Abakhonzi BakaYehova Banethemba Lokwenene
“Abaseleyo kwaYakobi bamele babe phakathi kwezizwana ezininzi njengombethe ovela kuYehova . . . obungathembele mntwini.”—MIKA 5:7.
1. USirayeli wokomoya ubahlaziya njani abanye?
UYEHOVA nguMenzi omkhulu wemvula nombethe. Kulilize ukuwulindela ebantwini umbethe okanye ukulindela ukuba banise imvula. Umprofeti uMika wabhala: “Abaseleyo kwaYakobi bamele babe phakathi kwezizwana ezininzi njengombethe ovela kuYehova, njengomvumbi phezu kotyani, obungathembele mntwini okanye bulindele koonyana bomntu wasemhlabeni.” (Mika 5:7) Ngoobani “abaseleyo kwaYakobi” namhlanje? NgamaSirayeli okomoya, intsalela ‘kaSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) ‘Kwizizwana ezininzi’ emhlabeni, ‘banjengombethe’ ohlaziyayo ‘ovela kuYehova nanjengomvumbi phezu kotyani.’ Ewe, amaKristu athanjisiweyo namhlanje ayintsikelelo ebantwini evela kuThixo. Njengabavakalisi boBukumkani, asetyenziswa nguYehova ukuze adlulisele isigidimi sethemba lokwenene ebantwini.
2. Kutheni sinethemba lokwenene nakuba siphila kweli hlabathi lineengxaki?
2 Asingomnqa ke into yokuba eli hlabathi lingenalo ithemba lokwenene. Ukungazinzi kwezobupolitika, ukuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha, ulwaphulo-mthetho, ukudodobala kwezoqoqosho, izenzo zabanqolobi, iimfazwe—zizinto ezo esizilindeleyo kwihlabathi elilawulwa nguSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Abantu abaninzi baxhalatyiswa gqitha kukungazi oko ikamva libaphathele kona. Noko ke, thina banquli bakaYehova, asinadyudyu, kuba sinethemba eliqinisekileyo ngekamva. Lithemba lokwenene kuba lisekelwe kwiLizwi likaThixo. Sinokholo kuYehova nakwiLizwi lakhe kuba oko akuthethayo kusoloko kuzaliseka.
3. (a) Kutheni uYehova wayeza kumthabathel’ amanyathelo uSirayeli noYuda? (b) Kutheni amazwi kaMika esebenza nanamhlanje?
3 Isiprofeto sikaMika esiphefumlelwe nguThixo siyasomeleza ukuze sihambe egameni likaYehova yaye sisinika isizathu sokuba nethemba lokwenene. Ngenkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ixesha uMika awayeprofeta ngalo, abantu bakaThixo bomnqophiso babahlukene bazizizwe ezibini—uSirayeli noYuda—yaye zozibini ezi zizwe zaziwutyeshela umnqophiso kaThixo. Ngenxa yoko, imilinganiselo yokuziphatha yezi zizwe yawohloka, zawexuka ngokonqulo zaza zathanda izinto eziphathekayo ngokugqithiseleyo. Ngenxa yoko, uYehova walumkisa esithi uza kuzithabathel’ amanyathelo. Kuyinyaniso kona ukuba izilumkiso zikaThixo zazisiya kubantu bomhla kaMika. Kodwa izinto ezenzeka kumhla wethu ziyafana nezazisenzeka ngomhla kaMika yaye ngenxa yoko amazwi kaMika asasebenza nakwixesha lethu. Oku siza kukubona xa siqwalasela iimbalasane zezahluko ezisixhenxe zencwadi kaMika.
Oko Kutyhilwa Ngumongo Wale Ncwadi
4. Yiyiphi inkcazelo efumaneka kuMika isahluko 1 ukusa kwesesi-3?
4 Makhe sihlolisise ngokufutshane oko kuqulethwe yincwadi kaMika. Kwisahluko 1, uYehova ubhenca imvukelo kaSirayeli noYuda. Yaye ngenxa yokuqaqadeka kwezi zizwe, uSirayeli uza kutshatyalaliswa size isohlwayo sikaYuda siye kufikelela nakumasango aseYerusalem. Isahluko 2 sibonisa ukuba oongxowa-nkulu nezihandiba zicinezela ababuthathaka nabangenabani. Sekunjalo, uThixo uyabathembisa. Abantu bakhe baya kumanyaniswa. Isahluko 3 sithetha ngezilumkiso zikaYehova ezazisiya kwiinkokeli zolu hlanga nakubaprofeti abaqaqadekileyo. Ezi nkokeli zigqwetha okusesikweni, yaye abaprofeti baprofeta ubuxoki. Phezu kwako konke oku, uMika womelezwa ngumoya oyingcwele ukuba avakalise umgwebo kaYehova ozayo.
5. Nguwuphi umongo kaMika isahluko 4 nesesi-5?
5 Isahluko 4 sixela kwangaphambili ukuba, ngemihla yokugqibela zonke iintlanga ziya kuthontelana kwintaba ephakamileyo yendlu kaYehova ukuze zifundiswe nguye. Ngaphambi kokuba oko kwenzeke, uYuda uza kuthinjelwa eBhabhiloni, kodwa uza kuhlangulwa nguYehova. Isahluko 5 sityhila ukuba uMesiya uya kuzalelwa eBhetelehem yakwaYuda. Uya kubalusa abantu bakhe aze abahlangule esandleni seentlanga ezicinezelayo.
6, 7. Ziziphi iingongoma ezichazwe kwisiprofeto sikaMika, isahluko 6 nesesi-7?
6 KuMika isahluko 6 uYehova umangalela abantu bakhe ngokungathi kusenkundleni yamatyala. Ubenze ntoni sele bevukela nje? Akabenzanga nto. Enyanisweni, imilinganiselo yakhe isengqiqweni. Ufuna abo bamnqulayo benze okusesikweni, babe nobubele baze bathozame njengoko behamba naye. Kunokuba enze oko, uSirayeli noYuda bayavukela, ibe baza kuvuna abakuhlwayeleyo.
7 Kwisahluko sokugqibela sesiprofeto sakhe, uMika ugxeka ubungendawo babantu bomhla wakhe. Noko ke, akapheli mandla, uzimisele ‘ukubonisa isimo sengqondo sokulindela’ kuYehova. (Mika 7:7) Le ncwadi iqukumbela ngamazwi abonisa ukuba uYehova uya kuba nenceba kubantu bakhe. Imbali iyangqina ukuba eli themba lazaliseka. Ngowama-537 B.C.E., xa uYehova wayebohlwaye ngokwaneleyo abantu bakhe, ngenceba wayibuyisela intsalela.
8. Ubuya kukushwankathela njani oko kuqulethwe yincwadi kaMika?
8 Hayi indlela ebaluleke ngayo inkcazelo uYehova ayityhilayo esebenzisa uMika! Le ncwadi iphefumlelweyo isixelela ngemizekelo esisilumkiso yendlela uThixo abaphatha ngayo abo bathi bayamkhonza kodwa babe benganyanisekanga. Ichaza kwangaphambili iziganeko ezenzekayo namhlanje. Yaye kuyo uThixo usiyalela indlela esifanele siziphathe ngayo kula maxesha anzima ukuze siqinise ithemba esinalo.
INkosi EnguMongami UYehova Iyathetha
9. Ngokutsho kukaMika 1:2, yintoni uYehova awayeza kuyenza?
9 Ngoku makhe siyiqwalasele ngokweenkcukacha le ncwadi kaMika. KuMika 1:2, sifunda oku: “Yivani nonke, nina zizwana; nikela ingqalelo, mhlaba nenzaliseko yakho, yaye iNkosi enguMongami uYehova mayibe lingqina nxamnye nani, uYehova esetempileni yakhe engcwele.” Ukuba wawuphila ngexesha likaMika, ngokungathandabuzekiyo loo mazwi ayeya kubangel’ umdla kuwe. Enyanisweni, abangel’ umdla kuba uYehova uthetha esetempileni yakhe engcwele yaye akathethi noSirayeli noYuda kuphela, kodwa kwanoluntu luphela. Ngomhla kaMika, kwakusele kuyiminyaka abantu beyinikel’ umva iNkosi enguMongami uYehova. Kodwa ke, kwakungazi kuba kudala izinto zitshintshe. UYehova wayezimisele ukuthabath’ amanyathelo aqatha.
10. Kutheni amazwi kaMika 1:2 ebalulekile kuthi?
10 Kuza kuba njalo nakumhla wethu. ISityhilelo 14:18-20 sibonisa ukuba kwakhona uYehova uthetha esetempileni yakhe engcwele. Kungentsuku zatywala, uza kubathabath’ amanyathelo aqatha, yaye uluntu luza kugungqiswa ziziganeko ezishiy’ amehlo. Ngesi sihlandlo, ‘umdiliya ongendawo womhlaba’ uza kuphoswa kwisixovulelo esikhulu sewayini yomsindo kaYehova, ize inkqubo kaSathana itshatyalaliswe kuthi tu.
11. Anayiphi intsingiselo amazwi akuMika 1:3, 4?
11 Phulaphula into uYehova aza kuyenza. KuMika 1:3, 4 kuthiwa: “Khangela! uYehova uyaphuma endaweni yakhe, yaye ngokuqinisekileyo uya kuhla aze anyathele kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba. Iintaba zimele zinyibilike phantsi kwakhe, neentili ziya kwahluka phakathi, njengomthwebeba emlilweni, njengamanzi ephalazwe kwindawo engumnqantsa.” Ngaba uYehova uza kushiya izulu aze aye kunyathela ngokoqobo kwiintaba nakwiintili zeLizwe Lesithembiso? Akunjalo. Akuyomfuneko ukuba enjenjalo. Nto nje uza kunikel’ ingqalelo emhlabeni ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe. Ngaphezu koko, asingomhlaba wokoqobo oya kufikelwa yintlekele echaziweyo, kodwa ngabemi ngokwabo. Xa uYehova ethabath’ amanyathelo, kuya kuba kubi kwabo bangathembekanga—kuya kuba ngathi iintaba zinyibilika okomthwebeba neentili zicandeke phakathi ngenxa yenyikima.
12, 13. Ngokuvisisana neyesi-2 kaPetros 3:10-12, yintoni eliqinisekisayo ithemba lethu?
12 Amazwi esiprofeto akuMika 1:3, 4 asenokuba akukhumbuza esinye isiprofeto esiphefumlelweyo seziganeko ezibuhlungu eziza kwenzeka emhlabeni. Kweyesi-2 kaPetros 3:10, umpostile uPetros wathi: “Ke yona imini kaYehova iya kuza njengesela, ekuya kuthi ngayo amazulu adlule eqhuqhumba, neziqalelo ezishushu kakhulu zichithakale, uze wona umhlaba, nemisebenzi ekuwo, ibhencwe.” Ngokufanayo nesiprofeto sikaMika, amazwi kaPetros akathethi ngamazulu nomhlaba wokoqobo. Athetha ngembandezelo enkulu eza kufikela le nkqubo yezinto ingahloneli Thixo.
13 Nangona kusiza le ntlekele, amaKristu wona anokukhangela phambili kwikamva eliqaqambileyo, kanye njengoMika. Njani? Ngokuthobela isiluleko esikwiindinyana ezilandelayo zencwadi kaPetros. Lo mpostile uthi: “Luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!” (2 Petros 3:11, 12) Ukuba sizabalazela ukuba nentliziyo ethobelayo, siqiniseke ukuba ihambo yethu ingcwele yaye ubomi bethu buzaliswe zizenzo zokuhlonela uThixo, siya kuba nethemba eliqinisekileyo ngekamva. Ukuze siliqinisekise ithemba lethu, kwakhona sifanele sikhumbule ukuba imini kaYehova ngokuqinisekileyo iza kufika.
14. Kwakutheni ukuze uSirayeli noYuda bafanelwe sisohlwayo?
14 UYehova uchaza isizathu sokuba abantu bakhe bamandulo bemele bohlwaywe. KuMika 1:5 uthi: “Kungenxa yemvukelo kaYakobi, ngenxa kanye yezono zendlu kaSirayeli. Iyintoni na imvukelo kaYakobi? AsiyoSamariya na? Ziyintoni na zona iindawo eziphakamileyo zakwaYuda? AziyoYerusalem na?” USirayeli noYuda baphila ngeenceba zikaYehova. Kodwa ngoku bamvukele, yaye imvukelo yabo inwenwela nakwizixeko zabo ezingamakomkhulu, iSamariya neYerusalem.
Ubungendawo Buyagquba
15, 16. Abantu ababephila ngexesha likaMika babenetyala labuphi ubungendawo?
15 Ubungendawo babantu bomhla kaMika buchazwa kakuhle kuMika 2:1, 2: “Yeha abo baceba okwenzakalisayo, nabo baqhelisela ububi, kwiimandlalo zabo! Ngokukhanya kwakusasa bakwenze, ngenxa yokuba kusemandleni esandla sabo. Banqwenele amasimi baza bawahlutha; nezindlu, baza bazithabatha; yaye baqhathe indoda eyomeleleyo nendlu yayo, indoda nelifa layo.”
16 Oohlohl’ esakhe abalali ebusuku bequlunqa amaqhinga okuhlutha amasimi nezindlu zabamelwane babo. Bavuka kwakusasa bengxamele ukuya kwenza la maqhinga. Babengayi kubenza ubungendawo obunjalo ukuba babewukhumbule umnqophiso kaYehova. UMthetho kaMoses wawuwakhusela amahlwempu. Wawungavumi ukuba kubekho intsapho elahlekelwa ngokusisigxina lilifa layo. Noko ke, bona aba hlohl’ esakhe abayikhathelele loo nto. Abawananzi amazwi akwiLevitikus 19:18, athi: “Uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu.”
17. Yintoni enokwenzeka xa abo bathi bakhonza uThixo bethe phithi zizinto eziphathekayo?
17 Oku kubonisa oko kunokwenzeka xa abantu abathi bakhonza uThixo bengenalo usukelo lokomoya kunoko bethe phithi zizinto eziphathekayo. UPawulos wathi xa wayelumkisa amaKristu omhla wakhe: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.” (1 Timoti 6:9) Xa umntu ephilela ukuzifumbela imali, enyanisweni unqula uthixo wobuxoki—ubuTyebi. Loo thixo wobuxoki akanakusenza sibe nekamva eliqaqambileyo.—Mateyu 6:24.
18. Kwakuza kwenzeka ntoni kwabo babethanda izinto eziphathekayo ngomhla kaMika?
18 Ngemihla kaMika abantu abaninzi bafunda kabuhlungu ukuba ukukholosa ngezinto eziphathekayo kulilize. Ngokutsho kukaMika 2:4, uYehova uthi: “Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani yaye ngokuqinisekileyo kuya kwenziwa isijwili, isijwili kanye. Umntu uya kuthi: ‘Ngokuqinisekileyo siphangiwe! Sona kanye isahlulo sabantu bam uyasijika. Hayi indlela asishenxisa ngayo kum! Amasimi ethu uwabela ongathembekanga.’” Ewe, loo matutu eba imizi namasimi ayeza kulahlekelwa lilifa leentsapho zawo. Ayeza kuthinjelwa kwilizwe lasemzini, buze ubutyebi bawo buphangwe ‘ngabangathembekanga,’ okanye ziintlanga. Onke amathemba ekamva eliqaqambileyo ayeza kuthi shwaka.
19, 20. Kwenzeka ntoni kumaYuda owayekholose ngoYehova?
19 Noko ke, abo babekholose ngoYehova babengayi kuphoxeka. UYehova usawugcinile umnqophiso awayewenze noAbraham noDavide, yaye unenceba kwabo bamthandayo abanjengoMika abakhathazwa kukubona abantu besizwe sabo bezahlula kuThixo. Ngenxa yabantu abathe tye, uThixo uza kubabuyisela kwilizwe labo ngexesha lakhe elifanelekileyo.
20 Loo nto yenzeka emva kokuwa kweBhabhiloni ngowama-537 B.C.E., yaza intsalela yamaYuda yabuyela kwilizwe layo. Aqala ngelo xesha ke ukuzaliseka amazwi akuMika 2:12. UYehova uthi: “Ngokuqinisekileyo ndiya kumhlanganisa uYakobi, wonke; nakanjani na ndiya kubaqokelela ndawonye abo baseleyo bakwaSirayeli. Ndiya kubabeka bemanyene, njengomhlambi ebuhlanti, njengomhlambi phakathi kwedlelo lawo; kuya kubakho ingxokozelo ngenxa yobuninzi babantu.” Hayi indlela anothando ngayo uYehova! Emva kokohlwaya abantu bakhe, uyayivumela intsalela ukuba ibuye ize kumkhonza kwilizwe awayelinike ooyisemkhulu.
Izinto Zisafana Nanamhlanje
21. Iimeko zanamhlanje zifana njani nezo zomhla kaMika?
21 Njengoko besiqwalasela izahluko ezibini zokuqala zencwadi kaMika, ngaba ayikhange ikuchukumise indlela ezifana ngayo iimeko zelo xesha nezanamhlanje? Njengokuba kwakunjalo ngemihla kaMika, abantu abaninzi namhlanje bathi bakhonza uThixo. Ukanti, njengoYuda noSirayeli, baziintlaba-zahlukane yaye bade balwa neemfazwe kwabodwa. Oongxowa-nkulu abaninzi beNgqobhoko baye bawacinezela amahlwempu. Ngaphezu koko, iinkokeli zonqulo ziziqwabazel’ iliso izenzo ezichaswa ngokuphandle yiBhayibhile. Yiyo loo nto iNgqobhoko nayo yonke ‘iBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki ziza kutshatyalaliswa kungekudala! (ISityhilelo 18:1-5) Noko ke, njengakwimihla kaMika, abakhonzi bakaYehova abathembekileyo basekho kulo mhlaba.
22. Ngawaphi amaqela amabini athembele kuBukumkani bukaThixo?
22 Ngowe-1919, amaKristu athembekileyo athanjisiweyo akhululwa ngokupheleleyo kwiNgqobhoko aza aqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuzo zonke iintlanga. (Mateyu 24:14) Aqala ngokufuna intsalela yoSirayeli wokomoya. Kwandula ke, kwaqaliswa ukuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu’, aza la maqela mabini aba ‘ngumhlambi omnye ngaphantsi komalusi omnye.’ (Yohane 10:16) Nangona ngoku ekhonza uThixo kumazwe angama-234, bonke aba banquli bathembekileyo bakaYehova ‘bamanyene’ ngokwenene. Ngoku ubuhlanti bezimvu ‘buyaxokozela ngenxa yobuninzi bamadoda,’ kuquka abafazi nabantwana. Bathembele kuBukumkani bukaThixo obuza kuthi kungekudala bubuyisele iparadesi kulo mhlaba, kungekhona kule nkqubo yezinto.
23. Kutheni uqinisekile ngethemba onalo?
23 Ithetha ngabanquli bakaYehova abathembekileyo, indinyana yokugqibela kaMika isahluko 2 ithi: “Nokumkani wabo uya kudlula phambi kwabo, noYehova esentloko kubo.” Ngaba uzibona ukuloo mngcelele woloyiso ukhokelwa nguYehova, ulandela uKumkani wakho uYesu Kristu? Ukuba kunjalo, unokuqiniseka ukuba uya koyisa yaye ithemba lakho liqinisekile. Oku kucaca ngakumbi njengoko siqwalasela ezinye iimbalasane zesiprofeto sikaMika.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kwakutheni ukuze uYehova amthabathel’ amanyathelo uYuda noSirayeli ngomhla kaMika?
• Yintoni enokwenzeka xa abo bathi bakhonza uThixo bethe phithi zizinto eziphathekayo?
• Emva kokuqwalasela uMika isahluko 1 nesesi-2, kutheni uqinisekile ngethemba lakho?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Isiprofeto sikaMika sinokusomeleza ngokomoya
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Njengentsalela engamaYuda ngowama-537 B.C.E., amaSirayeli okomoya namaqabane awo ahambisela phambili unqulo lokwenyaniso