-
Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya KutshitshiswaIMboniselo—2014 | Septemba 15
-
-
10. (a) Ziziphi eziny’ iivesi zeBhayibhile ezibonisa ukuba uYehova uya kusitshitshisa isono eseza noAdam? (b) Ezi vesi zisixelela ntoni ngoYehova nangoNyana wakhe?
10 UYehova wayenako ukumhlangula uPawulos. Kanye emva kokuba ethethe ngesigubungelo, uIsaya wathi: “Uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.” (Isaya 25:8) Njengotata okhulula abantwana bakhe ekuhluphekeni aze abathuthuzele, uYehova uyayoliswa kukutshitshisa ukufa okweza noAdam! Kodwa ke akayedwanga kule nto. Eyokuqala kwabaseKorinte 15:22 ithi: “Kanye njengoko kuAdam bonke besifa, ngokunjalo nakuKristu bonke baya kwenziwa baphile.” Kanti nasemva kokuba ethe “Ngubani na oya kundihlangula?” uPawulos waqhubeka wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:25) Itsho icace ke ngoku into yokuba, uthando lukaYehova olwambangela ukuba adale abantu zange luphele nasemva kokuba uAdam noEva bevukele. Nalowo wayesebenza noYehova xa wayedala isibini sokuqala zange ayeke ukuyithanda inzala yaso. (IMize. 8:30, 31) Kodwa ke babeza kuhlangulwa njani abantu?
-
-
Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya KutshitshiswaIMboniselo—2014 | Septemba 15
-
-
15, 16. (a) Kukuphi ukufa okulutshaba lokugqibela, ibe kuza kutshitshiswa nini? (b) Eyoku-1 kwabaseKorinte 15:28 ithi uYesu uza kwenza ntoni ethubeni?
15 Xa kuphela iminyaka eliwaka uBukumkani bulawula, abantu abathembekileyo baza kube bekhululwe kuzo zonke izinto eziziintshaba ezeza ngenxa yokungathobeli kuka-Adam. IBhayibhile iyibeka kanje le nto: “Kanye njengoko kuAdam bonke besifa, ngokunjalo nakuKristu bonke baya kwenziwa baphile. Kodwa ngamnye kuluhlu lwakhe: UKristu intlahlela, emva koko abo bangabakaKristu [abaza kulawula naye] ebudeni bobukho bakhe. Kwandule ke kufike isiphelo, xa enikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise, xa etshitshise wonke urhulumente nalo lonke igunya namandla. Kuba umele alawule njengokumkani ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kutshitshiswa kukufa.” (1 Kor. 15:22-26) Ekugqibeleni, ukufa okweza noAdam kuza kuphela. ‘Isigubungelo’ esibambisa bonke abantu siya kususwa ngonaphakade.—Isa. 25:7, 8.
-