-
“Bhengezani Oku Phakathi Kweentlanga”Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova
-
-
8. Kutheni ‘abaseleyo bakwaYakobi’ befaniswa nengonyama?
8 Kwisigidimi somprofeti uMika, abo banikela ‘ngamathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yabo,’ bafaniswa nengonyama. Wabhala wathi: “Nabaseleyo bakwaYakobi bamele phakathi kweentlanga . . . babe njengengonyama phakathi kwezilo zehlathi, njengengonyama entsha enesingci phakathi kwemihlambi yezimvu, ethi, xa okunene idlula, ngokuqinisekileyo inyathele yaye iqwenge; kungabikho mhlanguli.” (Mika 5:8) Kutheni ifanelekile nje le nkcazelo? Namhlanje, abantu bakaThixo, abalathiswa yintsalela ethanjisiweyo, bamele babonise inkalipho efana neyengonyama xa bevakalisa isigidimi sesilumkiso kwiintlanga.a
9. (a) Umele uyibonise nini inkalipho efana neyengonyama? (b) Yintoni enokukunceda ube nenkalipho xa abantu bekuchasa okanye bengenamdla?
9 Ngaba ukhaliphe njengengonyama ekuvakaliseni isigidimi sesilumkiso? Kusenokufuneka ubonise inkalipho elolo hlobo, kungekuphela nje xa uphambi kwabasemagunyeni, kodwa kwanaxa uthetha nabo ufunda nabo esikolweni okanye abantu osebenza nabo, okanye izalamane zakho ezingakholwayo. (Mika 7:5-7; Mateyu 10:17-21) Yintoni enokukunceda ube nenkalipho xa abantu bekuchasa okanye bengenamdla? Phawula into eyamncedayo uMika wakwazi ukuphumeza umsebenzi wakhe onzima wokulumkisa abantu ngokutshatyalaliswa kweSamariya neYerusalem. Uthi: “Ndizele ngamandla, ngomoya kaYehova, nowokusesikweni nowamandla, ukuze ndimxelele uYakobi imvukelo yakhe noSirayeli isono sakhe.” (Mika 1:1, 6; 3:8) Nawe unako ‘ukuzaliswa ngamandla’ ngokuthi ufumane umoya kaThixo onik’ amandla. (Zekariya 4:6) Ukuba ukholosa ngoThixo ngomthandazo, uya kukwazi ukuvakalisa isigidimi esisenokuzenza zithi nzwi iindlebe zabanye.—2 Kumkani 21:10-15.
-
-
“Bhengezani Oku Phakathi Kweentlanga”Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova
-
-
a Esi siprofeto sisenokuba sazaliseka okokuqala ngexesha leeMaccabees xa amaYuda awayelawulwa ziiMaccabees agxotha iintshaba zawo kwaYuda aza ayinikela ngokutsha itempile. Oku kwayivulela indlela intsalela yamaYuda yokuba ikwazi ukwamkela uMesiya ekufikeni kwakhe.—Daniyeli 9:25; Luka 3:15-22.
-