Imbono YeBhayibhile
Ngumntu Onjani Othanda Izinto Eziphathekayo?
ABANTU bazalwa benotyekelo lokuthanda izinto zokomoya nomnqweno wokunqula uThixo. Kambe ke, umntu wenziwa ngezinto ezisemhlabeni ngoko ziyimfuneko ebomini bakhe yaye uyakunandipha ukuba nazo. Amanye amaKristu anezinto eziphathekayo ezininzi. Ngaba oku kuthetha ukuba athanda izinto eziphathekayo yaye akazikhathalele izinto zokomoya? Kwelinye icala, ngaba amahlwempu akazithandi izinto eziphathekayo yaye atyekele kakhulu kwizinto zokomoya?
Ngokuqinisekileyo uya kuvuma ukuba ukuthanda izinto eziphathekayo kubandakanya okungakumbi kunokuba nobutyebi okanye intabalala yezinto eziphathekayo. Khawuqwalasele le mizekelo yeBhayibhile ilandelayo uze ubone oko kuthethwa kukuthanda izinto eziphathekayo nendlela yokuphepha impembelelo ezinokuba nayo emntwini ngokomoya.
Babezizityebi Yaye Behlonelwa
Phakathi kwabakhonzi abathembekileyo bakaThixo ababephila kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile kwakukho abo babezizityebi yaye behlonelwa. Ngokomzekelo, uAbraham “wayenomhlambi nesilivere negolide eninzi.” (Genesis 13:2) UYobhi wayesaziwa ‘njengeyona ndoda inkulu kubo bonke abaseMpumalanga’ kuba wayenemfuyo nezicaka ezininzi. (Yobhi 1:3) Ookumkani bakwaSirayeli, abafana noDavide noSolomon, baba nobutyebi obuninzi.—1 Kronike 29:1-5; 2 Kronike 1:11, 12; INtshumayeli 2:4-9.
Kwibandla lenkulungwane yokuqala ayekho amaKristu azizityebi. (1 Timoti 6:17) ULidiya ubizwa ngokuba ‘ngumthengisi wezimfusa, wesixeko saseTiyatira nomnquli kaThixo.’ (IZenzo 16:14) Idayi emfusa nempahla edaywe ngayo yayibiza imali eninzi yaye ngokuqhelekileyo yayisenzelwa abantu abakwizikhundla eziphezulu okanye izinhanha. Ngoko ke, kunokwenzeka ukuba noLidiya wayesisityebi esithile.
Ngokwahlukileyo, kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile kwakukho abakhonzi abathembekileyo abathile bakaYehova ababengamahlwempu. Ezinye iintsapho zaba ngamahlwempu ngenxa yeentlekele zemvelo, iingozi nokufa. (INtshumayeli 9:11, 12) Hayi indlela ekumele ukuba kwakuluvavanyo ngayo kwabo babeswele, ukubukela abanye bexhamla ubutyebi okanye izinto eziphathekayo! Sekunjalo, kwakungayi kuba yinto efanelekileyo ukugxeka abo bazizityebi okanye ukugqiba ngelithi amahlwempu ayezibhokoxa ekukhonzeni uThixo. Kutheni kunjalo nje? Khawuqwalasele oyena nobangela wokuthanda izinto eziphathekayo.
Ukuthanda Imali
Esinye isichazi-magama sithi ukuthanda izinto eziphathekayo “kukuzixakekisa okanye ukunikela ingqalelo engakumbi kwizinto eziphathekayo ngaphezu kwezinto zokomoya.” Ngoko ke, oyena nobangela wokuthanda izinto eziphathekayo yiminqweno yethu, izinto eziza kuqala nezona zinto sinikela ingqalelo kuzo ebomini. Oku kubonakala ngokucacileyo kule mizekelo mibini yeBhayibhile ilandelayo.
UYehova wamluleka ngokuqatha uBharuki, owayengunobhala womprofeti uYeremiya. Kubonakala ngathi uBharuki waba lihlwempu ngenxa yeemeko zaseYerusalem nangenxa yokunxulumana ngokusondeleyo kwakhe noYeremiya owayengathandwa. Sekunjalo, uYehova wathi kuye: “Wena ke, uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna.” Kusenokwenzeka ukuba uBharuki wayeqalisa ukuthanda izinto eziphathekayo, ezixakekisa ngobutyebi okanye enqwenela ukufana nabo babenezinto eziphathekayo. UYehova wakhumbuza uBharuki ukuba wayeza kumhlangula xa kutshatyalaliswa iYerusalem kodwa wayengayi kuzilondoloza izinto anazo.—Yeremiya 45:4, 5.
UYesu wenza umzekelo wendoda nayo eyayizixakekise ngezinto eziphathekayo. Le ndoda yanikela ingqalelo kubutyebi bayo kunokuba ibusebenzisele ukwandisa inkonzo kuThixo. Esi sityebi sathi: “Ndiza kubachitha oovimba bam ndize ndakhe abakhulu ngakumbi, . . . kwaye ndiza kuthi kumphefumlo wam: ‘Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo eziqwetyelwe iminyaka emininzi; khululeka, yitya, sela, ziyolise.’” Wandula ke uYesu wathi: “Kodwa uThixo wathi kuso, ‘Wena ungenangqiqo, ngobu busuku bayawufuna kuwe umphefumlo wakho. Ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uziqwebileyo?’ Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.”—Luka 12:16-21.
Yiyiphi eyona ngongoma yezi ngxelo zimbini? Zisinceda sibone ukuba umntu othanda izinto eziphathekayo, asingomntu onezinto eziphathekayo ezininzi, kodwa ngumntu ozibeka kwindawo yokuqala ebomini bakhe. Umpostile uPawulos wathi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.” (1 Timoti 6:9, 10) Kukuzimisela ukuba sisityebi nokuthanda izinto eziphathekayo okubangela iingxaki.
Kufuneka Umntu Azihlole
AmaKristu kufuneka aphephe umgibe wokuthanda izinto eziphathekayo kungakhathaliseki ukuba injani na imeko yawo yezoqoqosho. Ukunqwenela ubutyebi kuyakhohlisa yaye kunokukubulala ngokomoya. (Mateyu 13:22) Sinokuyeka ukunikela ingqalelo kwizinto zokomoya size sithande izinto eziphathekayo singakhange siyiqonde loo nto, size ke sifumane imiphumo ebuhlungu.—IMizekeliso 28:20; INtshumayeli 5:10.
Ngoko ke, amaKristu amele ahlole ezona zinto zibalulekileyo nanikela ingqalelo kuzo ebomini bawo. Enoba ubani unezinto eziphathekayo ezimbalwa okanye ezininzi, umntu othanda izinto zokomoya uzabalazela ukuphulaphula isiluleko sikaPawulos sokuthembela ‘kungekhona kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe.’—1 Timoti 6:17-19.