“Nabani Na Osihlonelayo Isohlwayo Unobuqili”
IMIZEKELISO 23:12 ithi: “Yinikele intliziyo yakho kwingqeqesho nendlebe kumazwi okwazi.” Kwesi sibhalo, “ingqeqesho,” ibandakanya ukuziqeqesha siqu uze uphinde ululekwe nangabanye abantu. Olu qeqesho lufuna ubani akwazi oko amele akulungise nendlela anokukwenza ngayo oko. Ngoko, ingqeqesho ifuna ‘amazwi okwazi’ avela kumthombo othembekileyo.
Incwadi yeBhayibhile yeMizekeliso ngowona mthombo wamazwi obulumko. Imizekeliso ekule ncwadi ilungiselelwe ukuba “ubani azi ubulumko nengqeqesho, . . . kufunyanwe ingqeqesho enika ingqiqo, ubulungisa nomgwebo nokuthe tye.” (IMizekeliso 1:1-3) Siya kuba silumkile xa ‘sinikela indlebe’ kuyo. IMizekeliso isahluko 15 inikela ukhokelo olunokuthenjwa ngokulawula umsindo, ulwimi nokudlulisela ulwazi. Makhe siqwalasele ezinye iindinyana kwesi sahluko.
Yintoni ‘Esusa Umsindo’?
Echaza indlela amazwi anokumcaphukisa ngayo umntu, uKumkani uSolomon wakwaSirayeli mandulo uthi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Lo mzekeliso ungasinceda njani sihlangabezane nomntu onomsindo ngoxa sibambe owethu?
Amazwi arhabaxa anokuyenza mandundu imeko esele imaxongo kakade. Kodwa yona impendulo ezolileyo idla ngokuyidambisa loo meko. Noko ke, ukuphendula ngobulali kumntu onomsindo akusoloko kulula. Kodwa kuba luncedo xa sizama ukuqonda isizathu sokucaphuka kwakhe. IBhayibhile ithi: “Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo, yaye kuyinto entle kuye ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.” (IMizekeliso 19:11) Ngaba umsindo wakhe awubangelwa kukungazithembi okanye ukufuna ingqalelo? Kusenokwenzeka ukuba eyona nto imcaphukisayo asikuko oko sikuthethileyo okanye sikwenzileyo. Xa sidibana nomntu onomsindo entsimini, kusenokwenzeka ukuba uye waxelelwa ubuxoki ngeenkolelo zethu okanye ulahlekisiwe. Ukuba kunjalo ngokwenene, yintoni ebangela sibe rhabaxa ngokungathi sithi aba alwa nabo? Kwanokuba asiqondakali isizathu sokuba ubani abe nomsindo, ukuphendula ngamazwi ahlabayo kuya kuntama ukungabi nambeko kwethu. Simele sikuphephe ukusabela ngamazwi arhabaxa.
Icebiso lokuba siphendule ngobulali libaluleke gqitha xa kuthethwa ngokulawula umsindo. Singalisebenzisa ngokufunda ukutyhila iimvakalelo zethu ngendlela engayi kumkhubekisa lowo sithetha naye. Endaweni yokuba rhabaxa okanye sinyembe, xa sithetha namalungu entsapho, simele sizame ukukhupha imbilini yethu ngendlela ezolileyo. Amazwi arhabaxa adla ngokwenza omnye afune ukuziphindezela. Ukuphalaz’ imbilini sizolile komnye umntu ngaphandle kokumgxeka, oko kunokumenza axolise aze alungise.
‘Ulwimi Lwezilumko Lusebenza Kakuhle’
Ukuzeyisa akuchaphazeli indlela esithetha ngayo kuphela, kodwa kuchaphazela noko sikuthethayo. USolomon uthi: “Ulwimi lwezilumko lulusebenzisa kakuhle ulwazi, kodwa umlomo weziyatha umpompoza ubudenge.” (IMizekeliso 15:2) Xa sisiba nomnqweno wokunceda abanye size sibaxelele ngenjongo kaThixo namalungiselelo akhe amangalisayo, ngaba ‘asikokulusebenzisa kakuhle ulwazi’ oko? Isiyatha asikwazi kwenjenjalo kuba asinalwazi.
Ngaphambi kokuba anikele ulwalathiso olungakumbi ngokusetyenziswa kolwimi, uSolomon uthelekisa izinto ezenza ubani acinge. Uthi: “Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo, ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.” (IMizekeliso 15:3) Kumele kusivuyise oku kuba kusiqinisekisa ukuba: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) UThixo uyazi xa sisenza okulungileyo. Uyababona nabo benza izinto ezimbi ibe uyabaphendulisa.
USolomon uphinda agxininise ukubaluleka kolwimi olunobulali, athi: “Ukuzola kolwimi ngumthi wobomi, kodwa ubugqwetha buyawaphula umoya.” (IMizekeliso 15:4) Ibinzana elithi “umthi wobomi” libhekisela kwiimpawu ezikhuthazayo nezihlaziyayo. (ISityhilelo 22:2) Amazwi amnandi esilumko ayabahlaziya abo abhekiswa kubo. Abatsho bavelise iimpawu zabo ezintle. Ngokwahlukileyo koku, yona inkohliso okanye ulwimi olugqwethiweyo luyawaphula umoya wabo.
Ukufumana Uqeqesho ‘Nokuchithachitha Ukwazi’
Esi silumko sokumkani sihlabela mgama sisithi: “Nabani na osisidenge akabi nantlonelo ngengqeqesho kayise, kodwa nabani na osihlonelayo isohlwayo unobuqili.” (IMizekeliso 15:5) Umntu unokusihlonela njani isohlwayo engakhange aqale ohlwaywe? Ngaba esi sibhalo asibonisi ukuba ubani umele aqeqeshwe xa kuyimfuneko? Entsatsheni, ingqeqesho yimbopheleleko yabazali—ngakumbi utata—yaye bona abantwana bamele bayamkele ingqeqesho. (Efese 6:1-3) Noko ke, bonke abakhonzi bakaYehova kubakho indlela abaqeqeshwa ngayo. AmaHebhere 12:6 athi: “Lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha; enyanisweni, uyamtyakatya wonke ubani amamkela njengonyana.” Indlela esisabela ngayo kuqeqesho iye ityhile ukuba sizizilumko kusini na okanye sizizidenge.
Ethelekisa ezinye izinto uSolomon uthi: “Imilebe yezilumko ichithachitha ukwazi, kodwa intliziyo yeziyatha ayinjalo.” (IMizekeliso 15:7) Ukukhupha ulwazi kufana nokuchithachitha imbewu. Mandulo, umfama wayengafiki entsimini ayibhukuqele ndawonye yonk’ imbewu yakhe, kunoko wayesithi chu ayihlwayele kuyo yonke intsimi. Kunjalo ke naxa ukhupha ulwazi. Ngokomzekelo, xa ushumayela uze udibane nomntu, akuyi kuba bubulumko ukukhuphela kuye yonk’ into oyaziyo ngeBhayibhile ngaxeshanye. Kunoko, umntu olumkileyo uyawabala amazwi akhe. ‘Uchithachitha’ ulwazi njengoko ethe ngcembe ebethelela inyaniso yeBhayibhile ethile ngexesha aze akhele phezu kwayo, esenjenjalo exhomekeke kwintsabelo yomphulaphuli lowo. UMzekelo wethu uYesu Kristu, wenza oko xa wayethetha nebhinqa elingumSamariya.—Yohane 4:7-26.
Ukubethelela ulwazi kuquka ukuthetha into eyakhayo neluncedo. Umntu kufuneka acamngce ukuze abe namazwi obulumko nakhuthazayo. Ngoko, “intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.” (IMizekeliso 15:28) Ibaluleke gqitha into yokuba amazwi ethu angene kamnandi njengemvula enyakamisa umhlaba neluncedo, kungekhona isikhukula esifika sirhugule yonk’ into esendleleni yaso.
‘Ihambo Engcwele’
Ngokuqinisekileyo likhondo lobulumko ukuhlwayela ulwazi ngoYehova nenjongo yakhe size sinikele kuye “isiqhamo semilebe” ‘ngombingelelo wendumiso.’ (Hebhere 13:15) Noko ke, ukuze loo mibingelelo yamkeleke kuYehova, simele sibe ‘ngcwele kuyo yonke ihambo yethu.’ (1 Petros 1:14-16) Ethelekisa imizekeliso emibini uSolomon uzisa le nyaniso ibalulekileyo kwingqalelo yethu. Uthi: “Umbingelelo wabangendawo yinto ecekisekayo kuYehova, kodwa umthandazo wabathe tye uyakholiswa nguwo. Indlela yongendawo yinto ecekisekayo kuYehova, kodwa osukela ubulungisa uyamthanda.”—IMizekeliso 15:8, 9.
Basijonga njani isohlwayo abo bashiya indlela esa ebomini, ibe siya kuba njani isiphelo sabo? (Mateyu 7:13, 14) “Ingqeqesho imbi koshiya umendo; nabani na othiya isohlwayo uya kufa.” (IMizekeliso 15:10) Kunokuba bamkele isiluleko esiluncedo kwabo baneembopheleleko ebandleni lamaKristu baze baguquke ngokunyaniseka, abanye kwabo balandela ikhondo lobubi bakhetha ukuwushiya umendo wobulungisa. Bubudenge obungathethekiyo obo! Ngokutsho kweAn American Translation, lo mzekeliso uthi: “Oshiya indlela elungileyo ulindelwe ziintlungu; othiye isiluleko uya kufa.”
Kuthekani ukuba ubani uzenza ngathi uyasamkela isohlwayo ngoxa esithiye ngaphakathi? Naleyo into bubuyatha. Lo kumkani wakwaSirayeli uthi: “IShiyol nendawo yentshabalalo ziphambi koYehova. Kukangakanani na ke ngeentliziyo zoonyana boluntu!” (IMizekeliso 15:11) Ngokomfuziselo ayikho into enokusithela kuThixo ophilayo njengeShiyol, ingcwaba. Nakuba lisithele ngolo hlobo yena uhlala elibona. Ubazi kakuhle bonke abalapho kuquka ubuntu babo ibe uyakwazi ukubavusa. (INdumiso 139:8; Yohane 5:28, 29) Kulula gqitha kuYehova ukwazi oko kusezintliziyweni zabantu! Umpostile uPawulos wathi: “Zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Uhanahaniso lunokukhohlisa abantu kuphela, kodwa alunako kuThixo.
Umntu ogatya uqeqesho akathiyi nje kuphela isohlwayo kodwa uthiya nabo bamohlwayayo. USolomon uthi, “Umgculeli akamthandi omohlwayayo.” Ukuze abethelele le ngongoma, walek’ umsundulu athi: “Akayi kuya kwizilumko.” (IMizekeliso 15:12) Ambalwa gqitha amathuba okuba umntu onjalo abuye kumendo wakhe!
Ukuba Nethemba
Imbekiselo yegama elithi “intliziyo” inxibelelanisa le mizekeliso mithathu ilandelayo. Sichaza imiphumo yendlela esivakalelwa ngayo kwinkangeleko yethu, esi silumko sokumkani sithi: “Intliziyo evuyayo iba nomphumo omhle kwinkangeleko, kodwa ngenxa yobuhlungu bentliziyo umoya uyaxhwaleka.”—IMizekeliso 15:13.
Yintoni enokubangela intliziyo ibe buhlungu? IBhayibhile ithi, “Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude [ludano].” (IMizekeliso 12:25) Yintoni esinokuyenza ukuze singavumeli ukudandathekiswa ziinzingo zobu bomi? Kunokuba sihlale sicinga ngezinto ekungekho nto ingako sinokuyenza ngazo, sinokucinga ngentabalala yeentsikelelo zokomoya esizifumana kuYehova ngoku nezo zexesha elizayo. Oko kuya kusisondeza ngakumbi kuye. Ewe, ukusondela ‘kuThixo onoyolo’ kuya kusivuyisa nakanjani na xa sikhathazekile.—1 Timoti 1:11.
Enye into, isigidimi seBhayibhile ngowona mthombo wentuthuzelo nolonwabo. Umdumisi uthi unoyolo umntu “oyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.” (INdumiso 1:1, 2) Kwanaxa sisentlungwini, ukufunda iBhayibhile size sicamngce ngayo kuya kusikhuthaza. UThixo uye wasipha nobulungiseleli. Siqinisekiswa ukuba “abo bahlwayela imbewu ngeenyembezi baya kuvuna ngentswahla yovuyo.”—INdumiso 126:5.
USolomon uthi, “Intliziyo enokuqonda ifuna ukwazi, kodwa umlomo wabantu abaziziyatha unqwenela ubudenge.” (IMizekeliso 15:14) Lo mzekeliso uzisa engqalelweni yethu umahluko omkhulu phakathi kwesiluleko sesilumko neso sesidenge. Umntu onentliziyo eqondayo uqala acingisise ukuze abe nolwazi ngaphambi kokuba aluleke omnye. Uphulaphula ngenyameko aze awuqonde kakuhle umbandela lowo. Uphanda kwiZibhalo ukuze aqonde imithetho nemigaqo ephathelele loo mbandela. Isiluleko sakhe sisekelwa ngokupheleleyo kwiLizwi likaThixo. Kodwa, sona isidenge asizidini ngokufuna iinkcukacha zombandela kunoko sisuka sikhuphe oko sikucingayo. Ngoko ke, xa sifuna icebiso, bubulumko ukuya kwabo banolwazi nabaqolileyo kunokuya kwabo baya kusixelela loo nto siyithandayo. Ivuyisa gqitha into yokuba ‘nezipho ezingabantu’ kwibandla lamaKristu, ‘ezifuna ukwazi’ ngaphambi kokuba zisiluleke.—Efese 4:8.
Umzekeliso olandelayo uchaza inzuzo yokuba nesimo sengqondo esakhayo. Lo kumkani wakwaSirayeli uthi: “Yonke imihla yoxhwalekileyo mibi; kodwa onentliziyo echwayitileyo uba netheko rhoqo.” (IMizekeliso 15:15) Ubomi bunamahla-ndinyuke, amaxesha okuvuya naweenyembezi. Ukuba sicinga ngezinto ezimbi kuphela, siya kuhlala sidandathekile, ibe bonk’ ubomi bethu buya kuba lusizi. Kodwa ukuba sizama ukucinga ngeentsikelelo nethemba esilinikwe nguThixo, siya kuziphosa ngasemva iinzingo zobomi size sihlale sivuya. Ukuba nesimo sengqondo esihle kusinceda sikwazi ‘ukuba netheko rhoqo.’
Ngandlela zonke simele sizabalazele ukuyixabisa ingqeqesho. Kwanga oko kungangapheleli kwiimvakalelo, intetho nezenzo zethu kuphela, kodwa kuchaphazele nesimo sengqondo sethu.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
“Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo”
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Yimbopheleleko yabazali ukuqeqesha abantwana
[Umfanekiso okwiphepha 15]
“Imilebe yezilumko ichithachitha ukwazi”