Ukuze Ufumane Umvuzo, Qhelisela Ukuzeyisa!
“Wonke umntu oba nenxaxheba kukhuphiswano uqhelisela ukuzeyisa kuzo zonke izinto.”—1 KORINTE 9:25.
1. Ngokuvisisana neyabase-Efese 4:22-24, izigidi zabantu ziye zabonisa njani ukuba ziyavuma ukwenza ukuthanda kukaYehova?
UKUBA ubhaptiziwe njengomnye wamaNgqina kaYehova, ubonakalise ekuhleni ukuba ukulungele ukungenela ukhuphiswano olunomvuzo wobomi obungunaphakade. Uye wavuma ukwenza ukuthanda kukaYehova. Ngaphambi kokuzahlulela kuYehova, abaninzi bethu kuye kwafuneka benze utshintsho olukhulu ukuze uzahlulelo lwethu lube lolokwenene yaye lwamkeleke kuThixo. Siye sasamkela isiluleko sompostile uPawulos kumaKristu, esithi: “[Lahlani] ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili nobonakaliswe yiminqweno yabo ekhohlisayo . . . Nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.” (Efese 4:22-24) Ngamany’ amazwi, ngaphambi kokuba sizahlulele kuThixo, simele siyigatye indlela engamkelekanga esasikade siphila ngayo ngaphambili.
2, 3. Eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-12 ibonisa njani ukuba kukho utshintsho oluntlu-mbini esimele silwenze ukuze sikholise uThixo?
2 Iinkalo ezithile zobuntu obudala abamele bazigatye abo bafuna ukuba ngamaNgqina kaYehova zigwetywa ngokungqalileyo liLizwi likaThixo. UPawulos wakhankanya ezinye zazo kwileta yakhe eyayisiya kwabaseKorinte, esithi: “Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda, namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” Wandula ke wabonisa ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala abutshintsha ubuntu bawo, esithi: “Kanti abanye kuni babenjalo kanye.” Phawula ukuba uthi ayenjalo ngaphambili, kodwa aye atshintsha.—1 Korinte 6:9-11.
3 UPawulos wabonisa ukuba kwakusenokufuneka enze utshintsho olungakumbi, xa wathi: “Zonke izinto zisemthethweni kum; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo.” (1 Korinte 6:12) Ngenxa yoko, abaninzi namhlanje abanqwenela ukuba ngamaNgqina kaYehova bayayibona imfuneko yokugatya kwanezinto ezisemthethweni, kodwa ezingeyongenelo okanye ezingabalulekanga kangako. Ezi zinto zisenokubachithela ixesha elininzi yaye zisenokuphazamisana nosukelo lwabo lwezinto ezibaluleke ngakumbi.
4. Yintoni amaKristu azahluleleyo avumelana ngayo noPawulos?
4 Sizahlulela kuThixo ngokuzithandela, kungekhona ngokukrikriza, ngokungathi uncama yonk’ into xa uzahlulela. AmaKristu azahluleleyo ayavumelana noPawulos, owathetha la mazwi emva kokuba ngumlandeli kaKristu: “Ngenxa [kaYesu] ndiye ndalahlekelwa zizinto zonke yaye ndizigqala njengenkunkuma eninzi, ukuze ndimzuze uKristu.” (Filipi 3:8) UPawulos wazigatya ngovuyo izinto ezingabalulekanga kangako ukuze aqhubeke ekholisa uThixo.
5. Luluphi ugqatso awaluphumelelayo uPawulos, yaye singenza njani ngokufanayo nathi?
5 UPawulos waqhelisela ukuzeyisa kugqatso lwakhe lokomoya yaye ekugqibeleni wakwazi ukuthi: “Ndiwulwile umlo omhle, ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni, ukholo ndilugcinile. Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kuthi iNkosi, umgwebi olilungisa, indinike sona njengomvuzo ngaloo mini, kanti ingendim kuphela, kodwa kwanabo bonke abo bakuthandayo ukubonakaliswa kwayo.” (2 Timoti 4:7, 8) Ngaba nathi siya kukwazi ukuthetha loo mazwi ngenye imini? Siya kukwazi ukuba ngokholo siqhelisela ukuzeyisa kugqatso lwethu lobuKristu, singayekeleli de silugqibe.
Ukuze Senze Okulungileyo Kufuneka Sizeyise
6. Kuyintoni ukuzeyisa, yaye ziziphi iinkalo ezimbini esimele sikuqhelisele kuzo?
6 Igama lesiHebhere nelesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuzeyisa” eBhayibhileni, ngokoqobo lithetha ukuba umntu unamandla okuzilawula. Lidla ngokudlulisela ingcamango yokuzinqanda ukuze ungenzi ububi. Kodwa kucacile ukuba kukwafuneka umlinganiselo othile wokuzeyisa ukuze sikwazi ukwenza okulungileyo. Ngokwemvelo abantu abangafezekanga batyekele ekwenzeni izinto eziphosakeleyo, ngoko lilonke sinomlo oziindidi ezimbini. (INtshumayeli 7:29; 8:11) Ngoxa sikuphepha ukwenza okubi, simele sizabalazele ukwenza okulungileyo. Enyanisweni, ukulawula imizimba yethu ukuze yenze okulungileyo kuyenye yezona ndlela ziphumelelayo zokuphepha ukwenza okubi.
7. (a) Yintoni esifanele siyithandazele, njengoko wenzayo uDavide? (b) Yintoni esimele sicamngce ngayo eya kusinceda siqhelisele ukuzeyisa ngakumbi?
7 Ngokucacileyo, kubalulekile ukuba siqhelisele ukuzeyisa ukuze siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuThixo. Sifanele sithandaze njengoDavide owathi: “Dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo, Thixo, uze ufake ngaphakathi kum umoya omtsha, oqinileyo.” (INdumiso 51:10) Sinokucamngca ngeengenelo zokuphepha izinto ezikhuthaza ukuziphatha okubi okanye ezonakalisa impilo yethu. Cinga ngomonakalo onokubangelwa kukungaziphephi izinto ezinjalo: iingxaki ezinkulu zempilo, ukonakala kolwalamano, kwanokufa ngaphambi kwexesha. Kwakhona, cinga ngeengenelo ezininzi zokuphila ngokuvisisana nemigaqo kaYehova. Noko ke, asimele silibale ukuba intliziyo yethu iyakhohlisa. (Yeremiya 17:9) Simele sizimisele ngamandla ukuxhathisa imizamo yayo yokusenza sikuthabathe lula ukubaluleka kokunamathela kwimilinganiselo kaYehova.
8. Sifunda ntoni kumava? Zekelisa.
8 Inkoliso yethu yazi ngokusuka kumava ukuba inyama ebuthathaka idla ngokuzama ukudodobalisa iminqweno yethu emihle. Ngokomzekelo, cinga nje ngokushumayela ngoBukumkani. UYehova uyavuya xa esibona siwenza ngokuzithandela lo msebenzi usindisa ubomi babantu. (INdumiso 110:3; Mateyu 24:14) Kwabaninzi bethu, ukufunda ukushumayela esidlangalaleni kwakungeyonto ilula. Kwafuneka—yaye mhlawumbi nangoku kusafuneka—ukuba silwele ukulawula imizimba yethu, ‘siyiqobe’ yaye ‘siyiphathe njengamakhoboka,’ kunokuyivumela ukuba isenze siyekelel’ umxakatho.—1 Korinte 9:16, 27; 1 Tesalonika 2:2.
“Kuzo Zonke Izinto”?
9, 10. Yintoni ebandakanyekileyo ekuqheliseleni “ukuzeyisa kuzo zonke izinto”?
9 Isiluleko seBhayibhile sokuba siqhelisele “ukuzeyisa kuzo zonke izinto” sibonisa ukuba kubandakanyeke okungakumbi kunokulawula nje umsindo wethu nokuphepha ukuziphatha okubi. Sisenokuvakalelwa kukuba siyakwazi ukuzeyisa kwezi nkalo, yaye ukuba kunjalo, kumele kusivuyise oko. Kodwa, kuthekani ngezinye iinkalo zobomi, esenokungacaci kuzo imfuneko yokuzeyisa? Masithi ngokomzekelo uhlala kwilizwe elifumileyo nelinomgangatho ophakamileyo wokuphila. Ngaba bekungayi kuba bubulumko ukufunda ukungenzi inkcitho engeyomfuneko? Kuhle ukuba abazali bafundise abantwana babo ukuba bangathengi nantoni na abayibonayo kuba nje beyithanda okanye benemali. Noko ke, ukuze loo mfundiso isebenze, abazali bamele bamisele umzekelo omhle.—Luka 10:38-42.
10 Ukufunda ukuphila ngaphandle kwezinto ezithile kunokuwaqinisa amandla ethu okuzeyisa. Kwakhona kunokusenza sizixabise ngakumbi izinto eziphathekayo esinazo yaye kunokusenza sibe novelwano ngakumbi ngabo bangenazo izinto ezithile, kungengakuthanda, kodwa ngenxa yokuba beziswele. Enyanisweni, ukuthozama okunjalo kunxamnye nengcamango eqhelekileyo ethi “sukuzibandeza” okanye ethi “ufanelwe yimpahla yodidi.” Ezentengiso zikhuthaza ukuba siwole yonk’ into le, ngenjongo yokuba kungenelwe zona. Le mpembelelo isenokuphazamisana nemizamo yethu yokubonakalisa ukuzeyisa. Kutshanje elinye iphephancwadi elipapashwa kwilizwe elifumileyo laseYurophu likhe lathi: “Ukuba abantu abahlwempuzekileyo bakufumanisa kungumgudu ukulawula iminqweno yabo yezinto eziphathekayo, kubeka phi ke kwabo bahlala kwilizwe elifumileyo eliqukuqela ubisi nobusi!”
11. Kutheni kuyingenelo nje ukufunda ukuphila ngaphandle kwezinto ezithile, kodwa yintoni eyenza kube nzima oku?
11 Ukuba sinobunzima bokwahlukanisa phakathi koko sikufunayo noko sikusweleyo, kusenokuba luncedo ukuthabatha amanyathelo okuqinisekisa ukuba asenzi izinto ngokutyhuthuzela. Ngokomzekelo, ukuba sifuna ukoyisa utyekelo lokuwola nje yonk’ into, sisenokwenza isigqibo sokungathengi ngetyala, okanye sisenokuphatha kuphela isixa esilinganiselweyo semali xa sisiya kuthenga. Khumbula ukuba uPawulos wathi “uzinikelo lobuthixo kunye nokwanela, kuyinzuzo enkulu.” Waqiqa ngelithi: “Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto. Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” (1 Timoti 6:6-8) Ngaba nathi sinjalo? Ukufunda ukuphila ubomi obulula, obungazaliswanga zizinto zobunewunewu nezingeyomfuneko—kufuna ukuzimisela nokuzeyisa. Yaye kubaluleke kakhulu oko.
12, 13. (a) Ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kufuna ukuzeyisa ngayiphi indlela? (b) Ziziphi ezinye iinkalo esifanele sihlakulele ukuzeyisa kuzo?
12 Ukuya kwiintlanganiso neendibano zamaKristu nako kufuna uhlobo oluthile lokuzeyisa. Ngokomzekelo, kufuna ukuzeyisa ukugcina iingqondo zethu zingabhaduli ebudeni bocwangciso. (IMizekeliso 1:5) Kusenokufuna ukuzeyisa ukuphepha ukuphazamisa abanye ngokusebezela abo bahleli ecaleni kwethu kunokuba sinikele ingqalelo epheleleyo kwisithethi. Ukuhlengahlengisa ucwangciso lwethu ukuze sifike ngethuba nako kufuna ukuzeyisa. Kwakhona, kusenokufuna ukuzeyisa ukubekela bucala ixesha lokulungiselela iintlanganiso size sibe nenxaxheba kuzo.
13 Ukuqhelisela ukuzeyisa kwizinto ezincinane kuqinisa uzimiselo lwethu lokwenjenjalo nakwizinto ezinkulu. (Luka 16:10) Ngoko, hayi indlela ekububulumko ngayo ukuziqeqesha ukuze sifunde rhoqo iLizwi likaThixo neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni, sicamngce ngoko sikufundayo kuzo! Hayi indlela ekububulumko ngayo ukuziqeqesha ukuze siphephe imisebenzi yengqesho ethandabuzekayo, abahlobo, isimo sengqondo, nemikhwa engafanelekanga, okanye siqhelisele ukulandula izinto ezinokuthabatha ixesha elixabisekileyo lokukhonza uThixo! Ngokuqinisekileyo ukuhlala sixakekile enkonzweni kaYehova kuyindlela entle yokusikhusela kwizinto ezinokusiphulukanisa neparadesi yokomoya enanditshwa ngamabandla kaYehova asehlabathini lonke.
Yibani Ngabakhule Ngokupheleleyo Ngokuqhelisela Ukuzeyisa
14. (a) Abantwana bafanele bakufunde njani ukuzeyisa? (b) Ziziphi iingenelo ezinokubakho xa abantwana bekufunda besebancinane ukuzeyisa?
14 Usana olusandul’ ukuzalwa alunalo uphawu lokuzeyisa. Elinye iphecana elabhalwa ziingcali ngokuphathelele ukukhula kwabantwana lathi: “Ukuzeyisa akuyonto izizelayo, ingeyiyo nento eyenzeka ngamabona-ndenzile. Iintsana zifuna ulwalathiso nokukhuthazwa ngabazali ukuze zifunde ukuzeyisa. . . . Ngokwalathiswa ngabazali, abantwana baqhubeka bebonakalisa ukuzeyisa ngakumbi nangakumbi ebudeni beminyaka yokuhamba kwabo isikolo.” Uhlolisiso oluye lwenziwa kubantwana abaneminyaka emine ubudala ludiza ukuba abo bafunde ukuzeyisa “badla ngokulungelelana, badume, babe ngamadela-ngozi, bazithembe yaye bathembeke ngakumbi xa befikelela kwishumi elivisayo.” Abo bangakhange bazikhathaze ngokufunda ukuzeyisa “baba ngamalolo, bacaphuke msinya baze babe neenkani. Abakwazi ukujamelana noxinezeleko kwanocelomngeni.” Ngoko licacile elokuba, ukuze umntwana akwazi ukulungelelana xa ekhulile, umele afunde ukuzeyisa.
15. Kubonisa ntoni ukungakwazi ukuzeyisa, kanti luluphi usukelo iBhayibhile esikhuthaza ukuba sibe nalo?
15 Ngokufanayo, ukuze nathi sibe ngamaKristu akhule ngokupheleleyo, simele sifunde ukuzeyisa. Ukungakwazi ukuzeyisa kubonisa ukuba siseziintsana ngokomoya. IBhayibhile isibongoza ukuba sibe “ngabakhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda.” (1 Korinte 14:20) Usukelo lwethu kukuba “sifikelele kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo, ekukhuleleni ebudodeni obupheleleyo, kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.” Ngoba? “Ukuze singabi saba ziintsana, sikhukuliswa ngamaza yaye siphetshethwa yiyo yonke imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhokolo.” (Efese 4:13, 14) Ngokucacileyo, ukufunda ukuzeyisa kubalulekile ukuze sikhule ngokomoya.
Ukuhlakulela Ukuzeyisa
16. UYehova usinceda njani?
16 Ukuze sihlakulele ukuzeyisa, kufuneka sivumele uThixo asincede. ILizwi likaThixo, elifana nesipili esigqibeleleyo, lisibonisa apho simele senze khona utshintsho, lize lichaze nendlela esinokulwenza ngayo. (Yakobi 1:22-25) Nabazalwana bethu abanothando basoloko bekulungele ukusinceda. Abadala abangamaKristu babonisa ulwazelelelo xa benikela uncedo lobuqu. NoYehova usinika ngesisa umoya wakhe oyingcwele xa siwucela ngomthandazo. (Luka 11:13; Roma 8:26) Ngoko, masiwasebenzise ngovuyo la malungiselelo. Amacebiso akwiphepha 21 anokusinceda.
17. Luluphi ukhuthazo esilufumana kwiMizekeliso 24:16?
17 Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba uYehova uyayixabisa imigudu yethu yokuzama ukumkholisa! Oku kufanele kusishukumisele ekubeni sikuqhelisele ngokuqhubekayo ukuzeyisa. Kungakhathaliseki ukuba sisilela kangakanani na, asimele siyeke ukwenza umzamo. “Ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka.” (IMizekeliso 24:16) Sihlandlo ngasinye siphumelela ekuboniseni ukuzeyisa, sinesizathu sokuvuya. Sinokuqiniseka ukuba noYehova uba neqhayiya ngathi. Elinye iNgqina lithi ngaphambi kokwahlulela ubomi balo kuYehova, sihlandlo ngasinye elaliphumelela ngaso ekuhlaleni iveki yonke lingakhange litshaye, lalizivuza ngokuthenga into ethile ebalulekileyo ngemali eliye lakwazi ukuyigcina ngenxa yokuzeyisa kwalo.
18. (a) Yintoni ebandakanyekileyo ekulweleni kwethu ukuzeyisa? (b) Yintoni asiqinisekisa ngayo uYehova?
18 Ngapha koko, sifanele sikhumbule ukuba ukuzeyisa kubandakanya ingqondo neemvakalelo. Sinokukubona oku kumazwi kaYesu athi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28; Yakobi 1:14, 15) Ubani oye wafunda ukulawula ingqondo neemvakalelo zakhe uya kukufumanisa kulula ngakumbi ukulawula umzimba wakhe uphela. Ngoko masizimisele ngakumbi ukuphepha kungekuphela nje ukwenza okubi kodwa kwanokucinga ngako. Ukuba ufikelwa ziingcinga eziphosakeleyo, zigatye ngoko nangoko. Sinokuziphepha izilingo ngokuthi sinikel’ ingqalelo ngomthandazo kumzekelo kaYesu. (1 Timoti 6:11; 2 Timoti 2:22; Hebhere 4:15, 16) Ukuba sizama ngamandla ukwenza oku, siya kuba silandela isiluleko esikwiNdumiso 55:22, esithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”
Ngaba Usakhumbula?
• Ziziphi iindlela ezimbini esimele siqhelisele ngazo ukuzeyisa?
• Kuthetha ukuthini ukuqhelisela “ukuzeyisa kuzo zonke izinto”?
• Ngawaphi amacebiso aluncedo okuhlakulela ukuzeyisa oye wawaphawula ngokukhethekileyo ebudeni besifundo sethu?
• Kuqala phi ukuzeyisa?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]
Indlela Esinokukuqinisa Ngayo Ukuzeyisa Kwethu
• Kuhlakulele nakwizinto ezincinane
• Camngca ngeengenelo zako zangoku nezexesha elizayo
• Yenza oko kufunwa nguThixo kunoko angakuthandiyo
• Zigatye ngoko nangoko iingcamango ezingafanelekanga
• Zalisa ingqondo yakho ngeengcamango zokomoya ezakhayo
• Lwamkele uncedo olunikelwa ngamaKristu aqolileyo
• Ziphephe iimeko ezinokukufaka esilingweni
• Thandazela uncedo lukaThixo xa kuvela isilingo
[Imifanekiso ekwiphepha 18, 19]
Ukuzeyisa kusishukumisela ukuba senze okulungileyo