Hlakulela Ubuhlobo Obusondeleyo NoYehova
UMFUNDI uYakobi wabhala: “Sondelani kuThixo, yaye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ukanti umdumisi uDavide wavuma ingoma esithi: “Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo.” (INdumiso 25:14) Kucacile ukuba uYehova uThixo ufuna sibe nobuhlobo obusondeleyo naye. Ukanti asinguye wonk’ ubani onqula uThixo nothobela imithetho yakhe oziva esondele kuye.
Kuthekani ngawe? Ngaba unolwalamano lobuqu olusondeleyo noThixo? Alithandabuzeki elokuba ufuna ukusondela kuye. Sinokubuhlakulela njani ubuhlobo obusondeleyo noThixo? Kuya kuthetha ntoni oko kuthi? Isahluko sesithathu sencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso siyaphendula.
Yiba Nobubele Obunothando Nenyaniso
UKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo uqalisa isahluko sesithathu seMizekeliso ngala mazwi: “Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam; kuba iya kukongeza imihla emide, neminyaka yobomi, noxolo.” (IMizekeliso 3:1, 2) Ekubeni uSolomon wayephefumlelwe nguThixo ekubhaleni kwakhe loo mazwi, eli cebiso lifana nelikabawo eneneni lisuka kuYehova uThixo kwaye liza kuthi. Siyalulekwa apha ukuba siphile ngezikhumbuzo zikaThixo—umthetho wakhe, okanye imfundiso, kunye nemiyalelo yakhe—ebhalwe eBhayibhileni. Ukuba senjenjalo, ‘siya kongezwa imihla emide neminyaka yobomi.’ Ewe, kwanangoku sinako ukuphila ubomi obunoxolo kwaye sinako ukuphepha ukusukela izinto ezisichanaba kwingozi yokufa ngaphambi kwexesha okudla ngokwenzeka kubenzi bobubi. Ngaphezu koko, sinokuba nethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elinoxolo.—IMizekeliso 1:24-31; 2:21, 22.
Ehlabela mgama, uSolomon uthi: “[Ububele obunothando, “NW”] nenyaniso mayingakushiyi; zinxibe kuwe emqaleni; zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho, ubabalwe ube nengqiqo entle emehlweni kaThixo nawabantu.”—IMizekeliso 3:3, 4.
Igama lolwimi lwantlandlolo eliguqulelwe ngokuthi “ububele obunothando” liye liguqulelwe nangokuthi “uthando olunyanisekileyo” kwaye lithetha ukuthembeka, ukumanyana nokunyaniseka. Ngaba sizimisele ukuhlala sinamathele kuYehova nokuba sekumnyam’ entla? Ngaba sibonakalisa ububele obunothando kulwalamano lwethu namanye amakholwa? Ngaba siyazibhokoxa ukuze sihlale sisondele kuwo? Kwindlela esiqhubana ngayo nawo imihla ngemihla, ngaba sigcina ‘umyalelo wobubele obunothando uselulwimini lwethu’ kwanaxa siphantsi kweemeko ezivavanyayo.—IMizekeliso 31:26, thelekisa iNW.
Ekubeni emninzi ngobubele obunothando, uYehova ‘uyaxolela.’ (INdumiso 86:5) Ukuba siye saguquka kwizono ebesizenza ngaphambili yaye ngoku silungisa iindlela zethu, siyaqinisekiswa ukuba “amaxesha okuhlaziya” aya kuza evela kuYehova. (IZenzo 3:19) Ngaba asifanele sixelise uThixo wethu ngokuxolela abanye kwiziphoso zabo?—Mateyu 6:14, 15.
UYehova ‘unguThixo wenyaniso,’ yaye ufuna ‘inyaniso’ kwabo bafuna ukuba ngabahlobo abasondeleyo kuye. (INdumiso 31:5) Ngaba ngokwenene sinokulindela ukuba uYehova abe nguMhlobo wethu xa siphila ubomi obumbaxa—senze izinto ngolunye uhlobo xa siphambi kwezinxulumani ezingamaKristu size sizenze ngolunye xa singekho phambi kwazo—‘njengabanyhwalazi’ abazifihlayo ukuba bangabantu abanjani na? (INdumiso 26:4) Hayi indlela ekububudenge ngayo ukwenza oko, kuba kaloku “zonke izinto zize yaye zibhenceke ekuhleni emehlweni” kaYehova!—Hebhere 4:13.
Ububele obunothando nenyaniso zimele zigqalwe njengesacholo esixabisekileyo esimele ‘sinxitywe emqaleni,’ kuba ziyasinceda ‘sibabalwe emehlweni kaThixo nawabantu.’ Akufuneki sanele kukuzibonakalisa ngaphandle nje ezi mpawu kodwa kufuneka sizimilisele ‘emacwecweni eentliziyo zethu,’ sizenze zibe yinxalenye ebalulekileyo yobuntu bethu.
Hlakulela Intembelo Epheleleyo KuYehova
Lo kumkani osisilumko uhlabela mgama: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.
Ngokuqinisekileyo sifanele simthembe ngokupheleleyo uYehova. NjengoMdali, ‘ukhaliphile ngamandla’ kwaye unguMthombo ‘wamandla amakhulu.’ (Isaya 40:26, 29, thelekisa iNW.) Uyakwazi ukukwenza konke anenjongo yokukwenza. Ewe, kwaigama eli lakhe ngokoqobo lithetha “Obangela Kubekho,” kwaye lisenza sibe nentembelo yokuba uyakwazi ukukufeza oko akuthembisileyo! Isibakala sokuba ‘kungenakwenzeka ukuba uThixo axoke’ simenza abe yinyaniso imntwisiwe. (Hebhere 6:18) Olona phawu lwakhe lubalaseleyo luthando. (1 Yohane 4:8) ‘Ulilungisa ngeendlela zakhe zonke, unenceba ngezenzo zakhe zonke.’ (INdumiso 145:17) Ukuba asinakuthemba uThixo, ngubani ke esinokumthemba? Kakade ke, ukuze simthembe, kufuneka ‘sive, sibone ukuba ulungile uYehova’ ngokusebenzisa oko sikufunda eBhayibhileni kubomi bethu kwaye sicinge ngezinto ezintle eziveliswa koku.—INdumiso 34:8.
‘Sinokumazi njani uYehova ezindleleni zethu zonke?’ Umdumisi ophefumlelweyo uthi: “Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.” (INdumiso 77:12) Ekubeni uThixo engabonakali, ukucamngca ngezenzo zakhe ezibalaseleyo nangendlela aqhubana ngayo nabantu bakhe kubalulekile ukuze sihlakulele ubuhlobo obusondeleyo naye.
Umthandazo uyenye indlela ebalulekileyo esinokumazi ngayo uYehova. UKumkani uDavide waqhubeka ebiza kuYehova “yonke imini.” (INdumiso 86:3) UDavide wayedla ngokuthandaza ubusuku bonke, njengaxa wayebhacele entlango. (INdumiso 63:6, 7) Umpostile uPawulos wabongoza: ‘Ngaso sonke isihlandlo qhubekani nithandaza nikuwo umoya.’ (Efese 6:18) Sithandaza ngokufuthi kangakanani? Ngaba siyakunandipha ukuphalaza imbilini yethu kuThixo? Xa sijamelene neemeko ezivavanyayo, ngaba siye sicele uncedo kuye? Ngaba siye sithandaze kuye sicela ulwalathiso ngaphambi kokuba senze izigqibo ezibalulekileyo? Imithandazo yethu enyanisekileyo esiyibhekisa kuYehova isenza sithandeke kuye. Kwaye siyaqinisekiswa ukuba uya kuwuphulaphula umthandazo wethu aze ‘awulungelelanise umendo wethu.’
Hayi indlela ekububudenge ngayo ‘ukwayama kokwakho ukuqonda’ okanye kokwabantu abaphambili kweli hlabathi ngoxa sinokuthembela ngokupheleleyo kuYehova! “Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo,” utsho uSolomon. Kunoko, uyabongoza: “Yoyika uYehova usuke entweni embi. Ukuphila kobakho enkabeni yakho.” (IMizekeliso 3:7, 8) Uloyiko olufanelekileyo lokungamkholisi uThixo lufanele lulawule izenzo, iingcamango kunye neemvakalelo zethu. Loo ntlonelo iyasikhusela ukuba singenzi okubi yaye iyaphilisa ize ihlaziye ngokomoya.
Nika UYehova Okona Kulungileyo
Yiyiphi enye indlela esinokusondela ngayo kuThixo? Lo kumkani uyayalela: “Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke.” (IMizekeliso 3:9) Ukuzukisa uYehova kuthetha ukumgqala njengophakamileyo nokumphakamisa ekuhleni ngokuba nesabelo nangokuxhasa ukuvakaliswa kwegama lakhe esidlangalaleni. Ubuncwane esimzukisa ngabo uYehova lixesha lethu, iziphiwo esinazo, amandla ethu, kunye nezinto zethu eziphathekayo. Ezi zinto zimele zibe yintlahlela—okona kulungileyo. Ngaba indlela esizisebenzisa ngayo izinto zethu ayifanelanga ibonakalise uzimiselo lwethu ‘lokuqhubeka sifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo’?—Mateyu 6:33.
Siza kuwufumana umvuzo xa sizukisa uYehova ngobuncwane bethu. USolomon uyaqinisekisa: “Ozala amaqonga akho bubuninzi, nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.” (IMizekeliso 3:10) Ngoxa ukwenza inkqubela ngokomoya kungakhokeleli kwinkqubela yezinto eziphathekayo, ukuzisebenzisa ngesisa izinto esinazo ekuzukiseni uYehova kuza neentsikelelo ezityebileyo. Ukwenza ukuthanda kukaThixo ‘kukutya’ okwamlondolozayo uYesu. (Yohane 4:34) Ngokufanayo, ukuba nesabelo kumsebenzi ozukisa uYehova wokushumayela nowokwenza abafundi kuyasondla. Ukuba siyaqhubeka naloo msebenzi, amaqonga ethu okomoya aya kuzala. Uvuyo lwethu—olufuziselwa yiwayini entsha—luya kuphuphuma.
Ngaba asiye sikhangele kuYehova size sithandaze kuye ukuze sifumane ukutya okwaneleyo usuku ngalunye? (Mateyu 6:11) Enyanisweni, yonke into esinayo ivela kuBawo wethu wasezulwini onothando. UYehova uya kuthulula iintsikelelo ezingakumbi ngokomlinganiselo wobuncwane bethu esibusebenzisela ukudumisa yena.—1 Korinte 4:7.
Lwamkele Uqeqesho LukaYehova
Ephawula ukubaluleka koqeqesho ukuze ubani abe ngumhlobo osondeleyo kaYehova, ukumkani wakwaSirayeli usicebisa esithi: “Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, ungakruquki sisohlwayo sakhe; kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.”—IMizekeliso 3:11, 12.
Noko ke, kusenokungabi lula kuthi ukulwamkela uqeqesho. Umpostile uPawulos wabhala: “Akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; kodwa kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa.” (Hebhere 12:11) Ukukhalinyelwa nokuqeqeshwa kuyinto efunekayo kuthi ukuze sisondele ngakumbi kuThixo. Ukulungiswa nguYehova—enoba kuza ngabazali, ibandla lamaKristu okanye ngokucamngca ngeZibhalo xa sisenza ufundisiso lobuqu—kuyimbonakaliso yothando lwakhe ngathi. Siya kuba silumkile xa sikwamkela.
Bubambe Ungabuyeki Ubulumko Nokuqonda
Ngokulandelayo uSolomon ugxininisa ukubaluleka kobulumko nokuqonda ekuhlakuleleni ulwalamano olusondeleyo noThixo. Uthi: “Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, lomntu ozuze ingqondo! Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. . . . Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, unoyolo obubambayo.”—IMizekeliso 3:13-18.
Esikhumbuza ngembonakaliso yobulumko nokuqonda kukaYehova kwimisebenzi yakhe emihle yendalo, lo kumkani uthi: “UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, walizinzisa izulu ngengqondo. Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho: londoloza uzimaso nomnkqangiyelo. Zoba bubomi emphefumlweni, nento entle emqaleni wakho.”—IMizekeliso 3:19-22.
Ubulumko nokuqonda ziimpawu zobuthixo. Asimele sanele ukuzihlakulela nje kuphela kodwa sikwamele sizibambe nkqi ngokuthi singaze siyekelele ekuzifundisiseni ngenkuthalo iZibhalo nasekusebenziseni oko sikufundayo. USolomon uyaqhubeka: “Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile. Lungabetheki unyawo lwakho.” Walek’ umsundulo esithi: “Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.”—IMizekeliso 3:23, 24.
Ewe, sinokuhamba sinqabisekile size silale sinoxolo lwengqondo njengoko silinde ukusondela kwaloo mini injengesela eza ‘nentshabalalo yequbuliso’ kwihlabathi likaSathana elingendawo. (1 Tesalonika 5:2, 3; 1 Yohane 5:19) Kwanasebudeni bembandezelo enkulu ekusele kumbovu ukuba igaleleke, sinesi siqinisekiso: “Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, nasithonga sabangendawo, sakufika. Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.”—IMizekeliso 3:25, 26; Mateyu 24:21.
Yenza Okulungileyo
USolomon ubongoza esithi: “Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.” (IMizekeliso 3:27) Ukwenzela abanye okulungileyo kubandakanya ukusebenzisa izinto zethu ngesisa ukuze kungenelwe bona, kwaye kuneenkalo ezininzi. Kodwa ngaba ukunceda abanye ukuba babe nolwalamano olusondeleyo noThixo oyinyaniso akuyiyo eyona nto ilungileyo esinokubenzela yona kweli “xesha lokuphela”? (Daniyeli 12:4) Ngoko ke, le yimihla yokuba nenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.—Mateyu 28:19, 20.
Lo kumkani osisilumko ubala nemikhwa esifanele siyiphephe, esithi: “Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wobuya uze, ndokunika ngomso; kanti unayo. Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho, ehleli nawe yena ekholosile. Musa ukubambana nomntu kungekho nto, engakuphathanga kakubi nje. Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, unganyuli nanye kwiindlela zayo.”—IMizekeliso 3:28-31.
Xa eshwankathela isizathu sokuba anikele eso siluleko, uSolomon uthi: “Kuba othi gu bucala ulisikizi kuYehova; ke lunabathe tye ucweyo lwakhe. Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; ke isithili samalungisa uyasisikelela. Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; ke abalulamileyo uyabababala. Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.”—IMizekeliso 3:32-35.
Ukuba sifuna ukuba nobuhlobo obusondeleyo noYehova, asimele senze amayelenqe angamaqhinga navisa ubuhlungu. (IMizekeliso 6:16-19) Kuphela kuxa sisenza okulungileyo emehlweni kaThixo apho siya kuthi sifumane inkoliseko kunye nentsikelelo yakhe. Kwakhona sinokuzibona sele siphathwa ngembeko ngabanye xa befumanisa ukuba senza izinto ngokuvisisana nobulumko bobuthixo. Ngoko masizikhabe ngaw’ omane iindlela zobuqhinga zeli hlabathi lingendawo nelinogonyamelo. Okunene, masilandele ikhondo elithe tye size sihlakulele ubuhlobo obusondeleyo noYehova!
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
“Mzukise uYehova ngobuncwane bakho”