Yiba Nesibindi NjengoYeremiya
“Thembela ngoYehova; yiba nesibindi uze uvumele intliziyo yakho yomelele. Ewe, thembela ngoYehova.”—INDUMISO 27:14.
1. Ziziphi iintsikelelo amaNgqina kaYehova azixhamlayo?
AMANGQINA KAYEHOVA akwiparadesi yokomoya. (Isaya 11:6-9) Kweli hlabathi lineengxaki, akwimeko ekhethekileyo yokomoya, aseluxolweni noYehova uThixo yaye aphilisana ngoxolo namanye amaKristu. (INdumiso 29:11; Isaya 54:13) Yaye iparadesi yawo yokomoya iyanda. Bonke abo ‘benza ukuthanda kukaThixo ngomphefumlo uphela’ bafak’ isandla ekuyandiseni. (Efese 6:6) Njani? Ngokuphila ngemigaqo yeBhayibhile nangokufundisa abanye ukwenza okufanayo, ngaloo ndlela bebakhuthaza nabo ukuba baze kuxhamla kwiintsikelelo ezininzi ezifumaneka kuloo paradesi.—Mateyu 28:19, 20; Yohane 15:8.
2, 3. AmaKristu okwenyaniso afanele anyamezele ntoni?
2 Noko ke, ukuphila kwiparadesi yokomoya akuthethi kuthi azikho izilingo esifanele sizinyamezele. Asifezekanga yaye siyagula, siyaluphala yaye ekugqibeleni siyafa. Ngaphezu koko, sibona ukuzaliseka kweziprofeto eziphathelele ‘imihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ukugula, indlala, nezinye iingxaki zithwaxa bonke abantu, yaye namaNgqina kaYehova aneengxaki ezifanayo.—Marko 13:3-10; Luka 21:10, 11.
3 Phezu kwako nje konke oko, sazi kakuhle ukuba ngaphandle kwale meko yokomoya evuyisayo, sijamelana nenkcaso ekrakra. UYesu wabalumkisa abalandeli bakhe esithi: “Ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi, kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi. Likhumbuleni ilizwi endalitsho kuni ndisithi, Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yohane 15:18-21) Izinto azahlukanga namhlanje. Inkoliso yabantu abakayiqondi okanye abayithandi indlela esinqula ngayo. Bambi bayasigxeka, basigculele, okanye bade basithiye—njengoko uYesu walumkisayo. (Mateyu 10:22) Maxa wambi, amajelo eendaba apapasha inkcazelo engachananga okanye ebubuxoki ngathi. (INdumiso 109:1-3) Ewe, sonke sijamelana neemeko ezinzima, yaye abanye kuthi basenokuqalisa ukudimazeka. Yintoni esinokuyenza ukuze sinyamezele?
4. Silufumana phi uncedo lokunyamezela?
4 UYehova uya kusinceda. Ephefumlelwe, umdumisi wabhala: “Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa, kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.” (INdumiso 34:19; 1 Korinte 10:13) Abaninzi kuthi banokungqina ukuba xa sithembela ngokupheleleyo ngoYehova, usinika amandla okunyamezela nabuphi na ubunzima. Uthando lwethu ngaye novuyo olubekwe phambi kwethu lusinceda ukuze sikwazi ukoyisa ukudimazeka noloyiko. (Hebhere 12:2) Ngaloo ndlela, enoba sijamelene nobunzima, siqhubeka siqinile.
ILizwi LikaThixo Lamomeleza UYeremiya
5, 6. (a) Yiyiphi imizekelo esinayo yabanquli bokwenyaniso abakwazi ukunyamezela? (b) Wathini uYeremiya xa wabizwa ukuba abe ngumprofeti?
5 Kuyo yonke imbali, abakhonzi bakaYehova abathembekileyo baye bazuza uvuyo phezu kwazo nje iimeko ezinzima. Bambi babephila ngamaxesha omgwebo xa uYehova wayethulula umsindo wakhe phezu kwabangathembekanga. Phakathi kwabakhonzi bakhe abathembekileyo kwakukho uYeremiya nabathile ababephila ngexesha lakhe, namaKristu enkulungwane yokuqala. Loo mizekelo ingokwembali ibhalwe eBhayibhileni ukuze isikhuthaze, yaye sinokuzuza lukhulu ngokuyifunda. (Roma 15:4) Ngokomzekelo, khawucinge ngoYeremiya.
6 Eselula, uYeremiya wabizwa ukuba abe ngumprofeti kwaYuda. Esi yayingesosabelo silula. Abaninzi babenqula oothixo bobuxoki. Nangona uYosiya, owayengukumkani xa uYeremiya waqalisa inkonzo yakhe wayethembekile, bonke ookumkani abalandela emva kwakhe babengathembekanga, yaye inkoliso yabo ababefundisa abantu—abaprofeti nababingeleli—babengaphili ngokuvisisana nenyaniso. (Yeremiya 1:1, 2; 6:13; 23:11) Ngoko ke, wavakalelwa njani uYeremiya xa uYehova wambiza ukuba abe ngumprofeti? Wayesoyika! (Yeremiya 1:8, 17) UYeremiya ukhumbula into awayenzayo ekuqaleni esithi: “Mna ndathi: ‘Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Yabona, okunene andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.’”—Yeremiya 1:6.
7. Abantu babesabela njani entsimini kaYeremiya, yaye yena wenza ntoni?
7 Inkoliso yabantu ababesentsimini kaYeremiya babengafuni kuphulaphula, yaye ngamaxesha amaninzi wayedibana nenkcaso ekrakra. Ngesinye isihlandlo uPashure, umbingeleli, wambetha waza wayalela ukuba afakwe ezitokisini. UYeremiya wanikel’ ingxelo ngendlela awayevakalelwa ngayo ngelo xesha esithi: “Ndathi: ‘Andisayi kumkhankanya [uYehova], andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.’” Mhlawumbi nawe ngamaxesha athile uye wavakalelwa ngaloo ndlela—ufuna ukunikezela. Phawula into eyanceda uYeremiya ukuze anyamezele. Wathi: “Entliziyweni yam kwaba ngathi [ilizwi okanye isigidimi sikaThixo] ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba, andakwazi ukukunyamezela oko.” (Yeremiya 20:9) Ngaba amazwi kaThixo anempembelelo efanayo nakuwe?
Amaqabane KaYeremiya
8, 9. (a) Umprofeti u-Uriya wabonakalisa buphi ubuthathaka, yaye oko kwaphumela entwenini? (b) Kwakutheni ukuze uBharuki adimazeke, yaye wancedwa njani?
8 UYeremiya wayengaprofeti yedwa. Wayenamaqabane akhe, yaye kumele ukuba oko kwamkhuthaza. Noko ke, ngamanye amaxesha, amaqabane akhe ayengazenzi izinto ngobulumko. Ngokomzekelo, omnye umprofeti ogama lingu-Uriya wayexakekile elumkisa iYerusalem noYuda “ngokwamazwi onke kaYeremiya.” Noko ke, xa uKumkani uYehoyakim wayalela ukuba u-Uriya abulawe, lo mprofeti esoyika wabalekela eYiputa. Oko akuzange kumsindise. Amadoda kakumkani amsukela, ambamba, aza ambuyisela eYerusalem, apho wabulawelwa khona. Hayi indlela okwamothusa ngayo uYeremiya oku!—Yeremiya 26:20-23.
9 Elinye iqabane likaYeremiya yayingunobhala wakhe, uBharuki. UBharuki wayemxhasa ngokwenene uYeremiya, kodwa ngesinye isihlandlo naye walahlekelwa yimbono yokomoya. Waqalisa ukukhalaza esithi: “Yeha, ke mna, kuba uYehova wongezelele intlungu kwingqaqambo yam! Ndityhafile ngenxa yokuncwina kwam, yaye andifumananga ndawo yokuphumla.” UBharuki, edimazekile, waqalisa ukungabi naluxabiso ngezinto zokomoya. Sekunjalo, ngobubele uYehova wamluleka uBharuki, yaye eso siluleko sobulumko sayiguqula indlela acinga ngayo. Wandula ke waqinisekiswa ukuba wayeya kusinda kwintshabalaliso yaseYerusalem. (Yeremiya 45:1-5) Hayi indlela amele ukuba uYeremiya wayekhuthazeke ngayo xa uBharuki waphinda womelela ngokomoya!
UYehova Wamxhasa Umprofeti Wakhe
10. UYehova wathini xa wayethembisa uYeremiya ngokumxhasa?
10 Okona kubalulekileyo kukuba, uYehova akazange amlahle uYeremiya. Wayiqonda indlela awayevakalelwa ngayo umprofeti wakhe waza wamnika amandla nenkxaso awayeyifuna. Ngokomzekelo, ekuqaleni kobulungiseleli bukaYeremiya xa wayevakalisa ukungazithembi, uYehova wamxelela: “Musa ukoyika ngenxa yobuso babo, kuba ‘mna ndinawe ukuba ndikuhlangule.’” Emva kokuba echazele lo mprofeti ngesabelo sakhe, uYehova wathi: “Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.” (Yeremiya 1:8, 19) Hayi indlela okwamthuthuzela ngayo oku! Yaye uYehova wenza ngokwelizwi lakhe.
11. Sazi njani ukuba uYehova wasizalisekisa isithembiso sakhe sokumxhasa uYeremiya?
11 Ngoko ke, emva kokufakwa ezitokisini nokugculelwa esidlangalaleni, eqinisekile uYeremiya wathi: “UYehova wayenam njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo. Kungenxa yoko le nto bona kanye abo banditshutshisayo beya kukhubeka baze bangoyisi. Ngokuqinisekileyo baya kuhlaziswa.” (Yeremiya 20:11) Kwiminyaka yamva xa uYeremiya wayeza kubulawa, uYehova waba naye, yaye njengoBharuki, uYeremiya wasinda xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem yaye akazange athinjelwe ebukhobokeni, ngoxa abo babemtshutshisa nabo bangazange baziphulaphule izilumkiso zakhe batshabalala okanye bathinjelwa eBhabhiloni njengamakhoboka.
12. Phezu kwazo nje izizathu zokudimazeka, yintoni esifanele siyikhumbule?
12 NjengoYeremiya, namhlanje amaNgqina kaYehova amaninzi ajamelene neenkxwaleko. Njengokuba kukhankanywe ngaphambilana, ezinye zazo zibangelwa kukungafezeki kwethu, ezinye zibangelwa ngumbhodamo ihlabathi elizifumana likuwo, yaye ezinye zibangelwa ngabo bachasa umsebenzi wethu. Iinkxwaleko ezinjalo zinokusidimaza. NjengoYeremiya, sisenokungaqiniseki enoba siza kukwazi kusini na ukuqhubela phambili. Enyanisweni, sinokulindela ukuba ngamaxesha athile siza kudimazeka. Ukudimazeka kuvavanya ubunzulu bothando lwethu ngoYehova. Ngoko ke, masizimisele ukuba singavumeli ukudimazeka kusenze sirhoxe kwinkonzo kaYehova njengokuba kwaba njalo ngoUriya. Kunoko, masixelise uYeremiya size siqiniseke ukuba uYehova uya kusixhasa.
Indlela Yokulwa Nokudimazeka
13. Sinokuwulandela njani umzekelo kaYeremiya nokaDavide?
13 UYeremiya wayesoloko ethetha noYehova uThixo, emphalazela imbilini yakhe yaye ecela amandla. Lowo ngumzekelo omhle esifanele siwuxelise. UDavide wamandulo, owayekhangele kwakuloo Mthombo mnye ukuze afumane amandla, wabhala: “Wabekele indlebe amazwi am, Yehova; kuqonde ukuncwina kwam. Nikela ingqalelo kwisandi sokukhalela kwam uncedo, Kumkani wam noThixo wam, ngenxa yokuba ndithandaza kuwe.” (INdumiso 5:1, 2) Ingxelo ephefumlelweyo yobomi bukaDavide ibonisa ngokuphindaphindiweyo ukuba uYehova wayeyiphendula imithandazo kaDavide yokucel’ uncedo. (INdumiso 18:1, 2; 21:1-5) Ngendlela efanayo, xa sijamelene neengcinezelo okanye iingxaki ezingaphezu kwamandla ethu, kuthuthuzela gqitha ukuthandaza kuYehova sithulule iintliziyo zethu kuye. (Filipi 4:6, 7; 1 Tesalonika 5:16-18) UYehova akali ukusiphulaphula. Kunoko, uyasiqinisekisa esithi ‘usikhathalele.’ (1 Petros 5:6, 7) Noko ke, bekungayi kuba kusengqiqweni ukuthandaza kuYehova size singakuphulaphuli oko akuthethayo, akunjalo?
14. Amazwi kaYehova aba nayiphi impembelelo kuYeremiya?
14 UYehova uthetha njani nathi? Khawuphinde ucinge ngoYeremiya. Ekubeni uYeremiya wayengumprofeti, uYehova wayethetha ngokungqalileyo kunye naye. UYeremiya uchaza impembelelo yamazwi kaThixo entliziyweni yakhe esithi: “Amazwi akho afunyanwa, ndaza ndawadla; nelizwi lakho kum liba kukugcoba nemihlali yentliziyo yam; kuba ndibizwe ngegama lakho, Yehova Thixo wemikhosi.” (Yeremiya 15:16) Ewe, uYeremiya wayevuya kuba ebizwe ngegama likaThixo, yaye amazwi Akhe ayexabisekile kulo mprofeti. Ngenxa yoko, njengompostile uPawulos, uYeremiya wayekulangazelela ukuvakalisa isigidimi awayesinikiwe.—Roma 1:15, 16.
15. Sinokuwabethelela njani amazwi kaYehova entliziyweni yethu, yaye zintoni esinokucinga ngazo ezinokusenza singakwazi ukuthula?
15 UYehova akathethi ngokungqalileyo naye nabani na namhlanje. Noko ke, sinawo amazwi kaThixo eBhayibhileni. Ngenxa yoko, ukuba sicingisisa nzulu xa sifundisisa iBhayibhile size sicamngce ngoko sikufundayo, amazwi kaThixo aya kuba “kukugcoba nemihlali” yentliziyo yethu. Yaye siya kuvuyiswa kukuthwala igama likaYehova xa sisiya kuthetha nabanye ngamazwi akhe. Masingaze silibale ukuba akukho wumbi umntu ehlabathini namhlanje ovakalisa igama likaYehova. Kuphela ngamaNgqina akhe avakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo nabafundisa abo bathobekileyo ukuba babe ngabafundi bakaYesu Kristu. (Mateyu 28:19, 20) Hayi indlela esisikeleleke ngayo! Ngenxa yoko uYehova asiphathise ngothando, yintoni enokusenza sithule?
Masiluphaphele Unxulumano Lwethu
16, 17. UYeremiya wayebajonga njani abahlobo, yaye sinokumxelisa njani?
16 UYeremiya usixelela ngenye into eyamnceda wanesibindi. Wathi: “Andihlalanga phantsi kwiqela lamakholwane abo baqhulayo baze baqalise ukugcoba. Ngenxa yesandla sakho ndihleli phantsi ndedwa, kuba undizalise ngesiqalekiso.” (Yeremiya 15:17) UYeremiya wayekhetha ukuba yedwa kunokuphenjelelwa ngabahlobo ababi. Nathi sizijonga izinto ngendlela efanayo namhlanje. Singaze sisilibale isilumkiso sompostile uPawulos esithi “unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo,” kwanemikhwa elungileyo ekudala sinayo kangangeminyaka emininzi.—1 Korinte 15:33.
17 Unxulumano olubi lunokuvumela umoya wehlabathi ukuba ungcolise indlela esicinga ngayo. (1 Korinte 2:12; Efese 2:2; Yakobi 4:4) Ngoko ke, masiqeqeshe amandla ethu okucinga ukuze sikwazi ukubabona abahlobo abayingozi size sikwazi ukubaphepha ngokupheleleyo. (Hebhere 5:14) Ukuba uPawulos ebephila emhlabeni namhlanje, ucinga ukuba ebeya kuthini kumKristu obukela iifilimu ezingcolileyo nezinogonyamelo okanye imidlalo enogonyamelo? Ebeya kumluleka athini umzalwana owakha ubuhlobo nabantu angabaziyo kwi-Internet? Ebeya kucinga ntoni ngomKristu ochitha ixesha elide edlala imidlalo yevidiyo okanye ebukele umabonwakude kodwa engenamikhwa mihle yokufundisisa?—2 Korinte 6:14b; Efese 5:3-5, 15, 16.
Qhubeka Ukwiparadesi Yokomoya
18. Yintoni eya kusinceda ukuze sihlale somelele ngokomoya?
18 Siyayixabisa iparadesi yethu yokomoya. Akukho nto ehlabathini namhlanje efana nayo nakancinane. Kwanabantu abangakholwayo bayathetha ngothando, ulwazelelelo, nobubele amaKristu abubonakalisa phakathi kwawo. (Efese 4:31, 32) Sekunjalo, kunanini na ngaphambili, sifanele sikuphephe ukudimazeka. Ukuba nonxulumano oluhle, ukuthandaza, nemikhwa emihle yokufundisisa, ezo zinto zinokusinceda sihlale somelele ngokomoya. Ziya kusomeleza ukuze sikwazi ukujamelana nazo naziphi na izilingo sinentembelo epheleleyo kuYehova.—2 Korinte 4:7, 8.
19, 20. (a) Yintoni eya kusinceda sinyamezele? (b) Inqaku elilandelayo libhalelwe oobani, kwakhona liya kubangela umdla nakoobani?
19 Singaze sivumele abo basichasileyo isigidimi sethu esivela eBhayibhileni basoyikise size silalanise kukholo lwethu. Njengeentshaba ezatshutshisa uYeremiya, abo balwa nathi balwa noThixo. Abasayi koyisa. UYehova, onamandla angaphaya kweentshaba zethu, uyasixelela: “Thembela ngoYehova; yiba nesibindi uze uvumele intliziyo yakho yomelele. Ewe, thembela ngoYehova.” (INdumiso 27:14) Sithembele ngokuqinileyo ngoYehova, masizimisele ukungaze sinikezele ekwenzeni oko kulungileyo. Sinokuqiniseka ukuba, njengoYeremiya noBharuki, siya kuvuna ukuba asidinwa.—Galati 6:9.
20 AmaKristu amaninzi alwa nokudimazeka ngokuthe rhoqo. Noko ke, abantu abaselula baneengxaki ezikhethekileyo. Kodwa bakwanamathuba amahle gqitha. Inqaku elilandelayo libhalelwe ngokukhethekileyo abantu abaselula. Kwakhona liya kubangela umdla kubazali nakubo bonke abantu abadala abazahluleleyo ebandleni abathi ngelizwi, ngomzekelo nangokungqalileyo bakwazi ukuxhasa abaselula ebandleni.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni sinokulindela iimeko ezidimazayo, yaye uncedo sinokulufumana kubani?
• UYeremiya wakoyisa njani ukudimazeka phezu kwako nje ukuba nesabelo esinzima?
• Yintoni eya kuzenza iintliziyo zethu ‘zigcobe zibe nemihlali’ kwanaxa sijamelene neengxaki?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UYeremiya wayecinga ukuba uselula gqitha yaye akanamava ukuba angangumprofeti
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Naxa wayetshutshiswa, uYeremiya wayesazi ukuba uYehova unaye “njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo”