Izandla Zenu Mazomelele
“Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla ephuma emlonyeni wabaprofeti.”—ZEKARIYA 8:9.
1, 2. Kutheni sifanele sinikel’ ingqalelo kwincwadi kaHagayi nekaZekariya?
IZIPROFETO zikaHagayi nezikaZekariya zabhalwa kwiminyaka enokuba ngama-2 500 eyadlulayo, kodwa zibalulekile kubomi bakho. Ingxelo yeBhayibhile efumaneka kwezi ncwadi zimbini asiyombali nje. Iyinxalenye yazo “zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili . . . ukuyalela thina.” (Roma 15:4) Uninzi lwezinto esizifunda kuzo zisenza sicinge ngezinto ebezisenzeka ngokwenene ukususela kwixesha lokumiswa koBukumkani ezulwini ngowe-1914.
2 Ebhekisela kwiziganeko neemeko abantu bakaThixo abaye bajamelana nazo ngaphambili, umpostile uPawulos wathi: “Ke kaloku ezi zinto zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.” (1 Korinte 10:11) Ngoko ke usenokuba uyabuza, ‘Isinceda njani incwadi kaHagayi nekaZekariya namhlanje?’
3. UHagayi noZekariya bagxininisa entwenini?
3 Njengokuba inqaku elandulelayo libonisile, iziprofeto zikaHagayi nezikaZekariya zigubungela ixesha lokubuyela kwamaYuda kwilizwe awayelinikwe nguThixo emva kobukhoboka baseBhabhiloni. Aba baprofeti babini bagxininisa kumsebenzi wokuphinda kwakhiwe itempile. Ngowama-536 B.C.E., amaYuda abeka isiseko setempile. Ngoxa amaYuda awayesele ekhulile ayesetyisa izinto ezazenzeke ngaphambili, abantu ngokubanzi ‘babekhwaza ngovuyo.’ Noko ke, kwixesha lethu, kwenzeke into ebaluleke nangakumbi. Yintoni leyo?—Ezra 3:3-13.
4. Yintoni eyenzeka emva nje kweMfazwe Yehlabathi I?
4 Kungekudala emva kweMfazwe Yehlabathi I, abathanjiswa bakaYehova bakhululwa ebukhobokeni beBhabhiloni Enkulu. Oku kwabonisa ngokupheleleyo ukuba abathanjiswa babexhaswa nguYehova. Ngaphambilana, kwakubonakala ngathi iinkokeli zonqulo noogxa bazo bezopolitiko bawubhangisile umsebenzi waBafundi beBhayibhile wokushumayela nokufundisa esidlangalaleni. (Ezra 4:8, 13, 21-24) Noko ke, uYehova uThixo wayishenxisa imiqobo kumsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi. Ekuhambeni kweminyaka ukususela ngowe-1919, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uye wahambela phambili yaye akukho nto iye yakwazi ukuxaba endleleni.
5, 6. UZekariya 4:7 walatha kuwuphi umsebenzi ozukileyo oya kuba ufeziwe?
5 Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuqhubeka ewuxhasa umsebenzi wokushumayela nokufundisa owenziwa ngabakhonzi bakhe abathobelayo namhlanje. KuZekariya 4:7, sifunda la mazwi: “Ngokuqinisekileyo uya kuvelisa ilitye eliyintloko. Kuya kukhwazwa kulo kuthiwe: ‘Hayi indlela elinomtsalane ngayo! Hayi indlela elinomtsalane ngayo!’” Oku kwalatha kuwuphi umsebenzi oye wafezwa kumhla wethu?
6 UZekariya 4:7 walatha kwixesha xa unqulo lokwenyaniso lweNkosi enguMongami luya kwenziwa lugqibelele kwiintendelezo ezisemhlabeni zetempile yokomoya. Loo tempile lilungiselelo likaYehova lokumnqula ngesizinzi sedini lentlawulelo likaKristu Yesu. Kuyavunywa ukuba, itempile ezukileyo yokomoya ibisoloko ikho ukususela kwinkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Ukanti, unqulo lokwenyaniso lusafanele lwenziwe lugqibelele kwintendelezo yasemhlabeni. Izigidi namhlanje zinqula kwintendelezo yasemhlabeni yale tempile yokomoya. Aba bantu nenginginya yabo bavusiweyo baya kwenziwa bafezeke ebudeni boLawulo lukaYesu Kristu Lweminyaka Eliwaka. Ekupheleni kweminyaka eliwaka, kuphela ngabanquli bokwenyaniso bakaThixo abaya kusala kumhlaba ocociweyo.
7. UYesu unayiphi indima ekufezekiseni unqulo lokwenyaniso kumhla wethu, yaye kutheni oko kusikhuthaza?
7 IRhuluneli uZerubhabheli noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa babekho ukuze bayibone xa igqitywa itempile ngowama-515 B.C.E. KuZekariya 6:12, 13 yaxelwa kusengaphambili indima uYesu awayeya kuba nayo ekugqibeleliseni unqulo lokwenyaniso xa kwathiwa: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: ‘Nantsi indoda egama layo linguHlumelo. Kwaye uya kuhluma endaweni yakhe, ibe ngokuqinisekileyo uya kuyakha itempile kaYehova. . . . Yaye yena uya kusithwala isidima; ibe umele ahlale phantsi aze alawule etroneni yakhe, umele abe ngumbingeleli etroneni yakhe.’” Ekubeni uYesu, osezulwini ebangela ukuba ookumkani bomnombo kaDavide bahlume yaye exhasa umsebenzi woBukumkani kwitempile yokomoya, ngaba ucinga ukuba ukho umntu onokuwuthintela ungahambeli phambili? Unotshe! Ngaba oko akufanele kusikhuthaze ukuze sityhalele phambili kubulungiseleli bethu, singavumeli amaxhala emihla ngemihla asiphambukise?
Izinto Eziza Kuqala
8. Kutheni simele siwubeke kwindawo yokuqala ebomini bethu umsebenzi owenziwa kwitempile yokomoya?
8 Ukuze uYehova asixhase aze asisikelele, simele siwugcine umsebenzi wasetempileni usendaweni yokuqala kubomi bethu. Ngokungafaniyo namaYuda awathi, “Alikafiki ixesha,” simele sikhumbule ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (Hagayi 1:2; 2 Timoti 3:1) UYesu waprofeta esithi abalandeli bakhe abathembekileyo babeya kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani baze benze abafundi. Simele silumke singalityesheli eli lungelo sinalo lenkonzo. Umsebenzi wokushumayela nowokufundisa, owaqaliswa ngokutsha ngowe-1919 emva kokuba ukhe wanqunyanyiswa ngabachasi behlabathi, awukagqitywa. Noko ke, ngokuqinisekileyo uza kugqitywa!
9, 10. Iintsikelelo zikaYehova zixhomekeke entwenini, yaye oko kuthetha ntoni kuthi?
9 Ukusikelelwa kwethu njengeqela nanjengomntu ngamnye kuya kuxhomekeka kumlinganiselo esizibhokoxa ngawo kulo msebenzi. Phawula isithembiso sikaYehova esisenza siqiniseke. Ukususela mhla amaYuda aphinda amnqula uThixo ngomphefumlo uphela aza aqala ukwakha isiseko setempile kwakhona, uYehova wathi: “Ukususela kulo mhla ndiya kujizeka iintsikelelo.” (Hagayi 2:19) UThixo wayeza kuphinda akholiswe ngokupheleleyo ngawo. Ngoku phawula iintsikelelo ezifumaneka kwisithembiso sikaThixo: “Kuya kubakho imbewu yoxolo; umdiliya uya kunika isiqhamo sawo, nomhlaba uya kunika imveliso yawo, namazulu aya kunika umbethe wawo; yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubabangela abaseleyo kwesi sizwana bazidle ilifa zonke ezi zinto.”—Zekariya 8:9-13.
10 Kanye njengokuba uYehova wathembisa loo maYuda ngeentsikelelo zokomoya nezezinto eziphathekayo, nathi uya kusisikelela xa sizibhokoxa kumsebenzi asabele wona. Ezi ntsikelelo ziquka uxolo phakathi kwethu, unqabiseko, inkqubela nokukhula ngokomoya. Noko ke, siyaqonda ukuba ukuqhubeka kukaThixo esisikelela kuxhomekeke ekwenzeni umsebenzi wetempile yokomoya ngendlela uYehova afuna ukuba wenziwe ngayo.
11. Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
11 Ngoku lixesha ‘lokubeka intliziyo yethu ezindleleni zethu.’ (Hagayi 1:5, 7) Sonke sifanele siziphe ixesha lokuhlola izinto eziza kuqala ebomini bethu. Ukusikelelwa nguYehova kule mihla kuxhomekeke kumlinganiselo esilizukisa ngawo igama lakhe nakwinkqubela esiyenzayo kumsebenzi owenziwa kwitempile yakhe yokomoya. Usenokuba uyazibuza: ‘Ngaba izinto eziza kuqala kum zitshintshile? Ngaba inzondelelo endinayo ngoYehova, ngenyaniso, nangomsebenzi wakhe injengaleyo ndandinayo ukubhaptizwa kwam? Ngaba umdla endinawo kubomi obutofotofo uchaphazela ingqalelo endiyinikelayo kuYehova nakuBukumkani bakhe? Ngaba ukoyika abantu—ukucinga ngoko abantu abaza kukucinga—kuyandidodobalisa ngandlel’ ithile?’—ISityhilelo 2:2-4.
12. Yiyiphi imeko amaYuda ayejamelene nayo ekuthethwa ngayo kuHagayi 1:6, 9?
12 Asifuni ukuba uThixo azivalele iintsikelelo zakhe eziyintabalala kuba siye satyeshela umsebenzi wokuzukisa igama lakhe. Khumbula ukuba kuHagayi 1:9 kuthiwa emva kokuba amaYuda abuyiselweyo eqale kakuhle, ‘abaleka, elowo ngenxa yendlu yakhe.’ Axakeka zizinto zawo. Sekunjalo, ‘ingeniso yayincinane,’ ukutya neziselo zazinganeli, ibe abantu babengenayo nempahla yokubagcina befudumele. (Hagayi. 1:6) UYehova wayishenxisa intsikelelo yakhe. Ngaba ikho into esinokuyifunda koku?
13, 14. Sinokusisebenzisa njani isifundo esifumaneka kuHagayi 1:6, 9, yaye kutheni oku kubalulekile?
13 Akuvumi na ukuba ukuze siqhubeke sifumana intsikelelo kaYehova, simele singasukeli izinto eziza kwanelisa iimfuno zethu ukusa kwinqanaba lokutyeshela unqulo lwethu kuYehova? Oku kunjalo enoba into ethimba ingqalelo yethu kukusukela ubutyebi, ukusebenzisa iindlela ezikhawulezayo zokuba zizityebi, ukuba namabhongo ngemfundo ephakamileyo kule nkqubo, neendlela zokwanelisa iminqweno esinayo.
14 Akusosono ukwenza ezi zinto. Kodwa, ngaba akuboni ukuba xa zithelekiswa nobomi obungunaphakade, ‘ziyimisebenzi efileyo’? (Hebhere 9:14) Zife ngayiphi ingqiqo? Zifile ngokomoya, zililize, azinanzuzo. Xa ubani ezingisa kwezi zinto, oku kunokukhokelela ekufeni ngokomoya. Oku kwenzeka kwamanye amaKristu awayethanjisiwe ngemihla yabapostile. (Filipi 3:17-19) Kwenzekile nakwabathile kumhla wethu. Kusenokwenzeka ukuba bakho abantu abathile obaziyo abaye baphambuka ngokuthe ngcembe kwimisebenzi yobuKristu nasebandleni, yaye kungokunje akubonakali ngathi bangaze baphinde banqule uYehova. Sinethemba lokuba abo bantu baya kubuyela kuYehova, kodwa ingongoma ikukuba, ukusukela “imisebenzi efileyo” kusenokusenza singamkholisi uYehova size siphulukane nenkoliseko nentsikelelo yakhe. Hayi indlela oku okulusizi ngayo. Oku kuthetha ukulahlekelwa luvuyo noxolo nto ezo ezisisiqhamo somoya kaThixo. Yaye unokuthelekelela indlela ekuyilahleko ngayo ukulahlekelwa ngamathuba okuba nobudlelane bothando namanye amaKristu.—Galati 1:6; 5:7, 13, 22-24.
15. KuHagayi 2:14 kuboniswa njani ukubaluleka konqulo lwethu?
15 Lo ngumbandela onzulu. Xa sifunda kuHagayi 2:14 sibona indlela uYehova awayewajonga ngayo amaYuda awayetyeshele indlu yakhe yonqulo aza aya kuzakhela izindlu ezifulelwe ngamaplanga, enoba ayekwenze oko ngokoqobo okanye ngokomfuziselo. “‘Sinjalo ke esi sizwana, yaye lunjalo ke olu hlanga phambi kwam,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nayo nantoni na abayinikelayo apho. Ayihlambulukanga.’” Nayiphi na imibingelelo eyayinikelwa ngamaYuda awayeneentliziyo ezingaphelelisanga kuThixo kwisibingelelo sokwexeshana esasiseYerusalem, yayingamkelekanga, logama nje abantu babesalutyeshele unqulo lokwenyaniso.—Ezra 3:3.
Ukuqinisekiswa Ngenkxaso
16. Ngenxa yemibono eyabonwa nguZekariya, amaYuda ayenokuqiniseka ngantoni?
16 Kwimibono esibhozo eyabonwa nguZekariya, amaYuda athobelayo awayesebenza ngoxa kwakuphinda kusakhiwa itempile kaThixo aqinisekiswa ngenkxaso yakhe. Umbono wokuqala waqinisekisa ngokugqitywa kwetempile nangenkqubela kwiYerusalem nakwelakwaYuda ukuba nje amaYuda athobelayo ayeqhubeka nomsebenzi awayewunikiwe. (Zekariya 1:8-17) Umbono wesibini wathembisa ngokupheliswa kwabo bonke oorhulumente ababechase unqulo lokwenyaniso. (Zekariya 1:18-21) Eminye imibono yawaqinisekisa ukuba uThixo wayeya kuwakhusela kumsebenzi wokwakha, wawaqinisekisa ngenkitha yabantu beentlanga ababeza kuthontelana ukuza kwindlu egqityiweyo kaYehova yonqulo, wawaqinisekisa ngoxolo nonqabiseko lokwenyaniso, ngokushenxiswa kwemiqobo emikhulu kumsebenzi kaThixo, ngokutshayelwa kobungendawo nangokwalathiswa nokukhuselwa ziingelosi. (Zekariya 2:5, 11; 3:10; 4:7; 5:6-11; 6:1-8) Bakuba befumene ezi ziqinisekiso zivela kuThixo, abantu abathobelayo bahlengahlengisa iindlela ababephila ngazo baza basekela ubomi babo ekuphumezeni umsebenzi uThixo awayebakhulule eBhabhiloni ukuba baye kuwenza.
17. Ekubeni siye saqinisekiswa, yintoni esifanele sizibuze yona?
17 Ngendlela efanayo, isiqinisekiso esinaso sokuba ekugqibeleni unqulo lokwenyaniso luza koyisa sifanele sisenze sikhuthale emsebenzini kwaye sicinge nzulu ngendlu kaYehova yonqulo. Khawuzibuze: ‘Ukuba ndikholelwa ukuba ngoku lixesha lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani nokwenza abafundi, ngaba usukelo endizibekele lona kunye nendlela endiphila ngayo ziyangqinelana noko ndikukholelwayo? Ngaba ndichitha ixesha elaneleyo ndifunda iLizwi likaThixo lesiprofeto, yaye ngaba ndiyacinga ngalo ndize ndincokole ngalo namanye amaKristu nabanye endidibana nabo?’
18. Ngokutsho kukaZekariya isahluko 14, yintoni eza kwenzeka kwixesha elizayo?
18 UZekariya uthetha ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu okuya kulandelwa yimfazwe yeArmagedon. Uthi: “Imele ibe yimini enye eyaziwa ngokuba yekaYehova. Akuyi kubakho mini, kungayi kubakho busuku; kuthi ke ngexesha langokuhlwa kukhanye.” Inene, ngemini kaYehova iintshaba zakhe ezisemhlabeni ziya kufikelwa bubumnyama nesithokothoko ! Kodwa kuya kuba lixesha lokukhanya okuqhubekayo nenkoliseko kaYehova kubanquli bakhe abathembekileyo. Kwakhona uZekariya uchaza indlela izinto zonke kwihlabathi elitsha eziya kubuvakalisa ngayo ubungcwele bukaYehova. Ekuphela konqulo oluya kubakho emhlabeni iya kuba lunqulo lokwenyaniso kwitempile enkulu yokomoya kaThixo. (Zekariya 14:7, 16-19) Esi sisiqinisekiso sokwenene! Kuza kuzaliseka okwakuxelwe kwangaphambili kuze kuthethelelwe ulongamo lukaYehova. Hayi indlela eza kube ikhetheke ngayo imini kaYehova!
Iintsikelelo Ezingunaphakade
19, 20. Yintoni ekukhuthazayo kuZekariya 14:8, 9?
19 Emva kweso siganeko sikhulu, uSathana needemon zakhe baya kuthi cwaka ngathi bafile, bevalelwe enzonzobileni. (ISityhilelo 20:1-3, 7) Kuya kwandula kubekho iintsikelelo ebudeni boLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka. KuZekariya 14:8, 9 kuthiwa: “Kuya kuthi ngaloo mini kuphume amanzi aphilayo eYerusalem, isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempuma nesiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshona. Oku kuya kubakho ehlotyeni nasebusika. UYehova umele abe ngukumkani phezu komhlaba wonke. Ngaloo mini uYehova uya kuba mnye, negama lakhe libe linye.”
20 “Amanzi aphilayo,” okanye “umlambo wamanzi obomi,” afuzisela amalungiselelo kaYehova obomi obungunaphakade, aya kuqhubeka equkuqela evela kwikomkhulu loBukumkani bukaMesiya. (ISityhilelo 22:1, 2) Sakuba isihlwele esikhulu sabanquli bakaYehova sisindile kwiArmagedon, siya kukhululwa kwisigwebo sika-Adam sokufa. Kwanabafileyo baya kuvuswa. Oku kuya kuqalisa ixesha elitsha lolawulo lukaYehova phezu kwawo wonke umhlaba. Abantu emhlabeni wonke baya kumgqala uYehova njengoMongami Wendalo Iphela nokuphela kwalowo ufanelwe kukunqulwa.
21. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
21 Ngenxa yazo zonke ezi zinto ziprofetwe nguHagayi noZekariya, kunye nazo zonke izinto eziye zazalisekiswa, sinesizathu esibambekayo sokuqhubeka siwenza umsebenzi esiwunikwe nguThixo kwiintendelezo zasemhlabeni zetempile yakhe yokomoya. Ngamana singazabalazela ukugcina izilangazelelo zoBukumkani zikwindawo yokuqala ebomini bethu de lifike ixesha lokuba unqulo lokwenyaniso lwenziwe lugqibelele. KuZekariya 8:9 siyabongozwa: “Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla ephuma emlonyeni wabaprofeti.”
Ngaba Usakhumbula?
• Ziziphi iziganeko ezenzeke ngaphambili ezenza incwadi kaHagayi nekaZekariya zibe luncedo namhlanje?
• Yintoni esiyifundayo kuHagayi noZekariya ngokubeka izinto zokuqala kwindawo yazo?
• Kutheni ukufunda incwadi kaHagayi nekaZekariya kusenza siqiniseke ngekamva?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UHagayi noZekariya bawakhuthaza amaYuda ukuba azibhokoxe emsebenzini aze ngaloo ndlela asikelelwe
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
Ngaba ‘ubaleka ngenxa yendlu yakho’?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UYehova uthembise ngokusisikelela, yaye uye wenjenjalo