“Onobuqili Uyawaqwalasela Amanyathelo Akhe”
UMNTU onobuqili uhlab’ ekhangele xa esenza izinto kwaye ukrelekrele, wenza izigqibo ngendlela elungeleleneyo, unengqiqo, ukuqonda nobulumko. Akaphili ngamaqhinga okanye ngokuqhatha. IMizekeliso 13:16 ithi: “Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi.” Ewe ubuqili okanye ingqiqo luphawu oluthandekayo.
Singabubonisa njani ubuqili kubomi bethu bemihla ngemihla? Lubonakala njani olu phawu kwizinto esizikhethayo, kwindlela esiphatha ngayo abanye nendlela esizisingatha ngayo iimeko ezahlukeneyo esidibana nazo? Ziziphi iingenelo ezizuzwa ngabo banengqiqo? Ziziphi iingxaki abaziphephayo? UKumkani uSolomon wakwaSirayeli uyiphendula kakuhle le mibuzo njengoko, sifunda IMizekeliso 14:12-25.a
Likhethe Ngobulumko Ikhondo Lakho
Ukwenza ukhetho lobulumko nokuphumelela ebomini kufuna ukwazi ukwahlula okulungileyo kokubi. Noko ke, iBhayibhile ilumkisa isithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa emva koko ziindlela zokufa.” (IMizekeliso 14:12) Ngoko, kufuneka sifunde ukwahlula into elungileyo kwinto esenokubonakala ngathi ilungile. Ibinzana elithi “iindlela zokufa” libonisa ukuba zininzi iindledlana ezikhohlisayo. Khawuqwalasele iinkalo esifanele siziphaphele size siziphephe.
Izityebi nabantu abadumileyo kweli hlabathi bagqalwa njengabafanelwe yintlonelo nabayimizekelo. Imali abanayo nendlela abajongwa ngayo inokwenza kubonakale ngathi indlela yabo yokwenza izinto ifanelekile. Kuthekani ngeendlela ezisetyenziswa ngabaninzi kubo ukuze bafumane ubutyebi okanye udumo? Ngaba iindlela zabo zisoloko zifanelekile? Kuphinde kubekho abantu abanenzondelelo ngonqulo lwabo. Kodwa ngaba ukunyaniseka kwabo bubungqina bokuba iinkolelo zabo zichanile?—Roma 10:2, 3.
Kwakhona indlela isenokubonakala ilungile xa ubani ezikhohlisa. Ukuba izigqibo zethu zisekelwe kwizinto esivakalelwa ukuba zilungile sixhomekeke kwintliziyo, enenkohliso. (Yeremiya 17:9) Isazela esingaqeqeshwanga sinokusenza sicinge ukuba indlela engalunganga yeyona ilungileyo. Yintoni ke, eya kusinceda sikhethe ikhondo elifanelekileyo?
Simele sikukhuthalele ukufundisisa iLizwi likaThixo ukuze sifumane ‘amandla okuqonda aqeqeshelwe ukwahlula okulungileyo nokubi.’ La mandla simele siwaqeqeshe ‘ngokusebenzisa’ imigaqo yeBhayibhile. (Hebhere 5:14) Simele siphaphe singavumeli indlela ebonakala ilungile isiphambukise ‘kwindlela emxinwa esa ebomini.’—Mateyu 7:13, 14.
Xa ‘Intliziyo Ibuhlungu’
Ngaba singonwaba ukuba asinalo uxolo lwangaphakathi? Ngaba ukuhleka neziyolo kunokuyiphelisa intlungu eyendeleyo? Ngaba sisenzo sobulumko ukudambisa ukudandatheka ngokuzinkcinkca ngotywala, ngokusebenzisa iziyobisi okanye ngokuziphatha kakubi? Impendulo nguhayi. Ukumkani olumkileyo uthi: ‘Nasekuhlekeni intliziyo inokuba buhlungu.’—IMizekeliso 14:13a.
Ukuhleka kusenokuyifihla intlungu, kodwa akunakuyiphelisa. IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo.” Kakade ke, kukho “ixesha lokulila nexesha lokuhleka; kukho ixesha lokwenza isijwili nexesha lokudloba.” (INtshumayeli 3:1, 4) Xa udandatheko lusiba qatha, simele sizame ukuluphelisa, sifune ‘ulwalathiso lobuchule’ ukuba kuyimfuneko. (IMizekeliso 24:6)b Ukuhleka neziyolo ziluncedo ngomlinganiselo othile, kodwa azibalulekanga kangako. Elumkisa nxamnye neentlobo zeziyolo ezahlukeneyo nokuzihlaziya okugqithiseleyo, uSolomon uthi: “Nokuphela kwayo imihlali kuba yintlungu.”—IMizekeliso 14:13b.
Umntu Ongenalukholo Nolungileyo—Baneliswa Njani?
Ukumkani wakwaSirayeli uhlabela mgama esithi: “Ongenalukholo entliziyweni yakhe uya kwanela ziindlela zakhe, kodwa umntu olungileyo wanela zizenzo zakhe.” (IMizekeliso 14:14) Umntu ongenalo ukholo nolungileyo baneliswa njani yimiphumo yezenzo zabo?
Umntu ongenalukholo akacingi ukuba ufanele aziphendulele kuThixo. Ngaloo ndlela ukwenza okulungileyo emehlweni kaYehova akubalulekanga kumntu ongenalo ukholo. (1 Petros 4:3-5) Umntu onjalo wanelisekile kukuba nezinto eziphathekayo. (INdumiso 144:11-15a) Ngoxa umntu olungileyo, esukela izinto zokomoya entliziyweni. Kuzo zonke izinto azenzayo ubambelela kwimilinganiselo kaThixo yobulungisa. Umntu onjalo uyaneliseka yimiphumo yezinto azenzayo kuba uYehova nguThixo wakhe kwaye ufumana uvuyo olungathethekiyo ngokukhonza Oyena Uphakamileyo.—INdumiso 144:15b.
Musa “Ukukholwa Ngamazwi Onke”
USolomon uthelekisa iindlela zabantu abangenamava nezabantu abanobuqili uthi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) Umntu onobuqili akakhohliseki. Kunokuba akholelwe yonke into ayivayo okanye avume yonk’ into ethethwa ngabanye, unyathela ngobulumko. Uqokelela zonke izibakala, enze ngokuvisisana nazo.
Ngokomzekelo cinga ngombuzo othi, “Ngaba ukho uThixo?” Umntu ongenamava uye athande ukuhamba nomndilili okanye noluvo lwabantu ababalaseleyo. Kwelinye icala, umntu onobuqili uzipha ixesha aze ahlolisise izibakala. Ucamngca ngezibhalo ezinjengamaRoma 1:20 namaHebhere 3:4. Kwizinto zokomoya umntu onengqiqo akayamkeli into kuba nje ithethwa yinkokeli yonqulo lwakhe. Kodwa ‘uyawavavanya amazwi aphefumlelweyo ukuze abone enoba aphuma kuThixo kusini na.’—1 Yohane 4:1.
Hayi indlela ekububulumko ngayo ukuthobela icebiso ‘lokungakholwa ngamazwi onke’! Abo banembopheleleko yokululeka abanye ebandleni lamaKristu bafanele basithabathe nzulu esi siluleko. Umntu olulekayo ufanele ayiqonde kakuhle eyona nto yenzekileyo. Umele aphulaphule kakuhle, eve zonk’ iinkcukacha ukuze isiluleko sakhe sibe sengqiqweni okanye singathath’ icala.—IMizekeliso 18:13; 29:20.
“Indoda Enamandla Okucinga Ithiyekile”
Echaza omnye umahluko phakathi komntu osisilumko nosisiyatha, ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Isilumko siyoyika size simke ebubini, kodwa isiyatha siyavutha ngumsindo sizithembile. Okhawuleza abe nomsindo uya kwenza ubudenge, kodwa indoda enamandla okucinga ithiyekile.”—IMizekeliso 14:16, 17.
Umntu olumkileyo uyayoyika imiphumo yokulandela ikhondo eliphosakeleyo. Loo nto imenza aphaphe aze asixabise nasiphi na isiluleko sokumnceda aphephe ububi. Umntu osisiyatha akanalo olo loyiko. Ekubeni ezithembile, eqhutywa likratshi akasinanzi isiluleko sabanye. Ekubeni eqhutywa ngumsindo, umntu onjalo utyekele ekwenzeni izinto ezibubudenge. Kodwa kutheni ethiyiwe nje umntu onamandla okucinga?
Ibinzana lantlandlolo eliguqulelwe ngokuthi “amandla okucinga” lineentsingiselo ezimbini. Xa liguqulelwa ngendlela eyakhayo, eli binzana linokuthetha ingqiqo okanye ukuba krelekrele. (IMizekeliso 1:4; 2:11; 3:21) Okanye lisenokubhekisela kwiingcamango ezingendawo okanye ukucinga izinto ezikhohlakeleyo.—INdumiso 37:7; IMizekeliso 12:2; 24:8.
Ukuba ibinzana elithi “indoda enamandla okucinga” libhekisela kumntu oyila amayelenqe, siyaqondakala isizathu sokuba umntu onjalo athiywe. Noko ke, ngaba aliyonyaniso elokuba umntu onengqiqo usenokuthiywa ngabo bangenayo? Ngokomzekelo, abo basebenzisa amandla abo okucinga baze bakhethe ‘ukungabi yonxalenye yehlabathi’ bathiyiwe lihlabathi. (Yohane 15:19) Ulutsha lwamaKristu olusebenzisa amandla alo okucinga luze luxhathise ingcinezelo yoontanga luze luphephe ihambo engafanelekanga luyagculelwa. Isibakala esingenakukhanyelwa sesokuba abanquli bokwenyaniso bathiyiwe lihlabathi, elilele emandleni kaSathana uMtyholi.—1 Yohane 5:19.
“Abantu Abanobubi Baya Kuqubuda”
Kukho nenye indlela ahluke ngayo umntu olumkileyo okanye onobuqili kumntu ongenamava. “Abangenamava ngokuqinisekileyo baya kufumana ilifa lobudenge, kodwa abanobuqili baya kuthwala ukwazi njengesigqubuthelo sentloko.” (IMizekeliso 14:18) Ngenxa yokungabi nangqiqo, abantu abangenamava bakhetha izinto ezibubudenge. Leyo iba yindlela yabo yokuphila. Kwelinye icala, ulwazi luyamhombisa umntu onengqiqo njengokuba isithsaba simenza andiliseke ukumkani.
Ukumkani olumkileyo uthi: “Abantu abanobubi baya kuqubuda phambi kwabalungileyo, baze bona abantu abangendawo bame emasangweni elungisa.” (IMizekeliso 14:19) Ngamanye amazwi, abantu abalungileyo baya kubongamela ababi. Khawucinge ngendlela abanda ngayo nendlela esemagqabini abaphila ngayo abantu bakaThixo namhlanje. Ukubona ezi ntsikelelo kubakhonzi bakaYehova kuya kunyanzela abathile ukuba ‘baqubude phambi’ komfazi wokomfuziselo kaYehova, omelwa yintsalela ethanjisiweyo elapha emhlabeni. EArmagedon abo bachasi baya kunyanzeleka bavume ukuba inxalenye yasemhlabeni yentlangano kaThixo ngokwenene imela intlangano yasezulwini.—Isaya 60:1, 14; Galati 6:16; ISityhilelo 16:14, 16.
“Ukubabala Abaxhwalekileyo”
Ephefumla ngendlela abaqhubana ngayo abantu, uSolomon uthi: “Osweleyo uthiywa nalidlelane lakhe, kodwa zininzi izihlobo zesityebi.” (IMizekeliso 14:20) Hayi indlela ayinyaniso ngayo la mazwi ngendlela abaphathana ngayo abantu abangafezekanga! Ekubeni abantu abangafezekanga betyekele ekuzingceni, banomdla kubantu abazizityebi kunakwabo bangamahlwempu. Ngoxa umntu osisityebi enabahlobo abaninzi, abathembekanga njengobutyebi obo bakhe. Ngaba asifanele ke sikuphephe ukuzenzela abahlobo ngemali okanye ngokukhohlisa?
Kuthekani ukuba xa sizihlolisisa sifumanisa ukuba sityekele ekuthandeni abantu abazizityebi size sibajongele phantsi abo bangathath’ intweni? Simele sikhumbule ukuba umkhethe onjalo uyakhalinyelwa eBhayibhileni. IBhayibhile ithi: “Odelela idlelane lakhe uyona, kodwa unoyolo obabala abaxhwalekileyo.”—IMizekeliso 14:21.
Sifanele sibazelelele abo batsala nzima. (Yakobi 1:27) Singakwenza njani oku? ‘Ngokubaxhasa ngezinto zeli hlabathi,’ ezisenokuquka imali, ukutya, indawo yokuhlala, impahla yokunxiba nangokubakhathalela. (1 Yohane 3:17) Unoyolo umntu onceda abantu abanjalo, kuba “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
Baqhuba Njani?
Umgaqo othi “loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona” usebenza kubantu abanobuqili nakwabo bazizidenge. (Galati 6:7) Umntu onobuqili wenza izinto ezilungileyo; ngoxa isiyatha siyila ububi. Ukumkani uyabuza “abayi kubhadu-bhadula na abo bayila ububi?” Impendulo nguewe; ‘bayabhadu-bhadula.’ “Kodwa kukho ububele bothando nenyaniso kwabo bayila okulungileyo.” (IMizekeliso 14:22) Abo benza izinto ezilungileyo bayathandwa ngabantu kwaye uThixo ubanika ububele bothando.
Enxulumanisa impumelelo nokukhuthala aze anxulumanise ukuphanza nokuthetha okungaphele ndawo nobuvila, uSolomon uthi: “Kulo lonke uhlobo lokubulaleka kubakho ingenelo, kodwa ilizwi nje lemilebe likhokelela ekusweleni.” (IMizekeliso 14:23) Ngokuqinisekileyo lo mgaqo usebenza kusukelo lwethu lokomoya. Xa sizibhokoxa kubulungiseleli bamaKristu, sifumana umvuzo wokwazisa abanye inyaniso esindisa ubomi yeLizwi likaThixo. Xa sizenza ngokuthembeka naziphi na izabelo zobuthixo esizifumanayo siya kuzaliswa luvuyo nokwaneliseka.
IMizekeliso 14:24 ithi: “Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo; ubudenge beziyatha bubudenge.” Oku kusenokuthetha ukuba izilumko zizabalazela ukuzuza ubulumko njengobutyebi bazo, obuba sisithsaba okanye buzihombise. Kwelinye icala, isiyatha sifumana ubudenge. Ngokutsho kwenye imbekiselo, lo mzekeliso usenokuthetha ukuba “ubutyebi buyabahombisa abo babusebenzisa kakuhle . . . [ngoxa] izidenge ziqhubeka nobudenge bazo.” Enokuba kuyintoni, umntu olumkileyo uyaphumelela kunomntu osisidenge.
Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Ingqina lenyaniso lihlangula umphefumlo, kodwa elinenkohliso lifutha nje ubuxoki.” (IMizekeliso 14:25) Ngoxa lo mgaqo usetyenziswa kwiinkundla zamatyala, qwalasela indlela osebenza ngayo kubulungiseleli bethu. Umsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi uquka ukunikela ubungqina kwinyaniso yeLizwi likaThixo. Obo bungqina buhlangula abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo kunqulo lobuxoki buze busindise ubomi. Ukuba sinikel’ ingqalelo kuthi nakwimfundiso yethu, siya kuzisindisa thina nabo basiphulaphulayo. (1 Timoti 4:16) Njengoko siqhubeka sisenza oku, masikuphaphele ukubonisa ubuqili kuzo zonke iinkalo zobomi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuba ufuna ingxubusho yeMizekeliso 14:1-11, bona iphepha 26-29 kwinkupho yeMboniselo kaNovemba 15, 2004.
b Bona uVukani! kaNovemba 8 1987 kwiphepha 25-30.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kunyanzelekile ukuba sifundisise inyaniso enzulu ukuze sikwazi ukwahlula okulungileyo nokubi
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba ukuthanda izinto eziphathekayo kuzisa ulwaneliseko lokwenene?