Ukoyika UThixo—“Ingqeqesho Esa Ebulumkweni”
UBULUMKO bokwenyaniso benze isidlo esikhulu. “Buthumele iimpelesi zabo, ukuze bumemeze phezu kweendawo eziphakamileyo zedolophu, busithi: ‘Nabani na ongenamava, makaphambukele apha.’ Nabani na oswele intliziyo—buthe kuye: ‘Yizani, nidle isonka sam nize nabelane ngokusela iwayini endiyiphithikezileyo. Yekani abangenamava nize niphile, yaye hambani ngqo endleleni yokuqonda.’”—IMizekeliso 9:1-6.
Ukudla kwitafile yobulumko akunakuze kukhokelele nakwiyiphi na into embi okanye eyenzakalisayo. Ukuphulaphula ubulumko bukaThixo obukwimizekeliso ephefumlelweyo nokwamkela uqeqesho lwabo kunemiphumo emihle. Amazwi obulumko akwiMizekeliso 15:16-33 abonisa kanye oko.a Ukuthobela la mazwi angqalileyo kunokusinceda saneliseke enoba asinazinto zingako ziphathekayo, senze inkqubela size sonwabe. Ukwenjenjalo kunokusinceda senze izigqibo zobulumko ibe kunokusenza sihlale endleleni esa ebomini.
Xa Ukungabi Nazinto Ziphathekayo Zingako Ikokona Kulungileyo
UKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo uthi: “Ilunge ngakumbi intwana encinane kunye nokoyika uYehova kunesixa esiyintabalala kunye nesiphithiphithi.” (IMizekeliso 15:16) Kububudenge ukutyeshela uMdali nokusukela izinto eziphathekayo. Ubomi obunjalo butsalisa nzima ibe buzaliswe ngamaxhala. Bekuya kuba buhlungu ngokwenene emntwini ukuqonda sele emdala ukuba ubomi bakhe bonke bebungenanjongo! Asibobulumko kwaphela ukuqokelela izinto eziphathekayo kunye “nesiphithiphithi.” Eyona nto ilunge kakhulu kukufumana ulwaneliseko lokwenene nokuphila ngaloo ndlela. Ulwaneliseko lokwenene lufumaneka ngokoyika uYehova—kulwalamano lwethu naye—kungekhona kwizinto eziphathekayo.—1 Timoti 6:6-8.
Egxininisa into yokuba ukuba nolwalamano oluhle nabanye yeyona nto ixabisekileyo kunokuba nezinto eziphathekayo ezininzi, uSolomon uthi: “Silunge ngakumbi isidlo semifuno apho kukho uthando kunenkunzi yenkomo eyondliwe emkhumbini kunye nentiyo.” (IMizekeliso 15:17) Ewe, intsapho ethandanayo inqweneleka ngakumbi kunokutya okuninzi okuluncuthu. Kwikhaya elinomzali omnye, basenokutsala nzima. Kwamanye amazwe ubani usenokukwazi ukulungiselela intsapho yakhe ukutya okuqhelekileyo kuphela. Kodwa, izinto ziyihambela kakuhle intsapho xa kukho uthando.
Iintsapho ezithandanayo, nazo zisenokufikelwa ngamaxesha anzima. Elinye ilungu lentsapho linokwenza into okanye lithethe ngendlela ecaphukisa elinye. Yintoni enokwenziwa ngulowo ucatshukisiweyo? IMizekeliso 15:18 ithi: “Indoda enomsindo ixhokonxa usukuzwano, kodwa ozeka kade umsindo udambisa ingxabano.” Ukulungisa oko ngobulali, kungekhona ngomsindo, kudala uxolo. Isiluleko salo mzekeliso sisebenza ngendlela efanayo nakwezinye iinkalo zobomi, kuquka imisebenzi yebandla nakubulungiseleli.
Xa ‘Indlela Ibiyelwe’
Umzekeliso olandelayo ubalaselisa umahluko phakathi komntu ongabuthobelanga ubulumko nabo babuthobeleyo. Lo kumkani usisilumko uthi: “Indlela yevila injengothango lwamakhakakhaka, kodwa umendo wabathe tye yindlela ebiyelweyo.”—IMizekeliso 15:19.
Uthango lwamakhakakhaka, luthango olunemithana enameva. Ivila lisoloko licinga ngemiqobo enokuvela lize liyisebenzise njengezingxengxezo zokungenzi umsebenzi othile. Kwelinye icala, abathe tye, abazixhalabisi ngemiqobo enokubathintela. Bawenza ngenkuthalo umsebenzi wabo ibe banikela ingqalelo kuwo. Ngaloo ndlela baphepha iingxaki ezininzi abanokujamelana nazo ezinokubangelwa kukungakhathali. Indlela yabo ‘ibiyelwe,’ oko kuthetha ukuba banenkqubela. Batyhalela phambili nomsebenzi wabo baze bavuyiswe kukubona inkqubela.
Ngokomzekelo, cinga ngenkalo yokuba nolwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo nokwenza inkqubela yokuba ngoqolileyo. Oku kufuna umgudu. Ubani usenokungazibhokoxi ekufundeni iBhayibhile enze isingxengxezo sokuba akanamfundo ingako, akakwazi ukufunda kakuhle okanye uyakhawuleza ukulibala. Kububulumko ukuba ubani angacingi ngemiqobo enjalo eza kumthintela ekufumaneni ulwazi. Enoba ubuchule bethu busikelw’ umda, sinokwenza umgudu wokuphucula indlela esifunda ngayo nendlela esikuqonda ngayo oko sikufundayo, mhlawumbi ngokusebenzisa izichazi-magama xa kuyimfuneko. Isimo sengqondo esihle sisinceda sibe nolwazi size senze inkqubela ngokomoya.
Xa ‘Uyise Esiba Nemihlali’
Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Unyana osisilumko umenza abe nemihlali uyise, kodwa umntu osisiyatha udelela unina.” (IMizekeliso 15:20) Abazali ababi nemihlali na xa abantwana babo besenza ngobulumko? Eneneni, kufuneka abazali babaqeqeshe abantwana babo ukuze bakwazi ukwenza ngobulumko. (IMizekeliso 22:6) Kodwa unyana osisilumko ubavuyisa gqitha abazali bakhe. Noko ke, osisiyatha ubahlalisa entlungwini.
Esebenzisa eli binzana lithi ‘imihlali’ komnye umba, lo kumkani usisilumko uthi: “Ubudenge yimihlali koswele intliziyo, kodwa indoda enokuqonda ithi ngqo phambili.” (IMizekeliso 15:21) Abo baswele intliziyo baba nemihlali kwizinto ezibubudenge nemigcobo enganiki lwaneliseko okanye ulonwabo lokwenene. Kodwa, umntu onokuqonda uyabubona ubudenge bokuba ‘ngumthandi weziyolo kunokuthanda uThixo.’ (2 Timoti 3:1, 4) Ukubambelela kwimigaqo kaThixo kumnceda ahlale ethe tye.
Xa “Kukho Okufezwayo”
Ukuphila ngokuvisisana nemigaqo kaThixo kuba yinzuzo kwezinye iinkalo zobomi bethu. IMizekeliso 15:22 ithi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.”
Igqugula yintetho eyimfihlo kodwa apho athi ubani akhuphe imbilini yakhe. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘igqugula’ kwiNdumiso 89:7 liguqulelwe ngokuthi ‘iqela lamakholwane.’ Oku kubonisa ulwalamano olusondeleyo olukhoyo phakathi kwabo bancokolayo. Igqugula asiyoncoko nje, kodwa kukuzityand’ igila. Xa abayeni namakhosikazi kuquka abazali nabantwana bencokola ngokukhululekileyo ngale ndlela, kuye kubekho uxolo nomanyano phakathi kwabo. Kodwa xa kungekho kuncokolisana oko kudla ngokukhokelela kunxunguphalo neengxaki entsatsheni.
Xa sisenza izigqibo ezibalulekileyo, bubulumko ukuba sithobele esi siluleko: “Ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” Ngokomzekelo, xa sikhetha unyango, ngaba asibobulumko ukufuna uluvo loogqirha abangakumbi, ingakumbi ukuba kubandakanyeke imibandela enzulu?
Ukuba nabacebisi abaninzi kubaluleke gqitha kwizinto zokomoya. Xa abadala benxibelelana baze basebenzise icebiso lobulumko abaphuma nalo njengeqela, ‘kubakho okufezwayo.’ Ngaphezu koko, abaveleli abasandul’ ukumiselwa abafanele babe madolw’ anzima ukufuna icebiso kubadala abakhulileyo nabanamava, ingakumbi ukuba umbandela omele usingathwe unzima.
Xa Kukho ‘Imihlali Ngempendulo’
Nguwuphi umphumo omhle enokuba nawo intetho yobulumko? Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Umntu uba nemihlali ngempendulo yomlomo wakhe, yaye hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!” (IMizekeliso 15:23) Ngaba asivuyi xa impendulo okanye icebiso lethu lisetyenziswa kuze kubekho imiphumo emihle? Noko ke, ukuze icebiso lethu libe luncedo limele lifikelele imilinganiselo emibini.
Okokuqala, limele lisekelwe ngokupheleleyo kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. (INdumiso 119:105; 2 Timoti 3:16, 17) Okwesibini, limele lithethwe ngexesha elifanelekileyo. Enoba amazwi ayinyaniso kangakanani na, anokwenza umonakalo ukuba akathethwanga ngexesha elifanelekileyo. Ngokomzekelo, ukucebisa ubani ungekayiva kakuhle ingxaki yakhe asibobulumko ibe akuloncedo. Kubaluleke ngokwenene ukuba ‘sikhawuleze ukuva, sicothe ukuthetha’!—Yakobi 1:19.
“Umendo Wobomi Usinga Phezulu”
IMizekeliso 15:24 ithi: “Umendo wobomi usinga phezulu kowenza ngengqiqo, ukuze emke eShiyol engaphantsi.” Umntu owenza ngengqiqo usendleleni engamkhokeleli eShiyol, ingcwaba eliqhelekileyo loluntu. Uyaziphepha izenzo ezonakalisayo njengokuziphatha kakubi ngokwesini, ukusebenzisa iziyobisi nokunxila—ngaloo ndlela uphepha ukufa ngaphambi kwexesha. Indlela yakhe ikhokelela ebomini.
Phawula umahluko kwindlela yabo baswele ingqiqo: “Indlu yabaziphakamisileyo uYehova uyayichitha, kodwa uya kuwuzinzisa umda womhlolokazi. Amacebo ababi yinto ecekisekayo kuYehova, kodwa amazwi athandekayo ahlambulukile. Owenza ingeniso ngokungekho sikweni uyizisela ishwangusha indlu yakhe, kodwa othiya izipho [ukunyotywa] uya kuhlala ephila.”—IMizekeliso 15:25-27.
Esibonisa indlela yokuphepha imigibe eqhelekileyo, ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo, kodwa umlomo wabangendawo umpompoza izinto ezimbi.” (IMizekeliso 15:28) Eli licebiso elihle gqitha! Iimpendulo zobuyatha ezingacingisiswanga zidla ngokungabi namiphumo mihle. Xa siqwalasela iinkalo eziliqela ezisenokufak’ isandla kumbandela othile, kuquka iimeko zabanye nendlela abavakalelwa ngayo, asinakufane sithethe into esinokuzisola ngayo kamva.
Ngoko ke, kunayiphi inzuzo ukoyika uThixo nokwamkela uqeqesho lwakhe? Le ndoda isisilumko iyaphendula: “UYehova ukude nabangendawo, kodwa umthandazo wamalungisa uyawuva.” (IMizekeliso 15:29) UThixo oyinyaniso ukude nabangendawo. IBhayibhile ithi: “Oyisusayo indlebe yakhe ekuveni umthetho—kwanomthandazo wakhe uyinto ecekisekayo.” (IMizekeliso 28:9) Abo boyika uThixo baze bazabalazele ukwenza okulungileyo kuye banokuthetha naye ngokukhululekileyo, benentembelo epheleleyo yokuba uya kubeva.
Into ‘Evuyisa Intliziyo’
Esenza uthelekiso oluxhokonkx’ ingcinga, uSolomon uthi: “Amehlo aqaqambileyo avuyisa intliziyo; ingxelo elungileyo ityebisa amathambo.” (IMizekeliso 15:30) Amathambo ‘ayatyeba’ xa enomongo. Oku kuhlaziya umzimba kuze kuvuyise intliziyo. Uvuyo olusentliziyweni lubonakala kumehlo aqaqambileyo. Lowo ngumphumo omhle obangelwa yingxelo elungileyo!
Ngaba azisikhuthazi iingxelo zokwanda kwabanquli bakaYehova ehlabathini lonke? Ukufunda ngoko kwenziwa kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi kusishukumisela ekubeni sibe nenxaxheba engakumbi kubulungiseleli. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Asivuyisa gqitha amava abo bamenza uThixo wabo uYehova baze baqhelisele unqulo lokwenyaniso. Ekubeni “ingxelo elungileyo evela kwilizwe elikude” inempembelelo engaka, sinokuyibona indlela ekubaluleke ngayo ukuba sinikele ingxelo echanileyo yoko sikwenza entsimini.—IMizekeliso 25:25.
“Ngaphambi Kozuko Kukho Intobeko”
Egxininisa ukubaluleka kokwamkela uqeqesho ngandlela zonke, ukumkani osisilumko uthi: “Indlebe esiphulaphulayo isohlwayo sobomi ihlala phakathi kwabantu abazizilumko. Ocezela ingqeqesho ugatya umphefumlo wakhe, kodwa ophulaphula isohlwayo uzuza intliziyo.” (IMizekeliso 15:31, 32) Isohlwayo okanye ingqeqesho, ifikelela intliziyo yomntu ize iyilungise, imenze abe nengqiqo. Akumangalisi ke ngoko ukuba ‘iyintonga yengqeqesho’ esusa ‘ubudenge obubotshwe entliziyweni yenkwenkwe’! (IMizekeliso 22:15) Lowo uphulaphula uqeqesho uzuza intliziyo, oku kuthetha ukuba uba neenjongo ezintle. Kwelinye icala, ukugatya uqeqesho kuthetha ukugatya ubomi.
Eneneni, ukwamkela ingqeqesho yobulumko ngokuthobeka kuyingenelo. Ukwenjenjalo akubangeli ulwaneliseko, inkqubela novuyo kuphela kodwa kuzisa uzuko nobomi. IMizekeliso 15:33 iqukumbela ngala mazwi: “Ukoyika uYehova kuyingqeqesho esa ebulumkweni, yaye ngaphambi kozuko kukho intobeko.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho engakumbi ngeMizekeliso 15:1-15, funda IMboniselo kaJulayi 1, 2006, iphepha 13-16.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Intsapho ethandanayo inqweneleka ngakumbi kunokutya okuninzi okuluncuthu
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kwanokuba ubuchule bethu bulinganiselwe, isimo sengqondo esihle sisinceda sibe nolwazi
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Igqugula kukuzityand’ igila ngokunyanisekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ngaba uyazi ukuba ‘ingxelo elungileyo iwatyebisa njani amathambo’?