“Kukho Ixesha Lokuthanda Nexesha Lokuthiya”
“UTHIXO uluthando.” Kwamanye amazwe abantu bawaxhoma eludongeni la mazwi emakhayeni abo. Okunene, eli libinzana elimchaza kakuhle uThixo—uluthando olumntwisiweyo.
Nangona kunjalo, abantu abaninzi abazi ukuba la mazwi aseBhayibhileni. Ngumpostile uYohane owabhala wathi: “Lowo ungenaluthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) UYohane waphinda wabhala ngothando uThixo analo ngoluntu olufuna intlawulelo: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
Sinoku kubhalwe ngasentla ezingqondweni, abanye basenokucinga ukuba uThixo usoloko engazinanzi izinto esizenzayo. Indlela abantu abaninzi ababuphila ngayo ubomi babo ibonisa ukuba kungakhathaliseki ukuba baziphethe njani akazukubaphendulisa ngendlela abaziphethe ngayo. Kodwa ngaba oko kuyinyaniso? Ngaba uThixo uthanda wonke umntu, olungileyo nongendawo? Ngaba likhe libekho ixesha apho athiyayo.
Uthando LukaThixo Nentiyo Yakhe
Ukumkani osisilumko uSolomon wathetha wenjenje: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwamazulu . . . kukho ixesha lokuthanda nexesha lokuthiya.” (INtshumayeli 3:1, 8) Ngokwalo mgaqo, ngoxa uThixo enothando yaye enobubele, akho amaxesha apho akhe athiye.
Okokuqala, igama elithi “intiyo” lithetha ukuthini njengoko lisetyenziswe eBhayibhileni? Enye imbekiselo iphendula ithi: “Ezibhalweni, igama elithi ‘ukuthiya’ lineentsingiselo eziliqela. Linokubhekisela ekuyithiy’ egazini into, ukufukama ingqumbo esonokude ibangele ubani enzakalise.” Olu luhlobo lwentiyo esiqhelene nalo, yaye imiphumo yayo ibonakala ehlabathini jikelele. Kwale mbekiselo iphinda ithi: “‘Ukuthiya’ kunokuthetha ukuyicaphukela into kodwa ungenazinjongo zokwenzakalisa.”
Le ntsingiselo yesibini yeyona siza kuthetha ngayo kweli nqaku. Kukuyithiy’ egazini, ukubonisa phandle ukuba into ethile awuyithandi—ungenazinjongo zokukhohlakala okanye zokwenzakalisa. Ngaba uThixo unalo olu hlobo lwentiyo? Khawuqwalasele oko kutshiwo yiMizekeliso 6:16-19: “Kukho izinto ezintandathu uYehova azithiyileyo; ewe, zisixhenxe izinto ezicekisekayo emphefumlweni wakhe: ngamehlo aziphakamisayo, lulwimi oluxokayo, nezandla eziphalaza igazi elimsulwa, yintliziyo eyila amacebo enkohlakalo, ziinyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini, lingqina elixokayo elifutha ubuxoki, naye nabani na obangela usukuzwano phakathi kwabazalwana.”
Njengoko sinokubona, kukho izinto azithiyeleyo uThixo. Nakuba kunjalo, akamthiyanga umntu owenza ezo zinto. Uye aqwalesele oonobangela, abanjengobuthathaka benyama, imeko ezisingqongileyo, indlela akhule ngayo umntu nolwazi analo. (Genesis 8:21; Roma 5:12) Umbhali weMizekeliso ukuchaza ngalo mzekelo ulandelayo oku: “Lowo amthandayo uYehova uyamohlwaya, njengoko noyise esenjenjalo kunyana akholiswayo nguye.” (IMizekeliso 3:12) Umzali unokuyithiya imikhwa yomntwana yokungathobeli, kodwa usamthanda umntwana wakhe yaye wenza konke okusemandleni ukuze amncede ahlukane nayo ngokumqeqesha. Eqhutywa luthando, uYehova wenza okufanayo xa kubonakala ukuba likho ithemba lokumsindisa umntu owonileyo.
Xa Ukuba Nentiyo Kufanelekile
Kuthekani, ukuba umntu uyakwazi ukuthanda kukaThixo kodwa akafuni kukwenza? Lo mntu akathandwa nguThixo yaye akakholiswa nguye. Ukuba loo mntu wenza izinto azithiyileyo uYehova ngabom, umnyola esweni. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) Xa abantu bengaguquki akabaxoleli, njengoko umpostile uPawulos ekwenza kucace oku kwileta yakhe awayibhalela amaHebhere apho athi: “Ukuba siqhelisela isono ngabom emva kokufumana ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, akusekho mbingelelo wezono useleyo, kodwa siya kulindelwa ngumgwebo owoyikekayo nekhwele lomlilo eliya kubadla abo bachasayo.” (Hebhere 10:26, 27) Kutheni uThixo wothando esenza izinto ngale ndlela?
Xa umntu esenza isono esinzulu ngabom, akanakukwazi ukwahlukaniswa nobungendawo. Urhumrhekile, uchewukile yaye uqaqadekile. IBhayibhile ifanisa umntu onjalo nehlosi elingenakuyitshintsha imibala yalo. (Yeremiya 13:23) Akanakujika, loo mntu wenza oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘sisono sikanaphakade,’ akanakuxolelwa.—Marko 3:29.
Oku kwabanjalo ngoAdam uEva noYudas Skariyoti. Ekubeni uAdam noEva babedalwe bafezeka wabe nomyalelo kaThixo wawucace gca kubo bewuqonda bobabini, kuyacaca ukuba babesona ngabom ngenxa yoko babengenakuthetheleleka. Amazwi uThixo awathethayo kamva ayengabonisi ukuba wayelindele baguquke. (Genesis 3:16-24) Yena uYudas, nangona wayengafezekanga, wakhe waphila ngokusondeleneyo noNyana kaThixo sekunjalo waba ngumngcatshi. UYesu wabhekisela kuye ngokuthi ‘ngunyana wentshabalalo.’ (Yohane 17:12) Kwakhona iBhayibhile ibonisa ukuba uMtyholi ngumoni ongendawo ofanelwe yintsabalalo kuphela. (1 Yohane 3:8; ISityhilelo 12:12) Xa bebonke aba bantu bakufanele ukuthiywa nguThixo.
Noko ke, kuyasikhuthaza ukwazi ukuba, asinguye wonke umntu owonileyo ongenakuncedakala. UYehova unomonde kakhulu yaye akakuthandi ukohlwaya abantu abaye bamona bengazi. (Hezekile 33:11) Uyabamema ukuba baguquke ukuze baxolelwe. Sifunda oku: “Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe, nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe; makabuyele kuYehova, oya kuba nenceba kuye, kuThixo wethu, kuba uya kuxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.
Imbono Elungeleleneyo Ngothando Nentiyo
Kucacile ukuba, njengabaxelisa uThixo, amaKristu okwenyaniso ayaqonda xa ‘ilixesha lokuthanda’ naxa ‘ilixesha lokuthiya.’ Iimvakalelo, zinokwenza imbono yomntu ngothando nenceba zingalungelelani. Kodwa amazwi omfundi uYude anokusinceda sibe nembono efanelekileyo phakathi kokuba nenceba nokuthiya isono: “Qhubekani nibenzela inceba abanye, nisenjenjalo ngoloyiko, ngoxa nithiya kwanesambatho sangaphantsi esidyojwe yinyama.” (Yude 22, 23) Ngoko ke, sifanele sithiye into embi kungekhona umntu lowo wenze into embi.
Kwakhona amaKristu ayalelwa ukuba athande iintshaba zawo ngokuzenzela izinto ezintle. UYesu wathi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.” (Mateyu 5:44) Seso sizathu esibangela ukuba amaNgqina kaYehova engayeki ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo rhoqo kubamelwane bawo, nangona abanye bengesabeli kwisigidimi sawo. (Mateyu 24:14) Ekubeni amaNgqina ezijonga izinto ngokuvisisana neBhayibhile, umntu ngamnye amjonga njengonokwenzelwa inceba aze athandwe nguYehova. Xa iinzame zawo zokunceda abantu zingaxatyiswa, zigatywa okanye ade atshutshiswe, amaNgqina athobela isiluleko sikampostile uPawulos esithi: “Qhubekani nibasikelela abo banitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi . . . Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na.” (Roma 12:14, 17) Ayaqonda ukuba nguYehova oya kugqiba ngabo bafanelwe luthando lwakhe nangabo bafanelwe yintiyo yakhe. Ungumgwebi wokugqibela kwizinto eziphathelele ubomi nokufa.—Hebhere 10:30.
Ewe, “uThixo uluthando.” Kwelethu icala, sifanele siluxabise uthando lwakhe size senze umgudu wokwazi ukuthanda kwakhe size sikwenze. AmaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo aya kukuvuyela ukukunceda ufunde kweyakho iBhayibhile oko kukuko ukuthanda kukaThixo nendlela yokukusebenzisa ebomini bakho. Ngokwenjenjalo, awuyikuthiywa nguThixo kunoko uya kukuthanda.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 23]
“Kukho izinto ezintandathu uYehova azithiyileyo; ewe, zisixhenxe izinto ezicekisekayo emphefumlweni wakhe: ngamehlo aziphakamisayo, lulwimi oluxokayo, nezandla eziphalaza igazi elimsulwa, yintliziyo eyila amacebo enkohlakalo, ziinyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini, lingqina elixokayo elifutha ubuxoki, naye nabani na obangela usukuzwano phakathi kwabazalwana.”—IMIZEKELISO 6:16-19
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 24]
“Ukuba siqhelisela isono ngabom emva kokufumana ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, akusekho mbingelelo wezono useleyo, kodwa siya kulindelwa ngumgwebo owoyikekayo nekhwele lomlilo eliya kubadla abo bachasayo.”—HEBHERE 10:26, 27
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
“Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe, nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe; makabuyele kuYehova, oya kuba nenceba kuye,. . . uya kuxolela ngokukhulu.”—ISAYA 55:7
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umzali onothando uyamqeqesha umntwana wakhe ukuze amncede
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Amabanjwa amaninzi aye axhamla kuthando nakwinceba kaThixo