-
Iimbalasane Zencwadi YeNgoma yazo iiNgomaIMboniselo—2006 | Novemba 15
-
-
2:7; 3:5—Kutheni iintombi zaseYerusalem zifungiswa “ngamabhadakazi okanye ngamaxhamakazi asendle” nje? Amabhadakazi namaxhamakazi aziwa ngomtsalane nobuhle bawo. Enyanisweni, umShulamikazi ufungisa ezi ntombi zaseYerusalem ngayo nantoni na enomtsalane nobuhle ukuze ziyeke ukuzama ukuvuselela uthando lwakhe.
-
-
Iimbalasane Zencwadi YeNgoma yazo iiNgomaIMboniselo—2006 | Novemba 15
-
-
2:7; 3:5. Iphuma emaphandleni injalo le ntokazi ayizange iwe nakancinane nguSolomon. Yade yafungisa iintombi zaseYerusalem ukuba zingazami ukuvuselela uthando lwayo ngenjongo yokuba ithande omnye umntu ngaphandle kwalo malusi wayo. Ayenzeki yaye ayifanelekanga into yokuba umntu asuke atsaleleke kuye nabani na. UmKristu onqwenela ukutshata umele acinge ngokuthandana nomkhonzi kaYehova othembekileyo kuphela.—1 Korinte 7:39.
-