-
Wafunda Kwiimpazamo ZakheXelisa Ukholo Lwabo
-
-
12. (a) Kutheni singamele sikhawuleze simgwebe uYona ngokulala kwakhe kweso saqhwithi? (Funda nombhalo osemazantsi.) (b) UYehova wawubhenca njani unobangela wale ngxaki?
12 Ekubeni wayeqonda ukuba akanakuze akwazi ukunceda, uYona waya emazantsi enqanawa waza wafumana indawo yokungqengqa. Apho wafika walala yoyi.b Umbheqi wathi akumbona uYona, wamvusa waza wambongoza ukuba athandaze kuthixo wakhe, njengabanye abantu. Baqonda oomatiloshe ukuba esi saqhwithi sibangelwa ngamandla angaphezu kwawendalo, baphosa amaqashiso ukuze babone ukuba yayingubani owayebangela loo nkathazo phakathi kwabo. UYona umele ukuba waba novalo njengoko kwakubonakala ngathi la maqashiso aza kumntama. Akuzange kube kudala yazicacela inyaniso. Olu qhwithela lwalubangelwa nguYehova, waza wabangela ukuba amaqashiso aphume nendoda enye—uYona!—Funda uYona 1:5-7.
-
-
Wafunda Kwiimpazamo ZakheXelisa Ukholo Lwabo
-
-
b ISeptuagint icacisa indlela awayelele ngayo uYona ngokuchaza ukuba wayerhona. Noko ke, ngaphambi kokuba sigwebe uYona ngokuthi ukulala kwakhe kwakubonisa ukungakhathali, kufuneka sikhumbule ukuba maxa wambi xa abantu bedimazekile babiwa bubuthongo. Kwiiyure zokugqibela zikaYesu kumyezo waseGetsemane, uPetros, uYakobi noYohane ‘bozela ngenxa yentlungu.’—Luka 22:45.
-