Siya Kuhamba Egameni LikaYehova Ngonaphakade!
“Thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.”—MIKA 4:5.
1. Ziziphi izigidimi ezicaciswe kuMika isahluko 3 ukuya kutsho kwesesi-5?
UYEHOVA unento afuna ukuyixelela abantu bakhe, yaye usebenzisa uMika njengomprofeti wakhe. Injongo kaThixo kukubathabathel’ amanyathelo abenzi bobubi. Uza kumohlwaya uSirayeli ngenxa yokuwexuka kwakhe. Okuvuyisayo kukuba, uYehova uya kubasikelela abo bahamba egameni lakhe. Ezi zigidimi zicace gca kwisiprofeto sikaMika isahluko 3 ukuya kutsho kwesesi-5.
2, 3. (a) Luluphi uphawu ezifanele zilubonakalise iinkokeli zakwaSirayeli, kodwa eneneni yintoni eziyenzayo? (b) Ubuya kuyichaza njani intetho esetyenziswe kuMika 3:2, 3?
2 Lo mprofeti kaThixo uthi: “Khanincede, nive, nina zintloko zakwaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli. Asikokwenu na ukwazi okusesikweni?” Ewe kunjalo, bamele bakwazi, kodwa ngokwenene yintoni abayenzayo? UMika uthi: “Nina bathiyi bokulungileyo nabathandi bobubi, nihlinza ulusu lwabantu nenyama yabo emathanjeni abo; nina badle nenyama yabantu bam, nibahlube nolusu olu lwabo, namathambo abo nawakroboza aziingceba, nabatyumza baziingceba njengento esembizeni emlomo ubanzi nanjengenyama phakathi embizeni yokupheka.”—Mika 3:1-3.
3 Kaloku, iinkokeli zicinezela amahlwempu, abantu abangenakuzikhusela! Abo babemphulaphule babeyiqonda intetho efuziselayo esetyenziswa nguMika apha. Ngaphambi kokuba iphekwe, igusha iyahlinzwa ize ke ihlahlelwe. Maxa wambi amathambo ayaphulwa ukuze kuqongqothwe umongo. Inyama namathambo aphekwa ngembiza enkulu, njengaleyo athetha ngayo uMika. (Hezekile 24:3-5, 10) Onjani ukufaneleka umzekelo wendlela iinkokeli ezingendawo ezazibaphethe ngqwabalala ngayo abantu ngomhla kaMika!
UYehova Ulindele Ukuba Sibonise Okusesikweni
4. UYehova wahluke njani kwiinkokeli zikaSirayeli?
4 Kukho umahluko omangalisayo phakathi kweenkokeli zikaSirayeli ezikhohlakeleyo noMalusi onothando, uYehova. Ngenxa yokuba zingabonisi okusesikweni, aziwenzi umsebenzi wazo wokukhusela umhlambi. Kunoko, ziyazixhaphaza izimvu zokomfuziselo, zizidlel’ indlala yaye ‘ziphalaza igazi’ lazo njengoko kubhaliwe kuMika 3:10. Sifunda ntoni kule meko?
5. UYehova ulindele ntoni kwabo bakhokelayo kubantu bakhe?
5 UThixo ulindele okusesikweni kwabo bakhokelayo kubantu bakhe. Ibe yiloo nto kanye esiyifumanayo kubakhonzi bakaYehova namhlanje. Ukongezelela, oku kuvisisana noIsaya 32:1, othi: “Khangela! Ukumkani uya kulawula ngobulungisa; zona iinkosana, ziya kulawula njengeenkosana zokusesikweni.” Kodwa yintoni eyenzekayo ngomhla kaMika? ‘Abo bathiye okulungileyo nabathandi bobubi’ basaqhubeka bekugqwetha okusesikweni.
Yimithandazo Yoobani Ephendulwayo?
6, 7. Yiyiphi ingongoma ebalulekileyo ebalaseliswa kuMika 3:4?
6 Ngaba abantu abangendawo ababephila ngexesha likaMika balindele ukufumana inkoliseko kaYehova? Unotshe! UMika 3:4 uthi: “Baya kumemeza kuYehova becela uncedo, kodwa akayi kubaphendula. Uya kubufihla ubuso bakhe kubo ngelo xesha, ngenxa yobubi ababenzileyo.” Le ndinyana ibalaselisa ingongoma ebaluleke gqitha.
7 UYehova akayi kuyiphendula imithandazo yethu ukuba siqhubeka sisona. Ngokuqinisekileyo oko kuya kuba njalo ukuba siphila ubomi obumbaxa, sizenza ngathi sikhonza uThixo ngokuthembeka kanti siyazifihla izono esizenzayo. Ngokutsho kweNdumiso 26:4, uDavide wavuma esithi: “Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.” UYehova akayi kuyiphendula imithandazo yabo bangalithobeli ngabom iLizwi lakhe!
Ukomelezwa Ngumoya KaThixo
8. Sisiphi isilumkiso esadluliselwa kubaprofeti bobuxoki bexesha likaMika?
8 Ezinjani ukuhlasimlis’ umzimba izinto ezenziwa ziinkokeli ezingokomoya zikaSirayeli! Abaprofeti bobuxoki balahlekisa abantu bakaThixo ngokomoya. Iinkokeli ezingoohlohl’ esakhe zona zidanduluka zisithi “Luxolo!” kodwa zibe zingcwalisa imfazwe nxamnye naye nabani na ongafaki nto emilonyeni yazo. UYehova uthi: “Ngoko ke niya kuba nobusuku, ukuze kungabikho mbono; niya kuba nobumnyama, ukuze ningavumisi. Nelanga ngokuqinisekileyo liya kutshona kubaprofeti, nemini ibe mnyama kubo. Iimboni ziya kuba neentloni, nabavumisi ngokuqinisekileyo baya kudana. Baya kugqubuthela amabhovu bonke.”—Mika 3:5-7a.
9, 10. Kuthetha ukuthini ‘ukugqubuthela amabhovu,’ yaye kutheni yena uMika engenasizathu sakwenjenjalo?
9 Kutheni ‘begqubuthela amabhovu nje’? Kaloku, aba bantu bexesha likaMika babhuqwa ziintloni. Ibe ke aba bantu bangendawo bafanele ukuba neentloni. “Akukho mpendulo ivela kuThixo” abaza kuyifumana. (Mika 3:7b) UYehova akayiphulaphuli imithandazo yabantu abanekratshi nabangendawo.
10 UMika yena akanasizathu ‘sokugqubuthela amabhovu.’ Akanazintloni. UYehova uyayiphendula imithandazo yakhe. Phawula oko kuthethwa ngulo mprofeti uthembekileyo kuMika 3:8: “Kwelinye icala, mna ndizele ngamandla, ngumoya kaYehova, nowokusesikweni nowamandla.” Hayi indlela anombulelo ngayo uMika kuba ngalo lonke ixesha elide lobulungiseleli bakhe yaye ethembekile, ebesoloko ‘ezele ngamandla, nomoya kaYehova’! Oku kwamnika inkalipho ‘yokuxelela uYakobi imvukelo yakhe noSirayeli isono sakhe.’
11. Abantu bomelezwa njani ukuze bavakalise izigidimi zikaThixo?
11 UMika ufuna amandla angaphaya kwawomntu ukuze avakalise umgwebo kaThixo oqatha. Umoya kaYehova, okanye amandla akhe asebenzayo aza kumnceda. Kuthekani ngathi? Sinokuluphumeza uthumo lwethu lokushumayela kuphela ukuba uYehova usomeleza ngomoya wakhe oyingcwele. Imizamo yethu yokushumayela ayiyi kuphumelela ukuba siqhubeka sisenza isono ngabom. Ukuba kunjalo uThixo akasayi kuyiphendula imithandazo yethu xa simcela ukuba asomeleze ukuze senze lo msebenzi. Ngokuqinisekileyo asinako ukuvakalisa izigidimi zomgwebo zikaBawo wethu osezulwini ngaphandle kokuba ‘umoya kaYehova’ uphezu kwethu. Ngenxa yemithandazo yethu eviwayo noncedo lomoya oyingcwele, siyakwazi ukulithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo, njengoMika.
12. Kwakutheni ukuze abafundi bakaYesu bokuqala bakwazi ‘ukuhlala belithetha ilizwi likaThixo ngenkalipho yonke’?
12 Mhlawumbi uyayikhumbula ingxelo ekwiZenzo 4:23-31. Masithi ungomnye wabafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala. Abatshutshisi abanolunya bafuna ukubaval’ umlomo abalandeli bakaKristu. Kodwa aba balandeli banyanisekileyo bathandaza kwiNkosi enguMongami, besithi: “Yehova, khawunikele ingqalelo kwizisongelo zabo, uze uwanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke.” Uba yintoni umphumo? Bakuba benze isikhungo, indawo abahlanganisene kuyo iyagungqiswa; yaye bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele kwaye balithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo. Ngoko ngamana singazimisela ukwayama ngoYehova nangomoya wakhe oyingcwele njengoko siqhubeka nalo msebenzi wethu wokushumayela.
13. Yintoni eya kwenzeka kwiYerusalem neSamariya, yaye ngoba?
13 Khawuphinde ucinge ngomhla kaMika. Ngokutsho kukaMika 3:9-12, abalawuli abankone ligazi bayanyotywa, ababingeleli abanakufundisa bengahlawulwanga, nabaprofeti bobuxoki bayavumisa ukuze bazenzele imali. Akumangalisi ke ngoko ukuba uThixo eyalele ukuba ikomkhulu lakwaYuda, iYerusalem, libe “yimfumba nje yamanxuwa”! Ekubeni unqulo lobuxoki nokuziphatha okubi kwesamele nakwaSirayeli, uMika uphefumlelwa ukuba alumkise iSamariya esithi uThixo uza kuyenza “imfumba yamanxuwa.” (Mika 1:6) Enyanisweni, lo mprofeti uphila de akubone ukutshatyalaliswa okwakuprofetwe ngako kweSamariya yimikhosi yama-Asiriya ngowama-740 B.C.E. (2 Kumkani 17:5, 6; 25:1-21) Licacile elokuba ezi zigidimi zinamandla ngokuchasene neYerusalem neSamariya zinokudluliselwa kuphela ngamandla kaYehova.
14. Sazaliseka njani isiprofeto esikuMika 3:12, yaye oko kufanele kusichaphazele njani?
14 Ngokuqinisekileyo uYuda akanakusinda kumgwebo oqatha kaYehova. Ekuzalisekeni kwesiprofeto esikuMika 3:12, iZiyon iya “kulinywa njengentsimi nje.” Ngenxa yolwazi esinalo kule nkulungwane yama-21, siyazi ukuba ezi zinto zenzeka xa iBhabhiloni yamtshabalalisa uYuda neYerusalem ngowama-607 B.C.E. Oku kwenzeka sele kudlule iminyaka uMika waprofetayo, kodwa wayeqinisekile ukuba kuza kwenzeka. Nathi sifanele siqiniseke ngendlela efanayo ukuba le nkqubo ingendawo yezinto iza kuphela ‘ngemini kaYehova’ ekuprofetwe ngayo.—2 Petros. 3:11, 12.
UYehova Ulungelelanisa Imicimbi
15. Ngamazwi akho, unokusichaza njani isiprofeto esikuMika 4:1-4?
15 Xa sikhangela emva, sifumanisa ukuba uMika ngoku ulandelisa ngesigidimi sethemba esihlab’ umxhelo. KuMika 4:1-4 sifumana amazwi achukumisa ngokwenene! Phakathi kwezinto azithethayo, uMika uthi: “Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla intaba yendlu kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba, yaye ngokuqinisekileyo iya kuphakanyiswa ngaphezu kweenduli; kwaye zonke izizwana zimele zibe ngumsinga ukuya kuyo. . . . Ngokuqinisekileyo uya kunikela umgwebo phakathi kwezizwana ezininzi, alungelelanise imicimbi ngokuphathelele iintlanga ezinamandla ezikude. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona. Kwaye okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo; kuba wona kanye umlomo kaYehova wemikhosi ukuthethile oko.”
16, 17. UMika 4:1-4 uzaliseka njani namhlanje?
16 Ngoobani ezi ‘zizwana zininzi neentlanga ezinamandla’ ekuthethwe ngazo apha? Asizizo iintlanga ezilwayo noorhulumente beli hlabathi. Kunoko, esi siprofeto sibhekisela kubantu abaphuma kuzo zonke iintlanga abanikela inkonzo engcwele ngokumanyeneyo entabeni kaYehova yonqulo olunyulu.
17 Ngokuvisisana nesiprofeto sikaMika, kungekudala umhlaba wonke uya kuzaliswa lunqulo olunyulu lukaYehova. Kanye ngoku, abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ bafundiswa iindlela zikaYehova. (IZenzo 13:48) UYehova ugweba aze alungelelanise imicimbi ngokomoya ngenxa yamakholwa abumele ngokuqinileyo uBukumkani. Aya kusinda “embandezelweni enkulu” njengenxalenye ‘yesihlwele esikhulu.’ (ISityhilelo 7:9, 14) Ekubeni amaNgqina kaYehova ewakhandile amakrele awo aba ngamakhuba, kwanangoku wona ahlalisana ngoxolo kunye nabanye abantu. Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukuba ngomnye wawo!
Sizimisele Ukuhamba Egameni LikaYehova
18. Yintoni efuziselwa ‘kukuhlala phantsi komthi womdiliya nomkhiwane’?
18 Ngeli xesha lethu, njengokuba abantu bethwaxwa luloyiko njengelifu elimnyama eligubungele umhlaba, sivuyiswa kukuba abantu abaninzi bafunda iindlela zikaYehova. Silangazelela ixesha elingekude xa bonke abo bamthandayo uThixo bengasayi kuphinda bafunde ukulwa kodwa elowo eya kuhlala phantsi komkhiwane naphantsi komdiliya wakhe. Imithi yamakhiwane idla ngokutyalwa esidiliyeni. (Luka 13:6) Ukuhlala phantsi komthi womdiliya nomkhiwane kufuzisela uxolo, impumelelo nokunqabiseka. Kwanangoku, ulwalamano esinalo noYehova lusenza sibe noxolo lwengqondo nonqabiseko olungokomoya. Xa kugquba iimeko ezinjalo ngaphantsi kolawulo loBukumkani, asiyi koyika yaye siya kunqabiseka ngokupheleleyo.
19. Kuthetha ukuthini ukuhamba egameni likaYehova?
19 Ukuze uYehova akholiswe sithi aze asisikelele, simele sihambe egameni lakhe. Oku kugxininiswa kuMika 4:5, apho lo mprofeti athi: “Zonke izizwana ziya kuhamba ngasinye egameni lothixo waso; kodwa thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.” Ukuhamba egameni likaYehova akuthethi nje kuphela ukuthi unguThixo wethu. Kuthetha okungakumbi kunokuba nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu nakumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani, nangona nazo ezo zinto zibalulekile. Ukuze sihambe egameni likaYehova, simele sizahlulele kuye size sizabalazele ukumkhonza ngokuthembeka ngenxa yokumthanda kwethu ngomphefumlo uphela. (Mateyu 22:37) Yaye njengabanquli bakhe, ngokuqinisekileyo sizimisele ukuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ngonaphakade.
20. Yintoni ekuprofetwe ngayo kuMika 4:6-13?
20 Ngoku makhe sinikel’ ingqalelo kumazwi esiprofeto akuMika 4:6-13. ‘Intombi yaseZiyon’ iza kuthinjelwa ‘eBhabhiloni.’ Oku koko kanye kwenzekayo kubemi baseYerusalem ngenkulungwane yesixhenxe ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo. Sekunjalo, isiprofeto sikaMika sibonisa ukuba intsalela iza kubuyela kwaYuda, yaye xa ebuyisela iZiyon, uYehova uya kuzitshabalalisa ngokupheleleyo zonke iintshaba zayo.
21, 22. Amazwi akuMika 5:2 azaliseka njani?
21 UMika isahluko 5 uprofeta ngezinye iziganeko ezibalaseleyo. Ngokomzekelo, phawula oko kuthethwa kuMika 5:2-4. UMika uprofeta esithi uMlawuli omiselwe nguThixo—“omvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili”—uya kuvela eBhetelehem. Uya kulawula njengomalusi “ngamandla kaYehova.” Ngaphezu koko, lo Mlawuli uya kuba mkhulu, kungekuphela nje kwaSirayeli, kodwa “ukuya kufikelela kwiziphelo zomhlaba.” Ukuba ngumlawuli kwakhe kusenokubadida abantu behlabathi, kodwa akungomnqa kuthi.
22 Ngubani oyena mntu ubalaseleyo owazalelwa eBhetelehem? Yaye ngubani oya “kuba mkhulu ukuya kufikelela kwiziphelo zomhlaba”? Akukho wumbi ngaphandle kukaMesiya, uYesu Kristu! Xa uHerode Omkhulu wabuza ababingeleli abaziintloko nababhali ngendawo awayeza kuzalelwa kuyo uMesiya, bamphendula bathi: “EBhetelehem yelakwaYuda.” Bacaphula amazwi kaMika 5:2. (Mateyu 2:3-6) Nabanye abantu babekwazi oku, kuba kuYohane 7:42 kucatshulwa amazwi abawathethayo besithi: “Asizange sitsho na iSibhalo ukuba uKristu uphuma kwinzala kaDavide, naseBhetelehem idolophana apho uDavide wayefudula ekhona?”
Abantu Baya Kuhlaziyeka Ngokwenene
23. Yintoni eyenzekayo ngoku ezalisekisa uMika 5:7?
23 KuMika 5:5-15 kubhekiselwa kuhlaselo lweAsiriya olwaluza kuphumelela okomzuzwana yaye kuthiwa uThixo uya kuzitshabalalisa iintlanga ezingamthobeliyo. KuMika 5:7 kuthenjiswa ukuba intsalela yamaYuda eguqukayo iya kubuyiselwa kwilizwe layo, kodwa loo mazwi azaliseka nakumhla wethu. UMika uthi: “Nabaseleyo kwaYakobi bamele babe phakathi kwezizwana ezininzi njengombethe ovela kuYehova, njengomvumbi phezu kotyani.” La mazwi amnandi afuziselayo axela kusengaphambili ukuba uThixo wayeza kusikelela abantu ngentsalela kaYakobi okanye uSirayeli wokomoya. “Ezinye izimvu” zikaYesu ezinethemba lokuphila emhlabeni, ziyakuvuyela ukusebenza kunye nentsalela yale mihla ‘kaSirayeli kaThixo,’ zincedisa ekuhlaziyeni abanye ngokomoya. (Yohane 10:16; Galati 6:16; Zefaniya 3:9) Kulo mbandela, kukho ingongoma efuna ukucingisiswa nzulu. Njengabavakalisi boBukumkani, sonke sifanele silixabise ilungelo esinalo lokuhlaziya abantu.
24. Ziziphi iingongoma ezikuchukumisileyo kuMika isahluko 3 ukusa kwesesi-5?
24 Yintoni oyifundileyo kwisiprofeto sikaMika isahluko 3 ukusa kwesesi-5? Mhlawumbi ufunde ezi ngongoma zilandelayo: (1) UThixo ulindele ukuba abo bakhokela abantu bakhe benze okusesikweni. (2) UYehova akayi kuyiphendula imithandazo yethu ukuba siqhubeka sisona ngabom. (3) Uthumo lwethu lokushumayela sinokulufeza kuphela ukuba somelezwa nguThixo ngomoya wakhe oyingcwele. (4) Ukuze simkholise uYehova, simele sihambe egameni lakhe. (5) Njengabavakalisi boBukumkani, sifanele silixabise ilungelo esinalo lokuhlaziya abantu. Kusenokwenzeka ukuba zikho ezinye iingongoma eziye zakuchukumisa. Yintoni enye esinokuyifunda kule ncwadi yeBhayibhile yesiprofeto? Inqaku elilandelayo liza kusinceda ukuze sibone into esinokuyifunda kwizahluko ezibini zokugqibela zesiprofeto esomeleza ukholo sikaMika.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni uThixo ayilindeleyo kwabo bakhokela abantu bakhe?
• Kutheni umthandazo nomoya oyingcwele ubalulekile kwinkonzo yethu esiyinikela kuYehova?
• Abantu ‘bahamba njani egameni likaYehova’?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngaba unokuwuchaza umzekeliso kaMika othetha ngembiza yokupheka?
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
NjengoMika sishumayela ngenkalipho