-
Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya WenaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
24, 25. Uthini uYehova xa ebhekisela kuKoreshi kwakhona, yaye oku kusikhumbuza ngasiphi esinye isiprofeto?
24 Uphinda uYehova abhekisele kuKoreshi athi: “Ndivuse uthile kwelasemntla, yaye uyeza. Empumalanga uya kubiza egameni lam. Kwaye uya kufikela amasekela-baphathi ngokungathi babeludongwe nanjengombumbi onyathela into efumileyo.” (Isaya 41:25)d Ngokwahlukileyo koothixo beentlanga, uYehova yena uyakwazi ukufeza izinto. Xa evelisa uKoreshi “empumalanga,” uThixo uza kube ebonisa amandla akhe okukwazi ukuxela iziganeko kwangaphambili nawokulawula ikamva ukuze kuzaliseke oko akuxele kwangaphambili.
25 La mazwi asikhumbuza isiprofeto sompostile uYohane esingookumkani abaya kuxhokonxwa ukuze bathabath’ inyathelo elithile ngexesha lethu. KwiSityhilelo 16:12, sifunda ukuba kuza kulungiswa indlela “yookumkani abavela ekuphumeni kwelanga.” Aba kumkani nguYehova uThixo noYesu Kristu. Njengokuba uKoreshi wahlangula abantu bakaThixo mandulo, aba kumkani abanamandla ngakumbi baza kuzitshayela kuthi tu iintshaba zikaYehova baze babaluse abantu bakhe ukutyhubela imbandezelo enkulu ukusa kwihlabathi elitsha lobulungisa.—INdumiso 2:8, 9; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 7:14-17.
-
-
Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya WenaIsiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
-
-
d Nangona uKoreshi wayengowelizwe elisempuma kweBhabhiloni, ekusihlaseleni kwakhe okokugqibela eso sixeko, wehla evela ngasemantla, eAsia Minor.
-