Uzuko LukaYehova Lukhanyisela Abantu Bakhe
“UYehova uya kuba lukhanyiso oluhlala ngokungenammiselo kuwe.”—ISAYA 60:20.
1. UYehova ubasikelela njani abantu bakhe abathembekileyo?
“UYEHOVA uyakholiswa ngabantu bakhe. Uyabahombisa abalulamileyo ngosindiso.” (INdumiso 149:4) Watsho njalo umdumisi wamandulo, yaye imbali iwangqina loo mazwi akhe eyinyaniso. Xa abantu bakaYehova bethembekile, uyabanyamekela, ubenza babe nempumelelo aze abakhusele. Mandulo, wabenza bazoyisa iintshaba zabo. Namhlanje, ubagcina bomelele ngokomoya yaye ubaqinisekisa ngosindiso ngesizinzi sedini likaYesu. (Roma 5:9) Ukwenza oku ngenxa yokuba bahle emehlweni akhe.
2. Nangona bejamelana nenkcaso, yintoni abantu bakaThixo abanentembelo kuyo?
2 Phofu ke, kwihlabathi elintyumpantyumpeka ebumnyameni, abo ‘baphila ngozinikelo lobuthixo’ baza kuchaswa. (2 Timoti 3:12) Sekunjalo, uYehova ubajongile aba bachasayo, yaye ubatyityimbisela umnwe esithi: “Naluphi na uhlanga nabo nabuphi na ubukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala; neentlanga nakanjani na ziya kuphanza.” (Isaya 60:12) Namhlanje, inkcaso iza ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Kwamanye amazwe, abachasi bazama ukulumisela imiqathango okanye baluvale unqulo amaKristu okwenyaniso alunikela kuYehova. Kwamanye, abantu abanenzondelelo yempambano bayababetha abanquli bakaYehova baze batshise izakhiwo zabo. Noko ke, khumbula ukuba uYehova sele egqibile ngokuya kwenzeka kwabo bachasayo ukuze azalisekise ukuthanda kwakhe. Abo bachasayo abasayi kuphumelela. Abo balwa neZiyon, emelwa ngabantwana bakhe abasemhlabeni, abayi kuphumelela. Ngaba lawo asingomazwi alukhuthazo avela kuThixo wethu omkhulu, uYehova?
Basikelelwe Ngaphezu Kokuba Bebelindele
3. Buzekeliswa njani ubuhle nempumelelo yabanquli bakaYehova?
3 Inyaniso ikukuba kule mihla yokugqibela yale nkqubo yezinto, uYehova uye wabasikelela abantu bakhe ngaphezu kokuba bebelindele. Ngokukhethekileyo uye wayihombisa ngokuthe ngcembe indawo yakhe yonqulo nabo babizwa ngegama lakhe. Ngokutsho kwesiprofeto sikaIsaya, uthi kwiZiyon: “Lona kanye uzuko lweLebhanon luya kuza kuwe, umthi wejunipha, umthi womqwehle nomsipres ngaxeshanye, ukuze kuhonjiswe indawo yengcwele yam; kwaye ndiya kuyizukisa indawo yeenyawo zam.” (Isaya 60:13) Iintaba ezigqunywe ngamahlathi achumileyo zibukeka gqitha. Ngoko ke imithi emikhulu nemihle ingumqondiso yobuhle nempumelelo yabanquli bakaYehova.—Isaya 41:19; 55:13.
4. Yintoni ‘ingcwele nendawo yeenyawo zikaYehova,’ yaye ziye zahonjiswa njani?
4 Yintoni ‘ingcwele nendawo yeenyawo zikaYehova’ ekhankanywe kuIsaya 60:13? La mabinzana abhekisela kwiintendelezo zasemhlabeni zetempile enkulu kaYehova yokomoya, elilungiselelo lokusondela kuye ngoYesu Kristu. (Hebhere 8:1-5; 9:2-10, 23) UYehova uyichazile injongo yakhe yokuzukisa loo tempile yokomoya ngokukhupha abantu kuzo zonke iintlanga ukuba beze kunqula kuyo. (Hagayi 2:7) UIsaya uye wabona izihlwele ezivela kuzo zonke iintlanga zingumsinga ukuya kwintaba kaYehova yonqulo ephakamileyo. (Isaya 2:1-4) Kumakhulu eminyaka kamva, umpostile uYohane wabona umbono ‘wesihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ Esi sihlwele sasimi “phambi kwetrone kaThixo . . . , benikela inkonzo engcwele kuye imini nobusuku etempileni yakhe.” (ISityhilelo 7:9, 15) Njengokuba ezi ziprofeto ziye zazaliseka kumhla wethu, siye sazibonela ngawethu amehlo indlu kaYehova ihonjiswa.
5. Abantwana baseZiyon baye benza yiphi inguqulelo ebonakalisa inkqubela?
5 Hayi indlela oluya kuba lukhulu ngayo utshintsho oluya kubangelwa koku kwiZiyon! UYehova uthi: “Esikhundleni sokuba ube ngoshiywe ngokupheleleyo nothiyiweyo, kungabikho bani udlulayo, ndiya kukumisa ube yinto yokuqhayisa ukusa kwixesha elingenammiselo, ukugcoba kwezizukulwana ngezizukulwana.” (Isaya 60:15) Ekupheleni kwemfazwe yehlabathi yokuqala, “uSirayeli kaThixo” uye waphanziswa ngokwenene. (Galati 6:16) Wavakalelwa ngokungathi ‘wayeshiywe ngokupheleleyo’ kuba abantwana bakhe basemhlabeni babengakuqondi kakuhle oko kuyinjongo kaThixo ngabo. Wandula ke, ngowe-1919, uYehova wabahlaziya abo bakhonzi bakhe bathanjisiweyo, yaye ukususela ngoko uye wabahombisa ngokubenza bachume ngokumangalisayo ngokomoya. Ngaphezu koko, ngaba esi sithembiso sikule ndinyana asivuyisi? UYehova uya kuyijonga iZiyon ‘njengento yokuqhayisa.’ Ewe, abantwana beZiyon , noYehova, baya kuqhayisa ngeZiyon. Iya kuba yinto ‘yokugcoba,’ unobangela wovuyo olukhulu. Yaye oko akuyi kwenzeka nje ixesha elifutshane. IZiyon iya kubabalwa, njengoko kubonakala kubantwana bayo basemhlabeni, ‘kwizizukulwana ngezizukulwana.’ Ayisayi kuze iphanziswe.
6. AmaKristu okwenyaniso azisebenzisa njani izixhobo zeentlanga?
6 Ngoku, phulaphula esinye isithembiso sikaThixo. Ethetha neZiyon, uYehova uthi: “Uya kwanya ubisi lweentlanga, yaye uya kwanya amabele ookumkani; kwaye ngokuqinisekileyo uya kwazi ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, naLowo unaMandla kaYakobi nguMhlawuleli wakho.” (Isaya 60:16) IZiyon iye ‘yalwanya njani ubisi lweentlanga’ yaze yawanya njani “amabele ookumkani”? AmaKristu athanjisiweyo namaqabane awo “ezinye izimvu” aye asebenzisa izixhobo eziveliswe ziintlanga ekuhambiseleni phambili unqulo olunyulu. (Yohane 10:16) Iminikelo enikelwe ngokuzithandela inceda ekuphumezeni umsebenzi omkhulu wokushumayela nokufundisa owenziwa ehlabathini lonke. Ngoncedo lobulumko bobugcisa banamhlanje, ngoku apapasha iiBhayibhile noncwadi lweBhayibhile ngamakhulukhulu eelwimi. Namhlanje, inyaniso yeBhayibhile ifikelela abantu abaninzi ngakumbi kunangaphambili. Abantu beentlanga ezininzi bafunda ukuba uYehova, owathenga abakhonzi bakhe abathanjisiweyo ekuthinjweni ngokomoya, ngokwenene unguMsindisi.
Inkqubela Yentlangano
7. Yiyiphi inkqubela ebalaseleyo eye yafunyanwa ngabantwana beZiyon?
7 UYehova uye wabahombisa ngenye indlela abantu bakhe. Uye wabasikelela ngokubangela ukuba kubekho inkqubela kwintlangano. KuIsaya 60:17, sifunda oku: “Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide, esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi; yaye ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.” Ukuzisa igolide esikhundleni sobhedu, luphuculo olo, yaye kukwanjalo nangezinye izinto ezikhankanyiweyo apha. Ngokuvisisana noku, uSirayeli kaThixo uye wabona uphuculo oluqhubekayo entlanganweni ebudeni bezi ntsuku zokugqibela. Khawuqwalasele le mizekelo imbalwa.
8-10. Chaza inkqubela yentlangano eye yenzeka ukususela ngowe-1919.
8 Ngaphambi kowe-1919, amabandla abantu bakaThixo ayephathwa ngabadala nabadikoni ababenyulwa ngokuvotelwa ngamalungu ebandla. Ukususela ngaloo nyaka, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lamisela umalathisi wenkonzo kwibandla ngalinye ukuba ongamele amalungiselelo enkonzo yasentsimini. (Mateyu 24:45-47) Noko ke, kumabandla amaninzi olo lwalathiso aluzange lusebenze kuba abanye abadala abanyulwayo abazange baxhase ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela. Ngenxa yoko, ngowe-1932, amabandla ayalelwa ukuba ayiyeke inkqubo yokunyulwa kwabadala nabadikoni. Kunoko, ayefanele amisele ikomiti yenkonzo eyayiza kusebenzisana nomalathisi wenkonzo. Oko kwakufana ‘nobhedu’ esikhundleni “somthi”—enjani yona inkqubela!
9 Ngowe-1938, amabandla ehlabathini lonke agqiba kwelokuba amkele eli lungiselelo liphuculiweyo, elo lalivisisana neZibhalo. Amabandla aphathwa sisicaka sebandla esasincediswa zezinye izicaka, zonke ezazimiselwa ngolwalathiso lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Lwaphela unyulo! Ngaloo ndlela, zonke izicaka zebandla zazimiselwa ngendlela yobuthixo. Oko kwakufana ‘nentsimbi’ esikhundleni “samatye” okanye ‘negolide’ esikhundleni “sobhedu.”
10 Ukususela ngoko, kwaqhubeka kusenziwa inkqubela engakumbi. Ngokomzekelo, ngowe-1972 kwabonwa ukuba, ukuba namabandla avelelwa liqumrhu elimiselweyo labadala, kukho umdala omnye onegunya kwabanye, kwakusondele kwindlela amabandla amaKristu enkulungwane yokuqala ayesenza ngayo. Kwakhona kwiminyaka emibini edluleyo, kuye kwenziwa olunye utshintsho. Kwenziwa utshintsho ngokuphathelele ukumiselwa kwabalathisi bemibutho ethile engokwasemthethweni, nto leyo eyenze ukuba iQumrhu Elilawulayo likhululeke ukuze likwazi ukunikela ingqalelo ephelele ngakumbi kwizilangazelelo zokomoya zabantu bakaThixo kunokuba liphazanyiswe yimicimbi yasemthethweni.
11. Ngubani oye wabangela utshintsho kwintlangano yabantu bakaYehova, yaye olu tshintsho luye lwaphumela entwenini?
11 Ngubani owenza kubekho ezi nguqulelo? NguYehova uThixo. Nguye othi: “Ndiya kuzisa igolide.” Yaye ikwanguye oqhubeka esithi: “Ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.” Ewe, nguYehova owalathisa abantu bakhe. Le nkqubela ekhoyo entlanganweni eyaxelwa kwangaphambili ibobunye ubungqina bokuba uyabahombisa abantu bakhe. Yaye oko kube yintsikelelo enkulu kumaNgqina kaYehova. KuIsaya 60:18, sifunda oku: “Akuyi kuba saviwa lugonyamelo elizweni lakho, ukuphangwa nokuwa phakathi kwemida yakho. Kwaye ngokuqinisekileyo uya kubiza iindonga zakho ngokuthi uSindiso namasango akho uthi iNdumiso.” Hayi indlela amnandi ngayo loo mazwi! Kodwa aye azaliseka njani?
12. Uxolo luye lwalawula njani kumaKristu okwenyaniso?
12 Ngokuzimisela amaKristu okwenyaniso akhangela kuYehova ukuze awayalele aze awakhokele, yaye umphumo uba ngulowo waprofetwa nguIsaya: “Bonke oonyana bakho baya kufundiswa nguYehova, lube lukhulu uxolo loonyana bakho.” (Isaya 54:13) Ngokubhekele phaya, umoya kaYehova usebenza kubantu bakhe, yaye esinye seziqhamo zalo moya luxolo. (Galati 5:22, 23) Uxolo lwabantu bakaYehova luba sisiqabu kweli hlabathi linogonyamelo. Imeko yabo yoxolo, esekelwe kuthando amaKristu okwenyaniso analo phakathi kwawo, lusingcamlisa indlela esiza kuphila ngayo kwihlabathi elitsha. (Yohane 15:17; Kolose 3:14) Ngokuqinisekileyo ngamnye kuthi uyavuyiswa kukunandipha olo xolo nokufak’ isandla kulo, nto leyo ezisa uzuko nodumo kuThixo wethu, enye yezinto ezibalulekileyo kwiparadesi yethu yokomoya!—Isaya 11:9.
Ukukhanya KukaYehova Kuya Kuqhubeka Kukhanyisa
13. Kutheni sinokuqiniseka ukuba ukukhanya kukaYehova akusayi kuze kuyeke ukukhanyisela abantu bakhe?
13 Ngaba ukukhanya kukaYehova kuya kuqhubeka kukhanyisela abantu bakhe? Ngokuqinisekileyo kunjalo! KuIsaya 60:19, 20, sifunda oku: “Ilanga aliyi kuba saba lukhanyiso kuwe emini, nokuqaqamba kwenyanga akusayi kuba sakukhanyisela. Yaye uYehova umele abe lukhanyiso lwakho oluhlala ngokungenammiselo, noThixo wakho abe bubuhle bakho. Ilanga lakho aliyi kuba satshona, nenyanga yakho ingafi; kuba uYehova uya kuba lukhanyiso oluhlala ngokungenammiselo kuwe, nemihla yokuzila kwakho iya kube ifikelele esiphelweni.” Xa abathinjwa bokomoya bayeka ‘ukuzila’ ngowe-1919, ukukhanya kukaYehova kwaqala ukubakhanyisela. Ngaphezu kweminyaka engama-80 kamva, basaqhubeka benandipha inkoloseko kaYehova njengoko ukukhanya kwakhe kuqhubeka kukhanya. Yaye akusayi kuze kuyeke. Ngokuphathelele abanquli bakhe, uThixo wethu akayi ‘kutshona’ njengelanga okanye ‘afe’ njengenyanga. Kunoko, uya kuqhubeka ebakhanyisela ngonaphakade. Hayi indlela okusikhuthaza ngayo oko njengoko siphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi lobumnyama!
14, 15. (a) Abantu bakaThixo ‘bangamalungisa’ bonke ngayiphi indlela? (b) Ngokuphathelele uIsaya 60:21, yiyiphi inzaliseko ebalulekileyo ezikhangele phambili kuyo ezinye izimvu?
14 Ngoku khawuve oko uYehova akuthethayo ngabameli beZiyon basemhlabeni, uSirayeli kaThixo. UIsaya 60:21 uthi: “Ke bona abantu bakho, bonke baya kuba ngamalungisa; baya kulidla ilifa ilizwe ukusa kwixesha elingenammiselo, ihlumelo loko kutyalwe ndim, umsebenzi wezandla zam, ukuze mna ndihombe.” Ngowe-1919 xa amaKristu athanjisiweyo avuselelwayo, ayeliqela labantu abangaqhelekanga. Kwihlabathi elikuthandayo ukwenza isono, aye ‘avakaliswa engamalungisa’ ngenxa yokholo lwawo olomeleleyo kwidini lentlawulelo likaKristu Yesu. (Roma 3:24; 5:1) Ngoko ke, njengamaSirayeli akhululwe kubukhoboka baseBhabhiloni, alidla ilifa “ilizwe” lokomoya, okanye ummandla asebenzela kuwo, apho baya kunandipha iparadesi yokomoya. (Isaya 66:8) Ubuhle beparadesi yokomoya yelo lizwe abusayi kuze buphele ngenxa yokuba, ngokungafaniyo noSirayeli wamandulo, uhlanga loSirayeli kaThixo alusayi kuze lungathembeki. Ukuba nokholo, ukunyamezela nokuba nenzondelelo kwalo kuya kusoloko kuzukisa igama likaThixo.
15 Onke amalungu ohlanga lokomoya akumnqophiso omtsha. Onke anomthetho kaYehova obhalwe ezintliziyweni zawo, yaye uYehova, ngesizinzi sedini lentlawulelo likaYesu, uye wawaxolela izono zawo. (Yeremiya 31:31-34) Uwagqala elungile ‘njengoonyana’ yaye usebenzisana nawo ngokungathi afezekile. (Roma 8:15, 16, 29, 30) Amaqabane awo azezinye izimvu nawo azixolelwe izono zawo ngesizinzi sedini likaYesu, yaye njengoAbraham aye agqalwa engamalungisa njengabahlobo bakaThixo ngenxa yokholo. Aye ‘ayihlamba imiwunduzo yawo ayenza mhlophe egazini leMvana.’ Yaye la maqabane azezinye izimvu akhangele phambili kwenye intsikelelo ebalaseleyo. Emva kokusinda “embandezelweni enkulu” okanye emva kokuvuswa, aya kubona ukuzaliseka ngokoqobo kwamazwi kaIsaya 60:21 xa umhlaba wonke uya kuba yiparadesi. (ISityhilelo 7:14; Roma 4:1-3) Ngelo xesha, “abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11, 29.
Ulwando Luyaqhubeka
16. Sisiphi isithembiso esibalaseleyo uYehova awasenzayo, yaye siye sazaliseka njani?
16 Kwindinyana yokugqibela kaIsaya isahluko 60, sifunda ngesithembiso sikaYehova sokugqibela kwesi sahluko. Uthi kwiZiyon: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” (Isaya 60:22) Kumhla wethu, uYehova uye waligcina ilizwi lakhe. Xa amaKristu athanjisiweyo avuselelwayo ngowe-1919, ayembalwa ngenani—enyanisweni, ‘engomncinane.’ Inani lawo landa njengoko kwakungeniswa amaSirayeli angakumbi okomoya. Kwaza emva koko kwathontelana abezinye izimvu ukuza kuwo ngamanani amakhulu. Uxolo lwabantu bakaThixo, iparadesi yokomoya ‘eselizweni’ labo, lutsale abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo kangangokuba ngokwenene “omncinane” uye waba “luhlanga olunamandla.” Kungokunje olu “hlanga”—uSirayeli kaThixo ‘nabasemzini’ abazinikeleyo abangaphezu kwezigidi ezithandathu—luninzi ngakumbi kunabemi bamazwe amaninzi azimeleyo ehlabathini. (Isaya 60:10) Onke amalungu alo anenxaxheba ekubonakaliseni ukukhanya kukaYehova, yaye oko kuwenza onke abe mahle emehlweni akhe.
17. Ingxubusho kaIsaya isahluko 60 iye yakuchaphazela njani?
17 Ewe, komeleza ukholo ukuqwalasela iingongoma eziphambili zikaIsaya isahluko 60. Kuyathuthuzela ukubona ukuba kusengaphambili, uYehova wayesazi ukuba abantu bakhe babeya kuthinjwa ngokomoya baze bakhululwe. Kuyasimangalisa ukuba kusengaphambili, uYehova wabona ulwando olukhulu kwinani labanquli bokwenyaniso ngomhla wethu. Ngaphezu koko, hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukuba uYehova akasayi kuze asishiye! Hayi indlela ekuluthando ngayo ukuqiniseka ukuba amasango “esixeko” aya kuhlala evulekile ukwamkela ngobubele abo “banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade”! (IZenzo 13:48) UYehova uya kuqhubeka ekhanyisela abantu bakhe. IZiyon iya kuqhubeka iyinto yokuqhayisa njengoko abantwana bayo besenza ukukhanya kwabo kukhanye ngakumbi nangakumbi. (Mateyu 5:16) Ngokuqinisekileyo sizimisele ngakumbi ukuhlala sisondele kuSirayeli kaThixo size sibonakalise uxabiso ngelungelo lokubonakalisa ukukhanya kukaYehova!
Ngaba Unokucacisa?
• Ngokuphathelele inkcaso, sinokuba nentembelo kwintoni?
• Abantwana beZiyon baye ‘balwanya njani ubisi lweentlanga’?
• Ziziphi iindlela uYehova aye ‘wazisa ngayo ubhedu esikhundleni somthi’?
• Ziziphi iimpawu ezimbini ezibalaseliswe kuIsaya 60:17, 21?
• “Omncinane” uye waba “luhlanga olunamandla” njani?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 18]
ISIPROFETO SIKAISAYA—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu
La manqaku athatyathwe kwintetho yeeNdibano Zezithili ‘Zabafundisi BeLizwi LikaThixo’ zowama-2001/02. Ekupheleni kwentetho, kwiindawo ezininzi isithethi sakhulula impapasho entsha ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, uMqulu Wesibini. Kunyaka ongaphambili, kwakhululwa Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, uMqulu Wokuqala. Ngokukhululwa kwale mpapasho intsha, ngoku kukho ingxubusho esexesheni phantse yendinyana zonke zencwadi kaIsaya. Le miqulu iluncedo kakhulu ekuqondeni ngokunzulu nokuxabisa le ncwadi yesiprofeto kaIsaya eyomeleza ukholo.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
‘UYehova uyabahombisa abantu bakhe ngosindiso’ nangaphantsi kwenkcaso ekrakra
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Abantu bakaThixo basebenzisa izixhobo ezixabisekileyo zeentlanga ukuhambisela phambili unqulo olunyulu
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UYehova uye wasikelela abantu bakhe ngokwenza inkqubela kwintlangano nangoxolo