Zuza Iintsikelelo NgoKumkani Okhokelwa Ngumoya KaThixo!
‘Umoya kaYehova umele uhlale phezu kwakhe.’—ISA. 11:2.
1. Ziziphi izinto eziye zathethwa ngabantu ngeengxaki zehlabathi ezibaxhalabisayo?
“KWIHLABATHI elineengxaki ezingaka kwezopolitiko, kwezentlalo nasekukhuselweni kwemeko-bume, abantu banokukwazi njani ukuphila eminye iminyaka eli-100?” Lo ngumbuzo owabuzwa sisazinzulu ngezinto ezisemajukujukwini, uStephen Hawking ngowama-2006. Elinye inqaku elikwiNew Statesman lathi: “Soyisiwe kukuphelisa ubuhlwempu okanye ukudala uxolo ehlabathini. Ukusuka apho, senze okuchaseneyo nako. Ewe kona besibhula sisela. Sizame yonke into, ukususela kubukomanisi ukuya kutsho kubukhapitali; ukususela kuManyano Lwezizwe ukuya kwiinzame zokuthintela inyukliya. Siye salwa ‘iimfazwe eziphelisa imfazwe’ kuba nje sicinga ukuba siyakwazi ukuphelisa imfazwe.”
2. UYehova uza kulisebenzisa njani igunya lakhe lokuba ngumongami emhlabeni wonke?
2 Abakhonzi bakaYehova abamangaliswa kukuva amazwi anjalo. IBhayibhile isixelela ukuba abantu babengadalelwanga ukuba bazilawule. (Yer. 10:23) NguYehova kuphela okufanelekelayo ukuba nguMongami wethu. Ngenxa yoko, nguye yedwa onelungelo lokusibekela imilinganiselo, ukusichazela injongo esifanele siyiphilele, nokusikhokelela ekuphileleni loo njongo. Kungekudala uza kusebenzisa igunya lakhe ukuphelisa yonke imizamo yabantu yokuzilawula eye yawa phantsi. Kwangaxeshanye, uza kubatshabalalisa bonke abo bathi, ngokugatya ilungelo lakhe lokuba ngumongami, babangele abantu ukuba babe ngamakhoboka esono, okungafezeki ‘nawothixo wale nkqubo yezinto,’ uSathana uMtyholi.—2 Kor. 4:4.
3. Yintoni uIsaya awayiprofetayo ngoMesiya?
3 Kwihlabathi elitsha eliyiParadesi, uYehova uza kulubonakalisa ngothando ulongamo lwakhe ebantwini esebenzisa uBukumkani obungoMesiya. (Dan. 7:13, 14) Ethetha ngalo Kumkani, uIsaya waprofeta esithi: “Kumele kuphume isetyana esiphunzini sikaYese; yaye ihlumelo eliphuma ezingcanjini zakhe liya kuba nesiqhamo. Kwaye umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova.” (Isa. 11:1, 2) Ziziphi iindlela oye umoya oyingcwele kaThixo wanceda ngazo “isetyana esiphunzini sikaYese”—uYesu Kristu—ukuba lifanelekele ukulawula uluntu? Ziziphi iintsikelelo eziya kuziswa lulawulo lwakhe? Yintoni esimele siyenze ukuze sizuze ezo ntsikelelo?
Umiselwe NguThixo Ukuba Alawule
4-6. Ziziphi izinto ezibalulekileyo ezaziwa nguYesu eziya kumnceda abe nguKumkani, uMbingeleli Omkhulu noMgwebi onobulumko nonemfesane?
4 UYehova ufuna ukuba abantu bakhe bafezeke phantsi kolwalathiso loKumkani, uMbingeleli Omkhulu noMgwebi onobulumko nonemfesane. Seso sizathu esabangela ukuba uThixo akhethe uYesu Kristu waza ngomoya oyingcwele wamenza ukuba afanelekele ezo mbopheleleko zibalulekileyo. Hlolisisa ezinye izizathu eziya kubangela ukuba uYesu aziphumeze ngokugqibeleleyo izabelo azinikwe nguThixo.
5 UYesu ungoyena mntu umazi kakuhle uThixo. Lo Nyana ukuphela kozelweyo unexesha elide emazi uYise ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu, mhlawumbi iibhiliyoni zeminyaka. Ebudeni belo xesha, uYesu wamazi kakuhle uYehova kangangokuba ude achazwe ‘njengomfanekiso kaThixo ongabonakaliyo.’ (Kol. 1:15) UYesu wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.”—Yoh. 14:9.
6 Xa singambali uYehova, uYesu ungoyena mntu uyazi yonke indalo, kuquka abantu. KweyabaseKolose 1:16, 17 sifunda oku: “Zadalwa ngaye [uNyana kaThixo] zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo . . . Kanjalo, ungaphambi kwazo zonke ezinye izinto yaye zenziwa zabakho ngaye zonke ezinye izinto.” Khawucinge nje ngale nto ithethwa apha! UYesu, “njengomsebénzi onobuchule” kaThixo waba nenxaxheba xa kudalwa zonke ezinye izinto. Ngenxa yoko, uyiqonda kakuhle yonke indalo, ukususela kwawona masuntswana mancinane eathom ukusa kubuchopho bomntu obumangalisayo. Ngokwenene, uKristu ububulumko bumntwisiwe!—IMize. 8:12, 22, 30, 31.
7, 8. Umoya kaThixo wamnceda njani uYesu kubulungiseleli bakhe?
7 UYesu wathanjiswa ngomoya oyingcwele kaThixo. UYesu wathi: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu, undithumele ukushumayela inkululo kubathinjwa nokubuyiselwa kokubona kwiimfama, ukukhulula abo batyunyuziweyo, ukushumayela unyaka wolwamkelo kaYehova.” (Luka 4:18, 19) Kuyabonakala ukuba, emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, umoya oyingcwele wamkhumbuza izinto awayezifunde ngaphambi kokuba abe ngumntu, kuquka noko uThixo wayefuna akwenze kubulungiseleli bakhe basemhlabeni njengoMesiya.—Funda uIsaya 42:1; uLuka 3:21, 22; noYohane 12:50.
8 Ekubeni uYesu wayenomoya oyingcwele yaye efezekile, akazange anele nje ukuba ngoyena mntu ubalaseleyo owakha waphila, kodwa wayekwanguMfundisi omkhulu. Eneneni, abo babemphulaphula babesithi “khamnqa . . . yindlela yakhe yokufundisa.” (Mat. 7:28) Phakathi kwezinye izinto, uYesu wayekwazi ukuchaza oyena nobangela weengxaki zabantu—isono, ukungafezeki nokungamazi uThixo. Wayekwazi nokubona eyona nto yayisezintliziyweni zabantu aze abaphathe ngendlela ebafaneleyo.—Mat. 9:4; Yoh. 1:47.
9. Izinto ezenzeka kuYesu xa wayelapha emhlabeni zikwenza ube nentembelo engakumbi njani kuye njengoMlawuli?
9 UYesu waphila njengomntu. Ukuphila kwakhe njengomntu nokunxulumana nabantu abangafezekanga kwaba negalelo elikhulu ekuncedeni uYesu akufanelekele ukuba nguKumkani. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “[UYesu] wayebophelelekile ukuba abe ‘njengabazalwana’ bakhe kwiinkalo zonke, ukuze abe nokuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto eziphathelele uThixo, ukuze anikele umbingelelo wokucamagushela izono zabantu. Kuba ekubeni yena ngokwakhe wabandezeleka ngokuvavanywa, unako ukubanceda abo bavavanywayo.” (Heb. 2:17, 18) Ekubeni uYesu ‘wavavanywa,’ uyavelana nabo bajamelene nezilingo. Imfesane awayenayo uYesu yabonakala ngokucacileyo ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Abantu ababegula, ababeneziphene, ababecinezelekile—nkqu nabantwana—babengoyiki ukuza kuye. (Marko 5:22-24, 38-42; 10:14-16) Abantu abalulamileyo nabo babelambile ngokomoya babetsaleleka kuye. Kwelinye icala, abantu ababenekratshi, ababekhukhumele, kunye nabo ‘bangenalo uthando lukaThixo’ bamgatya, bamthiya, baza bamchasa.—Yoh. 5:40-42; 11:47-53.
10. Yiyiphi indlela ebalaseleyo uYesu awabonisa ngayo ukuba uyasithanda?
10 UYesu wanikela ngobomi bakhe ngenxa yethu. Mhlawumbi obona bungqina bubonisa kakuhle ukuba nguYesu kuphela uMlawuli ofanelekayo kukuvuma kwakhe ukusifela. (Funda iNdumiso 40:6-10.) UKristu wathi: “Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.” (Yoh. 15:13) Ngokungafaniyo nabalawuli babantu abangafezekanga, abaphila kamnandi ngokumfimfitha abantu abaphantsi kwabo, uYesu yena wanikela ngobomi bakhe ngenxa yabantu.—Mat. 20:28.
Unikwe Amandla Okusebenzisa Intlawulelo
11. Kutheni sinokuba nentembelo epheleleyo kuYesu njengoMhlawuleli wethu?
11 Kufaneleke gqitha ukuba ibe nguYesu ngenkqu njengoMbingeleli Omkhulu, okhokelayo ekusiziseleni iingenelo zedini lentlawulelo! Enyanisweni, ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wasikrobisa koko aya kusenzela kona njengoMhlawuleli wethu ebudeni boLawulo Lwakhe Lweminyaka Eliwaka, esiya kuphila phantsi kwalo ukuba sithembekile. Waphilisa abagulayo nabaneziphene, wavusa abafileyo, wondla izihlwele, waza walawula nemozulu. (Mat. 8:26; 14:14-21; Luka 7:14, 15) Ngaphezu koko, akazange enze ezi zinto ngenjongo yokuqhayisa ngegunya nangamandla akhe, kodwa injongo yakhe yayikukubonisa imfesane nothando analo. Xa wayebongozwa ngumntu oneqhenqa ukuba amphilise, wathi: “Ndiyathanda.” (Marko 1:40, 41) UYesu uya kubonisa imfesane efanayo ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka—emhlabeni wonke.
12. UIsaya 11:9 uya kuzaliseka njani?
12 UKristu nabo baza kulawula kunye naye baza kuqhubeka nomsebenzi wokufundisa abantu ngoThixo awawuqala kwiminyaka emalunga nama-2 000 eyadlulayo. Ngenxa yoko, la mazwi akuIsaya 11:9 aya kuzaliseka: “Umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” Ngokuqinisekileyo loo mfundo yobuthixo iya kuquka imiyalelo yendlela yokunyamekela umhlaba nezidalwa zawo ezininzi, njengoko uAdam wayeyalelwe ukuba enjenjalo. Ekupheleni kweminyaka eli-1 000, injongo kaThixo ekwiGenesis 1:28 iya kube izalisekile yaye idini lentlawulelo liya kube lisetyenziswe ngokupheleleyo.
Unikwe Amandla Okugweba
13. UYesu wabonisa njani ukuba uyabuthanda ubulungisa?
13 UKristu ‘nguLowo umiswe nguThixo ukuba abe ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.’ (IZe. 10:42) Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba uYesu akanakonakala, yaye ubulungisa nokuthembeka zifana nebhanti elibhinqwe ngokuqinileyo esinqeni sakhe! (Isa. 11:5) Wayekuthiyile ukubawa, uhanahaniso, nobunye ubungendawo, yaye wabakhalimela ngokuqatha abo babengakukhathalele ukubandezeleka kwabanye abantu. (Mat. 23:1-8, 25-28; Marko 3:5) Ngaphezu koko, uYesu wabonisa ukuba wayengaqhathwa yimbonakalo yangaphandle, “kuba yena ngokwakhe wayekwazi oko kwakusemntwini.”—Yoh. 2:25.
14. Yiyiphi indlela uYesu abonisa ngayo ngoku ukuba uyabuthanda ubulungisa nokusesikweni yaye yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
14 UYesu uqhubeka ebonisa ukuba uyabuthanda ubulungisa nokusesikweni ngokuvelela owona msebenzi mkhulu wokushumayela nokufundisa embalini yehlabathi. Akukho mntu, urhulumente wabantu, nkqu noomoya abangendawo, onokuthintela lo msebenzi ukuba ungaphunyezwa kanye ngendlela uThixo afuna ngayo. Ngenxa yoko, sinokuqiniseka ukuba xa iArmagedon iphela, uThixo uya kube ephumeze okusesikweni. (Funda uIsaya 11:4; noMateyu 16:27.) Zibuze: ‘Ngaba xa ndikubulungiseleli, abantu ndibajonga ngendlela uYesu awayebajonga ngayo? Ngaba uYehova ndimenzela konke okusemandleni am enoba impilo okanye iimeko zam zindisikela umda?’
15. Kukuhlala sikhumbula ntoni okuya kusinceda simenzele konke okusemandleni ethu uThixo?
15 Ukuba sihlala sikhumbula ukuba umsebenzi wokushumayela ngokaThixo, oko kuya kusinceda simkhonze ngomphefumlo uphela. Usiyalele ukuba siwenze; usebenzisa uNyana wakhe ukuwalathisa; yaye ubanika umoya oyingcwele abo bawenzayo. Ngaba uyalixabisa ilungelo onalo lokuba ngumsebenzi olidlelane likaThixo kunye noNyana wakhe okhokelwa ngumoya? NguYehova kuphela onokubangela ukuba abantu abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe, uninzi lwabo olugqalwa ‘njengolungenamfundo noluqhelekileyo,’ ukuba bavakalise isigidimi soBukumkani ebantwini kumazwe angama-236.—IZe. 4:13.
Zisikelele NgoKristu!
16. IGenesis 22:18 isixelela ntoni ngentsikelelo kaThixo?
16 UYehova wathi kuAbraham: “Ngokuqinisekileyo ziya kuzisikelela ngembewu yakho zonke iintlanga zomhlaba kuba uliphulaphule ilizwi lam.” (Gen. 22:18) Oku kuthetha ukuba abantu abanoxabiso banokujonga phambili ekufumaneni iintsikelelo eziya kuziswa yiMbewu enguMesiya. Bakhonza uThixo ngenkuthalo becinga ngezo ntsikelelo.
17, 18. Sisiphi isithembiso esenziwa nguYehova kwiDuteronomi 28:2 yaye sithetha ntoni kuthi?
17 Xa wayethetha nembewu yenyama ka-Abraham, uhlanga lakwaSirayeli, uThixo wakha wathi: “Ziya kukufikela ezi ntsikelelo [zichazwe kumnqophiso woMthetho] zonke, zikufumane, xa uthe waliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wakho.” (Dut. 28:2) La mazwi anokuthethwa nakubakhonzi bakaThixo namhlanje. Ukuba ufuna ukufumana intsikelelo kaYehova, qhubeka ‘uphulaphula’ ilizwi lakhe. Iintsikelelo zakhe ‘ziya kukufikela zize zikufumane.’ Noko ke, kuquka ntoni ‘ukuphulaphula’?
18 Ukuphulaphula kuquka ukukuthatha nzulu oko kuthethwa kwiLizwi likaThixo nokutya kokomoya asilungiselele kona. (Mat. 24:45) Kukwathetha ukuthobela uThixo noNyana wakhe. UYesu wathi: “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini oya kungena.” (Mat. 7:21) Ukuphulaphula uThixo kukwathetha ukuzithoba ngokuzithandela kwilungiselelo asenzele lona, ibandla lamaKristu nabadala abamiselweyo, ‘abazizipho ezingabantu.’—Efe. 4:8.
19. Sinokuyifumana njani intsikelelo?
19 Phakathi kwabo ‘bazizipho ezingabantu’ kukho amalungu eQumrhu Elilawulayo, amela lonke ibandla lamaKristu. (IZe. 15:2, 6) Eneneni, indlela esibaphatha ngayo abazalwana bakaKristu bokomoya iya kuba negalelo kwindlela esiya kugwetywa ngayo ebudeni bembandezelo enkulu ezayo. (Mat. 25:34-40) Ngenxa yoko, enye indlela esiya kufumana ngayo intsikelelo kukubaxhasa ngokunyaniseka abathanjiswa bakaThixo.
20. (a) Yiyiphi eyona mbopheleleko iphambili ezinayo “izipho ezingabantu”? (b) Sinokubonisa njani ukuba siyabaxabisa aba bazalwana?
20 “Izipho ezingabantu” zikwaquka amalungu eKomiti Yesebe, abaveleli abahambahambayo nabadala bebandla—abamiselwe ngumoya oyingcwele bonke. (IZe. 20:28) Eyona mbopheleleko iphambili yaba bazalwana kukwakha abantu bakaThixo ‘de bonke bafikelele kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo, ekukhuleleni ebudodeni obupheleleyo, kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.’ (Efe. 4:13) Ewe abafezekanga njengathi sonke. Sekunjalo, siyazisikelela xa siyixabisa imizamo yabo yokusalusa ngothando.—Heb. 13:7, 17.
21. Kutheni kungxamisekile ukuba sithobele uNyana kaThixo?
21 Kungekudala uKristu uza kuyiphelisa le nkqubo kaSathana ingendawo. Xa kusenzeka oko, ubomi bethu buya kuba sezandleni zikaYesu, kuba unikwe igunya nguThixo lokukhokelela “isihlwele esikhulu” “emithonjeni yamanzi obomi.” (ISityhi. 7:9, 16, 17) Ngoko, masenze konke okusemandleni ethu ngoku ukuze sizithobe ngokuzithandela nangoxabiso kuKumkani okhokelwa ngumoya kaYehova.
Ufunde Ntoni . . .
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ukuvusa kukaYesu intombi kaYayiro kwabonisa ukuba unemfesane
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
UYesu Kristu walathisa elona phulo lokushumayela likhulu kwawakha enziwa embalini