UYehova Akayi Kulibazisa
“Ukuba [lo mbono] uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.”—HABHAKUKI 2:3.
1. Luluphi uzimiselo abaye banalo abantu bakaYehova, kwaye luye lwabashukumisela ukuba benze ntoni?
“NDIYA kuma emboniselweni yam.” Eso yayisisigqibo somprofeti kaThixo uHabhakuki. (Habhakuki 2:1) Abantu bakaYehova benkulungwane yama-20 baye babonakala bezimisele ukwenza okufanayo. Ngenxa yoko, baye basabela ngenzondelelo kolu bizo olwavakaliswa kwindibano ebalaseleyo eyayingoSeptemba 1922, oluthi: “Le yimini yeemini. Khangelani, uKumkani uyalawula! Nina ningabavakalisi bakhe. Ngoko ke mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni, uKumkani nobukumkani bakhe.”
2. Xa amaKristu athanjisiweyo abuyela ekusebenzeni ngodlamko emva kweMfazwe Yehlabathi I, yintoni awayenokuyivakalisa?
2 Emva kweMfazwe Yehlabathi I, uYehova wabuyisela intsalela ethanjisiweyo ethembekileyo kwimeko yokusebenza ngokudlamkileyo. NjengoHabhakuki, ilungu ngalinye layo lalinokuvakalisa oku: “Ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukubonisela” nelithi “imboniselo” ayaphindaphindwa kwiziprofeto ezininzi.
“Awuyi Kubuya Umva”
3. Kutheni simele sihlale silindile?
3 Njengoko amaNgqina kaYehova evakalisa isilumkiso sikaThixo namhlanje, amele ahlale ephaphile ukuze athobele amazwi okuqukumbela esiprofeto esibalaseleyo sikaYesu athi: “Hlalani nilindile, kuba anazi ukuba inkosi yendlu iza kufika nini, enoba xa sele imini ihambile okanye ezinzulwini zobusuku okanye ekulileni kweenkuku okanye ngonyezi; ukuze xa ifika ngequbuliso, inganifumani nilele. Kodwa oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.” (Marko 13:35-37) Simele sihlale silindile njengoHabhakuki, yaye senze ngokuvisisana namazwi kaYesu!
4. Imeko yethu ifana njani naleyo wayekuyo uHabhakuki malunga nowama-628 B.C.E.?
4 UHabhakuki usenokuba wagqiba malunga nowama-628 B.C.E. ukubhala le ncwadi yakhe, iBhabhiloni ingekabi lilo negunya elilawula ihlabathi. Umgwebo kaYehova kwiYerusalem ewexukileyo wawuvakaliswe kangangeminyaka emininzi. Ukanti, kwakungekaqondakali kakuhle ukuba loo mgwebo uza kuphunyezwa nini na. Ngubani ongewayekholelwe ukuba kwakusele iminyaka engama-21 kuphela nokuba yayiyiBhabhiloni eyayiza kuphumeza umgwebo kaYehova? Kunjalo ke nanamhlanje, asiwazi “loo mhla nelo lixa” eza kupheliswa ngalo le nkqubo, kodwa uYesu sele esilumkise kwangaphambili esithi: “Zingqineni nilungile, ngenxa yokuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.”—Mateyu 24:36, 44.
5. Yintoni elukhuthazo ngokukhethekileyo kumazwi kaThixo abhalwe kuHabhakuki 2:2, 3?
5 Ngesizathu esiqondakalayo, uYehova wanika uHabhakuki olu thumo lubangel’ umdla: “Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo. Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.” (Habhakuki 2:2, 3) Namhlanje, ubungendawo nogonyamelo zigqugqisile emhlabeni wonke, nto leyo ebonisa ukuba “imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo” isemnyango. (Yoweli 2:31) Okunene alukhuthazo amazwi aqinisekisayo athethwa nguYehova athi: “Awuyi kubuya umva”!
6. Sinokusinda njani kwimini ezayo yokuphunyezwa komgwebo?
6 Ngoko ke, sinokusinda njani kwimini ezayo yokuphunyezwa komgwebo? UYehova uphendula ngokuchaza lo mahluko ophakathi kwamalungisa nabangemalungisa: “Yabona, ugxalathelene, awuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.” (Habhakuki 2:4) Abalawuli kunye nabantu abanekratshi nabanyolukileyo baye benza imbali yale mihla yankone ligazi lezigidi zabantu abamsulwa, ngokukodwa ngeemfazwe ezimbini zehlabathi nangeemfazwe zobuhlanga. Ngokwahlukileyo koko, abakhonzi bakaThixo abathanjisiweyo abathanda uxolo baye banyamezela bethembekile. ‘Baluhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka.’ Olu hlanga, kunye noogxa balo, “ezinye izimvu,” lulandela esi sibongozo: “Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.”—Isaya 26:2-4; Yohane 10:16.
7. Ngokuvisisana nendlela uPawulos awamsebenzisa ngayo uHabhakuki 2:4, yintoni esimele siyenze?
7 Xa wayebhalela amaKristu angamaHebhere, umpostile uPawulos wacaphula uHabhakuki 2:4 xa wayexelela abantu bakaYehova oku: “Kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso. Kuba ‘sekulithuba elincinane kakhulu,’ ukuba athi ‘lowo uzayo afike yaye akayi kulibala.’ ‘Kodwa owam yena lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo,’ yaye, ‘ukuba urhwaqelela emva, umphefumlo wam awukholiswa nguye.’” (Hebhere 10:36-38) Lo mhla siphila kuwo awuloxesha lakuyekelela okanye lokurhintyelwa kukuthanda izinto eziphathekayo, neendlela zokuzifica kuyolo zehlabathi likaSathana. Yintoni esifanele siyenze ngeli “thuba elincinane kakhulu” liseleyo? NjengoPawulos, thina luhlanga olungcwele lukaYehova simele ‘solulele phambili kwizinto ezingaphambili, sisukela ibhaso’ lobomi obungunaphakade. (Filipi 3:13, 14) Kwaye njengoYesu, simele ‘sinyamezele ngenxa yovuyo olubekwe phambi kwethu.’—Hebhere 12:2.
8. Ngubani “umfo” ekuthethwa ngaye kuHabhakuki 2:5, kwaye kutheni engayi kuphumelela nje?
8 UHabhakuki 2:5 uthetha ‘ngomfo okhukhumeleyo,’ othi, ngokungafaniyo nabakhonzi bakaYehova, angakwazi ukufikelela usukelo lwakhe, nangona ‘ewandisile umbilini wakhe njengelabafileyo.’ Ngubani le ndoda ‘enganeliswayo’? NjengeBhabhiloni eyayinoburhalarhume yomhla kaHabhakuki, lo “mfo” oyintlanganisela oyilwe ngamagunya ezobupolitika—enoba ngawobuFasi, ubuNazi, ubuKomanisi, okanye ngalawo afane abizwe ngokuba ngawedemokrasi—ulwa iimfazwe ukuze andise imihlaba yakhe. Lo mfo uwolela imiphefumlo emsulwa kwelabafileyo, engcwabeni. Kodwa ke eli qotha-qikili ‘lomfo’ oyintlanganisela wehlabathi likaSathana, elingazilibaliyo lona ukuba libalulekile, litsho phantsi kuqhum’ uthuli kwimizamo yalo ‘yokuzihlanganisela kulo iintlanga zonke, neyokuzibuthela kulo izizwe zonke.’ NguYehova uThixo kuphela onokumanyanisa lonke uluntu, kwaye uza kukwenza oko esebenzisa uBukumkani obungoMesiya.—Mateyu 6:9, 10.
Owokuqala Kooyeha Abahlanu Abaphawulekayo
9, 10. (a) Yintoni uYehova aqhubeka eyivakalisa esebenzisa uHabhakuki? (b) Injani imeko yanamhlanje ngokuphathelele inzuzo embi?
9 Esebenzisa umprofeti wakhe uHabhakuki, uYehova uyaqhubeka evakalisa ungcelele looyeha abahlanu, imigwebo emele iphunyezwe ukuze umhlaba ulungele ukumiwa ngabanquli abathembekileyo bakaThixo. Abo bantu bantliziyo zilungileyo ‘baphakamisa intetho engumzekeliso’ enikelwa nguYehova. KuHabhakuki 2:6 sifunda oku: “Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?”—Thelekisa iNW.
10 Apha kugxininiswa kwingeniso engeyoyabulungisa. Kwihlabathi elisingqongileyo, izityebi ziya zityeba ngakumbi, kwaye amahlwempu aya ehlwempuzeka. Abathengisi beziyobisi kunye noosomaqhingana bazifumbela ubuncwane obungayiwayo, ngoxa abantu abaninzi abaqhelekileyo bebhuqwa yindlala. Kuthiwa basisinye kwisine abantu abasehlabathini abaphila ngengeniso engaphantsi komlinganiselo ogqalwa njengowamahlwempu. Iimeko ekuphilwa kuzo kumazwe amaninzi zihlasimlis’ umzimba. Abo balangazelela ubulungisa emhlabeni badanduluka besithi: “Kunini na” isanda le ngcinezelo! Kodwa ke, nasi isiphelo sikufutshane! Okunene, lo mbono “awuyi kubuya umva.”
11. Uthini uHabhakuki ngokuphalazwa kwegazi labantu, kwaye kutheni sinokuthi likhulu ityala legazi elisemhlabeni namhlanje?
11 Lo mprofeti umxelela oku ongendawo: “Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.” (Habhakuki 2:8) Hayi indlela elilikhulu ngayo ityala legazi elisemhlabeni namhlanje! UYesu walikhupha latsola esithi: “Bonke abo bathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52) Sekunjalo, kule nkulungwane yama-20 kuphela, iintlanga kunye namaqela ezizwe anetyala legazi aye abulala abantu abangaphezu kwekhulu lezigidi. Yeha abo bathelelayo koko kuphalazwa kwegazi!
Uyeha Wesibini
12. Nguwuphi uyeha wesibini obhalwe kuHabhakuki, kwaye sinokuqiniseka njani ukuba ubutyebi obufunyenwe ngokunganyaniseki buya kuba lilize?
12 Uyeha wesibini, obhalwe kuHabhakuki 2:9-11, uya kulowo “oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi!” Inzuzo yokunganyaniseki iya kuba lilize, njengoko umdumisi ecacisa ngokuphandle esithi: “Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda, bakwanda ubuqaqawuli bendlu yayo: ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento, aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.” (INdumiso 49:16, 17) Ngoko phawula icebiso lobulumko likaPawulos elithi: “Nika imiyalelo kwabo bazizityebi kwinkqubo yezinto yangoku ukuba bangabi ngabangqondo ziphakamileyo, yaye babeke ithemba labo, kungekhona kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze siyoliswe.”—1 Timoti 6:17.
13. Kutheni sifanele siqhubeke sivakalisa isilumkiso sikaThixo?
13 Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba izigidimi zikaThixo zomgwebo zivakaliswe namhlanje! Xa abaFarisi babekhwiniswa kukuba isihlwele sikhahlela uYesu ngokuthi “Lowo uza njengoKumkani egameni likaYehova,” wathi: “Ndiyanixelela ukuba, Ukuba aba bangahlala bethe cwaka, amatye ebeya kudanduluka ngamandla.” (Luka 19:38-40) Ngokufanayo nanamhlanje, ukuba abantu bakaThixo bebenokusilela ukububhenca ubungendawo obukhoyo kweli hlabathi, ‘ilitye eliseludongeni beliya kukhala.’ (Habhakuki 2:11) Ngoko masiqhubeke sivakalisa isilumkiso sikaThixo ngenkalipho!
Uyeha Wesithathu Nombandela Wokuba Netyala Legazi
14. Iinkonzo zehlabathi ziye zazizekela liphi ityala legazi?
14 Uyeha wesithathu owavakaliswa nguHabhakuki uxubusha umbandela wokuba netyala legazi. UHabhakuki 2:12 uthi: “Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!” Kule nkqubo yezinto, ubungendawo kunye nokuphalaza igazi ngokufuthi bekuba ngumtya nethunga. Ngokukodwa iinkonzo zehlabathi ziye zangunozala wokona kuphalazwa kwegazi kumanyumnyezi embalini. Sinokubala nje iiMfazwe Zomnqamlezo, ezazixabanisa abo babezibanga bengamaKristu kunye namaSilamsi; ukuNcinwa kwamaKatolika eSpeyin nakuMbindi noMzantsi Merika; iMfazwe Yeminyaka Engamashumi Amathathu yaseYurophu eyayiphakathi kwamaProtestanti namaKatolika; kunye nezona mfazwe ekuye kwaphalala igazi elininzi kuzo, iimfazwe ezimbini zehlabathi ezenzeke kule nkulungwane yethu, zombini eziqalise kummandla weNgqobhoko.
15. (a) Yintoni iintlanga eziqhubeka ziyenza zixhaswa okanye zivunyelwa yicawa? (b) Ngaba iZizwe Ezimanyeneyo ziya kukuphelisa ukusasazwa kwezixhobo kweli hlabathi?
15 Enye yezona zinto zingendawo ezenzeke ngemfazwe yehlabathi yesibini yayikuKubulawa Kwabantu ngamaNazi, okwachaphazela izigidi zamaYuda kunye nabanye abantu abamsulwa baseYurophu. Isifundisi samaRoma Katolika saseFransi sizokuvuma kutshanje ukuba sasilela ukuyichasa into yokuthunyelwa kwamakhulu amawaka abantu ababengamaxhoba kwiindawo zokubulala zamaNazi. Sekunjalo, iintlanga zisaqhubeka zilungiselela imfazwe, ibe loo nto ixhaswa okanye ivunyelwe yicawa. Lithetha ngeCawa yobuOthodoki yaseRashiya, kutshanje iphephancwadi iTime (inkupho yamazwe ngamazwe) liye lathi: “Icawa ehlaziyiweyo ikwanempembelelo ebalulekileyo kwindawo ekungazange kucingelwe ukuba inganayo kuyo: umkhosi waseRashiya. . . . Ukusikelela iinqwelo-moya zomkhosi kunye neendawo ekuhlala kuzo amajoni kuye kwaba yinto yemihla ngemihla. NgoNovemba, kwiDanilovsky Monastery yaseMoscow, elikomkhulu leNdlu Yosolusapho YaseRashiya, icawa ide yangcwalisa nezixhobo zenyukliya zaseRashiya.” Ngaba iZizwe Ezimanyeneyo zinako ukukuphelisa oku kusasazwa kwezixhobo zemfazwe ezinobudemon ehlabathini? Soze! Ngokutsho kwephephandaba iThe Guardian laseLondon, eNgilani, omnye owaphumelela iBhaso Loxolo LikaNobel wathi: “Eyona nto iphazamisayo kukuba amalungu amahlanu aphambili kwiKomiti Yokhuseleko yeZizwe Ezimanyeneyo angawona mahlanu aphambili ehlabathini ekuveliseni izixhobo.”
16. Yintoni uYehova aza kuyenza kwiintlanga ezingoophuma-silwe?
16 Ngaba uYehova uza kuphumeza umgwebo kwiintlanga ezingoophuma-silwe? UHabhakuki 2:13 uthi: “Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?” “UYehova wemikhosi”! Ewe, uYehova unemikhosi yeengelosi esezulwini, aza kuyisebenzisa ukubhangisa abantu kunye neentlanga ezingoophuma-silwe!
17. Ulwazi lukaYehova luya kuzalisa umhlaba ukusa kuwuphi umlinganiselo emva kokuphunyezwa komgwebo kumaqela eentlanga anogonyamelo?
17 Yintoni eza kulandela emva kokuba uYehova ephumeze umgwebo kuloo maqela eentlanga anogonyamelo? UHabhakuki 2:14 uyaphendula: “Ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” Elinjani ukuzuka ithemba! EArmagedon, ulongamo lukaYehova luza kuthethelelwa ngonaphakade. (ISityhilelo 16:16) Uyasiqinisekisa ukuba uza ‘kuyizukisa indawo yeenyawo zakhe,’ lo mhlaba siphila kuwo. (Isaya 60:13) Lonke uluntu luza kube lufunde indlela kaThixo yokuphila, kangangokuba ulwazi ngeenjongo zikaYehova ezizukileyo luya kuzalisa umhlaba kanye ngendlela amanzi alugubungela ngayo ulwandle.
Uyeha Wesine Nowesihlanu
18. Nguwuphi uyeha wesine ovakaliswa nguHabhakuki, kwaye ubonakala njani kwimo yokuziphatha yehlabathi lanamhlanje?
18 Uyeha wesine uchazwa kuHabhakuki 2:15 ngala mazwi: “Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe!” Oku kubhekisela kwimeko engcolileyo netenxileyo yehlabathi lanamhlanje. Liye laziphatha kakubi ngakumbi nangakumbi, lixhaswa nangamaqumrhu onqulo avula zibhuqe. Obhubhani, abafana noGawulayo kunye nezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, bagqugqisile ehlabathini lonke. Kunokuba sibonise “ubuqaqawuli bukaYehova,” isizukulwana sanamhlanje siya sizika nangakumbi ebubini kwaye sifunzele kumgwebo oza kuphunyezwa nguThixo. ‘Lihluthiswe ngocukucezo, kunokuba ibe luzuko,’ eli hlabathi liwexukileyo sele liza kusela kwindebe yomsindo kaYehova, efuzisela ukuthanda kwakhe ngokuphathelele lona. ‘Ucukucezo olukhulu luya kuba phezu kozuko lalo.’—Habhakuki 2:16.
19. Iphathelele ntoni intshayelelo kayeha wesihlanu ovakaliswa nguHabhakuki, kwaye kutheni loo mazwi enentsingiselo enjalo kwihlabathi lanamhlanje?
19 Intshayelelo kayeha wesihlanu ilumkisa ngokungqongqo nxamnye nokunqulwa kwemifanekiso eqingqiweyo. UYehova wenza ukuba lo mprofeti avakalise la mazwi anamandla: “Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk’ ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.” (Habhakuki 2:19) Ukuza kuthi ga namhlanje, iNgqobhoko kunye noko kubizwa ngokuba bubuhedeni zinqula iminqamlezo, ooMadonna, imifanekiso engcwele kunye nemifanekiso emilise okomntu nerhamncwa. Akukho nanye kwezi zinto enokuvuka ize ihlangule abanquli bayo xa uYehova eze kuphumeza umgwebo wakhe. Igolide nesilivere ezigutyungelwe ngayo iba lilize nje xa ithelekiswa nobungangamsha boThixo ongunaphakade, uYehova, kunye nobuqaqawuli bendalo yakhe ephilayo. Ngamana singalidumisa ngonaphakade igama lakhe elincamisileyo!
20. Liliphi ilungiselelo letempile esinelungelo lokukhonza ngovuyo kulo?
20 Ewe, uThixo wethu, uYehova, ufanelwe yiyo yonke indumiso. Simhlonela ngokunzulu, masisithobele isiluleko esingqongqo esinxamnye nonqulo-zithixo. Kodwa phulaphula! UYehova usathetha: “UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.” (Habhakuki 2:20) Alithandabuzeki elokuba lo mprofeti wayecinga ngetempile yaseYerusalem. Noko ke, thina namhlanje sinelungelo lokunqula kwilungiselelo letempile elizuke ngakumbi, apho iNkosi yethu uYesu Kristu imiselwe njengoMbingeleli Omkhulu. Apha, kwintendelezo yasemhlabeni yaloo tempile, siyahlanganisana, sikhonze size sithandaze, sinikele kuYehova imbeko efanelwe ligama lakhe elizukileyo. Kwaye olunjani uvuyo esinalo njengoko simnqula ngokusuka entliziyweni uBawo wethu wasezulwini onothando!
Ngaba Usakhumbula?
• Uwagqala njani amazwi kaYehova athi: “Awuyi kubuya umva”?
• Kule mihla iyintoni intsingiselo yooyeha abavakaliswa ngoHabhakuki?
• Kutheni sifanele siqhubeke sivakalisa isilumkiso sikaYehova?
• Yintendelezo yayiphi itempile esinelungelo lokukhonza kuyo?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
NjengoHabhakuki, abakhonzi bakaThixo bale mihla bayazi ukuba uYehova akayi kulibazisa
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ngaba uyalixabisa ilungelo lokunqula uYehova kwintendelezo yetempile yakhe yokomoya?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
U.S. Army photo