-
Ngaba UYesu Wayebhekisela Kwisihogo Somlilo?IMboniselo—2008 | Juni 15
-
-
Noko ke, khawuthelekise amazwi kaYesu kunye nendinyana yokugqibela yesiprofeto sikaIsaya.b Ngaba alizicacelanga elokuba uYesu wayebhekisela kweso sibhalo sikuIsaya isahluko 66? Kuyabonakala ukuba lo mprofeti ubhekisela ekuphumeni ngaphandle “kweYerusalem ukuya kutsho kwiNtlambo iHinom (iGehena), apho kwakukhe kwabingelelwa khona ngabantu (Yer. 7:31) yaye loo ndawo yaphetha isiba yindawo yokutshisa inkunkuma yeso sixeko.” (iThe Jerome Biblical Commentary] Kucacile ukuba kuIsaya 66:24 akubhekiselwa ekungcungcuthekisweni kwabantu; kodwa kuthethwa ngezidumbu. Izinto ekuthiwa azifi ziimpethu—kungekhona abantu abaphilayo okanye imiphefumlo engafiyo. Yintoni kanye abhekisela kuyo amazwi kaYesu?
Phawula indlela incwadi yamaKatolika iEl evangelio de Marcos. Análisis lingüístico y comentario exegético, Umqulu II ethetha ngayo ngoMarko 9:48: “Eli binzana lithatyathwe kuIsaya (66,24). Apho umprofeti uchaza indlela ezimbini ezazidla ngokutshatyalaliswa ngazo izidumbu: ukuziyeka zibole nokuzitshisa . . . Ukubhekisela kwiimpethu nomlilo kubethelela intshabalalo. . . . Zombini ezi zinto zitshabalalisayo zichazwa njengezingapheliyo (‘azigqitywa, azifi’): ayikho nje kwaphela indlela yokuziphepha. Kule nkcazelo, ekuphela kwezinto ezisindayo yimpethu nomlilo—kungekhona umntu—ibe zombini zitshabalalisa nantoni na ephambi konyawo. Ngenxa yoko, oku akubhekiseli kwintuthumbo kanaphakade, kodwa kubhekisela kwintshabalalo epheleleyo, njengoko bengenakuvuswa abayifumanayo, ngaphandle nje kokufa ngonaphakade. Ngoko ke, [umlilo] ufuzisela intshabalalo.”
-
-
Ngaba UYesu Wayebhekisela Kwisihogo Somlilo?IMboniselo—2008 | Juni 15
-
-
b “Okunene baya kuphuma baze bakhangele kwizidumbu zamadoda anxaxhileyo kum; kuba zona kanye iimpethu ezikuwo aziyi kufa nomlilo wabo awuyi kucima, yaye bamele babe yinto elizothe kwinyama yonke.”—Isa. 66:24.
-