Yintoni UYehova Ayilindeleyo Kuthi?
“Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—MIKA 6:8.
1, 2. Yintoni esenokubadimaza abanye abakhonzi bakaYehova, kodwa yintoni enokuba luncedo?
UVERA ngumKristu othembekileyo oneminyaka enokuba ngama-75 ubudala yaye ukhathazwa yimpilo. Uthi: “Maxa wambi, ndikhangela ngaphandle efestileni ndize ndibone abazalwana noodade abangamaKristu beshumayela kwindlu ngendlu. Oku kundikhathaza gqitha kuba ndifuna ukuba kunye nabo, kodwa impilo yam ayindivumeli ukuba ndimkhonze uYehova ngendlela endifuna ngayo.”
2 Ngaba ukhe wavakalelwa ngaloo ndlela? Kakade ke, bonke abamthandayo uYehova balangazelela ukuhamba egameni lakhe baze bagcine imithetho yakhe. Kodwa, kuthekani ukuba impilo enkenenkene, ukwaluphala, okanye iimbopheleleko ezinzima zentsapho zikwenza kube nzima oko? Sisenokudimazeka ngandlel’ ithile kuba iimeko ezinjalo zisithintela ukuba singenzi konke esingathanda ukukwenza enkonzweni kaThixo. Ukuba sikule meko, siya kukhuthazwa kukuhlolisisa amazwi aphefumlelweyo abhalwe kuMika isahluko 6 nesesi-7. Ezi zahluko zibonisa ukuba imilinganiselo kaYehova isengqiqweni yaye iyafikeleleka.
Indlela UThixo Abaphatha Ngayo Abantu Bakhe
3. UYehova uwaphatha njani amaSirayeli anemvukelo?
3 Okokuqala makhe sifunde uMika 6:3-5 size siphawule indlela uYehova abaphatha ngayo abantu bakhe. Uz’ ukhumbule ukuba ngexesha likaMika amaSirayeli ayenemvukelo. Sekunjalo, uYehova uthetha nawo ngobubele esithi, “Owu bantu bam.” Uyababongoza esithi: “Owu bantu bam, khanincede, nikhumbule.” Kunokubamangalela ngqwabalala, uzama ukufikelela iintliziyo zabo ngokubabuza, “Ndenze ntoni na kuni?” Ude abakhuthaze ukuba ‘bangqine nxamnye’ naye.
4. Ufanele usichaphazele njani umzekelo kaThixo wobubele?
4 Hayi indlela okhuthaza ngayo umzekelo uThixo asimisela wona! Umbiza ngobubele uSirayeli noYuda onemvukelo wexesha likaMika ngokuthi ‘bantu bam’ aze athethe nabo esebenzisa amabinzana anjengelithi “khanincede.” Ngoko ke nathi sifanele sibaphathe ngobubele nangothando abo bayinxalenye yebandla. Kuyavunywa ukuba, akulula ukusebenzisana nabanye, okanye basenokuba babuthathaka ngokomoya. Sekunjalo, ukuba bayamthanda uYehova, sifanele sibancede size sibonakalise ububele kubo.
5. Yiyiphi ingongoma esisiseko ekhanyiswa kuMika 6:6, 7?
5 Ngoku, makhe sityhile kuMika 6:6, 7. UMika ubuza uthotho lwemibuzo esenjenje: “Ndiya kumkhawulela ndinantoni na uYehova? Ndiya kuqubuda ndinantoni na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndineminikelo etshiswa kuphele na, ngamathole amnyaka mnye na? Uya kukholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zeegusha, ngamashumi amawaka emisinga yeoli? Ndiya kunikela ngonyana wam olizibulo na ngenxa yokuvukela kwam, isiqhamo sesisu sam na ngenxa yesono somphefumlo wam?” Nakanye, akunakukholisa uYehova “ngamawaka eenkunzi zeegusha, ngamashumi amawaka emisinga yeoli.” Kodwa ikho into onokumkholisa ngayo. Yintoni leyo?
Simele Sibonakalise Okusesikweni
6. Ziziphi izinto ezintathu uThixo azifunayo kuthi ezichazwe kuMika 6:8?
6 KuMika 6:8, sifunda ngezinto uYehova azifunayo kuthi. UMika uyabuza: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?” Ezi zinto zintathu zifunekayo ziquka indlela esivakalelwa ngayo, indlela esicinga nesizenza ngayo izinto. Simele sibe notyekelo lokubonakalisa ezi mpawu, sicinge ngendlela esinokuzibonakalisa ngayo, size sithabath’ amanyathelo okuzibonakalisa. Makhe siqwalasele ezi zinto zintathu zifunekayo, sithabatha ibe nye ngexesha.
7, 8. (a) Kuthetha ukuthini ‘ukuqhelisela okusesikweni’? (b) Kukuphi okungekho sikweni okwakuxhaphakile ngomhla kaMika?
7 ‘Ukuqhelisela okusesikweni’ kuthetha ukwenza okulungileyo. Indlela uThixo azenza ngayo izinto isesikweni. Noko ke, abantu bomhla kaMika, babengakwenzi okusesikweni. Njani? Masifunde uMika 6:10. Ngasekupheleni kwaloo ndinyana, kuthiwa abarhwebi basebenzisa ‘umlinganiselo we-efa odlekileyo,’ ngamany’ amazwi owona mncinane. Indinyana 11 yongezelela isithi basebenzisa ‘amatye okulinganisa enkohliso.’ Yaye ngokutsho kwendinyana 12, ‘ulwimi lwabo lunenkohliso.’ Ngoko ke, ngomhla kaMika kwakuyinto eqhelekileyo ukusetyenziswa kwemilinganiselo yenkohliso, amatye okulinganisa okuqhatha nentetho ekhohlisayo, kwezorhwebo.
8 Sekunjalo, ubuqhetseba abukho nje kwezoshishino kuphela. Bukho nasezinkundleni. UMika 7:3 ubonisa ukuba “inkosana icela okuthile, nogwebayo wenjenjalo ngomvuzo.” Abagwebi bayanyotywa ukuze bagwebe abantu abamsulwa njengabanetyala. ‘Omkhulu,’ okanye isihandiba, naso saphul’ umthetho. Enyanisweni, uMika uthi inkosana, umgwebi, nomntu omkhulu ‘baphotha’ okanye benza ezi zinto zimbi.
9. Okungekho sikweni kwabangendawo kumchaphazela njani uYuda noSirayeli?
9 Okungekho sikweni okwakusenziwa ziinkokeli ezingendawo kwalichaphazela lonke elakwaYuda nelakwaSirayeli. UMika 7:5 uthi ukungabikho kokusesikweni kuye kwakhokelela ekubeni izihlobo ezisenyongweni kwanamaqabane omtshato angathembani. Indinyana 6 ithi oku kuye kwakhokelela ekuwohlokeni kwentlalo kangangokuba unyana udelela uyise, nentombi idelela unina.
10. AmaKristu aziphatha njani kwihlabathi lanamhlanje elingenako okusesikweni?
10 Kuthekani namhlanje? Ngaba asikho kwimeko efanayo? NjengoMika, singqongwe kukungabikho kokusesikweni, ukungathembani, nokuwohloka kwentlalo kwanobomi bentsapho. Sekunjalo, njengabakhonzi bakaThixo abaphila kweli hlabathi lingendawo, asimele sivumele umoya weli hlabathi lingenako okusesikweni ukuba ungene ebandleni lamaKristu. Kunoko, simele sinyaniseke size sigcin’ ingqibelelo, sibonise ezi mpawu ekuphileni kwethu kwemihla ngemihla. Enyanisweni, ‘siziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.’ (Hebhere 13:18) Ngoko akuvumi na ukuba xa sisenza okusesikweni sifumana iintsikelelo ezibangelwa bubuzalwana obusekelwe kwintembeko?
Abantu Baliva Njani “Ilizwi LikaYehova”?
11. Azaliseka njani amazwi akuMika 7:12?
11 UMika uprofeta esithi nangona kungekho okusesikweni ngoku, bonke abantu baza kuphathwa ngokusesikweni. Lo mprofeti uthi abantu baza kuhlanganiswa ‘ukususela elwandle ukusa elwandle, nokususela entabeni ukusa entabeni’ ukuze babe ngabanquli bakaYehova. (Mika 7:12) Kwinzaliseko yokugqibela yanamhlanje yesi siprofeto, asilohlanga oluthile, kodwa ngabantu bazo zonke iintlanga abazuzayo kokusesikweni kukaThixo nokungakhethi buso. (Isaya 42:1) Kwenzeka njani oku?
12. “Lona kanye ilizwi likaYehova” liviwa njani namhlanje?
12 Ukuze sifumane impendulo, masiqwalasele amazwi athethwe nguMika ngaphambilana. KuMika 6:9 kuthiwa: “Lona kanye ilizwi likaYehova liyamemeza kuso isixeko, yaye umntu onobulumko bobuqili uya kuloyika igama lakho.” Abantu beentlanga zonke baliva njani “ilizwi likaYehova” yaye oku kufanele kuyichaphazele njani indlela esikubonakalisa ngayo okusesikweni? Kakade ke, abantu namhlanje abanakuliva ngokoqobo ilizwi likaThixo. Noko ke, ilizwi likaYehova liviwa ngabantu bazo zonke iintlanga nabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo ngenxa yomsebenzi wethu wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Yaye ngenxa yoko, abo baphulaphulayo ‘bayaloyika igama likaThixo,’ yaye bayalihlonela. Enyanisweni, xa sisiba ngabavakalisi boBukumkani abakhutheleyo sibonakalisa okusesikweni nothando. Ngokwazisa igama likaThixo kubantu bonke yaye singakhethi buso, “siqhelisela okusesikweni.”
Simele Sithande Ububele
13. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kobubele bothando nothando?
13 Ngoku makhe sithethe ngenkalo yesibini efunekayo kwezikhankanywe kuMika 6:8. UYehova ulindele ‘ukuba sithande ububele.’ Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ububele’ likwaguqulelwa ngokuthi ‘ububele bothando’ okanye ‘uthando olunyanisekileyo.’ Ukuba nobubele bothando kuthetha ukuxhalabela abanye, ukuba novelwano olubonakaliswa zizenzo. Ububele bothando bahlukile kuthando. Njani? Igama elithi uthando libanzi, linokusetyenziswa ekuthandeni izinto okanye iingcamango. Ngokomzekelo, iZibhalo zithetha ngomntu ‘othanda iwayini neoli’ ziphinde zithethe ngomntu ‘othanda ubulumko.’ (IMizekeliso 21:17; 29:3) Kwelinye icala, ‘ububele bothando’ busoloko bubandakanya abantu, ngokukodwa abo bakhonza uThixo. Ngoko ke, uMika 7:20 uthetha ‘ngobubele bothando obanikwa uAbraham’—indoda eyayikhonza uYehova uThixo.
14, 15. Bubonakaliswa njani ububele bothando, yaye bubuphi ubungqina obucatshuliweyo?
14 Ngokutsho kukaMika 7:18, lo mprofeti uthi uThixo “uyoliswa bububele bothando.” KuMika 6:8, sixelelwa ukuba singaneli nje kukubonisa ububele bothando kodwa siluthande olo phawu. Yintoni esiyifundayo kwezi zibhalo? Ububele bothando sibubonakalisa ngokuzithandela. NjengoYehova, siyakuvuyela okanye siyayoliswa kukwenzela abantu abasweleyo ububele bothando.
15 Namhlanje, abantu bakaThixo baziwa ngokuba nobubele bothando. Khawuqwalasele nje lo mzekelo. NgoJuni wama-2001, isitshingitshane sabangela izikhukula eTexas, eUnited States, sisonakalisa amakhaya amaninzi, kuquka namaninzi amaNgqina kaYehova. Ukuze akwazi ukunceda abazalwana bawo abangamaKristu, amaNgqina anokuba li-10 000 anikela ngexesha nangamandla awo. Amatsha-ntliziyo asebenza ngaphezu kwesiqingatha sonyaka ngokuzibhokoxa, esebenzisa iintsuku neempela-veki zawo, aphinda akha iiHolo zoBukumkani ezisi-8 nezindlu zamanye amaKristu ezingaphezu kwama-700. Lawo ayengakwazi ukwenza umsebenzi onjalo anikela ngokutya, ngemali, nangezinye izinto. Yintoni eyayibangela ukuba la mawaka amaNgqina ancede abazalwana bawo? Kungenxa yokuba ‘athanda ububele.’ Yaye hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukwazi ukuba izenzo ezinjalo ezibonisa ububele bothando zenziwa ngabazalwana bethu ehlabathini lonke! Ewe, ukubonakalisa ‘ukuthanda ububele’ akuloxanduva kodwa kuyinto evuyisayo!
Ukuthozama Ekuhambeni NoThixo
16. Nguwuphi umzekeliso osinceda sigxininise imfuneko yokuthozama xa sihamba noThixo?
16 Inkalo yesithathu efunekayo ngokutsho kukaMika 6:8 ‘kukuthozama ekuhambeni noThixo wethu.’ Oku kuthetha ukuba sifanele sizivume iintsilelo zethu size sixhomekeke kuThixo. Ngokomzekelo: Khawube nomfanekiso-ngqondweni wentwazana ebambelele nkqi kwisandla sikayise njengoko behamba kunye ngemini egquthayo. Le ntwazana yazi kakuhle ukuba ayinamandla kangako, kodwa ithembele kuyise. Njengaloo ntwazana, nathi simele sazi ukuba asinamandla kodwa sithembele kuBawo wethu osezulwini. Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sinaloo ntembelo? Phakathi kwezinye izinto, ngokuhlala sisikhumbula isizathu sokuba kububulumko ukunamathela kuThixo. UMika usikhumbuza izizathu ezithathu ezizezi: UYehova nguMhlanguli, uMalathisi noMkhuseli wethu.
17. UYehova wabahlangula, wabakhokela waza wabakhusela njani abantu bakhe kumaxesha amandulo?
17 Ngokutsho kukaMika 6:4, 5, uThixo uthi: “Ndaninyusa kwilizwe laseYiputa.” Ewe, uYehova wayenguMhlanguli kaSirayeli. UYehova uhlabela mgama esithi: “Ndathumela phambi kwenu uMoses, uAron noMiriyam.” Kwasetyenziswa uMoses noAron ukuze bakhokele olu hlanga, waza uMiriyam wahlabela ingoma yoloyiso baza balandela abafazi bakwaSirayeli bengqungqa. (Eksodus 7:2; 15:1, 19-21; Duteronomi 34:10) Ngaloo ndlela, uYehova wakhokela esebenzisa abakhonzi bakhe. Kwindinyana 5, uYehova ukhumbuza uhlanga lwakwaSirayeli ukuba walukhusela kuBhalaki noBhileham, waza walukhusela ngoxa lwaluseza kufika eGiligali ekwiLizwe Lesithembiso lusuka eShitim ekwaMowabhi.
18. UThixo unguMhlanguli, uMkhokeli noMkhuseli wethu njani namhlanje?
18 Nathi, njengoko sihamba noThixo, uyasihlangula kweli hlabathi likaSathana, esikhokela ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe, aze asikhusele njengeqela xa sihlaselwa ngabo bachasayo. Ngenxa yoko sinezizathu ezivakalayo zokubambelela ngokuqinileyo kwisandla sikaBawo wethu wasezulwini njengoko sihamba naye kule nxalenye yokugqibela yohambo lwethu olunzima sisinge kwindawo elunge ngakumbi kuneLizwe Lesithembiso lamandulo—ihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa.
19. Ukuthozama kunxulumene njani nokuba neentsilelo kwethu?
19 Ukuhamba noThixo ngokuthozama kuya kusinceda sibe nembono efanelekileyo ngeemeko zethu. Oku kunjalo kuba ukubonakalisa ukuthozama kuquka ukuzazi iintsilelo zethu. Ukwaluphala okanye impilo enkenenkene ezo zinto zinokusenza singenzi okuninzi kangako enkonzweni kaYehova. Kunokuba sityhafiswe yiloo nto, kuhle ukukhumbula ukuba uThixo uyayamkela imigudu nokuzincama kwethu ‘ngokoko sinako, kungekhona ngokoko singenako.’ (2 Korinte 8:12) Eneneni, uYehova ulindele ukuba simkhonze ngomphefumlo uphela, senze ngokokuvuma kweemeko zethu. (Kolose 3:23) Xa sisenza konke okusemandleni ethu enkonzweni yakhe, uThixo usisikelela gqitha.—IMizekeliso 10:22.
Ukulinda Kuzisa Iintsikelelo
20. Kukwazi ntoni okunokusinceda ukuze sibe nesimo sengqondo sokulinda njengoMika?
20 Intsikelelo kaYehova isenza sibe nesimo sengqondo esinjengesikaMika. Uthi: “Ndiza kubonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwam.” (Mika 7:7) La mazwi anxibelelene njani nokuhamba kwethu noThixo ngokuthozamileyo? Ukuba nesimo sengqondo sokulinda, okanye umonde, kusinceda singadani kuba imini kaYehova ingade ifike. (IMizekeliso 13:12) Kakade ke, sonke siyasilangazelela isiphelo seli hlabathi lingendawo. Noko ke, veki nganye kukho amawaka abantu abaqalisa ukuhamba noThixo. Ukuyazi loo nto kusenza sibe nesizathu esivakalayo sokubonakalisa isimo sengqondo sokulinda. Elinye iNgqina eliligqala lithi ngokuphathelele oku: “Xa ndikhangela emva kule minyaka ingaphezu kwama-55 ndishumayela, ndifumanisa ukuba akukho nto indilahlekeleyo ngokulindela kuYehova. Kunoko, ndiye ndasinda ezintweni ezininzi ezixhel’ umphefumlo.” Ngaba kuye kwenzeka into efanayo nakuwe?
21, 22. UMika 7:14 uzaliseka njani kumhla wethu?
21 Ukuhamba noYehova ngokungathandabuzekiyo kuluncedo. Njengokuba sifunda kuMika 7:14, uMika ufanisa abantu bakaThixo nezimvu ezikhuselwe ngumalusi wazo. Kwinzaliseko enkudlwana yesi siprofeto namhlanje, intsalela yoSirayeli wokomoya kunye “nezinye izimvu” zikhuselwe nguMalusi wazo othembekileyo, uYehova. Zihlala ‘zodwa ehlathini—phakathi kwebhoma,’ zahluliwe ngokomoya kweli hlabathi lineengxaki eziya zisanda neliyingozi.—Yohane 10:16; Duteronomi 33:28; Yeremiya 49:31; Galati 6:16.
22 Njengoko kwaxelwa kwangaphambili kuMika 7:14, abantu bakaYehova bayachuma. Ethetha ngezimvu okanye abantu bakaThixo, uMika uthi: ‘Mabadle eBhashan naseGiliyadi.’ Njengokuba izimvu zaseBhashan naseGiliyadi zazisitya kumadlelo amahle nachumileyo, abantu bakaThixo namhlanje bayachuma ngokomoya—nto leyo eyintsikelelo engakumbi kwabo bahamba noThixo ngokuthozamileyo.—Numeri 32:1; Duteronomi 32:14.
23. Sisiphi isifundo esisifumana kuMika 7:18, 19?
23 KuMika 7:18, 19, lo mprofeti ubalaselisa umnqweno kaYehova wokuxolela abo baguqukayo. Indinyana 18 ithi uYehova ‘uxolela isiphoso’ yaye ‘uyadlula ekunxaxheni.’ Ngokutsho kwendinyana 19, “uya kuziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.” Sifunda ntoni apha? Simele sizibuze enoba siyamxelisa na uYehova kule nkalo. Ngaba siyabaxolela abanye xa besonile? Xa abo bantu beguquka yaye befuna ukulungisa imicimbi, siya kuxelisa uYehova oxolela ngokupheleleyo.
24. Uzuze ntoni kwisiprofeto sikaMika?
24 Sizuze ntoni ngokuqwalasela isiprofeto sikaMika? Oku kusikhumbuze ukuba uYehova unokuthenjwa ngokwenene ngabo basondeleyo kuye. (Mika 2:1-13) Kusikhuthaze ukuba senze konke okusemandleni ethu ukuze sihambisele phambili unqulo lokwenyaniso size sihambe egameni likaThixo ngonaphakade. (Mika 4:1-4) Yaye kuye kwasiqinisekisa ukuba enoba zinjani na iimeko zethu, sinokukwazi ukufikelela imilinganiselo kaYehova. Ewe, isiprofeto sikaMika sisomeleza ngokwenene ukuba sihambe egameni likaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ngokutsho kukaMika 6:8, yintoni uYehova ayifunayo kuthi?
• Yintoni esifanele siyenze ukuze sibe ‘siqhelisela okusesikweni’?
• Sinokubonisa njani ukuba ‘sithanda ububele’?
• Yintoni equkwa ‘kukuthozama xa sihamba noThixo’?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
Phezu kwazo nje iimeko ezingendawo zomhla wakhe, uMika wayigcina imilinganiselo kaYehova. Nawe unokwenjenjalo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Yenza okusesikweni ngokushumayela kubantu bonke
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Thanda ububele ngokunceda abanye
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Yenza konke okusemandleni akho ngoxa uziqonda iintsilelo zakho