ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeZililo
UMPROFETI uYeremiya ubona ukuzaliseka kwesigidimi somgwebo aye wasivakalisa kangangama-40 eminyaka. Uvakalelwa njani lo mprofeti xa ezibonela ngawakh’ amehlo ukutshatyalaliswa kwesona sixeko asithandayo? Xa itshayelela incwadi yeZililo, iSeptuagint yesiGrike ithi: “UYeremiya wahlala phantsi walila waza wenza isijwili ngenxa yeYerusalem.” Incwadi yeZililo yaqanjwa ngowama-607 B.C.E., ngoxa ukungqingwa kweYerusalem kangangeenyanga ezili-18 kwakusathe thaa engqondweni kaYeremiya yaye le ncwadi yeZililo, iyichaza kakuhle indlela uYeremiya awayekhathazeke ngayo. (Yeremiya 52:3-5, 12-14) Asikho esinye isixeko esakha sakhalelwa ngamazwi achukumis’ intliziyo ngolu hlobo.
Incwadi yeZililo yingqokelela yoncuthu lwemibongo emihlanu. Emine yokuqala zizimbonono kanti eyesihlanu sisibongozo okanye umthandazo. Iingoma ezine zokuqala zikuhlobo lweacrostic, ndinyana nganye yazo iqalisa ngomnye woonobumba abangama-22 abalandelelanayo bealfabheti yesiHebhere. Nakuba ingoma yesihlanu ineendinyana ezingama-22 ezivumelana nonoobumba bealfabheti yesiHebhere kodwa abalandelelani.
“AMEHLO AM APHELILE ZIINYEMBEZI”
“Owu sisele sodwa, isixeko esasikade sinabantu abaninzi! Siye saba njengomhlolokazi, owayemkhulu phakathi kweentlanga! Eso sasiyinkosazana phakathi kwephondo saba sesisebenza ngokuqhutywa ngebhaxa!” Ziqala ngolu hlobo ke izililo zomprofeti uYeremiya xa ekhalela iYerusalem. Xa echaza isizekabani sale ntlekele, lo mprofeti uthi: “Ngenxa yokuba uYehova uyizisele intlungu ngenxa yobuninzi bokunxaxha kwayo.”—IZililo 1:1, 5.
Kusetyenziswa isimntwiso somhlolokazi okhalela indoda nabantwana bakhe, ngoko ke, iYerusalem iyabuza: “Ikho na intlungu enjengentlungu eye yenziwa yaqatha kum?” Xa ithandaza ngeentshaba zayo ithi: “Ngamana bonke ububi bazo bungafika phambi kwakho, uze uqhubane nazo ngokuqatha, kanye njengoko uqhubene nam ngokuqatha ngenxa yokunxaxha kwam konke. Kuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam iyagula.”—IZililo 1:12, 22.
Exhelekile, uYeremiya uthi: “Ngokuvutha komsindo [uYehova] unqumle zonke iimpondo zakwaSirayeli. Usibuyisele emva isandla sakhe sasekunene sesuka phambi kotshaba; nakwaYakobi uyaqhubeka evutha njengomlilo odangazelayo oqwenge macala onke.” Ukongezelela kwintlungu anayo lo mprofeti uthi: “Amehlo am aphelile ziinyembezi. Amathumbu am ayabila. Isibindi sam siphalalele emhlabeni kanye. Nkqu nabo badlula ngendlela bathi: ‘Sesi sixeko na esi babefudula besithi ngaso, “Bubuhle obugqibeleleyo, ukugcoba komhlaba wonke”’?”—IZililo 2:3, 11, 15.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:15—UYehova “usixovulela” njani “isixovulelo sewayini sentombi enyulu yakwaYuda”? Xa atshabalalisa isixeko esasisaziwa ngokuba yintombi enyulu, amaBhabhiloni aphalaza igazi elininzi, kangangokuba oku kwathelekiswa nokuxovula isidiliya kwisixovulelo sayo. UYehova wakuxela kusengaphambili okwakuza kwenzeka waza wakuvumela ukuba kwenzeke, ukuze kuthiwe ‘usixovulele isixovulelo sewayini.’
2:1—Kwenzeka njani ukuba ‘ubuhle bukaSirayeli buphoswe phantsi emhlabeni ukusuka ezulwini’? Ngenxa yokuba “amazulu engaphezu komhlaba,” ukudodobala kwezinto ngamanye amaxesha kubhekiswa kuko ‘ngokuphoswa emhlabeni kusuka ezulwini.’ “Ubuhle bukaSirayeli”—uzuko namandla anawo ngenxa yokusikelelwa nguYehova—kwaphoswa phantsi xa kwatshatyalaliswa iYerusalem kwaza kwaphanziswa nelakwaYuda.—Isaya 55:9.
2:1, 6—Siyintoni “isihlalo seenyawo” zikaYehova yaye “umnquba” wakhe ubhekisela entwenini? Umdumisi wavuma wathi: “Masingene emnqubeni wakhe ozukileyo; masiqubude esitulweni seenyawo zakhe.” (INdumiso 132:7) Ngoko ke, “isihlalo seenyawo” ekuthethwa ngaso kwiZililo 2:1, kubhekiselwa kwindlu kaYehova yonqulo okanye itempile. AmaBhabhiloni ‘atshisa indlu kaYehova’ ngokungathi ngumnquba okanye indlwana esegadini.—Yeremiya 52:12, 13.
2:16, 17—Ngaba indinyana 16 ibingamele iqale ngonobumba onguayin ize indinyana 17 iqale ngope ukuze oonobumba besiHebhere balandelelane? Xa babeqamba imibongo efana nale, ababhali abaphefumlelweyo babebhala oonobumba ngokulandelelana. Noko ke, oko kwakungenziwa ukuze ungavakali ngendlela engaqhelekanga. Intsingiselo yombongo yayibaluleke kakhulu kunokubambelela kwindlela yokwenza ukucengceleza ezi ndinyana kube lula. Enye indlela eyahlukileyo yaba nobumba ifumaneka kwingoma 3 neyesi-4 yeZililo.—IZililo 3:46, 49; 4:16, 17.
2:17—Ngawaphi “amazwi” awazalisekiswa nguYehova nxamnye neYerusalem? Imbekiselo apha isisa kwiLevitikus 26:17, ethi: “Ndiya kunichasa ngenene, noyiswe ngokuqinisekileyo ziintshaba zenu; baninyathele abanithiyayo, nisabe kungekho unisukelayo.”
Oko Sikufundayo:
1:1-9. IYerusalem yenza isijwili ebusuku yaye iinyembezi zayo zisezidleleni zayo. Amasango ayo aphanzile yaye nababingeli bayo bayancwina. Iintombi zayo ezinyulu zisentlungwini ekrakra. Ngoba? Ngenxa yokuba iYerusalem iye yona ngokungafihlisi. Ukungahlambuluki kwayo kusemibhinqweni yayo. Umvuzo wokunxaxha asilulo uvuyo; kodwa ziinyembezi; ukuncwina, intlungu nobukrakra.
1:18. Ngalo lonke ixesha uYehova wohlwaya abanxaxhayo ngokusesikweni nangobulungisa.
2:20. AmaSirayeli alunyukiswa kwathiwa, ukuba ayengaliphulaphuli ilizwi likaYehova, ayeya kwehlelwa ziziqalekiso ezaziquka ukudla ‘inyama yoonyana neyeentombi zawo.’ (Duteronomi 28:15, 45, 53) Hayi indlela elibubuyatha ngayo ikhondo lokungathobeli uThixo!
“MUSA UKUYIFIHLA INDLEBE YAKHO EKUKHULULEKENI KWAM”
KwiZililo isahluko 3, kuthethwa ngohlanga lwakwaSirayeli ngokuthi “yindoda eyomeleleyo.” Ngaphandle kokufumana ubunzima, le ndoda ivuma ngokuthi: “Ulungile uYehova kulowo uthembele kuye, kumphefumlo oqhubeka umfuna.” Ithandaza kuThixo wokwenyaniso, le ndoda yenza esi sibongozo: “Umele ulive ilizwi lam. Musa ukuyifihla indlebe yakho ekukhululekeni kwam, ekukhaleleni kwam uncedo.” Le ndoda icela uYehova ukuba anikel’ ingqalelo kugculelo lotshaba, isithi: “Uya kubuyekeza kubo impatho, Yehova, ngokomsebenzi wezandla zabo.”—IZililo 3:1, 25, 56, 64.
UYeremiya uzityand’ igila ngendlela avakalelwa ngayo yimiphumo emibi yokungqingwa kweYerusalem kangangeenyanga ezili-18, esithi: “Isohlwayo sesiphoso sentombi yabantu bakowethu sibe sikhulu ngakumbi kunesohlwayo sesono seSodom, yona yabhukuqwa ngephanyazo, nekungekho zandla zayincedayo.” Walek’ umsundulu ngokuthi: “Bebelunge ngakumbi abo babulewe ngekrele kunabo babulewe yindlala, ngenxa yokuba aba betha amandla, behlatyiwe ngokungabi namveliso yentsimi.”—IZililo 4:6, 9.
Umbongo wesihlanu uthetha ngabahlali baseYerusalem ngokungathi bayathetha. Bathi: “Kukhumbule, Yehova, oko kwenzekileyo kuthi. Khangela uze ulubone ungcikivo lwethu.” Ngoku, babalisa ngeenkxwaleko nezicelo zabo, bathi: “Wena ke, Yehova, uya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo. Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana. Sibuyisele kuwe, Yehova, yaye siya kukulungela ukubuya. Sizisele imihla emitsha njengakudala.”—IZililo 5:21.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3:16—Athetha ukuthini amazwi athi: “Waphula amazinyo am ngohlalutye”? Enye incwadi ithi: “Ngoxa amaYuda ayesendleleni eya ekuthinjweni, ayenyanzelekile ukuba abhake izonka zawo emingxunyeni, ukuze isonka sawo sidibane nomhlaba.” Ukutya isonka esinomhlaba kunokwaphula izinyo lomntu.
4:3, 10—Kutheni uYeremiya ethelekisa “intombi yabantu [bakowabo] nenciniba yasentlango”? Incwadi kaYobhi 39:16 isichazela ukuba “oonyana bayo ibaphatha rhabaxa, ngokungathi abangobayo.” Emva kokuba amaqanda eqandusele, isikhukukazi sishiya umqhagi waso nembopheleleko yokukhulisa loo mantshontsho. Kwenzeke ntoni ke xa kufika utshaba? Bobabini, umqhagi nesikhukukazi, bashiya loo mantshontsho kwesinomhlwa. Ebudeni bokungqingwa yiBhabhiloni, indlala yaseYerusalem yayimbi kangangokuba abadlezana abadla ngokuba novelwano ngeentsana zabo baba noburhalarhume njengeenciniba zasentlango. Yayingafani le meko tu nenkathalo eboniswa ngoodyakalashe.
5:7—Ngaba uYehova ubabek’ ityala abantu ngesiphoso sooyisemkhulu? Akunjalo, uYehova akabohlwayi abantu ngenxa yezono zookhokho babo. IBhayibhile ithi: “Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.” (Roma 14:12) Noko ke, imiphumo yesiphoso inokuchaphazela izizukulwana ezilandelayo. Ngokomzekelo, ukunqula izithixo koSirayeli wamandulo kwenza kwanzima ngamaSirayeli esizukulwana samva nesasithembekile ukuba sinamathele kwikhondo lobulungisa.—Eksodus 20:5.
Oko Sikufundayo:
3:8, 43, 44. Xa kwafika intlekele yokuwa kweYerusalem, uYehova akazange aphulaphule xa abemi besixeko babekhalela uncedo. Ngoba? Kaloku, abantu babevukela yaye bengaguquki. Ukuba sifuna uThixo aphulaphule imithandazo yethu kufuneka simthobele.—IMizekeliso 28:9.
3:20. UYehova, “Oyena Uphakamile phezu komhlaba wonke,” uphakame kangangokuba uyazithoba “ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni.” (INdumiso 83:18; 113:6) Nakuba kunjalo, uYeremiya wayesazi ukuba uSomandla uya kufuna ukuzithoba eze ebantwini, oko kukuthi, afikelele kumgangatho wabo aze abakhuthaze. Kuvuyisa ngokwenene ukwazi kuba nakuba uThixo oyinyaniso enamandla onke nobulumko kodwa uthobekile!
3:21-26, 28-33. Sinokuzinyamezela njani iimvavanyo eziqatha? UYeremiya uyasixelela. Asimele silibale ukuba uYehova mkhulu ngobubele bothando nenceba. Sifanele sikhumbule ukuba ukuphila nje kukodwa kumele kusinike ithemba yaye sifanele sibe nomonde size silinde sithe cwaka, singakhalazi, sikhangele kuYehova ukuze asisindise. Ngaphezu koko, simele “sibeke imilomo [yethu] eluthulwini,” oko kukuthi, sizithobe kwiimvavanyo, sikhumbula ukuba uThixo uvumela izinto zenzeke ngenxa yezizathu ezivakalayo.
3:27. Ukujamelana neemvavanyo zokholo xa uselula kunokuthetha ukunyamezela ubunzima nokugculelwa. Kodwa “kulungile ukuba indoda eyomeleleyo iyithwale idyokhwe ebudeni bobutsha bayo.” Ngoba? Kuba ukufunda ukuthwala idyokhwe uselula kukulungiselela ukuba ukwazi ukujamelana neengxaki ezinzima kwiminyaka ezayo.
3:39-42. ‘Ukukhalaza’ ngenxa yezono zethu kukuswela ubulumko. Kunokuba ukhalazele imiphumo yesono, “masihlole iindlela zethu size sizikhangele, kwaye masibuyele kuYehova.” Bubulumko ukuguquka size silungise iindlela zethu.
UYehova Menze Igwiba Lakho
Incwadi yeBhayibhile yeZililo, ibonisa indlela uYehova awayeyijonga ngayo iYerusalem nelizwe lakwaYuda emva kokuba amaBhabhiloni atshisa isixeko aza ashiya elo lizwe liyinkangala. Ukuvuma kwabo isono kubonisa ngokucacileyo ukuba uYehova wabahlisela intlekele ngenxa yokunxaxha kwabo. Kwakhona amazwi eengoma zale ncwadi eziphefumlelweyo abonisa ukuthembela kuYehova nomnqweno wokubuyela kwihambo yobulungisa. Nakuba la mazwi ayengaveli kwinkoliso yabantu bexesha likaYeremiya, aba bavakalelwa ngendlela uYeremiya nentsalela eguqukileyo eyayivakalelwa ngayo.
Indlela uYehova avakalelwa ngayo ngeYerusalem, njengokuba kubhalwe kwincwadi yeZililo, isifundisa izinto ezimbini ezibalulekileyo. Okokuqala, ukutshatyalaliswa kweYerusalem nokushiywa kwelizwe lakwaYuda liyinkangala kubonisa ukubaluleka kokuthobela uYehova yaye kusisilumkiso kuthi ukuba singaze sikubethe ngoyaba ukuthanda kukaThixo. (1 Korinte 10:11) Okwesibini, ngumzekelo kaYeremiya. (Roma 15:4) Nakuba iimeko zazimaxongo, lo mprofeti wayenesingqukru, wakhangela kuYehova ukuze amsindise. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sithembele kuYehova ngokupheleleyo nakwiLizwi lakhe yaye simenze igwiba lethu!—Hebhere 4:12.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Umprofeti uYeremiya wakubona ukuzaliseka kwesigidimi sakhe somgwebo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ukholo lwala maNgqina aseKorea lwavavanywa ngenxa yokuba engazange abandakanyeke kwezobupolitika