Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wakunandipha ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khangela enoba unokuyiphendula na le mibuzo ilandelayo:
• Zingaphi izahluko zencwadi kaMika, yabhalwa nini yaye yayinjani imeko ngelo xesha?
Incwadi kaMika inezahluko ezisixhenxe. Umprofeti uMika wabhala le ncwadi ngenkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ngexesha apho abantu bakaThixo bomnqophiso babahlukene bazizizwe ezibini—uSirayeli noYuda.—8/15, iphepha 9.
• Ngokutsho kukaMika 6:8, yintoni uThixo ayifunayo kuthi?
Sifanele ‘siqhelisele okusesikweni.’ Indlela uThixo azenza ngayo izinto isesikweni, ngoko simele sibambelele kwimilinganiselo yakhe yokunyaniseka size sigcine ingqibelelo. Uthi ‘masithande ububele.’ AmaKristu aye abonakalisa ububele bothando ngokunyamekela iintswelo zabanye, njengaxa kwehle intlekele. Ukuze ‘sithozame ekuhambeni’ noYehova, simele sizivume iintsilelo zethu size sixhomekeke kuye.—8/15, iphepha 20-2.
• Ukuba umKristu uphelelwa ngumsebenzi, yintoni anokuyenza?
Kuya kuba bubulumko ukuba ubani ahlolisise indlela aphila ngayo. Mhlawumbi usenokukwazi ukuphila ubomi obulula ngokufudukela kwikhaya elincinane okanye ngokuthengisa izinto eziphathekayo ezingeyomfuneko. Ngokuqinisekileyo, kubalulekile ukuba siyeke ukuxhalela iintswelo zemihla ngemihla, kodwa sithembele kuThixo ukuba uya kwenza sifumane oko sikusweleyo. (Mateyu 6:33, 34)—9/1, iphepha 14-15.
• Yintoni esifanele siyikhumbule xa sisipha abanye okanye xa sifumana izipho zomtshato?
Izipho zexabiso aziyomfuneko, yaye azifanele zilindelwe. Eyona nto ixabisekileyo sisimo sengqondo salowo uphayo. (Luka 21:1-4) Asinto intle ukuchaza igama lalowo uzise isipho. Ukwenjenjalo kunokubangela loo mntu abe neentloni. (Mateyu 6:3)—9/1, iphepha 29.
• Kutheni sifanele sithandaze ngokungapheziyo?
Ukuthandaza rhoqo kunokomeleza ulwalamano lwethu noThixo kuze kusincede sijamelane nezilingo eziqatha. Imithandazo yethu inokuba mifutshane okanye ibe mide, ixhomekeka kwiimfuno neemeko zethu. Umthandazo womeleza ukholo yaye usinceda sicombulule iingxaki.—9/15, iphepha 15-18.
• Sifanele siyiqonde njani eyoku-1 kwabaseKorinte 15:29, eguqulelwe ngokuthi ‘ukubhaptizelwa abafileyo’ kwezinye iinguqulelo?
Umpostile uPawulos wayethetha ukuba amaKristu athanjisiweyo abhaptizwa, okanye antywiliselwa kwikhondo elikhokelela ekubeni afe egcine ingqibelelo njengoKristu. Emva koko, avuselwa kubomi bokomoya njengoKristu.—10/1, iphepha 29.
• Sazi njani ukuba, ukuba ngumKristu kuquka okungakumbi kunokuphepha izinto eziphosakeleyo ezikhankanywe kweyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11?
Umpostile uPawulos akazange akhankanye nje kuphela izinto eziphosakeleyo ezinjengokuhenyuza, ukunqula izithixo nokunxila. Ebonisa ukuba kwakusafuneka utshintsho olungakumbi, kwindinyana elandelayo wathi: “Zonke izinto zisemthethweni kum; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo.”—10/15, iphepha 18-19.
• Ngoobani abanye bamabhinqa amandulo awavuyisa intliziyo kaThixo?
Aquka abazalisikazi uShifra noPuwa, abangazange bamthobele uFaro baze babulale abantwana abangamakhwenkwe abasandul’ ukuzalwa abangamaSirayeli. (Eksodus 1:15-20) Unongogo ongumKanan uRahabhi wakhusela iintlola ezimbini ezingamaSirayeli. (Yoshuwa 2:1-13; 6:22, 23) Ebonakalisa ingqiqo, uAbhigali wafak’ isandla ekusindisweni kwabantu waza wakhusela uDavide ukuba angabi netyala legazi. (1 Samuweli 25:2-35) La mabhinqa ayimizekelo kumabhinqa anamhlanje.—11/1, iphepha 8-11.
• Kwenzeka njani ukuba ‘iinkwenkwezi zilwe zisezulwini’ noSisera, njengoko kuchazwe kuBagwebi 5:20?
Bambi bavakalelwa kukuba la mazwi athetha ukungenelela kukaThixo. Abanye bathi iingelosi zancedisa, kwawa izinto ezithile esibhakabhakeni, okanye kuthetha ukuxhomekeka kukaSisera ekuvumiseni ngeenkwenkwezi. Ekubeni iBhayibhile ingathethi nto ngendlela iinkwenkwezi ezalwa ngayo kweli dabi, kubonakala kwanele ukuthi ngandlel’ ithile uThixo wangenelela esilwela umkhosi wamaSirayeli.—11/15, iphepha 30.
• Kutheni kusekho abantu abaninzi kangaka abathi bakholelwa kuThixo ngoxa kuxhaphake ukuchaswa konqulo?
Bambi baya ecaweni kuba befuna uxolo lwengqondo. Abanye banethemba lobomi obungunaphakade emva kokufa, okanye lokuba sempilweni, ukuba zizityebi nokuphumelela ebomini. Kwezinye iindawo, abantu bafuna ukwanelisa iphango lokomoya abaye baba nalo ukungena kobukapitali buthabathel’ indawo ubuKomanisi. Ukwazi ezi zizathu kunokunceda umKristu aqalise incoko ebangel’ umdla.—12/1, iphepha 3.