-
Imini Yomgwebo KaYehova Ikufuphi!IMboniselo—2001 | Februwari 15
-
-
17. Ngokutsho kukaZefaniya 1:14-16, isondele kangakanani imini yomgwebo kaYehova?
17 Ikufuphi kangakanani imini yomgwebo kaYehova? Ngokutsho kukaZefaniya 1:14-16, uThixo unikela esi siqinisekiso: “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu. Isandi semini kaYehova sikrakra. Apho nendoda enamandla iyakhala. Loo mini yimini yokuvutha komsindo, imini yokubandezeleka neyokungcungcutheka, imini yesaqhwithi neyesiphanziso, imini yobumnyama neyesithokothoko, imini yamafu nesithokothoko, imini yesigodlo neyokuhlaba umkhosi, nxamnye nezixeko ezinqatyisiweyo neenqaba eziphakamileyo ezikoneni.”
-
-
Imini Yomgwebo KaYehova Ikufuphi!IMboniselo—2001 | Februwari 15
-
-
19, 20. (a) Ziziphi ezinye iindlela owaphunyezwa ngazo umsindo kaThixo kwaYuda naseYerusalem? (b) Ngokuphathelele intshabalalo yabo bafanele batshabalale kule nkqubo yezinto, kuphakama yiphi imibuzo?
19 Imini yokuphunyezwa komsindo kaThixo kwaYuda naseYerusalem ‘yayiyimini yokubandezeleka neyokungcungcutheka.’ Abahlaseli baseBhabhiloni babangela ukuba abemi belakwaYuda babandezeleke ngeendlela ezininzi, kuquka ukungcungcuthekiswa kukoyika ukufa nokutshatyalaliswa. Loo ‘mini yesaqhwithi neyesiphanziso’ yayiyimini yobumnyama, yamafu nesithokothoko, mhlawumbi kungekhona ngokomfuziselo kuphela kodwa nangokoqobo, kuba kwakukho umsi nendyikitya kuyo yonk’ indawo. ‘Yayiyimini yesigodlo neyokuhlaba umkhosi,’ kodwa ezo zilumkiso zaba lilize.
-