-
“Memelelani Ngovuyo Ngazwinye”!Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
7. Ukuthinjwa kwabantu bakaYehova kulichaphazele njani igama lakhe?
7 Imeko abakuyo ekuthinjweni abantu bakaYehova iye yachaphazela igama lakhe, njengoko isiprofeto sibonisa ngokuthi: “‘Ngoku ke, kukuphi na ukulungelwa endinako apha?’ utsho uYehova. ‘Kuba abantu bam bathatyathelwa ilize. Bona kanye abo babalawulayo bayabhomboloza,’ utsho uYehova, ‘yaye igama lam liphathwa ngokungenantlonelo rhoqo, imini yonke. Ngenxa yeso sizathu abantu bam baya kulazi igama lam ngaloo mini, ngokuba Ndim otshoyo. Ewe, Mna kanye.’” (Isaya 52:5, 6) Unawuphi umdla uYehova kule meko? Yintoni emxhalabisayo ngokukhotyokiswa kukaSirayeli eBhabhiloni? UYehova umele athabath’ inyathelo ngenxa yokuba iBhabhiloni ithimbe abantu bakhe yaza yabhomboloza ngokuthi yoyisile. Oko kuqhayisa kukhokelele iBhabhiloni ekubeni iliphathe ngokungenantlonelo igama likaYehova. (Hezekile 36:20, 21) Ayiqondi ukuba ukuphanziswa kweYerusalem kube ngenxa yokungakholiswa kukaYehova ngabantu bakhe. Kunoko, iBhabhiloni iye yakugqala ukukhotyokiswa kwamaYuda njengobungqina bokuba buthathaka koThixo wawo. Irhuluneli yaseBhabhiloni uBheleshatsare ide imgculele uYehova ngokuthi isebenzise izitya zetempile Yakhe ebudeni betheko lokuzukisa oothixo baseBhabhiloni.—Daniyeli 5:1-4.
-
-
“Memelelani Ngovuyo Ngazwinye”!Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
9, 10. Yintoni abaye bayiqonda ngokunzulu ngakumbi abantu bakaThixo bomnqophiso bexesha lanamhlanje ngokuphathelele imilinganiselo kaYehova negama lakhe?
9 Xa uKoreshi Omkhulu, uYesu Kristu, wabakhululayo abantu bakaThixo bomnqophiso ekuthinjweni yiBhabhiloni Enkulu ngowe-1919, bayiqonda ngakumbi imiyalelo kaYehova. Babesele bezihlambulule kwiimfundiso ezininzi zeNgqobhoko ezinemvelaphi yobuhedeni bangaphambi kwexesha lobuKristu, njengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo, nokuthuthunjiswa ngonaphakade esihogweni somlilo. Ngoku babezimisele ukususa yonke imizila yempembelelo yaseBhabhiloni. Kwakhona bakuqonda ukubaluleka kokulondoloza ngokungqongqo ubundilele ngokuphathelele ukuthabatha icala kwimicimbi yeli hlabathi. Bade bafuna nokuzihlambulula kulo naliphi na ityala legazi abaye baba nalo abanye babo.
10 Abakhonzi bakaThixo bale mihla nabo baye bakuqonda ngokunzulu ngakumbi ukubaluleka kwegama likaYehova. Ngowe-1931 baye bamkela igama elithi amaNgqina kaYehova, ngaloo ndlela bevakalisa ekuhleni ukuba bayamxhasa uYehova negama lakhe. Ukongezelela, ngempapasho eyiNew World Translation epapashwe ukususela ngowe-1950, amaNgqina kaYehova aye alibuyisela igama likaThixo kwindawo yalo efanelekileyo eBhayibhileni. Ewe, aye alixabisa igama likaYehova aza alivakalisa ukusa eziphelweni zomhlaba.
-