UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 1–5
“Masinyuke Siye Entabeni KaYehova”
“Ekupheleni kwemihla” |
Eli xesha sikulo |
“Intaba yendlu kaYehova” |
Unqulo lukaYehova olunyulu noluphakamileyo |
“Ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga” |
Abo balwamkelayo unqulo olunyulu bamanyene |
“Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova” |
Abanquli bokwenyaniso bamema nabanye abantu ukuba babe kunye nabo |
“Asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe” |
NgeLizwi lakhe, uYehova uyasiyalela kwaye uyasinceda sihambe emendweni wakhe |
“Zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona” |
UIsaya wathetha ngokutshintsha izixhobo zemfazwe zibe zizixhobo zokulima, ebonisa ukuba abantu bakaYehova baya kuba seluxolweni. Yayiziintoni ezi zixhobo ngexesha likaIsaya? |
“Amakrele azo abe ngamakhuba” |
1 Ikhuba yayisisixhobo ekwakuhlakulwa ngaso. Amanye ayenziwe ngentsimbi.—1Sa 13:20 |
“Nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi” |
2 Isikere sokuthena umthi, mhlawumbi sasimile okwerhengqa. Kwakuthenwa ngaso iidiliya.—Isa 18:5 |