Isahluko Sesine
Ukuphakanyiswa Kwendlu KaYehova
1, 2. Ngawaphi amagama abhalwe eludongeni lwezakhiwo zeZizwe Ezimanyeneyo, kwaye uyintoni umthombo wawo?
“ZIYA kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhuba. Nemikhonto yazo ibe zizitshetshe zokuthena imithi: uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele. Zingabi safunda ukulwa.” La mazwi abhalwe eludongeni lwezakhiwo zeZizwe Ezimanyeneyo kwisiXeko saseNew York. Kuqengqeleke amashumi eminyaka ungaziwa umthombo weso sicatshulwa. Kuthe ke, kuba kakade injongo yeZizwe Ezimanyeneyo ikukudala uxolo emhlabeni wonke, kwafana kwagqitywa ekubeni eso sicatshulwa sivele kubaseki bazo, ngowe-1945.
2 Noko ke, ngowe-1975 kwakrolwa igama likaIsaya eludongeni ngezantsi kweso sicatshulwa. Kwakukhanya ke ngoko ukuba la mazwi ayesusela endulo. Ayesisiprofeto esabhalwa ngaphezu kweminyaka engama-2 700 eyadlulayo kwisahluko sesi-2 sencwadi kaIsaya. Ngoko ebudeni baloo mawaka eminyaka abathandi boxolo bebecamngca ngendlela nangexesha ezaziya kwenzeka ngalo izinto ezaxelwa kwangaphambili nguIsaya. Kungokunje ifikile loo mini ibikad’ ixelwa. Namhlanje sizibonela ngokwethu ukuzaliseka okuphawulekayo kwesi siprofeto samandulo.
3. Ziziphi iintlanga ezikhanda amakrele azo abe ngamakhuba?
3 Zingoobani ezo ntlanga zikhanda amakrele azo abe ngamakhuba? Ngokuqinisekileyo, asizizo iintlanga noorhulumente banamhlanje bezobupolitika. Unangoku zona ezo ntlanga zisawenza amakrele, okanye izixhobo, ngenjongo yokuxhokonxa imfazwe nokulondoloza “uxolo” ngezigalo. Akukho nto yimbi ziyaziyo ngaphandle kokuvumbulula amakhuba ziwakhande abe ngamakrele! Ngoko isiprofeto sikaIsaya sibhekisela kubameli abaphuma kuzo zonke iintlanga, abantu abanqula uYehova, “uThixo woxolo.”—Filipi 4:9.
Iintlanga Ezingumsinga Ukuya Kunqulo Olunyulu
4, 5. Yintoni exelwa kwangaphambili kwiindinyana zokuqala zikaIsaya isahluko 2, ibe yintoni egxininisa ubunyaniso baloo mazwi?
4 UIsaya isahluko 2 utshayelela ngamazwi athi: “Kuko oku awakutyhilelwayo uIsaya unyana ka-Amotsi ngokuphathelele uYuda neYerusalem: Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla intaba yendlu kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba, ize ngokuqinisekileyo ivelele ngaphezu kweenduli; kwaye ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.”—Isaya 2:1, 2.
5 Phawula ukuba uIsaya apha akathwantuli nje efuna isitya ebumnyameni. Kunoko ezi ziganeko abhale ngazo uIsaya ‘zimiselwe’ ukuba zenzeke—nakanjani na. Nantoni na uYehova anenjongo yokuyenza imele ‘iphumelele ngokuqinisekileyo.’ (Isaya 55:11) Ebek’ umnwe kubunyaniso besi sithembiso, uThixo uphinda aphefumlele umprofeti uMika, owayephila ngexesha likaIsaya, ukuba naye abhale isiprofeto esifana twatse neso sikuIsaya 2:2-4.—Mika 4:1-3.
6. Sizaliseka nini isiprofeto sikaIsaya?
6 Sizaliseka nini esi siprofeto sikaIsaya? “Ekupheleni kwemihla.” INew International Version ithi: “Ngemihla yokugqibela.” IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zaxela kwangaphambili iziganeko ezaziya kuphawula eli xesha. Ezinye zazo ziimfazwe, iinyikima zomhlaba, iindyikitya zokufa, ukunqongophala kokutya, ‘namaxesha anzima.’a (2 Timoti 3:1-5; Luka 21:10, 11) Ukuzaliseka kwezo ziprofeto kububungqina obucacileyo bokuba siphila “ekupheleni kwemihla” yale nkqubo yezinto yehlabathi. Ngoko ke, kusengqiqweni ukulindela ukuba izinto ezaxelwa kwangaphambili nguIsaya zizaliseke ngexesha lethu.
Intaba Ekunqulelwa Kuyo
7. Nguwuphi umfanekiso ongokwesiprofeto asizobela wona uIsaya?
7 Ngala mazwi ambalwa, uIsaya usizobela umfanekiso oqaqambileyo ongokwesiprofeto. Sibona intaba ephakamileyo, ekuthe zinzi phezu kwayo indlu ezukileyo, itempile kaYehova. Le ntaba izivelele zonke ezinye iintaba neenduli eziyingqongileyo. Ukanti, ayibangeli manwele okanye idyudyu; kunoko inomtsalane. Abantu bazo zonke iintlanga bakufuna ngamehlw’ amnyama ukunyukela entabeni yendlu kaYehova; bangumsinga ukuya kuyo. Kulula ukuzakhela umfanekiso-ngqondweni woku, kodwa kutheth’ ukuthini?
8. (a) Zinxulunyaniswa nantoni iinduli neentaba ngomhla kaIsaya? (b) Ukuba ngumsinga kweentlanga ukuya ‘entabeni yendlu kaYehova’ kufanekisela ntoni?
8 Ngomhla kaIsaya iinduli neentaba zidla ngokunxulunyaniswa nonqulo. Ngokomzekelo, zisetyenziswa njengeendawo zokunqula izithixo nanjengeendawo ezingcwele zoothixo bobuxoki. (Duteronomi 12:2; Yeremiya 3:6) Noko ke, yona indlu, okanye itempile kaYehova, ithe gqi ngobukhazikhazi bayo encochoyini yeNtaba yeMoriya eYerusalem. AmaSirayeli athembekileyo aquqa eYerusalem kathathu ngonyaka aze anyuke iNtaba yeMoriya ukuya kunqula uThixo oyinyaniso. (Duteronomi 16:16) Ngoko ukuba ngumsinga kweentlanga ukuya ‘entabeni yendlu kaYehova’ kufanekisela ukuhlanganisana kwabantu abaninzi kunqulo lokwenyaniso.
9. Ifanekisela ntoni ‘intaba yendlu kaYehova’?
9 Kambe ke, namhlanje abantu bakaThixo abahlanganisani kwintaba yokoqobo enetempile eyakhiwe ngamatye. Itempile kaYehova yaseYerusalem yatshatyalaliswa yimikhosi yamaRoma ngowama-70 C.E. Ngaphezu koko, umpostile uPawulos walikhanyisa elokuba itempile yaseYerusalem nomnquba owawungaphambi kwayo, yayizezokomfuziselo. Zazifuzisela eyokwenene, enkulu ngakumbi, neyokomoya, ‘intente yokwenyaniso, emiswe nguYehova, kungekhona umntu.’ (Hebhere 8:2) Loo ntente yokomoya lilungiselelo lonqulo lokusondela kuYehova elisekelwe kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu. (Hebhere 9:2-10, 23) Ngokuvisisana noku, “intaba yendlu kaYehova” ekhankanywe kuIsaya 2:2 ifanekisela unqulo olunyulu oluphakanyisiweyo lukaYehova ngexesha lethu. Abo balwamkelayo unqulo olunyulu abahlanganisani ndaweni ithile yokoqobo; kunoko bahlanganisana ngengqiqo yokuba bamanyene elunqulweni.
Ukuphakanyiswa Konqulo Olunyulu
10, 11. Unqulo lukaYehova luphakanyiswe ngayiphi ingqiqo kule mihla yethu?
10 Lo mprofeti uthi “intaba yendlu kaYehova,” okanye unqulo olunyulu, luya ‘kumiselwa ngokuqinileyo encotsheni yeentaba’ luze ‘luvelele ngaphezu kweenduli.’ Kwakudala ngaphambi kwexesha likaIsaya, uKumkani uDavide wayinyusela ityeya yomnqophiso kwiNtaba yeZiyon eYerusalem, eziimitha ezingama-760 ukuphakama kwayo. Yahlala apho ityeya yomnqophiso de kwasekufuduselweni kwayo kwitempile eyakhiwa kwiNtaba yeMoriya. (2 Samuweli 5:7; 6:14-19; 2 Kronike 3:1; 5:1-10) Ngaloo ndlela, ngomhla kaIsaya ityeya engcwele yayisele iphakanyisiwe yabekwa etempileni, yazivelela ngokoqobo iinduli ezininzi eziyingqongileyo ezazisetyenziselwa unqulo lobuxoki.
11 Noko ke, ngengqiqo yokomoya, unqulo lukaYehova belusoloko longamile kunonqulo loothixo bobuxoki. Wandule ke uYehova kule mihla yethu, waluphakamisela ezulwini unqulo lwakhe, lwazivelela zonke iindidi zonqulo olungahlambulukanga, lwangaphezu ‘kweenduli neentaba.’ Ukwenze njani oko? Ukwenze ubukhulu becala ngokuhlanganisa abo bafuna ukumnqula “ngomoya nenyaniso.”—Yohane 4:23.
12. Ngoobani “oonyana bobukumkani,” yaye ngoobani abaye bahlanganiswa?
12 UKristu Yesu wabhekisela “ekuphelisweni kwenkqubo yezinto” njengexesha lokuvuna ekuya kuthi ngalo iingelosi ziqokelele “oonyana bobukumkani”—abo banethemba lokulawula noYesu kuzuko lwasezulwini. (Mateyu 13:36-43) Ukususela ngowe-1919, uYehova uye wabomeleza “abo baseleyo” kwaba nyana ukuze babelane neengelosi kumsebenzi wokuvuna. (ISityhilelo 12:17) Lilonke ke, aba “nyana bobukumkani,” abantakwabo Yesu abathanjisiweyo, ngabo abahlanganiswa kuqala. Baze ke bona baqhubeke nalo msebenzi wokuhlanganisa.
13. UYehova uyisikelele njani intsalela ethanjisiweyo?
13 Ebudeni beli xesha lokuvuna, uYehova uye waqhubeka eyinceda intsalela ethanjisiweyo ukuba iliqonde ize ilisebenzise iLizwi lakhe, iBhayibhile. Nako oku kuye kwafak’ isandla ekuphakanyisweni konqulo olunyulu. Nangona ‘ubumnyama buwugubungele umhlaba, nesithokothoko sigubungele amaqela eentlanga,’ abo bathanjisiweyo bona ‘bakhanya njengezikhanyiso’ phakathi koluntu, ekubeni behlanjululiwe baza basulungekiswa nguYehova. (Isaya 60:2; Filipi 2:15) ‘Bezaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya,’ aba bathanjiswe ngomoya ‘baqaqamba njengelanga ebukumkanini bukaYise.’—Kolose 1:9; Mateyu 13:43.
14, 15. Ukongezelela kukuhlanganiswa ‘koonyana bobukumkani,’ kukuphi okunye ukuhlanganisa okuye kwenzeka, yaye kwakuxelwe njani oku kwangaphambili nguHagayi?
14 Ngaphezu koko, kukho nabanye abaye baba ngumsinga ukuya ‘entabeni yendlu kaYehova.’ Bona aba, ababizwa nguYesu ngokuthi “ezinye izimvu,” banethemba lokuphila ngonaphakade eparadesi emhlabeni. (Yohane 10:16; ISityhilelo 21:3, 4) Ukususela ngeminyaka yee-1930, beza bengamawaka, baza banda baya kutsho kumakhulu amawaka, yaye ngoku sebede baba zizigidi! Embonweni, umpostile uYohane ubabona beyinyambalala ‘yesihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’—ISityhilelo 7:9.
15 Umprofeti uHagayi wakuxela kwangaphambili ukuvela kwesi sihlwele sikhulu. Wabhala wathi: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Kukanye nje—lithutyana—ndiwanyikimise amazulu nomhlaba nolwandle nomhlaba owomileyo. Yaye ndiya kuzinyikimisa zonke iintlanga, zize izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga [abo bathelela amaKristu athanjisiweyo kunqulo olunyulu] zingene; yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu,’ utsho uYehova wemikhosi.” (Hagayi 2:6, 7) Ubukho besi “sihlwele sikhulu” sandayo kunye namaqabane aso athanjisiweyo buyaluphakamisa, okanye singathi buyaluzukisa, unqulo olunyulu endlwini kaYehova. Ayizange ibekho ngaphambili inkitha engaka emanyeneyo ekunquleni uThixo oyinyaniso, yaye oku kuzisa uzuko kuYehova noKumkani wakhe omiselweyo, uYesu Kristu. UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Ubuninzi babantu busisihombo sokumkani.”—IMizekeliso 14:28.
Unqulo Olubuphuculayo Ubomi Babantu
16-18. Luluphi utshintsho abaye balwenza abanye ukuze bakhonze uYehova ngokwamkelekileyo?
16 Udumo lonke silubhekisa kuYehova ngokuluphakamisa kwakhe unqulo olunyulu ngexesha lethu. Sekunjalo, abo basondela kuye banelungelo lokuba nesabelo kulo msebenzi. Noko ke, kufuneka benze umgudu wokufunda ngemilinganiselo kaThixo yobulungisa baze baphile ngayo, kanye njengokuba kufuneka umgudu nasekunyukeni intaba. Aba bakhonzi bakaThixo banamhlanje bayishiyile indlela yokuphila noqheliselo olungahambisaniyo nonqulo lokwenyaniso, kanye njengoko enzayo namaKristu enkulungwane yokuqala. Abahenyuzi, abanquli-zithixo, abakrexezi, amasela, abantu ababawayo, amanxila, nabanye, batshintshile baza ‘bahlanjwa baba ngabahlambulukileyo’ emehlweni kaThixo.—1 Korinte 6:9-11.
17 Abanye banamava abufana nawenenekazi elithile elabhala lathi: “Ndandikade ndingungantweni. Ndandibhuqeka ekuziphatheni okubi nasekunxileni. Ndaza ndangenwa zizifo ezingokwesini. Ndandithengisa neziyobisi, ndingakhathali tu kwaphela.” Lakuba lifundisise iBhayibhile, lenza utshintsho olukhulu ukuze livumelane nemilinganiselo kaThixo. Ngoku lithi: “Ndinoxolo lwengqondo, ndiyazihlonela, ndinethemba lekamva, nentsapho yokwenene, yaye ngaphezu kwako konke, ndinolwalamano kunye noBawo wethu, uYehova.”
18 Kwanasemva kokuba sinokuma okukholekileyo phambi kukaYehova, simele sonke siqhubeke siluphakamisa unqulo olunyulu ngokulubeka kwindawo yokuqala ebomini bethu. UYehova wayeyithethe eqinisekile kumawakawaka eminyaka adluleyo, ngoIsaya, into yokuba, kwakuza kubakho izihlwele namhlanje ezaziya kukulangazelela ukwenza unqulo lwakhe lube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bazo. Ngaba nawe ungomnye wazo?
Abantu Abafundiswe Indlela KaYehova
19, 20. Yintoni abayifundiswayo abantu bakaThixo, yaye phi?
19 UIsaya usixelela okungakumbi ngabo bamkela unqulo olunyulu namhlanje. Uthi: “Ngokuqinisekileyo izizwana ezininzi ziya kuhamba zisithi: ‘Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe.’ Kuba kuya kuphuma umthetho eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.”—Isaya 2:3.
20 UYehova akabayeki abantu bakhe babhadule njengezimvu ezilahlekileyo. NgeBhayibhile nangeempapasho ezisekelwe eBhayibhileni, ubanika “umthetho” wakhe “nelizwi” lakhe ukuze bafunde iindlela zakhe. Olu lwazi lubaxhobisela ukuba ‘bahambe emendweni wakhe.’ Njengoko iintliziyo zabo zizaliswe luxabiso, benza ngokomyalelo kaYehova wokuba bathethe ngeendlela zakhe omnye komnye. Bahlanganisana kwiindibano ezinkulu, baphinde babe ngamaqela amancinane—kwiiHolo zoBukumkani nasemakhayeni abo—ukuze baphulaphule baze bafunde ngeendlela zikaThixo. (Duteronomi 31:12, 13) Ngaloo ndlela, bachankcatha kumzekelo wamaKristu okuqala, awayehlanganisana ukuze akhuthazane aze avuselelane “eluthandweni nasemisebenzini emihle.”—Hebhere 10:24, 25.
21. Nguwuphi umsebenzi abanesabelo kuwo abakhonzi bakaYehova?
21 Bamema nabanye ukuba ‘banyuke’ baye kunqulo oluphakamileyo lukaYehova uThixo. Oku kuvisisana ngqo nomyalelo uYesu awawunika abafundi bakhe ngaphambi nje kokunyukela kwakhe ezulwini! Wathi kubo: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ethobela lo myalelo, amaNgqina kaYehova atyhutyha umhlaba efundisa, esenza abafundi, yaye ebabhaptiza, ibe uThixo uyawaxhasa kulo msebenzi.
Amakrele Abe Ngamakhuba
22, 23. Yintoni ayixela kwangaphambili uIsaya 2:4, yaye lathini elinye igosa leZizwe Ezimanyeneyo ngayo?
22 Ngoku sidlulela kwindinyana elandelayo, ekukrolwe inxalenye yayo eludongeni lwezakhiwo zeZizwe Ezimanyeneyo. UIsaya ubhala athi: “Ngokuqinisekileyo uya kugweba phakathi kweentlanga aze alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.”—Isaya 2:4.
23 Ukuphumeza oku akuyondlwan’ iyanetha. UFederico Mayor, ongumalathisi-jikelele woMbutho Wezemfundo, Wezenzululwazi, Nowezentlalo WeZizwe Ezimanyeneyo, wakha wathi: “Ukubhencwa kwamanyumnyezi emfazwe yimifanekiso eshukumayo kule mihla, akubonakali kunako ukuzitshitshisa iingadluma zoomatshini bemfazwe abangxangileyo nababekade belondoloziwe kangangeenkulungwane ezininzi. Izizukulwana zanamhlanje zijongene nesintsompothi semhemhe ‘yokukhanda amakrele azo abe ngamakhuba’ njengokuba iBhayibhile isitsho zize ziguqule ithuku lokuthanda imfazwe—ekukudala kakhulu likho—libe lelokuthanda uxolo. Ukwenza oku bekuya kuba yeyona nto isemagqabini nephucukileyo eyakha yaphunyezwa ‘libutho labantu,’ yaye bekuya kuba lelona lifa likhulu sinokulishiyela inzala yethu.”
24, 25. Azaliseka koobani amazwi kaIsaya, yaye ngayiphi indlela?
24 Izizwe xa zizonke zakuze zilufikelele olo sukelo mhla amahashe aphum’ iimpondo. Ngeliphandle, lungaphezu kwamandla azo. Noko ke, ngabantu abaphuma kwizizwe ezahlukahlukeneyo nabamanyeneyo kunqulo olunyulu, abazalisekisa amazwi kaIsaya. UYehova uye ‘walungelelanisa imicimbi’ phakathi kwabo. Ubafundisile aba bantu bakhe indlela yokuhlalisana ngoxolo. Eneneni, nakuba bephakathi emsini wehlabathi elijongene ngezikhondo zamehlo nelisoloko liphakamis’ izigalo, bona baye ‘bawakhanda amakrele abo aba ngamakhuba nemikhonto yabo yaba zizikere zokuthena imithi.’ Bakwenze njani oko?
25 Phakathi kwezinye izinto, abathabathi cala kwiimfazwe zeentlanga. Ngaphambi nje kokufa kukaYesu, kwagaleleka amadoda axhobileyo ezokumbamba. Xa uPetros wathi rhuthu ikrele ukuze akhusele iNkosi yakhe, uYesu wathi kuye: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52) Ukususela ngoko, abalandeli bakaYesu baye bawakhanda amakrele abo aba ngamakhuba baza bala ukuthabatha izixhobo ukuze babulale amadlelane abo okanye baxhase imfazwe nangayiphi na indlela. ‘Baphuthuma uxolo nabantu bonke.’—Hebhere 12:14.
Ukuphuthuma Iindlela Zoxolo
26, 27. Abantu bakaThixo ‘balufuna njani uxolo baze baluphuthume’? Zekelisa.
26 Uxolo lwabantu bakaThixo ludlulela ngaphaya kokungavumi ukubandakanyeka emfazweni. Nangona besasazeke kumazwe angaphezu kwama-230 yaye bengabeelwimi nezithethe ezahlukeneyo, bahlelisene ngoxolo. Bazalisekisa amazwi kaYesu, owathi kubafundi bakhe benkulungwane yokuqala: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) AmaKristu anamhlanje “angabenzi boxolo.” (Mateyu 5:9, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) ‘Afuna uxolo, aze aluphuthume.’ (1 Petros 3:11) Axhaswa nguYehova, “uThixo onika uxolo.”—Roma 15:33.
27 Kukho imizekelo ephawulekayo yabo baye bafunda ukwenza uxolo. Elinye ityendyana lomfana libhala lithi ngobomi balo bangaphambili: “Ukukhula kwam nzima kundifundise ukuba asilolizwe lankenkene eli. Kundenze ndasisijama-nkungwini esineengcwangu. Ndandithanda ukulwa. Suku ngalunye, ndandisilwa nomntwana owahlukileyo elumelwaneni, ndibambokra ngamanqindi, ndibaqhokre ngamatye nangeebhotile. Ndikhule ndisisikhohlakali esinogonyamelo.” Noko ke, ekugqibeleni lasamkela isimemo sokuya ‘entabeni yendlu kaYehova.’ Lafunda iindlela zikaThixo laza laba ngumkhonzi wakhe oseluxolweni.
28. Yintoni anokuyenza amaKristu ukuze aphuthume uxolo?
28 Abona baninzi kubakhonzi bakaYehova abanamvelaphi inogonyamelo ngolo hlobo. Kodwa ke, nakwezona zinto zibonakala zincinane—njengokubonisa ububele, ukuxolela, nokuba novelwano—bazama ngandlela zonke ukuba seluxolweni nabanye. Nangona bengafezekanga, bazabalazela ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile ‘sokuqhubeka benyamezelana yaye baxolelane ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.’—Kolose 3:13.
Ikamva Loxolo
29, 30. Liliphi ithemba elikhoyo ngomhlaba?
29 Asikuko nokuba kuyamangalisa oku akwenzileyo uYehova “ekupheleni kwemihla,” ukuhlanganisa abantu bazo zonke iintlanga abafuna ukumkhonza, aze abafundise ukuhamba ngeendlela zakhe, iindlela zoxolo. Ngabo ke aba abaya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ ezayo baze baphile kwihlabathi elitsha loxolo apho imfazwe iya kube ibhangiswe ngonaphakade.—ISityhilelo 7:14.
30 Amakrele—afanekisela izixhobo—aya kube engekho. Umdumisi wabhala wathi ngokuphathelele elo xesha: “Yizani, nibone imisebenzi kaYehova, indlela amise iziganeko ezikhwankqisayo ngayo emhlabeni. Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; iinqwelo uzitshisa emlilweni.” (INdumiso 46:8, 9) Ngenxa yelo themba, sifanelekile namhlanje, kanye njengokuba sasinjalo ukubhalwa kwaso, isibongozo sikaIsaya esilandelayo, esithi: “Owu bantu bendlu kaYakobi, yizani size sihambe ekukhanyeni kukaYehova.” (Isaya 2:5) Kwanga ke ukukhanya kukaYehova kungawukhanyisa umendo wethu ngoku, size sihambe ngendlela yakhe ngonaphakade kanaphakade.—Mika 4:5.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? isahluko 9 esithi, “Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?” epapashwe ngamaNgqina kaYehova.