqhubi kakuhle ngokomoya. Ewe, osisidenge uyawuchitha umzi wakhe.
Noko ke, yintoni ebonisa ukuba umntu unobulumko okanye usisidenge? IMizekeliso 14:2 ithi: “Ohamba ngokuthe tye woyika uYehova, kodwa oneendlela ezigwenxa uyamdelela.” Olulamileyo uyamoyika uThixo wenyaniso, yaye “ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.” (INdumiso 111:10) Umntu onobulumko ngokwenene uyazi ukuba yimbopheleleko yakhe ‘ukoyika uThixo oyinyaniso aze agcine imiyalelo yakhe.’ (INtshumayeli 12:13) Kwelinye icala, osisidenge uhamba ngendlela engavisisaniyo nemilinganiselo kaThixo yobulungisa. Iindlela zakhe zigoso. Umntu onjalo uyamdelela uThixo, esithi entliziyweni yakhe: “Akakho uYehova.”—INdumiso 14:1.
Xa Imilebe Ikhokelwa Bubulumko
Kunokuthiwani ngentetho yomntu omoyikayo uYehova nomntu omdelelayo? Ukumkani uthi: “Intonga yekratshi isemlonyeni wesidenge, kodwa imilebe yezilumko iya kuzilinda.” (IMizekeliso 14:3) Kuba engenabo ubulumko obuvela kuThixo, umntu osisidenge akaluthandi uxolo yaye akanangqiqo. Ukhokelwa bubulumko beli hlabathi, obutenxileyo nobunjengobeedemon. Intetho yakhe iyaxabanisa yaye unekratshi. Kuba ethethe ngendlela ebonakalisa ukuzikhukhumalisa oku kubangela ingxaki kuye nakwabanye.—Yakobi 3:13-18.
Imilebe yomntu onobulumko iyamlondoloza okanye imkhusele, nto leyo embangela ukuba aneliseke aze onwabe. Njani? IZibhalo zithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.” (IMizekeliso 12:18) Umntu onobulumko akathethi engacinganga okanye athethe amazwi ahlabayo. Intliziyo yakhe iyayicamngca impendulo. (IMizekeliso 15:28) Kuba ezicingisisa izinto azithethayo ziyaphilisa—zikhuthaza abantu abadandathekileyo yaye zihlaziya abahlelelekileyo. Kunokuba ikhubekise abanye, imilebe yakhe ikhuthaza uxolo nokuzola.
Xa Ubulumko Bukhokela Imigudu Yabantu
Wandula ke uSolomon athethe ngomzekeliso obangel’ umdla obonisa ukubaluleka kokuhlolisisa iinzuzo neengxaki zokwenza into ethile. Uthi: “Apho kungekho nkomo umkhumbi uyacoceka, kodwa izilimo eziyintabalala ziza ngenxa yamandla enkunzi yenkomo.”—IMizekeliso 14:4.
Ithetha ngentsingiselo yalo mzekeliso, enye incwadi ithi: “Umkhumbi ongenanto ubonisa ukuba akukho zinkomo zifanele zondliwe, yaye ngenxa yoko ubani akanamsebenzi wokucoca nokunyamekela izilwanyana, yaye akanazindleko zingako. Kodwa kubakho enye ingxaki echazwe kwindinyana 4b: ukuba iinkomo azikho, isivuno asisayi kuba sikhulu.” Umfama ufanele akhethe ngobulumko.
Ngaba umgaqo okulo mzekeliso awunakusebenza xa sicinga ngokutshintsha umsebenzi wethu, sikhetha uhlobo oluthile lwendlu, sithenga imoto, naxa sikhetha isilwanyana sasekhaya, nezinye izinto ezifana nezo? Umntu onobulumko uya kucinga ngeenzuzo neengxaki aze abone enoba oko aza kukwenza kuwufanele umgudu neendleko.
Xa Ingqina linobulumko
USolomon uqhubeka esithi: “Ingqina elithembekileyo aliyi kuxoka, kodwa ingqina lobuxoki lifutha ubuxoki.” (IMizekeliso 14:5) Ubuxoki bengqina lobuxoki ngokuqinisekileyo bunokubangela ingozi enkulu. UNabhoti umYizereli waxulutywa ngamatye wafa kuba amadoda amabini angamatshivela angqina ubungqina bobuxoki ngaye. (1 Kumkani 21:7-13) Yaye noYesu Kristu watyholwa ngento angayenzanga, nto leyo yakhokelela ekufeni kwakhe. (Mateyu 26:59-61) Amangqina obuxoki nawo atyhola uStefano—umfundi wokuqala kaYesu owabulawa ngenxa yokholo lwakhe.—IZenzo 6:10, 11.
Umntu olixoki usenokungabhaqwa okwangoku, kodwa cinga ngekamva lakhe. UYehova ulithiyile “ingqina elixokayo elifutha ubuxoki,” itsho iBhayibhile. (IMizekeliso 6:16-19) Umntu onjalo uya kuphelela edikeni lomlilo nesalfure—ukufa kwesibini—kwakunye nabanye abenzi bobubi njengababulali, amahenyukazi nabanquli-zithixo.—ISityhilelo 21:8.
Ingqina elithembekileyo alingqini ubungqina bobuxoki. Alithethi buxoki. Noko ke, oku akuthethi ukuba linyanzelekile ukuba linikele ingxelo epheleleyo kwabo banokonzakalisa abantu bakaYehova ngandlel’ ithile. Usolusapho uAbraham noIsake babengazithethi izinto ezithile kubantu ababengamnquli uYehova. (Genesis 12:10-19; 20:1-18; 26:1-10) URahabhi waseYeriko wawalahl’ umkhondo amadoda kakumkani. (Yoshuwa 2:1-7) NoYesu Kristu ngokwakhe akazange atyhile yonke inkcazelo xa oko kwakuza kubangela ingozi engeyomfuneko. (Yohane 7:1-10) Wathi: “Musani ukukunika izinja okungcwele.” Ngoba? Kuba “hleze . . . zijike ziniqwenge.”—Mateyu 7:6.
Xa ‘Ukwazi Kuyinto Elula’
Ngaba bonke abantu banabo ubulumko? IMizekeliso 14:6 ithi: “Umgculeli ufuna ubulumko, aze angabufumani; kodwa konokuqonda ukwazi yinto elula.” Umgculeli, okanye umntu ohlekisa ngabanye, unokufuna ubulumko, kodwa akabufumani ubulumko bokwenyaniso. Ekubeni umgculeli ehlekisa ngenkohlakalo ngezinto zikaThixo, akakwazi ukufumana eyona nto ibalulekileyo ukuze abe nobulumko—ulwazi oluchanileyo ngoThixo oyinyaniso. Ikratshi nokuzingca kuyamthintela ekufundeni ngoThixo aze angabufumani bulumko. (IMizekeliso 11:2) Kutheni emele azikhathaze efuna ubulumko? Lo mzekeliso awunikeli mpendulo, kodwa mhlawumbi wenjenjalo ukuze abanye bacinge ukuba unobulumko.
Konokuqonda “ukwazi yinto elula.” Ukuqonda kuchazwa “njengokuthi tha engqondweni: ukucacelwa,” “ukuba nengqondo ephangaleleyo.” Ngamandla okwazi ukunxulumanisa iinkalo ezahlukahlukeneyo zombandela othile uze ukwazi ukuwubona wonke umbandela, kungekuphela nje iinxalenye ezithile. Lo mzekeliso uthi ulwazi yinto elula kumntu onabo obu bugcisa.
Ngokuphathelele oku, cinga ngamava endlela owayifumana ngayo inyaniso yeZibhalo. Xa waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, kusenokwenzeka ukuba phakathi kwezinto ezisisiseko owazifundayo wafunda ngoThixo, izithembiso zakhe nangoNyana wakhe. Ekuqaleni ezi zinto wawungazinxulumanisi nanto. Kodwa njengoko uqhubeka ufundisisa, wakwazi ukuzinxulumanisa ezi zinto yaye wawunokubona kakuhle indlela ezinxulumana ngayo nenjongo epheleleyo kaYehova ngabantu nomhlaba. Inyaniso eseBhayibhileni yathi tha engqondweni waza wabona indlela izinto ezinxulumana ngayo. Ukufunda nokukhumbula iinkcukacha ezintsha kwaba lula ngakumbi kuba wabona indlela ezinxulumana ngayo nawo wonke loo mbandela ufunda ngawo.
Ukumkani osisilumko uchaza apho ulwazi lungenakufumaneka khona. Uthi: “Mka phambi komntu osisiyatha, ngokuba ngokuqinisekileyo akuyi kuyiphawula imilebe yolwazi.” (IMizekeliso 14:7) Umntu osisiyatha akanalo ulwazi lokwenene. Akanayo imilebe yolwazi. Nali icebiso, mka phambi komntu onjalo, yaye kububulumko ukuzikhwebula kuye. Nabani na “osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”—IMizekeliso 13:20.
USolomon uqhubeka esithi: “Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe, kodwa ubudenge beziyatha buyinkohliso.” (IMizekeliso 14:8) Umntu osisilumko uyazicingisisa izenzo zakhe. Uyacingisisa ngezinto eziphambi kwakhe aze abone ngoko kunokuphumela kuloo hambo ayikhethayo. Ulikhetha ngobulumko ikhondo lakhe. Kuthekani ngomntu osisiyatha? Ukhetha indlela yobuyatha, ekholelwa ekubeni uyakwazi oko akwenzayo yaye wenza olona khetho lufanelekileyo. Uqhathwa bubuyatha bakhe.
Xa Ubulumko Bulawula Ulwalamano Onalo Nabanye
Lowo ukhokelwa bubulumko uba seluxolweni nabanye. Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Bazizidenge abo bagculela ityala, kodwa phakathi kwabathe tye kukho ukuvumelana.” (IMizekeliso 14:9) Umntu osisidenge akaziva enetyala, okanye atyiwe sisazela. Akavisisani nabantu ekhaya nakwezinye iindawo kuba “unekratshi kakhulu ukuba angaxolelanisa nabanye” aze afune uxolo. (The New English Bible) Umntu othe tye ukulungele ukwamkela iintsilelo zabanye. Ukulungele ukucela uxolo xa yena enze okuphosakeleyo. Kuba efuna uxolo, uba nolwalamano oluhle noluzinzileyo nabanye.—Hebhere 12:14.
Wandula ke uSolomon achaze enye into ephelisa ulwalamano oluhle nabanye. Uthi: “Intliziyo iyabuqonda ubukrakra bomphefumlo kabani, yaye ngemihlali yayo akakho owasemzini oya kuzibandakanya.” (IMizekeliso 14:10) Ngaba sinokukwazi ukuchazela abanye indlela esivakalelwa ngayo ngaphakathi—enoba sidakumbile okanye siyavuya—size sabelane nabo ngoko sikuvayo? Yaye ngaba kunokwenzeka ukuba omnye aqonde ngokupheleleyo ukuba omnye uvakalelwa njani ngawo onke amaxesha? Akunakwenzeka oko.
Ngokomzekelo, cinga ngomntu ofuna ukuzibulala. Umntu odla ngokuvakalelwa ngale ndlela udla ngokungakwazi ukuchaza loo ndlela avakalelwa ngayo kumalungu entsapho okanye kumhlobo wakhe. Yaye abanye abadli ngokuziphawula iimpawu ezilolo hlobo kubantu abanxulumana nabo. Akukho mfuneko yakuziva sinetyala xa singaziboni iimpawu ezinjalo size singakwazi ukunikela uncedo. Lo mzekeliso ukwasifundisa ukuba nangona kuthuthuzela ukuthetha nomhlobo onovelwano, abantu abanabuchule bungako bokusithuthuzela. Kusenokufuneka sithembele kuYehova kuphela xa sijamelene neengxaki ezithile.
“Izinto Zexabiso Nobutyebi Zisendlwini Yakhe”
Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Indlu yabantu abangendawo iya kubhujiswa, kodwa intente yabathe tye iya kuchuma.” (IMizekeliso 14:11) Umntu ongendawo unokuchuma kule nkqubo yezinto yaye unokuhlala kwindlu entle, kodwa oko kuya kumnceda ngantoni xa sele efile? (INdumiso 37:10) Kwelinye icala, umntu othe tye usenokuhlala kwindlu nje eqhelekileyo. Kodwa INdumiso 112:3 ithi: “Izinto zexabiso nobutyebi zisendlwini yakhe.” Zintoni ezo?
Xa amazwi nezenzo zethu zikhokelwa bubulumko, ‘sinobutyebi nozuko’ obubakho xa sinobulumko. (IMizekeliso 8:18) Ezi zinto ziquka ukuba seluxolweni noThixo nabanye abantu, impilo entle nolonwabo kwakunye nokuzinza. Ewe, “intente yabathe tye” inokuchuma nangoku.
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Umfazi osisilumko uyayakha indlu yakhe
[Umfanekiso okwiphepha 28]
“Ulwimi lezilumko luyaphilisa”