-
Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya WenaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
6. Lo mprofeti umchaza njani lowo uza koyisa kwixesha elizayo?
6 Esebenzisa uIsaya, uYehova uxela kwangaphambili ngalowo uza koyisa aze asindise abantu bakaThixo kwiBhabhiloni yaye azigwebe iintshaba zabo. UYehova ubuza athi: “Ngubani na ovuse uthile empumalanga? Ngubani na othe ngobulungisa bakhe wammisa ezinyaweni Zakhe, ukuze azinikele kuye iintlanga, amenze oyise ookumkani? Ngubani na owaqhubeka ezinikela ekreleni lakhe njengothuli, ukuze ziphetshethwe ngesaphetha sakhe njengeendiza? Ngubani na owaqhubeka ezisukela, wamana edlula ngoxolo ngeenyawo zakhe kumendo angezanga ngawo? Ngubani na osebenzileyo wakwenza oku, ebiza izizukulwana ukususela ekuqaleni? Ndim, mna Yehova, owokuQala; nakwabokugqibela ndikwanguye.”—Isaya 41:2-4.
-
-
Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya WenaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
8. Yintoni enokwenziwa nguYehova kuphela?
8 Ngoko, esebenzisa uIsaya, uYehova ukuxele kwangaphambili ukuvela kukaKoreshi kude lee ngaphambi kokuzalwa kwaloo kumkani. NguThixo wokwenyaniso kuphela onokukwazi ukuyiprofeta ngokuchanileyo into enjengaleyo. Akukho namnye ulingana noYehova phakathi koothixo bobuxoki beentlanga. Kungeso sizathu le nto uYehova esithi: “Andiluniki omnye uzuko lwam.” NguYehova kuphela onokutsho ngokufanelekileyo ukuthi: “Ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, yaye akukho Thixo ngaphandle kwam.”—Isaya 42:8; 44:6, 7.
-