-
UThixo Oyinyaniso Ukuxela Kwangaphambili Ukuhlangula KwakheIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
19, 20. (a) UYehova ufikelela njani encotsheni yetyala alichopheleyo? (b) Ziziphi izinto ezifudumez’ intliziyo uYehova aziprofetayo ngabantu bakhe, yaye ngubani aza kumsebenzisa njengommeli wokuzisa ezi zinto?
19 Ngoku uYehova ufikelela encotsheni yengxoxo yakhe yasemthethweni. Kufike ithuba lokuba anikele impendulo kolu vavanyo luqatha lobuThixo—olubandakanya amandla okukwazi ukulixela kwangaphambili ikamva ngokuchanileyo. Omnye umphengululi weBhayibhile wazibiza iindinyana ezintlanu ezilandelayo zikaIsaya isahluko 44 ngokuthi “ngumbongo ochaza ukongama kukaThixo kaSirayeli,” okuphela koMdali, nokuphela koMtyhili wekamva nolithemba lokuhlangulwa kukaSirayeli. Le ngxelo iya iyondelelana ngokuyondelelana de ifikelele encotsheni ngokuthi iyibize ngegama indoda eyayiza kukhulula olo hlanga eBhabhiloni.
20 “Utsho uYehova, uMhlawuleli wakho noMyili wakho kwasesiswini, ukuthi: ‘Mna, Yehova, ndenza yonk’ into, ndolula amazulu ngokwam, nditwabulula umhlaba. Ngubani na owayekunye nam? Nditshitshisa imiqondiso yabo bantetho ililize, yaye ndinguLowo uphambanisa abavumisi; Lowo ubuyisela abantu abazizilumko emva, naLowo uguqulela kwanolwazi lwazo ekubeni bubudenge; Lowo wenza ilizwi lomkhonzi wakhe libe yinyaniso, naLowo uphumeza ngokupheleleyo icebo labathunywa bakhe; Lowo uthi ngeYerusalem, ‘Iya kumiwa,’ nothi ngezixeko zakwaYuda, ‘Ziya kubuya zakhiwe, neendawo zakhe eziphanzileyo ndiya kuzivusa’; Lowo uthi emanzini anzongonzongo, ‘Yibani ngumphunga; nemilambo yakho yonke ndiya kuyomisa’; Lowo uthi kuKoreshi, ‘Ngumalusi wam, yaye konke oko ndiyoliswa kuko uya kukuphumeza ngokupheleleyo’; athi ngeYerusalem, ‘Iya kubuya yakhiwe,’ nangetempile, ‘Siya kubekwa isiseko sakho.”’”—Isaya 44:24-28.
-
-
UThixo Oyinyaniso Ukuxela Kwangaphambili Ukuhlangula KwakheIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
22. Chaza indlela owaba ngumphunga ngayo uMlambo umEfrate.
22 Abakhafuli abangaphefumlelwanga abadli ngakuba nabuganga bokuchaza izibakala xa bexela iziganeko zexesha elizayo ngokoyikela ukubhenceka bengamaxoki. Ngokwahlukileyo, yena uYehova, esebenzisa uIsaya, ude achaze nkqu igama lalowo aza kumsebenzisa ukukhulula abantu bakhe ekuthinjweni ukuze bakwazi ukubuyela ekhaya baze bayakhe kwakhona iYerusalem netempile. Igama lakhe nguKoreshi, yaye waziwa njengoKoreshi Omkhulu wasePersi. UYehova unikela kwaneenkcukacha zecebo uKoreshi aza kulisebenzisa ukuze angene eBhabhiloni nakubeni yayikhuseleke ngeyona ndlela. IBhabhiloni iza kube ikhuselwe ziindonga eziphakamileyo nayimijelokazi yamanzi ephumela nejikeleze eso sixeko. UKoreshi uza kuvula ikroba ngokuthi ajike indlela yokuhamba koMlambo umEfrate, ongumthombo waloo mijelokazi yamanzi. Ngokutsho kwababhali-mbali bamandulo uHerodotus noXenophon, uKoreshi wayijika indlela yokuhamba kwamanzi omEfrate, kummandla osemantla kweBhabhiloni, de wawutha ngokwaneleyo umlambo ukuze amajoni akhe akwazi ukungena ngawo. Ngoko umEfrate omkhulu waba ngumphunga, awakwazi ukuyikhusela iBhabhiloni.
23. Yiyiphi ingxelo ekhoyo engokuzaliseka kwesiprofeto sokuba uKoreshi wayeza kumkhulula uSirayeli?
23 Kuthekani ngesithembiso sokuba uKoreshi uza kubakhulula abantu bakaThixo aze aqinisekise ukuba iYerusalem netempile ziyakhiwa kwakhona? IBhayibhile ichaza isibhengezo sasemthethweni esenziwa nguKoreshi ngokwakhe, esithi: “Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi, ‘Zonke izikumkani zomhlaba uYehova uThixo wamazulu uzinike mna, yaye undimisele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda. Nabani na ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, wanga uThixo wakhe anganaye. Ngoko makenyuke aye eYerusalem, ekwaYuda, aze abuye akhe indlu kaYehova uThixo kaSirayeli—unguThixo oyinyaniso—eyayiseYerusalem.’” (Ezra 1:2, 3) Ilizwi likaYehova elivakaliswe nguIsaya lizaliseka ngokupheleleyo!
-