-
Isithembiso SeNkosana YoXoloIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
-
-
‘Umthetho Nobungqina’ BukaThixo
8. Uyintoni ‘umthetho nobungqina’ esifanele siye kuwo namhlanje ukuze sifumane ulwalathiso?
8 Umthetho kaYehova owalela ukusebenzelana nemimoya, kwaneminye imiyalelo yakhe, ayikhange ifihlwe kwaYuda. Iye yalondolozwa ngokuthi ibhalwe phantsi. Namhlanje iLizwi lakhe elibhaliweyo liyafumaneka lonke liphela. LiyiBhayibhile, equlethe kungekuphela nje intlanganisela yemithetho nemimiselo kaThixo kodwa kwaneengxelo zokuqhubana kukaThixo nabantu bakhe. Ezi ngxelo zeBhayibhile zokuqhubana kukaYehova nabantu bakhe zibubungqina obusifundisa ngobuntu nangeempawu zikaYehova. Kunokuba abuzise kwabafileyo, la maSirayeli ebefanele alufune phi ulwalathiso? UIsaya uphendula athi: “Kuwo umthetho nakubo ubungqina!” (Isaya 8:20a) Ewe, abo bafuna ukhanyiselo lokwenyaniso bafanele baye eLizwini likaThixo elibhaliweyo.
9. Ngaba ukucaphula eBhayibhileni ngamathuba athile kuluncedo ngandlel’ ithile kuboni abangaguqukiyo?
9 Wambi amaSirayeli abandakanyeka ekusebenzelaneni nemimoya asenokuzibanga elihlonela iLizwi likaThixo elibhaliweyo. Kodwa amabango anjalo alilize yaye ngawohanahaniso. UIsaya uthi: “Ngokuqinisekileyo baya kuthetha ngokwale ngxelo ekuya kuthi ke kungabikho kukhanya kwesifingo.” (Isaya 8:20b) Yiyiphi le ngxelo abhekisela kuyo apha uIsaya? Mhlawumbi yileya ithi: “Kuwo umthetho nakubo ubungqina!” Kusenokwenzeka ukuba wambi amaSirayeli awexukileyo acaphula eLizwini likaThixo, kanye njengokuba nabawexuki kwanabanye namhlanje besenokucaphula eZibhalweni. Kodwa babhibhidla nje amazinyo. Ukucaphula eZibhalweni akuyi kubazisela nakuphi na ‘ukukhanya kwesifingo,’ okanye ukhanyiselo oluvela kuYehova, ukuba akuhambisani nokwenziwa kokuthanda kukaYehova kunye nokuphepha uqheliselo olungacocekanga.b
-
-
Isithembiso SeNkosana YoXoloIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
-
-
b Ibinzana elithi “le ngxelo” kuIsaya 8:20 lisenokubhekisela kwingxelo ephathelele ukusebenzelana nemimoya, ecatshulwe kuIsaya 8:19. Ukuba kunjalo, makube ke uIsaya apha uthi la maYuda asebenzelana nemimoya aya kuqhubeka erhwebeshela abanye ukuba babhenele kwabaneshologu baze ngaloo ndlela bangafumani lukhanyiselo luvela kuYehova.
-