Basalelwe Lixesha Elingakanani Abangendawo?
“Ubondele ngani na ke . . . ukuba uthi cwaka nje ongendawo emginya olilungisa kunaye?”—HABHAKUKI 1:13.
1. Umhlaba uya kuzaliswa ngokupheleleyo nini kukwazi uzuko lukaYehova?
NGABA phofu uThixo uya kuze abatshabalalise abangendawo? Ukuba kunjalo, simele silinde ixesha elingakanani ke? Le mibuzo ibuzwa ngabantu emhlabeni jikelele. Sinokuzifumana phi iimpendulo zayo? Sinokuzifumana kwilizwi lesiprofeto eliphefumlelwe nguThixo elithetha ngamaxesha akhe amiselweyo. Liyasiqinisekisa ukuba kungekudala uYehova uza kuphumeza umgwebo kubo bonke abangendawo. Kungoko kuphela apho umhlaba uya ‘kuzala ngokupheleleyo kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.’ Elo lidinga lesiprofeto esifumaneka kwiLizwi likaThixo Elingcwele kuHabhakuki 2:14.
2. Incwadi kaHabhakuki iqulethe yiphi imigwebo emithathu eza kuphunyezwa nguThixo?
2 Incwadi kaHabhakuki eyabhalwa malunga nowama-628 B.C.E., inongcelele lwemigwebo emithathu eza kuziswa nguYehova uThixo. Emibini kuloo migwebo sele iqatyelisiwe. Owokuqala yayingumgwebo kaYehova kuhlanga lwamandulo lwakwaYuda olwalutenxa. Kuthekani ngowesibini? Yayingumgwebo kaThixo kwiBhabhiloni eyayinengcinezelo. Ngoko ngokuqinisekileyo sinezizathu zokuba nentembelo yokuba nowesithathu kule migwebo kaThixo uza kuqatyeliswa. Enyanisweni sinokulindela ukuba uzaliseke kungekudala. UThixo uza kubatshabalalisa bonke abantu abangendawo ngenxa yabagqibeleleyo abaphila kule mihla yokugqibela. Owokugqibela kubo uya kucinyw’ igama “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla” eza ikhawulezile.—ISityhilelo 16:14, 16.
3. Yintoni ngokuqinisekileyo eza kuhlela abangendawo beli xesha siphila kulo?
3 Imfazwe yemini enkulu kaThixo iya isondela ngokusondela. Kwaye ukuphunyezwa komgwebo kaThixo kwabangendawo beli xesha siphila kulo kuqiniseke njengokuzaliseka kwemigwebo kaYehova kuYuda nakwiBhabhiloni. Noko ke, kutheni ngoku singazithelekeleli siphila kwaYuda ngomhla kaHabhakuki? Kwenzeka ntoni kwelo lizwe?
Ilizwe Lezidubedube
4. Ziziphi iindaba ezothusayo eziviwa nguHabhakuki?
4 Khawube nombono womprofeti kaYehova uHabhakuki ehleli kuphahla olusicaba lwendlu yakhe, ebethwa yimpepho epholileyo yangokuhlwa. Ecaleni kwakhe kukho isixhobo sokudlala umculo. (Habhakuki 1:1; 3:19, umbhalo osekupheleni) Kodwa uHabhakuki uva iindaba ezothusayo. UKumkani wakwaYuda uYehoyakim ubulele u-Uriya kwaye uye wayalela ukuba isidumbu salo mprofeti singcwatywe kumangcwaba abantu abaqhelekileyo. (Yeremiya 26:23) Kuyinyaniso kona ukuba, u-Uriya wayesilele ukukholosa ngoYehova, woyika waza wasabela eYiputa. Sekunjalo, uHabhakuki uyazi ukuba ugonyamelo lukaYehoyakim lwalungabangelwa ngumnqweno wokulondoloza uzuko lukaYehova. Oku kubonakala kwindlela lo kumkani awayewudela ngayo umthetho kaThixo nendlela awayemthiye ngayo umprofeti uYeremiya nabanye ababekhonza uYehova.
5. Injani imeko yokomoya yelakwaYuda, yaye uHabhakuki usabela njani kuyo?
5 UHabhakuki ubona umsi weziqhumiso unyuka kumakhaya akufutshane. Aba bantu abaqhumisi njengabanquli bakaYehova. Benza izenzo zonqulo lobuxoki bentyontyelwa nguKumkani uYehoyakim ongendawo wakwaYuda. Elinjani lona isikizi! Ezibambe ngeenkophe iinyembezi, uHabhakuki uyacenga: “Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi? Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano. Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.”—Habhakuki 1:2-4.
6. Kwenzeke ntoni kumthetho nakokusesikweni kwelakwaYuda?
6 Ewe, imbuqo nogonyamelo zesamele. Naphi na apho uHabhakuki akhangela khona, ubona ubutshinga, ubambano nengxabano. ‘Umyalelo uyekelelwe,’ awusasebenzi. Kuthekani ngokusesikweni? Kaloku ‘akuveli naphakade’! Akuphumeleli. Kunoko, “abangendawo bayawarhawula amalungisa,” bethintela imigaqo esemthethweni ekhusela abamsulwa. Okunene, “okusesikweni kuphuma kujikekile.” Kugqwethiwe. Enjani ukuba mbi imeko!
7. Yintoni uHabhakuki azimisele ukuyenza?
7 UHabhakuki uthi xhaa aze acinge ngale nto. Ngaba uza kunikezela? Unotshe! Emva kokucinga ngayo yonke intshutshiso yabakhonzi bakaThixo abathembekileyo, le ndoda enyanisekileyo iyaluhlaziya uzimiselo lwayo lokuhlala iqinile, yomelele njengomprofeti kaYehova. UHabhakuki uza kuqhubeka evakalisa isigidimi sikaThixo—kwanokuba ukwenjenjalo kuthetha ukufa.
UYehova Wenza “Umsebenzi” Ongakholelekiyo
8, 9. Nguwuphi “umsebenzi” ongakholelekiyo owenziwa nguYehova?
8 Embonweni, uHabhakuki ubona abanquli bobuxoki abangamhloneliyo uThixo. Phulaphula oko uYehova abaxelela kona: “Khangelani phakathi kweentlanga nondele, ningakhulumi nokukhuluma.” Kusenokwenzeka ukuba uHabhakuki uyazibuza ukuba kutheni uThixo ethetha nabangendawo ngolu hlobo. Uyandula ke eve uYehova ebaxelela oku: “Ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.” (Habhakuki 1:5) Enyanisweni, nguYehova ngokwakhe owenza lo msebenzi bangayi kuwukholelwa. Nguwuphi loo msebenzi?
9 UHabhakuki uwaphulaphula ngenyameko amazwi alandelayo kaThixo, abhalwe kuHabhakuki 1:6-11. Esi sisigidimi sikaYehova—yaye akukho thixo wobuxoki okanye umfanekiso oqingqiweyo ongaphiliyo onokusithintela ukuba singazaliseki: “Ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo. Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo. Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla. Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi. Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi. Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.”
10. Ngoobani abaxhoxhwa nguYehova?
10 Esinjani isiprofeto esilumkisayo esivela kOsenyangweni! UYehova uxhoxha amaKaledi, uhlanga olukhohlakeleyo lwaseBhabhiloni. Xa luhamba lutyhubela ‘ububanzi behlabathi,’ luya kuthimba amakhaya amaninzi gqitha. Hayi indlela oloyikeka ngayo! Elo hlokondiba lamaKaledi ‘liyadengisa, liyoyikeka,’ liyankwantyisa kwaye ligevezelis’ amadolo. Lizenzela imithetho engaguqukiyo. “Kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo.”
11. Ubunokukuchaza njani ukuza kwemikhosi yamaBhabhiloni izokuhlasela elakwaYuda?
11 Amahashe aseBhabhiloni abaleka ngaphezu kwezingwe ezinamendu. Umkhosi wamahashe wakhona uneengcwangu ngaphezu kweengcuka ezilambileyo ezizingela ngobusuku. Usitsha ziintambo, ‘uphalisa amahashe awo’ ngobundlongondlongo. Usuka kude eBhabhiloni usinge kwaYuda. Enamendu njengokhozi oluxhabashele kwisidlo salo esimnandi, kungekudala amaKaledi aza kuxhwila ixhoba lawo. Kodwa ngaba olu hlaselo lwaluza kuba luphango nje kuphela, ugqogqo nje olwenziwa ngamajoni ambalwa? Unotshe! “Bonke bephela beza ngokugonyamela,” njengomkhosi omkhulu oze kudala ingqushu. Bebonakala kwasebusweni ukuba bazimisele, baphalisa besinge ngasentshona besiya kwaYuda naseYerusalem, besenza amatshe okomoya ovela empuma. Imikhosi yamaBhabhiloni iqokelela amabanjwa amaninzi kangangokuba “bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.”
12. Siyintoni isimo sengqondo samaBhabhiloni, yaye olu tshaba lungenakoyiswa ‘luzizekela liphi ityala’?
12 Umkhosi wamaKaledi uyabagculela ookumkani kwaye uhlekisa ngamagosa aphezulu, kwaye bonke abakwazi kuluthintela uhlaselo lwawo olungapheziyo. ‘Uyazihleka iinqaba zonke,’ kuba kaloku nayiphi na inqaba iwa bhuma xa amaBhabhiloni ‘efumba uthuli’ ngokwenza indunduma yomhlaba aza kuyihlasela ekuyo. Ngexesha elimiselweyo likaYehova, olu tshaba lungenakoyiswa ‘luza kukhukula ngokomoya.’ Xa luhlasela elakwaYuda neYerusalem, ‘luza kuzeka ityala’ ngokwenzakalisa abantu bakaThixo. Emva kolo loyiso lukhawulezileyo, umphathi-mkhosi wamaKaledi uya kuqhayisa esithi: ‘La mandla abe nguthixo wethu.’ Kodwa hayi indlela aludwayi ngayo!
Isizathu Esivakalayo Sokuba Nethemba
13. Kutheni uHabhakuki enethemba kunye nentembelo?
13 Njengoko eya eyiqonda injongo kaYehova, uHabhakuki uba nethemba. Enentembelo epheleleyo, umnqula ngamazwi akhe uYehova. Njengoko kubhalwe kuHabhakuki 1:12, lo mprofeti uthi: “Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Akufi.” (Thelekisa iNW.) Okunene, uYehova nguThixo “kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni”—ngonaphakade.—INdumiso 90:1, 2.
14. Liliphi ikhondo eliye lalandelwa ngabawexuki kwaYuda?
14 Ecinga ngombono awunikwe nguThixo yaye evuyela inkcazelo enikelweyo, lo mprofeti uyaqhubeka esithi: “Yehova, ubamisele ukuba bagwebe; Liwa, ubaseke ukuba bohlwaye.” UThixo uye wabagweba qatha abawexuki bakwaYuda, kwaye baza kufumana isohlwayo, isiluleko esiqatha esivela kuYehova. Bebefanele bakhangele kuye njengeLiwa labo, ekuphela kwenqaba, ihlathi kunye noMthombo wosindiso. (INdumiso 62:7; 94:22; 95:1) Sekunjalo, iinkokeli eziwexukileyo zakwaYuda azisondeli kuThixo, kwaye zisaqhubeka zicinezela abanquli bakaYehova abamsulwa.
15. Kungayiphi ingqiqo uYehova ‘angonamehlo ahlambulukileyo ukuba angayikhangeli into embi’?
15 Le meko imenza abe nesingqala lo mprofeti kaYehova. Ngenxa yoko uthi: “Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi.” (Habhakuki 1:13) Ewe, uYehova “ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi,” ngamany’ amazwi akabunyamezeli ububi.
16. Ubunokukucacisa njani oko kubhalwe kuHabhakuki 1:13-17?
16 Ngoko ke, uHabhakuki unemibuzo exhokonxa ingcinga engqondweni yakhe. Uyabuza: “Ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka nje ongendawo emginya olilungisa kunaye? Ulwenze ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli. Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe. Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebe ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo. Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?”—Habhakuki 1:13-17.
17. (a) AmaBhabhiloni ayifezekisa njani injongo kaThixo xa ehlasela elakwaYuda neYerusalem? (b) Yintoni uYehova aza kuyityhila kuHabhakuki?
17 Xa amaBhabhiloni ehlasela elakwaYuda nesixeko salo esilikomkhulu, iYerusalem, aza kube efezekisa iminqweno yawo. Aza kube engazi ukuba asetyenziswa nguThixo ukuze aphumeze umgwebo wobulungisa kubantu abangathembekanga. Kulula ukubona isizathu sokuba uHabhakuki akufumanise kunzima ukuqonda ukuba uThixo wayeza kusebenzisa amaBhabhiloni angendawo ukuze aphumeze umgwebo Wakhe. Loo maKaledi angenalusini akangabo abanquli bakaYehova. Abantu abagqala ‘njengeentlanzi nezinambuzane’ ezifanelwe kukubanjwa zize zigaganyelwe. Kodwa ukubethabethana kwengqondo kaHabhakuki akuyi kuthabatha xesha lide. Kungekudala uYehova uza kumtyhilela lo mprofeti wakhe ukuba amaBhabhiloni akayi kusinda ekohlwayweni ngenxa yokuphanga ngokunyoluka nangenxa yetyala lawo lokuphalaza igazi ngolunya.—Habhakuki 2:8.
Ulungele Oko Kuza Kuthethwa NguYehova Ngokulandelayo
18. Yintoni esinokuyifunda kwisimo sengqondo sikaHabhakuki, njengoko siboniswe kuHabhakuki 2:1?
18 Noko ke, ngoku uHabhakuki ulindele ukuva oko kuza kuthethwa nguYehova ngokulandelayo. Lo mprofeti uthetha ngenkalipho esithi: “Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.” (Habhakuki 2:1) UHabhakuki unomdla ongazenzisiyo koko uThixo aseza kukuthetha esebenzisa yena njengomprofeti. Ukuba nokholo kwakhe ukuba uYehova unguThixo ongabunyamezeliyo ubungendawo kumenza azibuze ukuba kutheni ubungendawo besamele nje, kodwa ke ukulungele ukuyiguqula indlela acinga ngayo. Noko ke, kuthekani ngathi? Xa sizibuza isizathu sokuba izinto ezithile zinyanyezelwe, intembelo yethu kubulungisa bukaYehova uThixo ifanele isigcine silungelelene yaye silindele kuye.—INdumiso 42:5, 11.
19. Ngokuvisisana noko kwathethwa nguThixo kuHabhakuki, yintoni eyenzekayo kumaYuda awayenxaxha?
19 Kanye ngendlela awayethethe ngayo kuHabhakuki, uThixo wawuphumeza umgwebo kuhlanga lwamaYuda olwalunxaxha ngokuvumela amaBhabhiloni ukuba ahlasele elakwaYuda. Ngowama-607 B.C.E., ayitshabalalisa iYerusalem netempile, aqengq’ ugodo kwabakhulileyo nakwabaselula, aza emka nabathinjwa abaninzi. (2 Kronike 36:17-20) Emva kokuthinjwa ixesha elide eBhabhiloni, intsalela ethembekileyo yamaYuda yabuyela kwilizwe layo yaza ekugqibeleni yayakha ngokutsha itempile. Noko ke, emva koko amaYuda aphinda akathembeka kuYehova—ngokukodwa xa engazange amamkele uYesu njengoMesiya.
20. UPawulos wamsebenzisa njani uHabhakuki 1:5 ngokuphathelele ukungamkelwa kukaYesu?
20 Ngokutsho kweZenzo 13:38-41, umpostile uPawulos wabonisa amaYuda akwa-Antiyokwe umphumo wakungamamkeli uYesu nowokuchasa idini lakhe lentlawulelo. Ecaphula uHabhakuki 1:5 kwinguqulelo yeSeptuagint yesiGrike, uPawulos walumkisa esithi: “Ngoko ke lumkani ukuba oko kutshiwo kubaProfeti kunganifikeli, ‘Bonani, nina bagculeli, nize nimangaliswe, yaye yithini shwaka, ngenxa yokuba ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, umsebenzi eningasayi kuze niwukholelwe nangayiphi na indlela kwanokuba nabani na anganibalisela wona ngokweenkcukacha.’” Ngokuvisisana namazwi awacatshulwa nguPawulos, uHabhakuki 1:5 waphinda wazaliseka xa imikhosi yamaRoma yatshabalalisa iYerusalem kunye netempile yayo ngowama-70 C.E.
21. AmaYuda omhla kaHabhakuki awugqala njani “umsebenzi” kaThixo wokuba amaBhabhiloni atshabalalise iYerusalem?
21 KumaYuda omhla kaHabhakuki, “umsebenzi” kaThixo wokuba amaBhabhiloni atshabalalise iYerusalem wawungakholeleki kuba eso sixeko sasilikomkhulu lonqulo lukaYehova nendawo apho ukumkani wakhe othanjisiweyo wayehleli khona etroneni. (INdumiso 132:11-18) Kwaye iYerusalem yayingazange itshatyalaliswe ngaphambili. Itempile yayo yayingazange itshiswe. Indlu yobukhosi bukaDavide yayingazange ibhukuqwe. Yayingakholeleki into yokuba uYehova wayenokuvuma ukuba into enjalo yenzeke. Kodwa esebenzisa uHabhakuki, uThixo walumkisa ngokwaneleyo esithi ezo ziganeko zothusayo zaziza kwenzeka. Kwaye imbali iyangqina ukuba zenzeka ngendlela ezazixelwe kwangaphambili ngayo.
“Umsebenzi” KaThixo Ongakholelekiyo Namhlanje
22. “Umsebenzi” ongakholelekiyo kaYehova uza kubandakanya ntoni kumhla wethu?
22 Ngaba uYehova uza kwenza “umsebenzi” ongakholelekiyo kumhla wethu? Ngokuqinisekileyo uza kuwenza, kwanokuba oko kubonakala kungakholeleki kwabo bathandabuzayo. Ngesi sihlandlo, umsebenzi ongakholelekiyo kaYehova uza kuba kukutshatyalaliswa kweNgqobhoko. NjengoYuda wamandulo, izibanga inqula uThixo kodwa iye yaqatsela kubungendawo. UYehova uza kuqiniseka ukuba yonke imizila yenkqubo yonqulo yeNgqobhoko iza kushenxiswa kungekudala, njengoko kuya kuba njalo ngayo yonke “iBhabhiloni Enkulu,” ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki.—ISityhilelo 18:1-24.
23. Umoya kaThixo washukumisela uHabhakuki ukuba enze ntoni ngokulandelayo?
23 UYehova wayesenomsebenzi awayefuna uHabhakuki awenze ngaphambi kokuba iYerusalem itshatyalaliswe ngowama-607 B.C.E. Yintoni uThixo awayeseza kumxelela yona lo mprofeti wakhe? Kaloku, uHabhakuki wayeseza kuva izinto ezaziza kumshukumisela ukuba aqubule isixhobo sakhe somculo aze avumele uYehova iingoma zokumnqula. Noko ke, umoya kaThixo wawuza kuqala ushukumisele lo mprofeti ukuba avakalise ooyeha abaphawulekayo. Ngokuqinisekileyo, besiya kukuvuyela ukungena nzulu kwintsingiselo yaloo mazwi esiprofeto exesha likaThixo elimiselweyo. Ngoko masiqhubeke sinikela ingqalelo kwisiprofeto sikaHabhakuki.
Ngaba Usakhumbula?
• Yayinjani imeko kwaYuda ngomhla kaHabhakuki?
• Nguwuphi “umsebenzi” ongakholelekiyo owenziwa nguYehova ngexesha likaHabhakuki?
• Lalisekelwe entwenini ithemba likaHabhakuki?
• Nguwuphi “umsebenzi” ongakholelekiyo oza kwenziwa nguThixo kumhla wethu?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UHabhakuki wayezibuza isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo besamele. Ngaba uyazibuza nawe?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UHabhakuki waxela kusengaphambili ngentlekele eyayiza kuziswa ngamaBhabhiloni kwilizwe lakwaYuda
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Amabhodlo ekumbiwa kuwo izinto zakudala eYerusalem, eyatshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E.