Imbono KaThixo Ngokucoceka Kokuziphatha
“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.”—ISAYA 48:17.
1, 2. (a) Ngokuqhelekileyo abantu bakujonga njani ukuziphatha ngokwesini? (b) AmaKristu akujonga njani ukuziphatha ngokwesini?
NAMHLANJE, kwiindawo ezininzi zomhlaba, indlela ubani aziphatha ngayo igqalwa njengomcimbi wobuqu. Abantu bagqala iintlobano zesini njengendlela yemvelo yokubonakalisa uthando enokusetyenziswa nanini na umntu ethanda, kungekhona njengento efanele ipheleliselwe emtshatweni. Bavakalelwa kukuba xa kungekho mntu uva ubuhlungu, akukho nto iphosakeleyo ngokuba ubani azenzele isigqibo ngendlela aza kuziphatha ngayo. Ngokwembono yabo, abantu abafanele bagwetywe ngezinto eziphathelele ukuziphatha, ngokukodwa xa kufikwa kwisini.
2 Abo bamaziyo uYehova banembono eyahlukileyo. Bayakuvuyela ukulandela ulwalathiso olunikelwa ziZibhalo kuba bayamthanda uYehova kwaye bafuna ukumkholisa. Bayaqonda ukuba uYehova uyabathanda kwaye ubanika ulwalathiso olubalungeleyo, ulwalathiso oluya kuba yingenelo ngokwenene kubo noluya kubenza bonwabe. (Isaya 48:17) Ekubeni uThixo enguMthombo wobomi, isengqiqweni into yokuba bafanele bakhangele kuye ukuze bafumane ukhokelo oluphathelele indlela yokusebenzisa imizimba yabo, ngokukodwa kulo mba onxibelelene ngokusondeleyo nokudluliselwa kobomi.
Isipho Esivela KuMdali Onothando
3. Baye bafundiswa ntoni abaninzi kwiNgqobhoko ngokuphathelele iintlobano zesini, yaye loo nto yahluke njani koko iBhayibhile ikufundisayo?
3 Ngokwahlukileyo kwihlabathi lanamhlanje, bambi kwiNgqobhoko baye bafundisa ukuba iintlobano zesini zilinyala, zisisono, nokuba esaa “sono sokuqala” esenziwa kumyezo wase-Eden sasikukuhendwa kuka-Adam nguEva ukuba babe neentlobano zesini. Loo mbono iyangqubana noko iZibhalo eziphefumlelweyo zikutshoyo. Ingxelo yeBhayibhile ibhekisela kwisibini sokuqala esingabantu ‘njengendoda nomfazi wayo.’ (Genesis 2:25) UThixo wasixelela ukuba sibe nabantwana, esithi: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba.” (Genesis 1:28) Kwakungayi kuba sengqiqweni ukuba uThixo ayalele uAdam noEva ukuba bavelise abantwana akugqiba abohlwaye xa besenza ngokwaloo miyalelo.—INdumiso 19:8.
4. Kwakutheni ukuze uThixo anike abantu amandla esini?
4 Kuloo myalelo owawubhekiswa kubazali bethu bokuqala, owaphindwayo kuNowa nakoonyana bakhe, sibona injongo eyintloko yeentlobano zesini: ukuvelisa abantwana. (Genesis 9:1) Noko ke, iLizwi likaThixo libonisa ukuba abakhonzi bakhe abatshatileyo abanyanzelekanga ukuba babe neentlobano zesini ngenjongo yokuvelisa abantwana kuphela. Iintlobano zesini zinokwanelisa iimfuno ezingokweemvakalelo nezomzimba zize zisiyolise isibini esitshatileyo. Ziyindlela yesibini esitshatileyo yokubonakalisa uthando omnye komnye.—Genesis 26:8, 9; IMizekeliso 5:18, 19; 1 Korinte 7:3-5.
Imida Emiselwe NguThixo
5. Ziziphi izalelo ezibekwe nguThixo kwiintlobano zesini zabantu?
5 Ngoxa iintlobano zesini zisisipho esivela kuThixo, ikho imida eziyisikelweyo. Lo mgaqo ukwasebenza kwanakwilungiselelo lomtshato. (Efese 5:28-30; 1 Petros 3:1, 7) Akuvumelekanga ukuba neentlobano zesini nomntu ongelilo iqabane lakho lomtshato. IBhayibhile iyibeka icace loo nto. KuMthetho owanikelwa nguThixo kuhlanga lwakwaSirayeli, kwathiwa: “Uze ungakrexezi.” (Eksodus 20:14) Kamva, uYesu wabala “uhenyuzo” ‘nokukrexeza’ phakathi ‘kweengcinga ezimbi’ ezisuka entliziyweni nezimngcolisayo umntu. (Marko 7:21, 22) Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abongoze amaKristu aseKorinte esithi: “Sabani kulo uhenyuzo.” (1 Korinte 6:18) Yaye kwincwadi yakhe eyayisiya kumaHebhere, uPawulos wabhala: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa, kuba uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.”—Hebhere 13:4.
6. EBhayibhileni, liquka ntoni igama elithi “uhenyuzo”?
6 Lithetha ntoni igama elithi “uhenyuzo”? Lisuka kwigama lesiGrike elithi por·neiʹa, maxa wambi elisetyenziswa xa kubhekiselwa kwiintlobano zesini phakathi kwabantu abangatshatanga. (1 Korinte 6:9) Kwezinye iindawo njengakuMateyu 5:32 nakuMateyu 19:9, eli gama linentsingiselo ephangalele nangakumbi kwaye liquka ukukrexeza, umbulo nokuba neentlobano zesini nesilwanyana. Lukho nolunye uqheliselo lwesini oluphakathi kwabantu abangatshatanga, olunjengeentlobano ezenziwa emlonyeni nasezimpundu, nokuphathaphatha amalungu esini omnye umntu oluchazwa ngokuba yipor·neiʹa. Yonke imikhwa enjalo yalelwe—ngokungqalileyo nangokungangqalanga—kwiLizwi likaThixo.—Levitikus 20:10, 13, 15, 16; Roma 1:24, 26, 27, 32.a
Ukungenelwa Kwimithetho KaThixo Yokuziphatha
7. Singenelwa njani ngokuzigcina sicocekile ngokuziphatha?
7 Ukuthobela ulwalathiso lukaYehova ngokuphathelele ukuziphatha ngokwesini kunokuba lucelomngeni kubantu abangafezekanga. Isithandi sobulumko esingumYuda esaziwayo senkulungwane ye-12 sabhala: “Asikho isalelo kwiTorah [kuMthetho kaMoses] ekunzima ukusigcina ngaphezu kweentlobano ezingavunyelwayo kunye neentlobano zesini ezingekho mthethweni.” Ukanti, xa siluthobela ulwalathiso lukaThixo, singenelwa kakhulu. (Isaya 48:18) Ngokomzekelo, ukuthobela kulo mba kuyasinceda sizikhusele kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ezinye zazo ezinganyangekiyo nezibulalayo.b Siyakhuselwa ukuze kungabikho bani ukhulelwa engatshatanga. Ukusebenzisa ubulumko bukaThixo kukwafak’ isandla ekubeni nesazela esicocekileyo. Ukwenjenjalo kubangela ukuba ubani azihlonele yaye ahlonelwe ngabanye, kuquka izalamane zethu, amaqabane ethu, abantwana bethu kunye nabazalwana noodade wethu abangamaKristu. Ngendlela efanayo kuyasikhuthaza ukuba sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo nesakhayo ngokuphathelele isini, esiya kufak’ isandla kulonwabo emtshatweni. Elinye ibhinqa elingumKristu labhala: “Alukho ukhuselo olulunge ngaphezu kwenyaniso yeLizwi likaThixo. Ndilindele ukuba nditshate ngeny’ imini, yaye mhla ndatshata ndiya kuzidla ngokuxelela loo ndoda engumKristu endiza kuyitshata ukuba ndiye ndahlala ndinyulu.”
8. Kungaziphi iindlela enokuthi ihambo yethu enyulu ikhuthaze unqulo olucocekileyo?
8 Ngokugcina ihambo enyulu, sinokwenza lukhulu ekulweni iingcamango eziphosakeleyo ngonqulo lokwenyaniso size sitsalele abantu kuThixo esimnqulayo. Umpostile uPetros wabhala: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.” (1 Petros 2:12) Kwanokuba abo bangamkhonziyo uYehova abayigqali okanye abayamkeli ihambo yethu enyulu, sinokuqiniseka ukuba uBawo wethu osezulwini uyayibona, uyayamkela yaye ude avuyiswe yimigudu yethu yokulandela ulwalathiso lwakhe.—IMizekeliso 27:11; Hebhere 4:13.
9. Kutheni sifanele sibe nentembelo kulwalathiso lukaThixo, kwanokuba asiziqondi ngokupheleleyo izizathu zokuba alunikele? Zekelisa.
9 Ukuba nokholo kuThixo kubandakanya ukuba nentembelo yokuba uyakwazi oko kusilungeleyo, kwanokuba asiziqondi ngokupheleleyo izizathu zokuba asalathise ngendlela asalathisa ngayo. Khawuqwalasele umzekelo okuMthetho kaMoses. Omnye umyalelo owawuphathelele inkampu yomkhosi wawusithi ilindle limele ligqunywe ngaphandle kwenkampu. (Duteronomi 23:13, 14) Mhlawumbi amaSirayeli ayezibuza isizathu sokuba kunikelwe ulwalathiso olunjalo; amanye asenokuba ayelugqala njengolungeyomfuneko. Noko ke, ukususela ngoko abezamayeza baye bafumanisa ukuba lo mthetho wawunceda ekugcineni imithombo yamanzi icocekile yaye wawukhusela kwizifo ezithwalwa zizinambuzane. Ngokufanayo, kukho izizathu zokomoya, zentlalo, zeemvakalelo, zomzimba nezengqondo zokuba uThixo aphelelisele iintlobano zesini kwisilili somtshato. Ngoku makhe siqwalasele imizekelo embalwa eseBhayibhileni yabo bazigcina becocekile ngokuziphatha.
UYosefu—Wasikelelwa Ngenxa Yokuziphatha Kwakhe
10. Ngubani owazama ukurhwebesha uYosefu, ibe waphendula njani?
10 Kusenokwenzeka ukuba uqhelene nomzekelo oseBhayibhileni kaYosefu, unyana kaYakobi. Xa wayeneminyaka eli-17, wazifumana elikhoboka likaPotifare, intloko yamafanankosi kaFaro waseYiputa. UYehova wamsikelela uYosefu, yaye ethubeni wamiselwa ukuba avelele endlwini kaPotifare. Uthe esiba neminyaka engama-20 ubudala, uYosefu waba sele “emhle ngesiqu, emhle nangembonakalo.” Wayithimb’ ingqalelo yomfazi kaPotifare, owazama ukumrhwebesha. UYosefu wakwenza kwacaca ukuma kwakhe, echaza ukuba ukuvuma kwakhe kwakungayi kuba kukungcatsha inkosi yakhe kuphela kodwa kwakuya kuba ‘sisono kuThixo.’ Kwakutheni ukuze uYosefu aqiqe ngendlela awaqiqa ngayo?—Genesis 39:1-9.
11, 12. Nangona kwakungekho mthetho ubhaliweyo kaThixo owalela ukuhenyuza nokukrexeza, sisenokuba siyintoni isizathu sokuba uYosefu aqiqe ngendlela awaqiqa ngayo?
11 Kuyabonakala ukuba isigqibo sikaYosefu sasingasekelwanga ekoyikeni ukubhaqwa ngabantu. Intsapho yakuloYosefu yayihlala kude, yaye uyise wayecinga ukuba ufile. Ukuba uYosefu wayenokuziphatha kakubi ngokwesini, intsapho yakowabo yayingayi kuyazi loo nto. Mhlawumbi eso sono sasinokufihlwa kuPotifare nakubakhonzi bakhe abangamadoda, ekubeni kwakubakho amaxesha ababengabikho ngawo endlwini. (Genesis 39:11) Sekunjalo, uYosefu wayesazi ukuba loo hambo yayingayi kufihlakala kuThixo.
12 UYosefu umele ukuba waqiqa ngoko wayekwazi ngoYehova. Ngokuqinisekileyo wayesazi ukuba uYehova wayevakalise oku kumyezo wase-Eden: “Kungenxa yoko le nto indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” (Genesis 2:24) Ngaphezu koko, uYosefu usenokuba wayekwazi oko uYehova wayekuxelele ukumkani ongumFilisti owayetyekele ekurhwebesheni uninakhulu kaYosefu, uSara. UYehova wamxelela oku loo kumkani: “Yabona, ungofileyo ngenxa yomfazi omthabathileyo, ekubeni engumkamntu. . . . [Ndaza] ke ndakunqanda ukuba ungoni kum. Kungenxa yoko le nto ndingakuvumelanga ukuba umchukumise.” (Genesis 20:3, 6) Ngoko ngoxa uYehova wayengekamiseli mthetho ubhaliweyo, iimvakalelo zakhe ngomtshato zazicacile. Imvo yokuziphatha kaYosefu, kunye nomnqweno wakhe wokukholisa uYehova, zamenza akavuma ukuziphatha kakubi.
13. Isenokuba yintoni eyabangela ukuba uYosefu angamphephi umfazi kaPotifare?
13 Noko ke, umfazi kaPotifare waqhubeka ekhondoza, emcenga “imihla ngemihla” ukuba alale naye. Kutheni uYosefu engazange amphephe? Kaloku, ekubeni wayelikhoboka, wayemele aphumeze iimbopheleleko ezithile yaye akukho nto wayenokuyenza ukuze aguqule imeko yakhe. Ubungqina babembi bezinto zakudala bubonisa ukuba iiplani zezindlu zaseYiputa zazibangela ukuba ubani adlule endlwini ngaphambi kokuba aye kufika koovimba. Ngenxa yoko, kusenokuba kwakunzima ukuba uYosefu aphephe umfazi kaPotifare.—Genesis 39:10.
14. (a) Kwenzeka ntoni kuYosefu emva kokuba esabe kumfazi kaPotifare? (b) UYehova wamsikelela njani uYosefu ngokuthembeka kwakhe?
14 Ngenye imini babebobabini endlwini. Umfazi kaPotifare wabamba uYosefu waza wadanduluka esithi: “Ndilale!” Wasaba. Exhelekile ngenxa yokungamkelwa kwakhe, lo mfazi wamtyhola ngokuzama ukumdlwengula. Waba yintoni umphumo? Ngaba uYehova wamvuza ngoko nangoko ngenxa yekhondo lakhe lengqibelelo? Akunjalo. UYosefu waphoswa entolongweni waza wabotshwa ngamakhamandela. (Genesis 39:12-20; INdumiso 105:18) UYehova wabona ukuba wayedlelw’ indlala waza ekugqibeleni wamkhupha uYosefu entolongweni waza wamnyusela ebhotwe. Waba ngumntu wesibini onegunya eYiputa waza wasikelelwa ngomfazi nangabantwana. (Genesis 41:14, 15, 39-45, 50-52) Ukongezelela koko, ingxelo yengqibelelo kaYosefu yabhalwa kwiminyaka engama-3 500 eyadlulayo ukuze ifundwe ngabakhonzi bakaThixo ukususela ngelo xesha. Enjani ukuba ntle intsikelelo ngenxa yokunamathela kwimithetho kaThixo yobulungisa! Nathi namhlanje sisenokungasoloko sizibona ngoko nangoko iingenelo zokugcina ingqibelelo kumba wokuziphatha, kodwa sinokuqiniseka ukuba uYehova uyasibona yaye uya kusisikelela ngexesha elifanelekileyo.—2 Kronike 16:9.
‘Umnqophiso KaYobhi Namehlo Akhe’
15. Wawuyintoni ‘umnqophiso kaYobhi namehlo akhe’?
15 Omnye umgcini wengqibelelo yayinguYobhi. Xa wayevavanywa nguMtyholi, uYobhi wabuhlola kwakhona ubomi bakhe waza wathi ukulungele ukohlwaywa qatha ukuba wayaphule, phakathi kwezinye izinto, umgaqo kaYehova ongokuziphatha ngokwesini. UYobhi wathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) Xa wayesitsho, uYobhi wayethetha ukuba ngokuzimisela kwakhe ukugcina ingqibelelo kuThixo, wenza isigqibo sokuphepha nkqu nokujonga ibhinqa aze alikhanuke. Kakade ke, wayeza kubona amabhinqa kubomi bakhe bemihla ngemihla yaye kusenokwenzeka ukuba wayeza kuwanceda xa efuna uncedo. Kodwa ke xa kufikwa kumba wokutsaleleka kuwo ngenjongo yokuthandana nawo, wayengasoze ayenze loo nto. Ngaphambi kokuba kuqalise iimvavanyo zakhe, wayeyindoda esisigwili, “eyona inkulu kubo bonke abaseMpumalanga.” (Yobhi 1:3) Noko ke, akazange asebenzise amandla obutyebi bakhe ukuze atsale amabhinqa amaninzi. Kucacile ukuba, akazange adlale namabhinqa aselula ngenjongo yokuba neentlobano zesini ezingekho mthethweni nawo.
16. (a) Kutheni uYobhi engumzekelo omhle kumaKristu atshatileyo? (b) Ihambo yamadoda omhla kaMalaki yahluke njani kwekaYobhi, yaye kuthekani ngomhla wethu?
16 Ngaloo ndlela, uYobhi wabonakalisa ingqibelelo kumba wokuziphatha, ebumnandini nasebubini. UYehova wayibona loo nto waza wamsikelela ngokutyebileyo. (Yobhi 1:10; 42:12) Onjani ukuba mhle umzekelo uYobhi awawumisela amaKristu atshatileyo, amadoda nabafazi! Yiyo le nto uYehova wayemthanda kangaka! Ngokwahlukileyo koko, ihambo yabanye namhlanje ifana twatse noko kwakusenzeka ngomhla kaMalaki. Loo mprofeti wayekhalimela indlela amadoda amaninzi awayeshiya amaqabane awo ngayo, ngokufuthi ukuze atshate namabhinqa aselula. Isibingelelo sikaYehova sasibubutyididi ziinyembezi zabafazi abaliweyo, ibe uThixo wabagxeka abo ‘babeqhubana ngobuqhophololo’ namaqabane abo.—Malaki 2:13-16.
Ibhinqa Eliselula Elinyulu
17. UmShulamikazi wayefana njani ‘nomyezo obiyelweyo’?
17 Umgcini wengqibelelo wesithathu yayiyintombi engumShulami. Ekubeni wayeselula yaye eyinzwakazi, akazange anele ukuthimb’ ingqalelo yenkwenkwe engumalusi kuphela kodwa kwanekakumkani wakwaSirayeli owayesisityebi, uSolomon. Kulo lonke ibali elimnandi elikwiNgoma yazo iiNgoma, umShulamikazi wahlala enyulu, ngaloo ndlela ehlonelwa ngabo bamngqongileyo. Nangona le ntokazi ingazange imamkele, uSolomon waphefumlelwa ukuba abhale ibali layo. Lo malusi yayimthanda wayeyihlonela ihambo yayo enyulu. Ngaxa lithile waqiqa ngelithi umShulamikazi ‘wayenjengomyezo obiyelweyo.’ (INgoma yazo iiNgoma 4:12) KuSirayeli wamandulo, imiyezo emihle yayiba neentlobo ngeentlobo zemifuno emihle, iintyatyambo ezitsho ngevumba elimyoli kunye nemithi emihle. Loo miyezo yayidla ngokubiyelwa ngoludwe lwemithi etyaliweyo okanye ngothango yaye wawunokungena kuyo ngesango elitshixwayo kuphela. (Isaya 5:5) Ukucoceka nokuthandeka kokuziphatha kwalo mShulamikazi kwakufana nomyezo omhle gqitha kulo malusi. Wayenyulu ngokupheleleyo. Uthando oluthantamisayo lwakhe lwaluya kufunyanwa ngulowo wayeza kuba ngumyeni wakhe kuphela.
18. Yintoni esiyikhunjuzwa ziingxelo ezingoYosefu, uYobhi nomShulamikazi?
18 UmShulamikazi wamisela umzekelo osemagqabini wokugcina ingqibelelo ngokuziphatha kumabhinqa angamaKristu namhlanje. UYehova wakubona waza wakuxabisa ukulunga kwale ntwazana engumShulami waza wayisikelela kanye ngendlela awayesikelele ngayo uYosefu noYobhi. Izenzo zabo zengqibelelo zabhalwa kwiLizwi likaThixo ukuze kwalathiswe thina. Ngoxa eyethu imigudu yokugcina ingqibelelo namhlanje ingabhalwa eBhayibhileni, uYehova ‘unencwadi yokukhumbuza’ yabo bafuna ukwenza ukuthanda kwakhe. Masingaze silibale ukuba uYehova ‘unikela ingqalelo’ kwaye uyavuya njengoko sizabalazela ukuzigcina sicocekile ngokuziphatha.—Malaki 3:16.
19. (a) Sifanele sikujonge njani ukucoceka kokuziphatha? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
19 Nangona abo bangenalukholo besenokusigculela, siyavuya kuba sithobela uMdali wethu onothando. Sinemilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha, siziphatha ngendlela kaThixo. Simele sibe nelunda ngaloo nto, siyixabise. Ngokuzigcina sinokuma okucocekileyo kokuziphatha, sinokuvuyela intsikelelo kaThixo yaye sinokuhlala sinethemba eliqaqambileyo leentsikelelo ezingenasiphelo zexesha elizayo. Noko ke, ngendlela esebenzisekayo, yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sicocekile ngokuziphatha? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha lo mbuzo ubalulekileyo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona IMboniselo kaMatshi 15, 1983, iphepha 29-31.
b Okulusizi kukuba, zibakho izihlandlo apho umKristu omsulwa efumana isifo esosulelwa ngeentlobano zesini kwiqabane elingakholwayo elingalulandelanga ulwalathiso lukaThixo.
Ngaba Unokuchaza?
• Yintoni efundiswa yiBhayibhile ngeentlobano zesini?
• Yintoni equkwa ligama elithi “uhenyuzo” eBhayibhileni?
• Singenelwa njani ngokuhlala sicocekile ngokuziphatha?
• Kutheni uYosefu, uYobhi nentombi engumShulami beyimizekelo emihle kumaKristu anamhlanje?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UYosefu wasaba ekuziphatheni okubi
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Intwazana engumShulami ‘yayinjengomyezo obiyelweyo’
[Umfanekiso okwiphepha 11]
UYobhi wayenze ‘umnqophiso namehlo akhe’