Indalo Ityhila Ubulumko BukaYehova
“Iimpawu zakhe ezingabonakaliyo . . . ziqondeka ngezinto ezenziweyo.”—ROMA 1:20.
1. Ubulumko behlabathi buye banaliphi igalelo kubantu abaninzi namhlanje?
IGAMA elithi “ubulumko” sele lisetyenziswa nje nanjani na. Abanye bathi umntu ulumkile kuba nje esazi izinto ezininzi. Noko ke, abantu ekuthiwa zizifundiswa ehlabathini namhlanje abanalo ulwalathiso olunokuthenjwa kwiingxaki zobomi. Ngokwahlukileyo, abo bazivumela ukuba baphenjelelwe ngabantu abanjalo baphela sele ‘bekhukuliswa ngamaza yaye bephetshethwa yiyo yonke imimoya yeemfundiso.’—Efe. 4:14.
2, 3. (a) Kutheni uYehova ‘esisilumko yedwa’? (b) Ubulumko bukaThixo bahluke njani kobo behlabathi?
2 Imeko yahluke kwaphela kwabo bafumana ubulumko bokwenyaniso obuvela kuYehova uThixo! IBhayibhile ithi uYehova ‘usisilumko yedwa.’ (Roma 16:27) Uyazi yonke indalo, kuquka indlela eyenziwe ngayo nembali ephathelele yona. Imithetho yendalo—abathembele kuyo abantu xa bephanda—yenziwe nguYehova xa iyonke. Ngenxa yoko, akachukunyiswa zizinto ezenziwe ngabantu, engamangaliswa naziintanda-bulumko zabantu ezibizwa ngokuba ziingcamango ezikumgangatho ophezulu. “Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo.”—1 Kor. 3:19.
3 IBhayibhile ithi uYehova “unika ubulumko” kubakhonzi bakhe. (IMize. 2:6) Ngokungafaniyo neentanda-bulumko zabantu, ubulumko bukaThixo bubonakala ngokucacileyo. Busengqiqweni yaye busekelwe kulwazi oluchanileyo nokuqonda. (Funda uYakobi 3:17.) Umpostile uPawulos wachukunyiswa bubulumko bukaYehova. Wabhala wathi: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe!” (Roma 11:33) Ngenxa yokuba uYehova elumke ngendlela engenakufikelelwa mntu, siqinisekile ukuba imithetho yakhe inokusinika olona khokelo lukumgangatho ophezulu ebomini. Ngapha koko, uYehova uyazi ngaphezu kwakhe nabani na eyona nto siyifunayo ukuze sonwabe.—IMize. 3:5, 6.
UYesu—‘Umsebénzi Onobuchule’
4. Yiyiphi enye indlela esinokububona ngayo ubulumko bukaYehova?
4 Ubulumko bukaYehova, kwakunye nezinye iimpawu zakhe ezingenakulinganiswa nanto, zibonwa kwizinto azenzileyo. (Funda eyabaseRoma 1:20.) Izinto ezinkulu nezincinane ezenziwe nguYehova, zibonisa iinkalo ezithile zobuntu bakhe. Enoba sijonga phi na—emazulwini phezulu okanye emhlabeni esihamba kuwo—sibona intabalala yobungqina bokuba kukho uMdali olumke yedwa nonothando. Ininzi into esinokuyifunda ngaye ngokujonga izinto azidalileyo.—INdu. 19:1; Isa. 40:26.
5, 6. (a) Ngaphandle kukaYehova, ngubani omnye owadalayo? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa, yaye ngoba?
5 Wayengeyedwa uYehova xa ‘wayedala amazulu nomhlaba.’ (Gen. 1:1) IBhayibhile ithi kude kudala ngaphambi kokuba enze indalo ebonakalayo, wadala umntu womoya awathi ngaye wenza “zonke ezinye izinto.” Eso sidalwa somoya yayinguNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo—“izibulo kwindalo yonke”—oweza kuphila emhlabeni njengomntu owayebizwa ngokuba nguYesu. (Kol. 1:15-17) Kanye njengoYehova, uYesu unobulumko. Eneneni, kwiMizekeliso isahluko 8 uchazwa njengobulumko bumntwisiwe. Kanti kweso sahluko seBhayibhile uYesu ubizwa ‘njengomsebénzi kaThixo onobuchule.’—IMize. 8:12, 22-31.
6 Ngenxa yoko, indalo ebonakalayo ityhila ubulumko bukaYehova noboMsebénzi wakhe Onobuchule, uYesu. Isifundisa izinto ezixabisekileyo. Makhe sihlolisise izinto ezine ezidaliweyo ezichazwe ‘njengezilumke ngethuku lemvelo’ kwiMizekeliso 30:24-28.a
Sifunda Ukukhuthala
7, 8. Ziziphi iinkalo ezikuchukumisayo wena ngembovane?
7 Xa sihlolisisa indlela ezenziwe ngayo nemisebenzi eziyenzayo, kwanezinto ezibizwa ngokuba “zizezona zincinane emhlabeni” zinokusifundisa. Ngokomzekelo, cinga nje ngobulumko bethuku lemvelo lembovane.—Funda IMizekeliso 30:24, 25.
8 Abanye abaphengululi bathi inani leembovane liliphindaphinda kangangezihlandlo ezingama-200 000 inani labantu, zonke zisebenza nzima ngaphezulu nangaphantsi komhlaba. Iimbovane zisebenza njengamaqela, yaye kumaqela amaninzi kubakho iindidi ezintathu: ookumkanikazi, iinkunzi nabasebenzi. Qela ngalinye liba negalelo ngendlela yalo ekunyamekeleni ezinye iimbovane ezikuloo ndawo. Imbovane yoMzantsi Merika etya amagqabi inobuchule obunjengobomsebénzi wesitiya. Esi sinambuzane sincinane sifaka isichumiso, silime size sithene izitiya zefungus ngendlela ezenza zibe nemveliso. Abaphengululi baye bafumanisa ukuba lo ‘msebénzi wesitiya’ unobuchule ulima ukutya okulingene iqela elo asebenza nalo.b
9, 10. Sinokukhuthala njani njengembovane?
9 Singafunda nto kwiimbovane. Zisifundisa ukuba simele sizimisele ukuze siphumelele. IBhayibhile ithi: “Yiya embovaneni, vilandini; ubone iindlela zayo uze ulumke. Nangona ingenamphathi, igosa okanye umlawuli, ilungisa ukutya kwayo ehlotyeni; ibuthe ukutya kwayo ngexesha lokuvuna.” (IMize. 6:6-8) UYehova noMsebénzi wakhe Onobuchule, uYesu, bakhuthele. UYesu wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ke ndiyasebenza.”—Yoh. 5:17.
10 Njengoko sixelisa uThixo noKristu, nathi sifanele sikhuthale. Enoba senza siphi isabelo kwintlangano kaThixo, sonke sifanele sibe “nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.” (1 Kor. 15:58) Ngoko ke, siya kuba senza kakuhle xa sithobela isibongozo sikaPawulos kumaKristu aseRoma, esithi: “Musani ukutshivela emsebenzini wenu. Emoyeni ke vuthani. Yibani ngamakhoboka kaYehova.” (Roma 12:11) Umsebenzi esiwenzela uYehova awulolize, kuba iBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—Heb. 6:10.
Ukukhusela Ulwalamano Lwethu NoThixo
11. Khawuthi gqaba gqaba ngembila.
11 Esinye isilwanyana esincinane esinokusifundisa izinto ezibalulekileyo, yimbila. (Funda IMizekeliso 30:26.) Ibufana nomvundla omkhulu kodwa yona ineendlebe ezincinane nemilenze emifutshane. Esi silwanyana sincinane sihlala emaweni. Amehlo abukhali embila ayinceda ibone ingozi isekude, yaye ukuhlala kwayo kwiingxondorha nemixawuka kuyayikhusela kwiintshaba zayo. Iimbila zikhula bhetele xa zihlala zininzi, nto leyo ezenza zikhuseleke zize zifudumale ebusika.c
12, 13. Sinokufunda ntoni kwimbila?
12 Yintoni esinokuyifunda kwimbila? Okokuqala, phawula ukuba esi silwanyana asizibeki esichengeni sokuhlaselwa. Kunoko, sisebenzisa amehlo aso abukhali ukuze sibone iintshaba zaso zisekude, size sihlale kufutshane nemigxuma neengxondorha ezinokusikhusela. Ngokufanayo, sifanele sibe namehlo abukhali ngokomoya ukuze sikwazi ukubona iingozi ezikwihlabathi likaSathana. Umpostile uPetros walumkisa amaKristu esithi: “Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.” (1 Pet. 5:8) Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wahlala elumkele nayiphi na imigudu kaSathana yokwaphula ingqibelelo yakhe. (Mat. 4:1-11) UYesu wabamisela umzekelo omhle abalandeli bakhe!
13 Enye indlela esinokulumka ngayo kukusebenzisa inkuselo yokomoya esiyinikwa nguYehova. Asimele sikutyeshele ukufunda iLizwi likaThixo nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. (Luka 4:4; Heb. 10:24, 25) Ukongezelela, kanye njengoko imbila ikhula bhetele xa ihlala nezinye, nathi kufuneka sisondelelane namanye amaKristu ukuze ‘sikhuthazane nawo elukholweni.’ (Roma 1:12) Xa sizivumela ukuba sikhuselwe nguYehova, sibonisa ukuba siyavumelana namazwi omdumisi uDavide, owabhala wathi: “UYehova yingxondorha yam negwiba lam noMsindisi wam. UThixo wam liliwa lam. Ndiya kusabela kuye.”—INdu. 18:2.
Ukunyamezela Nakuba Sichaswa
14. Nangona inkumbi enye isenokungabangeli mdla, kuthekani ngebubu leenkumbi?
14 Sinokufunda okuthile nakwiinkumbi. Inkumbi enye enobude obumalunga neesentimitha ezintlanu, isenokungasichukumisi njengaxa zilibubu. (Funda IMizekeliso 30:27.) Njengoko lidume ngokuthanda ukutya, ibubu lezi zinambuzane zingathintelwa nto lingawatshabalalisa ngephanyazo amasimi asele elungele ukuvunwa. IBhayibhile ithelekisa isandi sokuza kwebubu lezinambuzane, kuquka iinkumbi, nesandi seenqwelo nesandi somlilo odangazelayo oqwenga iindiza. (Yow. 2:3, 5) Abantu babasa imililo ngelokuzama ukuthintela ukuza kwebubu leenkumbi, kodwa loo nto ayidli ngakunceda. Ngoba? Imizimba yeenkumbi ezifileyo iyawacima amalangatye omlilo, zize ke ezo zisaseleyo ziqhubeke nomsebenzi ngaphandle kweziphazamiso. Nakuba lingenakumkani okanye inkokeli, ibubu leenkumbi lisebenza njengomkhosi olungelelaniswe kakuhle, yaye alithintelwa nto.d—Yow. 2:25.
15, 16. Abavakalisi boBukumkani banamhlanje bafana njani nebubu leenkumbi?
15 Umprofeti uYoweli wathelekisa umsebenzi wabakhonzi bakaYehova noko kwenziwa ziinkumbi. Wabhala wathi: ‘Zibaleka njengamadoda anamandla. Zinyuka eludongeni njengamadoda emfazwe. Nganye ihamba ngendlela yayo, yaye ayijiki emendweni wayo. Azityhalani. Zihamba njengendoda eyomeleleyo ekhondweni layo; nokuba ezithile zingawa phakathi kwemijukujelwa, ezinye aziphambuki ekhondweni.’—Yow. 2:7, 8.
16 Esi siprofeto sibachaza kakuhle ngokwenene abavakalisi boBukumkani bukaThixo! Akukho ‘ludonga’ lwenkcaso luye lwakwazi ukuthintela ukushumayela kwabo. Kunoko, baxelisa uYesu owaqhubeka esenza ukuthanda kukaThixo nakuba wayedeliwe ngabaninzi. (Isa. 53:3) Liyinyaniso elokuba amanye amaKristu aye ‘awa phakathi kwemijukujelwa’ ngokuthi abulawe ngenxa yokholo lwawo. Sekunjalo, umsebenzi wokushumayela usaqhubeka, ibe nenani labavakalisi boBukumkani liyakhula. Eneneni, intshutshiso ibisoloko incedisa ekusasazeni iindaba ezilungileyo kubantu abebengenakusiva isigidimi soBukumkani. (IZe. 8:1, 4) Kubulungiseleli bakho, ngaba uye wabonisa unyamezelo olufana nolweenkumbi—kwanaxa ujamelene nentshutshiso okanye inkcaso?—Heb. 10:39.
“Namathelani Koko Kulungileyo”
17. Kutheni iinyawo zequngequ zinamathela kwiindawo ezimtyibilizi?
17 Iqungequ libonakala lingalawulwa ngumthetho womxhuzulane. (Funda IMizekeliso 30:28.) Enyanisweni, izazinzulu ziye zamangaliswa kukufumanisa ukuba esi silwanyana sincinane siyakwazi ukubaleka kwiindonga nakwiisilingi kodwa singawi. Likwenza njani oku iqungequ? Alinaglu ezinyaweni zalo. Kunoko, uzwane ngalunye lwequngequ lunamaqoqo anoboya obuninzi. Ngalinye kula maqoqo, lunamakhulukhulu emicu eneencam ezimile okwesosari. Iimolekyuli zale micu ziyakwazi ukulithwala ngokulula iqungequ—enoba lihamba eglasini lijonge ezantsi! Bechukunyiswe bobu buchule bequngequ, abaphengululi bathi kunokwenziwa izinto ezinamathela kanye njengeenyawo zequngequ.e
18. Sinokuqinisekisa njani ukuba sisoloko ‘sinamathela koko kulungileyo’?
18 Sinokufunda ntoni kwiqungequ? IBhayibhile isibongoza ngelithi: “Kwenyanyeni oko kungendawo, namathelani koko kulungileyo.” (Roma 12:9) Impembelelo engafanelekanga egquba kwihlabathi likaSathana inokusenza siyekelele kwimigaqo kaThixo. Ngokomzekelo, ukunxulumana nabo banganamatheliyo kwimithetho kaThixo—enoba kusesikolweni okanye emsebenzini okanye kungendlela yokuzonwabisa engamkholisiyo uThixo—kusenokusiphazamisa njengoko sizimisele ukwenza okulungileyo. Musa ukukuvumela oko ukuba kwenzeke kuwe! ILizwi likaThixo liyasilumkisa: “Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo.” (IMize. 3:7) Kunoko landela isiluleko sobulumko uMoses awasinika abantu bakaThixo bamandulo: “Uze umoyike uYehova uThixo wakho. Uze umkhonze, unamathele kuye.” (Dut. 10:20) Ngokunamathela kuYehova siya kuba sixelisa uYesu ekwathiwa ngaye: “Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho.”—Heb. 1:9.
Oko Sikufundayo Kwindalo
19. (a) Ziziphi iimpawu zikaYehova ozibonayo wena kwindalo? (b) Bunokusinceda njani ubulumko bukaThixo?
19 Njengoko sele sibonile, iimpawu zikaYehova zibonakala ngokucacileyo kwizinto azenzileyo, nendalo yakhe isifundisa izinto ezibalulekileyo. Okukhona sihlolisisa imisebenzi kaYehova siya kubuxabisa ngakumbi ubulumko bakhe. Ukuba sinikela ingqalelo kubulumko bukaThixo, siya konwaba ngakumbi ngoku yaye buya kusikhusela kwixesha elizayo. (INtshu. 7:12) Eneneni, siya kukubona ngokoqobo ukuba yinyaniso kwesiqinisekiso esikwiMizekeliso 3:13, 18, esithi: “Unoyolo umntu ofumene ubulumko, nomntu ozuze ukuqonda. Bungumthi wobomi kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi kuya kuthiwa banoyolo.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Abaselula ngokukhethekileyo banokukunandipha ukujonga iimbekiselo ezikwimibhalo esemazantsi elandelayo baze bagqabaze ngazo xa eli nqaku lixutyushwa kwiSifundo SeMboniselo sebandla.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeembovane ezitya amagqabi, bona uVukani! wesiNgesi kaMatshi 22, 1997, iphepha 31, noVukani kaJuni 8, 2002, iphepha 18.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngembila, bona uVukani! wesiNgesi kaSeptemba 8, 1990, iphepha 15-16.
d Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeenkumbi, bona uVukani! wesiNgesi kaOktobha 22, 1976, iphepha 11.
e Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngequngequ okanye unqinishe, bona uVukani! ka-Aprili 2008, iphepha 26.
Ngaba Uyakhumbula?
Ziziphi izinto eziluncedo esizifunda . . .
• kwimbovane?
• kwimbila?
• kwinkumbi?
• nakwiqungequ?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ngaba ukhuthele njengembovane etya amagqabi?
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Iimbila zifanele zihlale zininzi ukuze zikhuseleke. Ngaba nawe wenza okufanayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Abalungiseleli abangamaKristu banyamezela kanye njengeenkumbi
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kanye ngendlela iqungequ elinamathela ngayo, amaKristu ayanamathela koko kulungileyo
[Inkcazelo]
Stockbyte/Getty Images