-
UYehova Uzenzela Igama ElihleIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
12, 13. (a) Kutheni kungekho mntu umncedayo uYehova? (b) Ingalo kaYehova isindisa njani, yaye umsindo wakhe umxhasa njani?
12 UYehova uhlabela mgama esithi: “Ndaqhubeka ndikhangela, kodwa kwakungekho mncedi; yaye ndaqalisa ukuzibonakalisa ndikhwankqisiwe, kodwa kwakungekho bani unikela inkxaso. Ngoko ingalo yam yandisindisa, nomsindo wam wandixhasa. Ndazinyathela izizwana ngomsindo, kwaye ndabanxilisa ngobushushu bam ndaza ndalihlisela emhlabeni igazi labo elitsazayo.”—Isaya 63:5, 6.
13 Akukho mntu unokufuna ukuzukiswa ngokunceda uYehova ngemini yakhe enkulu yempindezelo. Phofu ke akuyomfuneko kakade ukuba uYehova axhaswe ngabantu ekuphumezeni ukuthanda kwakhe.c Ingalo yakhe eyomelele ngokungathethekiyo iwanele loo msebenzi. (INdumiso 44:3; 98:1; Yeremiya 27:5) Ngaphezu koko, umsindo wakhe uyamxhasa. Njani? Ngohlobo lokuba umsindo kaThixo awubangelwa ziimvakalelo ezingalawulekiyo kodwa ukukucaphuka kobulungisa. Ekubeni uYehova esoloko enamathela kwimigaqo yobulungisa, umsindo wakhe uyamxhasa uze umshukumisele ekubeni ‘alihlisele emhlabeni igazi elitsazayo’ leentshaba zakhe, ngokuthi azithobe yaye azoyise.—INdumiso 75:8; Isaya 25:10; 26:5.
-
-
UYehova Uzenzela Igama ElihleIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
c UYehova ubonakala emangalisiwe kukuba kungekho bani umxhasayo. Eneneni kuyamangalisa ukuba nakubeni sekudlule phantse ama-2 000 eminyaka emva kokufa kukaYesu, kodwa abantu abanamandla basakuchasile ukuthanda kukaThixo.—INdumiso 2:2-12; Isaya 59:16.
-