Isahluko 22
Abafundi Abane Bayabizwa
EMVA kwelinge lokubulala uYesu kwidolophu yakowabo yaseNazarete, uya kwisixeko saseKapernahum esinga kuLwandle lwaseGalili. Oku kuzalisekisa esinye isiprofeto sikaIsaya. Seso saxela kwangaphambili ukuba abantu baseGalili abahlala ngaselwandle babeya kubona ukukhanya okukhulu.
Njengoko uYesu ephumeza umsebenzi wakhe okhanyisayo wokushumayela uBukumkani apha, ufumana abafundi bakhe abane. Aba babehambe naye ekuqaleni kodwa babuyela kwishishini labo lokuloba xa babuya bevela kwelakwaYuda noYesu. Kunokwenzeka ukuba, uYesu ngoku uyabafuna, ekubeni lifikele ixesha lokuba abe nabancedisi anokuthembela kubo nabathe rhoqo anokubaqeqesha ukuba baqhubeke nobulungiseleli emva kokuba emkile.
Ngoko njengoko uYesu ehamba ngaselunxwemeni lolwandle aze abone uSimon Petros nezinxulumani zakhe behlamba iminatha yabo, uya kubo. Ungena emkhombeni kaPetros aze amcele ukuba asuke emhlabeni. Xa bemganyana, uYesu uhlala phantsi emkhombeni aze aqalise ukufundisa izihlwele eziselunxwemeni.
Emva koko, uYesu uthi kuPetros: “Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.”
UPetros uyaphendula esithi: “Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.”
Xa iminatha ithotyiwe, inkitha yeentlanzi iyabanjiswa kangangokuba iminatha iqalisa ukuqhaqheka. Ngokukhawuleza, la madoda akhoba amaqabane awo asemkhombeni okufutshane ukuba eze kunceda. Kungekudala yomibini imikhombe izaliswa ziintlanzi ezininzi kangangokuba iqalisa ukuzika. Ebona oku, uPetros uwa phantsi phambi koYesu aze athi: “Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.”
UYesu uyamphendula esithi, “Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.”
UYesu ukwamema nomntakwabo Petros uAndreya. Uyababongoza esithi, “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.” Amaqabane abo abaloba kunye nawo uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, bafumana isimemo esifanayo, yaye ngokunjalo nabo, basabela ngaphandle kokulibazisa. Ngoko aba bane bayalishiya ishishini labo lokuloba baze babe ngabalandeli bakaYesu bokuqala abane anokuthembela kubo nabathe rhoqo. Luka 5:1-11; Mateyu 4:13-22; Marko 1:16-20; Isaya 9:1, 2.
▪ Kutheni uYesu ebiza abafundi bakhe ukuba bamlandele, yaye bangoobani aba?
▪ Nguwuphi ummangaliso owoyikisa uPetros?
▪ Luhlobo luni lokuloba uYesu amemela abafundi bakhe ukuba balwenze?