-
Abasemzini Bahlanganisana Endlwini KaThixo YokuthandazaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
Intuthuzelo Kowasemzini Nakwithenwa
6. Ngawaphi amaqela amabini ngoku ekunikelwa ingqalelo kuwo?
6 Ngoku uYehova ubhekisa kumaqela amabini afuna ukumkhonza kodwa angavunyelwayo nguMthetho kaMoses ukuba azihlanganise namaYuda. Siyafunda: “Owasemzini ozihlanganise kuYehova makangathi, ‘Ngaphandle kokuthandabuza uYehova uya kundahlukanisa nabantu bakhe.’ Nethenwa malingathi, ‘Khangela! Ndingumthi owomileyo.’” (Isaya 56:3) Owasemzini woyikela ukuba uza kwahlukaniswa noSirayeli. Lona ithenwa lixhalabele ukuba aliyi kuze libe nabantwana bokugcina igama lalo. Omabini la maqela afanele angalahl’ ithemba. Ngaphambi kokuba sihlolisise isizathu soko, makhe siqwalasele ukuba ayevunyelwa ukusa kuwuphi umkhamo nguMthetho ukuba anxulumane nohlanga lukaSirayeli.
7. Yiyiphi imiqathango eyamiselwa nguMthetho kwabo basemzini ababekwaSirayeli?
7 Abasemzini abangalukanga babengavunyelwa ukuba babe nenxaxheba kunqulo lukaSirayeli. Ngokomzekelo, babengavumelekanga ukuba badle kwiPasika. (Eksodus 12:43) Abasemzini ababengayivukeli imithetho yelizwe babephathwa ngokusesikweni nangobubele, kodwa babengabi yinxalenye esisigxina yolo hlanga. Kambe ke, abanye babewamkela ngokupheleleyo uMthetho, yaye oku babekubonisa ngokuthi amadoda aluke. Babesandula ke babe ngabangeni, ababenelungelo lokunqula entendelezweni yendlu kaYehova yaye babegqalwa njengenxalenye yebandla likaSirayeli. (Levitikus 17:10-14; 20:2; 24:22) Noko ke, nabo aba bangeni babengenanxaxheba ipheleleyo emnqophisweni kaYehova noSirayeli, yaye babengenamhlaba ulilifa eLizweni Lesithembiso. Abanye basemzini babethandaza etempileni, yaye ngokucacileyo babenako ukwenza amadini ngelungiselelo lababingeleli ukuba nje loo madini ayevumelana noMthetho. (Levitikus 22:25; 1 Kumkani 8:41-43) Kodwa amaSirayeli ayengafanele anxulumane ngokusondeleyo nabo.
Amathenwa Afumana Igama Ukusa Kwixesha Elingenammiselo
8. (a) Ayegqalwa njani amathenwa phantsi koMthetho? (b) Ayesetyenziswa njani amathenwa kwiintlanga zobuhedeni, yaye igama elithi “ithenwa” lisenokubhekisela entwenini maxa wambi?
8 Amathenwa, nokuba azalwa ngabazali abangamaYuda, ayengagqalwa njengamalungu apheleleyo ohlanga lukaSirayeli.a (Duteronomi 23:1) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile zikho ezinye iintlanga zobuhedeni ezaziwaxabise ngokukhethekileyo amathenwa, yaye zazinesithethe sokubathena abanye babantwana abathinjwe emfazweni. Amathenwa ayemiselwa njengamagosa kwiinkundla zasebukhosini. Ithenwa lalisenokuba ‘ngumlindi wabafazi,’ “umlindi wamashweshwe,” okanye linyamekele ukumkanikazi. (Estere 2:3, 12-15; 4:4-6, 9) Akukho bungqina bokuba amaSirayeli ayelandela uqheliselo olunjalo okanye bokuba amathenwa ayefunwa ngokukhethekileyo ukuze anikele inkonzo ethile kookumkani bakwaSirayeli.b
9. Ngawaphi amazwi athuthuzelayo uYehova awabhekisa kumathenwa okwenyama?
9 Ukongezelela ekubeni nenxaxheba elinganiselweyo kuphela kunqulo loThixo oyinyaniso, amathenwa okwenyama kwaSirayeli ayesehlazweni elikhulu lokungakwazi ukuba nabantwana bokulondoloza igama leentsapho zawo. Ngoko, hayi indlela athuthuzela ngayo amazwi alandelayo esi siprofeto! Siyafunda: “Utsho uYehova kumathenwa agcina iisabatha zam nabanyule oko ndiyoliswa kuko nabo babambe umnqophiso wam, ukuthi: ‘Ndiya kubanika endlwini yam naphakathi kweendonga zam lona kanye ilitye lesikhumbuzo negama, into elunge ngakumbi kunoonyana neentombi. Ndiya kubanika igama ukusa kwixesha elingenammiselo, elingayi kunqunyulwa.’”—Isaya 56:4, 5.
-
-
Abasemzini Bahlanganisana Endlwini KaThixo YokuthandazaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
a Igama elithi “ithenwa” lalikwabhekisela kwigosa lasenkundleni, lingenanto yakwenza nokuthenwa kwamalungu esini. Ekubeni umTiyopiya owabhaptizwa nguFilipu kubonakala ukuba wayengumngeni ebuYudeni—wabhaptizwa ngaphambi kokwamkelwa kwabangalukanga abangengomaYuda—umele ukuba wayelithenwa ngale ngqiqo.—IZenzo 8:27-39.
b UEbhedi-meleki, owanceda uYeremiya nowayekwazi ukuya ngqo kuKumkani uZedekiya, ubizwa ngokuba lithenwa. Kubonakala ukuba oku kubhekisela ekubeni ligosa lasenkundleni kwakhe kungekhona ekubeni wayethenwe ngokwenyama.—Yeremiya 38:7-13.
-