-
“Musani Ukukholosa Ngezidwangube”Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
9. Ngubani uShilo, yaye uluhlobo olunjani lomfundisi?
9 Kudlula iinkulungwane. “Lithe lakuzaliseka ixesha” wafika emhlabeni, lowo ubizwa ngokuba nguShilo, iNkosi uYesu Kristu. (Galati 4:4; Hebhere 1:1, 2) Into yokuba uYehova enyule oyena mntu usenyongweni kuye ukuba abe siSithethi sakhe kumaYuda ibonisa indlela uYehova abathanda ngayo abantu bakhe. UYesu uba luhlobo olunjani lwesithethi? Uba sisithethi solona didi luphakamileyo! UYesu ungaphezu kokuba sisithethi nje kuphela, ukwangumfundisi—uMfundisi Obalaseleyo. Akumangalisi oko, kuba unoMqeqeshi omangalisayo—uYehova uThixo ngokwakhe. (Yohane 5:30; 6:45; 7:15, 16, 46; 8:26) Oku kuqinisekiswa koko akutshoyo uYesu kwisiprofeto sikaIsaya, esithi: “INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndiyazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi. Iyandivusa iintsasa ngeentsasa; iyayivusa indlebe yam ukuze ive njengabafundileyo.”—Isaya 50:4.b
10. UYesu ulubonisa njani uthando uYehova analo ngabantu Bakhe, yaye yiyiphi intsabelo ayifumanayo uYesu?
10 Ngaphambi kokuza kwakhe emhlabeni, uYesu wayesebenza ecaleni kukaYise ezulwini. Ulwalamano olusenyongweni phakathi kukaYise noNyana luchazwe bumbongorha kwiMizekeliso 8:30: “Ndandisecaleni [kukaYehova] njengomsebénzi onobuchule, . . . ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke.” Ukuphulaphula uYise kwamzisela uvuyo olukhulu uYesu. Naye wayebathanda “oonyana babantu” njengoYise. (IMizekeliso 8:31) Ngethuba esemhlabeni, uYesu ‘ebemphendula odiniweyo ngelizwi.’ Ubuqalise ubulungiseleli bakhe ngokufunda inxalenye ekhuthazayo yesiprofeto sikaIsaya, ethi: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu, . . . ukukhulula abo batyunyuziweyo.” (Luka 4:18; Isaya 61:1) Iindaba ezilungileyo kumahlwempu! Ukuhlaziywa kwabadiniweyo! Hayi indlela esifanele sibavuyise ngayo abantu eso sibhengezo! Abanye bayavuya—kodwa hayi bonke. Ekugqibeleni, abaninzi bayala ukuzamkela iimfaneleko zikaYesu njengalowo ufundiswe nguYehova.
11. Ngoobani abangena edyokhweni kunye noYesu, yaye yintoni ababa namava ayo?
11 Noko ke, abanye bafuna ukuva okungakumbi. Basabela ngovuyo kwisimemo esifudumez’ intliziyo sikaYesu, esithi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mateyu 11:28, 29) Phakathi kwabo basondela kuYesu kukho amadoda aba ngabapostile bakhe. Ayazi ukuba ukungena edyokhweni kunye noYesu kuthetha ukuzibhokoxa. Phakathi kwezinye izinto, lo msebenzi ubandakanya ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ukusa eziphelweni zomhlaba. (Mateyu 24:14) Njengoko abapostile nabanye abafundi bebandakanyeka kulo msebenzi, bafumanise ukuba eneneni uyayihlaziya imiphefumlo yabo. Loo msebenzi uyenziwa nangamaKristu athembekileyo namhlanje, yaye ukuba nenxaxheba kuwo kuwazisela uvuyo olufanayo.
-
-
“Musani Ukukholosa Ngezidwangube”Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
b Ukususela kwindinyana 4 ukusa ekupheleni kwesahluko, umbhali ubonakala ethetha ngaye ubuqu. Kusenokwenzeka ukuba uIsaya uye wafikelwa zezinye zezilingo azikhankanyayo kwezi ndinyana. Noko ke, ngengqiqo epheleleyo, esi siprofeto sizaliseka kuYesu Kristu.
-