Yonke Into Inexesha Layo
IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwamazulu.” Umbhali waloo mazwi, uKumkani USolomon wamandulo owayesisilumko, wahlabela mgama esithi kukho ixesha lokuzalwa nexesha lokufa, ixesha lokwakha nexesha lokudiliza, ixesha lokuthanda nexesha lokuthiya. Ekugqibeleni wathi: “Unangenelo yiphi umenzi ngoko akusebenzele nzima?”—INtshumayeli 3:1-9.
BAMBI bathi bakufunda loo mazwi bagqibe kwelokuba iBhayibhile ifundisa ukuba isiphelo sento nganye simiselwe kwangaphambili, ngoko bacinga ukuba iBhayibhile iyayixhasa inkolelo yokuba umntu ngamnye unemini yakhe. Ngaba kunjalo ngokwenene? Ngaba iBhayibhile iyayixhasa ingcamango yokuba isiphelo sento nganye simiselwe kwangaphambili? Ekubeni “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo,” indinyana esiyifunda kwenye incwadi yeBhayibhile imele ivisisane neendinyana esizifunda kwezinye iincwadi zeBhayibhile. Ngoko ke makhe sibone ukuba lithini iLizwi likaThixo iBhayibhile xa lilonke, ngalo mbandela.—2 Timoti 3:16.
Ixesha Nesihlo Esingenakubonwa Kwangaphambili
Kwincwadi yeNtshumayeli uSolomon wabhala wathi: “Ndabuya ndabona phantsi kwelanga ukuba ukukhawuleza asikokwababalekayo, idabi asilolabanamandla, nokutya asikokwezilumko, nobutyebi asibobabanokuqonda, kwanobabalo asilolwabanokwazi.” Kuba kutheni? Kaloku uthi: “Ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshumayeli 9:11.
Kunokuba athi isiphelo sento yonke simiselwe kwangaphambili, uSolomon wayesithi abantu abanakuqiniseka kwangaphambili ngento eziya kuphumela kuyo izinto abazenzayo, “ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” Amaxesha amaninzi, umntu wehlelwa yingozi kuba ekwindawo embi ngexesha lokwehla kwayo.
Ngokomzekelo makhe siphuhlise ibinzana elithi: “Ukukhawuleza asikokwababalekayo.” Mhlawumbi usalukhumbula okanye wakhe weva ngogqatso oludumileyo, lweemitha ezingama-3000 lwabasetyhini, kwiOlimpiki zowe-1984 eLos Angeles, eKhalifoniya eUnited States of America. Kolo gqatso kwakukhuphisana imbaleki yaseBritani neyaseUnited States ngembasa yegolide. Kwathi kanye xa ezo mbaleki zimbini ziphakathi kolo gqatso, zagilana. Enye yawa yaza yaphuma phakathi enye yona yadimazeka kangangokuba yaphuma kwindawo yesixhenxe.
Ngaba iziphumo zolo gqatso zazisaziwa kwangaphambili? Abanye basenokutsho. Kodwa ke kucace mhlophe ukuba yayikukugilana—okwakungenakubonwa kwangaphambili—okwabangela ukuba omabini loo mabhinqa angaphumeleli kolo gqatso. Ngoko, ingaba ukugilana kwawo kwakumiselwe kwangaphambili? Kwakhona abanye bangatsho. Kodwa bona abasasazi bathi loo ngozi yabangelwa kukusukuzana kweembaleki ezinamendu alinganayo iyileyo isithi ndim phambili. Kunje ngokuba isitsho iBhayibhile, “bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” Enoba umntu angacwangcisa kakuhle kanganani, kwakuhlala kukho iimeko ezingalindelekanga eziya kuvela zize zimphazamise, ezingenanto yakwenza nokumiselwa kwezinto kwangaphambili.
Ukuba kunjalo ke, ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo”? Ingaba bethu ikho into esinokuyenza ukuze silawule oko buya kuba kuko ubomi okanye—isiphelo sethu?
Ixesha Elifanelekileyo Lokwenza Zonke Izinto
Lo mbhali weBhayibhile uphefumlelweyo wayengathethi ngokumiselwa kwekamva lomntu ngamnye okanye isiphelo sobomi bakhe kusengaphambili, kunoko wayethetha ngenjongo kaThixo nendlela eya kuluchaphazela ngayo uluntu. Sazi njani? Kaloku yiloo nto ephuhliswa ngumongo wezi ndinyana. Emva kokukhankanya izinto eziliqela ezibonakala, ‘zinamaxesha amiselweyo,’ uSolomon wathi: “Ndiwubonile umsebenzi athe uThixo wawunika oonyana babantu ukuba bazixakekise ngawo. Yonk’ into uyenze yantle ngexesha layo.”—INtshumayeli 3:10, 11.
Kukho izinto ezininzi UThixo afuna abantu bazenze—uSolomon wachaza eziliqela. UThixo ukwasinike nenkululeko yokuzikhethela ukuba sifuna ukwenza ntoni. Nakuba kunjalo, umsebenzi ngamnye umele wenziwe ngexesha lawo ukuze uvelise iziqhamo ezifanelekileyo. Ngokomzekelo, khawucinge ngoko kuthethwa nguSolomon kwiNtshumayeli 3:2 ‘ngexesha lokutyala nexesha lokuncothula oko bekutyaliwe.’ Abalimi bayalazi ixesha elifanelekileyo lokutyala iimbewu ezahlukahlukeneyo. Kwenzeka ntoni xa umlimi ekhetha ukutyala imbewu ngexesha engatyalwa ngalo? Ngaba ufanele athi kungenxa yokuba oko bekumiselwe kwangaphambili ukuba kube njalo xa engafumani isivuno esihle, nakuba eye wasebenza nzima? Unotshe! Nguye kaloku obekek’ ityala ngokutyala ngexesha elingafanelekanga. Umlimi ebeya kufumana isivuno esihle ukuba ebetyale ngexesha elibekwe nguMdali.
Ngoko uThixo akamiselanga mntu okanye into nganye isiphelo sayo kusengaphambili, kunoko umisele imigaqo elawula izinto ezenziwa ngabantu ngokuvisisana nenjongo yakhe. Ukuze baphumelele, abantu bafanele baqonde yaye basebenze ngokuvisisana nenjongo kunye nexesha likaThixo. Into emiselwe kwangaphambili nengenakutshintshwa yinjongo kaThixo kungekhona ikamva lomntu ngamnye. Ngomprofeti uIsaya uYehova wathi: “Ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam . . . aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”—Isaya 55:11.
Liyintoni ke ngoko eli “lizwi” okanye injongo kaThixo ngokuphathelele umhlaba nekamva loluntu ‘eyakuphumelela nakanjani’?
Ukuqonda Ixesha LikaThixo
USolomon, uyasikrobisa. Emva kokuba ethe “Yonk’ into [uThixo] uyenze yantle ngexesha layo,” walek’ umsundulo esithi: “Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo, ukuze uluntu lungaze luwufumane umsebenzi uThixo oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.” IThe NIV Study Bible iyibeka kanje le ndinyana: “Ufake ubunaphakade ezintliziyweni zabantu; nakuba kunjalo, abanakukwazi ukukuqonda oko akwenzileyo uThixo ukususela ekuqaleni ukusa esiphelweni.”—INtshumayeli 3:11.
Zininzi izinto eziye zabhalwa ngale ndinyana. Kodwa ke eyona nyaniso kukuba ngaxa lithile sonke sakhe sazibuza ezintliziyweni zethu ngentsingiselo yobomi nangesiphelo sethu. Ukutyhubela iinkulungwane, abantu bebengayamkeli into yokuba bamele baphilele ukusebenza nzima baze ekugqibeleni bafe nje kuphele kanjalo. Thina bantu sahlukile kwezinye izidalwa, kuba asicingi nje kuphela ngezinto eziqhubeka ngoku kodwa sikwacinga nangesiphelo sobomi nento eya kwenzeka emva koko. Side sinqwenele nokuphila ngonaphakade. Ibangelwa yintoni loo nto? Kaloku isibhalo sithe, uThixo “ufake ubunaphakade ezintliziyweni zabantu.”
Ukuze banelise loo mnqweno abantu baye bazibuza enoba bukho kusini na ubomi emva kokufa. Abanye bade bathi kukho nto ithile kuthi eqhubeka iphila emva kokuba sifile. Abanye bakholelwa ukuba xa sisifa siphinda sizalwe kwakhona sele singabanye abantu. Abanye bacinga ukuba yonke into ebomini imiselwe isiphelo sayo kusengaphambili yaye akukho nto sinokuyenza ngaloo nto. Okubuhlungu kukuba akukho noba ibenye kwezi nkcazelo eyanelisayo. Kungenxa yokuba iBhayibhile ithi: “Uluntu alunakuze luwufumane umsebenzi uThixo oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni,” ngamandla alo.
Le ntsinda-badala yokufuna iimpendulo zemibuzo engaphendulekiyo iye yaxaka iinkcuba buchopho neentanda bulumko kangangeenkulungwane. Noko ke, ekubeni inguThixo ofake lo mnqweno ezintliziyweni zethu, ingaba akukho ngqiqweni ukulindela ukuba ibe nguye okwaziyo ukuwanelisa? Ngaphezu koko iBhayibhile ithi ngoYehova: “Uyasivula isandla sakho Uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.” (INdumiso 145:16) Xa sifunda iLizwi likaThixo iBhayibhile sinokufumana inkcazelo eyanelisayo ngobomi, ukufa nenjongo kaThixo kanaphakade ngomhlaba nabantu.—Efese 3:11.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“Ukukhawuleza asikokwababalekayo.”—INtshumayeli 9:11
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Ukuba umlimi akatyalanga ngexesha elifanelekileyo, ngaba ufanele athi loo nto ibimiselwe kwangaphambili?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
Sicinga ngobomi nokufa kuba uThixo “ufake ubunaphakade ezintliziyweni zabantu”