Isahluko Sesithandathu
‘Ukwenza Okusesikweni’—Kuthetha Ukumazi UThixo
1. Yintoni ekwenza ukuthande okusesikweni?
KWAKUDE kudala embalini, bekusoloko kukho abantu ababekade bedume ngokuthanda okusesikweni. Into ebangela ukuba abantu banqwenele okusesikweni kukuba benziwe ngomfanekiso kaThixo. Uyakuthanda okusesikweni yaye ufuna abanye baphathwe ngokusesikweni kuba wenziwe ngomfanekiso kaYehova, ‘oyoliswayo kokusesikweni.’—Yeremiya 9:24; Genesis 1:27; Isaya 40:14.
2, 3. Kutheni sifanele sihlolisise iincwadi zabaprofeti abali-12 ukuze sifunde ngokuba sesikweni kukaYehova?
2 Njengoko ufunda iincwadi ezahlukeneyo zeBhayibhile, uya kukuqonda ngakumbi ukuba sesikweni kukaThixo. Kodwa uya kungenelwa ngokukhethekileyo njengoko uhlolisisa iincwadi zabaprofeti abali-12. Zibalaselisa okusesikweni ngokukhethekileyo kangangokuba omnye umqulu onencwadi kaHoseya, ka-Amosi nekaMika, opapashwe ngumbutho weBhayibhile, unomxholo othi Justice Now! (Okusesikweni Ngoku!) Ngokomzekelo, uAmosi ubongoza athi: “Makugaleleke okusesikweni kanye njengamanzi, nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.” Yaye phawula into yokuqala uMika awayichaza njengebalulekileyo, xa wathi: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—Amosi 5:24; Mika 6:8.
3 Ngoko ukuze simazi ngakumbi uYehova size sikwazi ukumxelisa, ngokuqinisekileyo sifanele sikuqonde ukuba sesikweni kwakhe. Ukuba sesikweni kulolunye lweempawu ezibalaseleyo zikaYehova, ngoko asinakuthi siyamazi xa singakuqondi ukuba sesikweni kwakhe. Kwanabakhonzi bakhe bamandulo babesazi ukuba “uYehova ngumthandi wokusesikweni.”—INdumiso 33:5; 37:28.
4. Chaza indlela iincwadi zabaprofeti abali-12 ezinokuyiqinisa ngayo intembelo yakho ngokuphathelele ukuba sesikweni kukaThixo.
4 Ngaphambi kokuba uYehova ayigwebe iYerusalem, umprofeti uHabhakuki wathi: “Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo? . . . Umthetho undindisholo, nokusesikweni akuze kubekho. Ngenxa yokuba olilungisa ungqongwe ngongendawo, ngoko okusesikweni kuphuma kugwenxa.” (Habhakuki 1:2, 4) UHabhakuki othembekileyo wamazi uYehova ngokufunda iZibhalo ezazikho nangokusuka kumava akhe obuqu. Ngoko wayenentembelo yokuba uThixo uyakuthanda yaye uyakukhuthaza okusesikweni. Noko ke, yayimkhathaza into yokuba uYehova avumele ubungendawo. UThixo wamqinisekisa uHabhakuki ukuba wayeya kwenza okusesikweni kwabo bathembekileyo. (Habhakuki 2:4) Ukuba uHabhakuki nabanye abantu bexesha lakhe babenentembelo elolo hlobo, wena unesizathu esingakumbi sokuba nentembelo elolo hlobo. Ngoba? Kaloku thina sineBhayibhile epheleleyo, ngoko unengxelo eninzi ngakumbi kunabo ngokuphathelele ubuntu nokuba sesikweni kukaYehova. Unamathuba angakumbi kunabo okufunda ngokuba sesikweni kukaYehova.
5. Yintoni egxininiswa ngabaprofeti kwiincwadi zabo ezili-12?
5 Xa wayethumela abaprofeti kuSirayeli, uYehova wayesoloko egxininisa ukubaluleka kokwenza okusesikweni. (Isaya 1:17; 10:1, 2; Yeremiya 7:5-7; Hezekile 45:9) Ngokuqinisekileyo wakugxininisa nakubaprofeti abali-12. (Amosi 5:7, 12; Mika 3:9; Zekariya 8:16, 17) Xa ufunda iincwadi zabo uya kuphawula ukuba bagxininisa ukuba senze okusesikweni kubomi bethu bemihla ngemihla. Ininzi imfundiso equlathwe zezi ncwadi zili-12, kodwa makhe sihlolisise iinkalo ezimbini aba baprofeti abagxininisa ukuba senze okusesikweni kuzo.
UKWENZA OKUSESIKWENI KUSHISHINO NAKWIMIBANDELA EBANDAKANYA IMALI
6, 7. Kutheni kubalulekile nje kuthi sonke ukwenza okusesikweni kushishino nakweminye imibandela ephathelele imali?
6 UYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu.” (Luka 4:4; Duteronomi 8:3) Wayivuma into yokuba sifuna isonka—okanye ukutya. Oko kuthetha ukuba kufuneka siphangele ukuze kuthengwe ukutya. Kwakunjalo nakubakhonzi bakaThixo bamandulo. Abanye babezisebenzela—babelima, abanye besenza eminye imisebenzi, njengokwenza impahla, ifanitshala, okanye izinto zokupheka. Abanye babeqesha—benabantu abavunayo, abenza umgubo, ioli yeminquma newayini. Kanti abanye babengabarhwebi—bethenga yaye bethengisa. Kusenokwenzeka ukuba abanye babesebenzela abanye—mhlawumbi bebalungiselela amaphahla ezindlu okanye bebonwabisa ngokubadlalela umculo.—Eksodus 35:35; Duteronomi 24:14, 15; 2 Kumkani 3:15; 22:6; Mateyu 20:1-8; Luka 15:25.
7 Ngaba nawe wenza eminye yale misebenzi, okanye unabahlobo nokuba zizalamane eziyenzayo? Liyinyaniso elokuba, iindlela zokusebenza zahlukile namhlanje, kodwa ngaba akuvumi na ukuba imbono kaThixo yokusesikweni kule mibandela imele ifane nangaphambili? Kwiincwadi zabaprofeti abali-12, uYehova wenza kucace ukuba ulindele ukuba abantu bakhe benze okusesikweni nakuyo le mibandela yoshishino. Njengoko sihlolisisa imizekelo yoku, cinga ngendlela nawe onokukubonisa ngayo okusesikweni.—INdumiso 25:4, 5.
8, 9. (a) Kwakutheni babefanelwe ngumgwebo oqatha nje abantu abakhankanywe kuMalaki 3:5? (b) Yiyiphi imbono elungeleleneyo ekhuthazwa ziZibhalo ngokuphathelele umsebenzi kunye nabaqeshwa?
8 Esebenzisa uMalaki, uThixo wathi: “Ndiza kusondela kuni ukuba ndigwebe, yaye ndiza kuba lingqina elikhawulezayo nxamnye nabakhafuli, nabakrexezi, nabo bafunga ubuxoki, nabo baqhatha umqeshwa emvuzweni, . . . ngoxa bengandoyiki mna.” (Malaki 3:5) Ewe, uYehova wabagweba abo babengabaphathi ngokusesikweni abaqeshwa. Wayebagqala njani? Wayebajonga ngendlela kanye abajonga ngayo abo basebenzelana nemimoya, abakrexezi, kunye namaxoki. AmaKristu ayazi ukuba uThixo uza kubagweba ‘abo bahenyuzayo, abasebenzelana nemimoya, namaxoki.’—ISityhilelo 21:8.
9 Oko kwakusenzeka emsebenzini wempangelo kwakungaphelelanga nje phakathi kwabaqeshi nabasebenzi; uYehova wayelindele ukuba kwenziwe okusesikweni. Wathi ngenxa yobuqhetseba babo “baqhatha umqeshwa emvuzweni,” wayeza ‘kusondela kwabo bantu ukuze abagwebe.’ Enyanisweni, uThixo akazange athi umqeshi ufanele aphumeze zonke iimfuno zabaqeshwa bakhe. Kumzekeliso kaYesu wamadoda awayeqeshiwe ukuba asebenze esidiliyeni, unokubona ukuba umqeshi wayenalo ilungelo lokumisela umvuzo kwakunye nohlobo lomsebenzi afuna wenziwe. (Mateyu 20:1-7, 13-15) Emzekelisweni kaYesu bonke abasebenzi bahlawulwa idenariyo enye, ‘umvuzo wemini’ ekwakuvunyelwene ngawo, enoba babesebenze imini yonke okanye inxalenye nje yayo. Kwakhona phawula ukuba lo mqeshi akazange asebenzise amaqhinga ukuze enze ingeniso engakumbi ngabaqeshwa bakhe.—Yeremiya 22:13.
10. Kutheni sifanele sibe nomdla kwindlela esibaphatha ngayo abantu esibaqeshileyo?
10 Ukuba uneshishini kunye nabaqeshwa—okanye ukuba uqesha nje umntu ukuba akwenzele umsebenzi othile—ngaba umvuzo owuhlawulayo, nendlela obaphatha ngayo asiyiyo le ikhankanywe kuMalaki 3:5? Kuhle ukuba sikucingisise oku, kuba umbandela wokuphatha abaqeshwa ngokusesikweni uyaxutyushwa nakwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. Umpostile uYakobi wabuza wathi ngokuphathelele abo benza ngokungekho sikweni kule mibandela: “Akanichasanga na [uYehova]?” (Yakobi 5:1, 4, 6) Ngoko liyinyaniso elokuba: Abo bangenzi okusesikweni xa behlawula ‘umqeshwa umvuzo wakhe’ abamazi uYehova, kuba abaxelisi ukuba sesikweni kwakhe.
11, 12. (a) Liliphi ikhondo elingekho sikweni elibalaseliswa kuHoseya 5:10? (b) Ziziphi ezinye iimeko asenokusebenza kuzo uHoseya 5:10?
11 Nasi esinye isizathu esabangela ukuba uYehova abachase abantu abathile ababedumile ngomhla kaHoseya: “Iinkosana zakwaYuda zifana kanye nabo banciphisa umda. Ukuvutha komsindo wam ndiya kukuphalazela phezu kwabo njengamanzi.” (Hoseya 5:10) Yintoni kanye le iphosakeleyo babeyenza athetha ngayo uHoseya apha? Umlimi wakwaYuda wayephila ngokulima umhlaba wakhe, yaye imida yawo yayiphawulwa ngamatye okanye izibonda zemithi. ‘Ukunciphisa umda’ kuthetha ukuba babenciphisa umhlaba womlimi, ngaloo ndlela benciphisa isivuno sakhe, nto leyo efana nokumphanga. Iinkosana zakwaYuda zazifanele zikhuthaze okusesikweni, kodwa uHoseya wazifanisa nabantu abanciphisa imida.—Duteronomi 19:14; 27:17; Yobhi 24:2; IMizekeliso 22:28.
12 Abanye babantu namhlanje abashishina ngemihlaba ‘basenokunciphisa imida’ ngenjongo yokuqhatha abathengi. Kanti oku kusenokubhekisela nakubarhwebi, abaqeshi, abaqeshwa, nabanye abantu osebenzisana nabo kwezoshishino. Njengokuba usazi, abanye abantu xa beshishina abazithandi izivumelwano ezibhaliweyo, ngenjongo yokuba befuna ukuqhatha. Abanye bayazibhala izivumelwano kodwa baba nombhalo wamagama amancinane kakhulu emazantsi ephepha, ngenjongo yokusijika isivumelwano ngobuqhetseba ukuze bazuze. Ukuba umntu wenza oko—enoba ungumrhwebi okanye umthengi, enoba ungumqeshi okanye umqeshwa—ngaba ungathi umazi ngokwenene uThixo wokusesikweni? UYehova wathi eLizwini lakhe: “Musa ukuwunciphisa umda [wamakhwenkwe angenayise]. Kuba uMkhululi wawo womelele; yena ngokwakhe uya kugweba ityala lawo kuwe.”—IMizekeliso 23:10, 11; Habhakuki 2:9.
13. Ngokutsho kukaMika 6:10-12, ziziphi izenzo ezingekho sikweni ababezenza abantu bakaThixo bamandulo?
13 UMika 6:10-12 usichazela ngakumbi ngokusesikweni, esithi: ‘Kusekho ubuncwane bobungendawo na endlwini yongendawo, nomlinganiselo we-efa edlekileyo eqalekisiweyo? Ndingaba ngohlambulukileyo na ngokuziphatha ndinezikali zokungendawo nengxowa yamatye okulinganisa enkohliso? Kuba abemi baso bathetha ubuxoki, nolwimi lwabo lunenkohliso.’ Kule mihla ukutya kulinganiswa ngeelitha, kungekhona ngee-efa. Yaye kusetyenziswa iikhilogram endaweni yamatye okulinganisa ubunzima esikalini. Sekunjalo, ingongoma kaMika icacile. Abarhwebi noosomashishini bomhla wakhe babekhohlisa; babengenzi okusesikweni, bebaqhatha abantu ngokusebenzisa imilinganiselo engachananga. UThixo wababiza ngokuthi ‘ngabangendawo’ abo bantu ‘babekhohlisa ngemilomo yabo’ nangendlela ababeshishina ngayo.—Duteronomi 25:13-16; IMizekeliso 20:10; Amosi 8:5.
14. Isilumkiso sikaMika sinokusinceda siphephe luphi uqheliselo olungekho sikweni namhlanje?
14 Ngaba amazwi kaMika aphathelele izikali namatye okulinganisa enkohliso ayasebenza kwindlela oliqhuba ngayo ishishini lakho okanye koko ukwenzayo njengomqeshi? Khawukhe ukucingisise oku, ingakumbi njengoko ukuqhathwa kwabathengi nabasebenzi kuyinto exhaphakileyo namhlanje. Ngokomzekelo, ezinye iikontraka ezingathembekanga zigalela isamente encinane kunaleyo ifunekayo xa zisenza umxube wesamente. Okanye umntu oligcisa usenokusebenzisa izinto zexabiso elinganeno kwelo alichazayo kwiindawo aziyo ukuba aziyi kubonakala kuzo. Abanye abarhwebi bathengisa izinto ezindala ngexabiso lezinto ezintsha. Mhlawumbi zikho nezinye iindlela ozaziyo abaqhatha ngazo oosomashishini ukuze bazuze ingeniso ethe chatha. Ngaba nawe ukhe uhendeke ufune ukuzisebenzisa? Enye incwadi yakutshanje yathi amaNgqina kaYehova “akholelwa ukuba uMdali wawo uwajongile, yaye inkoliso yawo ixolele ukufa kunokuba ibe.” Yongezelela ngelithi: “Afunwa ngamandla ngoosomashishini abanengeniso yemali eninzi.” Ngoba? Ngenxa yokuba amaKristu okwenyaniso ayazi ukuba uYehova ufuna ukuba ‘aqhelisele okusesikweni’ kushishino nakweminye imibandela ebandakanya imali.—Mika 6:8.
‘IINKOSANA ZOKUSESIKWENI’
15, 16. Iinkokeli zomhla kaMika zazibaphatha njani abantu?
15 Unokubona kwiincwadi zabaprofeti abali-12 ukuba maxa wambi okusesikweni kwakungenziwa nje kwaphela. Abo basemagunyeni ababefanele bamisele umzekelo ekwenzeni okusesikweni babengakwenzi oko. (Eksodus 18:21; 23:6-8; Duteronomi 1:17; 16:18) UMika wabongoza wathi: “Khanincede, nive, nina zintloko zakwaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli. Asikokwenu na ukwazi okusesikweni? Nina bathiyi bokulungileyo nabathandi bobubi, nihlinza ulusu lwabantu nenyama yabo emathanjeni abo.”—Mika 3:1-3; Isaya 1:17.
16 Loo mazwi amele ukuba abothusa abantu ababeqhelene nobomi basemaphandleni. Maxa wambi umalusi wayezicheba izimvu azalusayo. (Genesis 38:12, 13; 1 Samuweli 25:4) Kodwa ‘abaphathi bendlu kaSirayeli,’ ababemele ukuba ‘bayakwazi okusesikweni,’ babaphanga abantu bedlelo likaThixo, ngokungathi bahlinza ulusu nenyama yezimvu baze baphule amathambo azo. (INdumiso 95:7) Waphinda wasebenzisa omnye umzekeliso uMika, esithi iinkosana ‘ezazigweba ngomvuzo’ zazifana nothango lwameva. (Mika 7:3, 4) Khawuzithelekelele uhamba kwindawo ezaliswe ngameva. Ngokuqinisekileyo aya kukuhlaba, mhlawumbi ade akrazule nempahla yakho. Zazinjalo kanye iinkokeli zabantu bakaThixo. Kunokuba zibaphathe ngokusesikweni abantu, zazibaqhatha ngobuqhetseba.—Mika 3:9, 11.
17. Ngokutsho kukaZefaniya 3:3, sisiphi isimo sengqondo ezazinaso iinkokeli zabantu?
17 UZefaniya naye wagxininisa ingongoma efanayo, wathi: “Iinkosana zaso phakathi kwaso zaziziingonyama ezigqumayo. Abagwebi baso babeziingcuka zangokuhlwa ezingakrekrethanga mathambo kude kube kusasa.” (Zefaniya 3:3) Ngaba wakha wayicinga into yokuba iinkokeli zabantu bakaThixo zingaze zibe njengeengonyama eziqwengayo, zingabukhathaleli ubulungisa? Okanye wakha wayicinga na into yokuba abagwebi babenokuba njengeengcuka ezilambileyo, eziqwenga yonke nje into ephambi kwazo, kuze kusale amathambo odwa kusasa? Kungenziwa njani ke okusesikweni xa kukho abalawuli abanjalo? Zakudlakaza kwaphela tu okusesikweni ezo nkokeli zazixhaphaza abantu kunokuba zibanyamekele.
18. Abagwebi bakwaSirayeli babefanele babaphathe njani abantu bakaThixo?
18 Ngoko kucacile ukuba, nangona yayiziinkokeli zohlanga oluzinikele kuThixo, kodwa zazingamazi. Ukuba zazimazi, ngezaziwuthobele umyalelo okuZekariya 8:16 othi: “Nazi izinto enifanele nizenze: Thethani inyaniso omnye nomnye. Gwebani emasangweni enu ngenyaniso nomgwebo woxolo.” Amadoda amakhulu akwaSirayeli ayedla ngokuhlanganisana esangweni aze agwebe amatyala, engakhethi buso, kodwa enamathela kwimiyalelo kaThixo. (Duteronomi 22:15) UYehova wayewayalile ukuba angakhethi, aziphathe ngokwahlukileyo izityebi nabantu abadumileyo. (Levitikus 19:15; Duteronomi 1:16, 17) Abagwebi babefanele bazame ukubuyisela uxolo phakathi kwabantu abangavaniyo, banikele ‘umgwebo woxolo.’
19, 20. (a) Kutheni abadala abangamaKristu benokufunda lukhulu kwizilumkiso zabaprofeti abali-12? (b) Abadala banokubonisa njani ukuba bayamazi uYehova kunye nokuba sesikweni kwakhe?
19 Umpostile uPawulos wacaphula inxalenye kaZekariya 8:16 xa wayebhalela amaKristu. (Efese 4:15, 25) Ngoko sinokuqiniseka ukuba izilumkiso zabaprofeti abali-12 eziphathelele ukwenziwa kokusesikweni ziyasebenza ebandleni namhlanje. Amadoda amakhulu, okanye abaveleli, bafanele bamisele umzekelo ekwazini uYehova nasekwenzeni okusesikweni. UIsaya 32:1 ubachaza kakuhle “njengeenkosana zokusesikweni.” Ziziphi iingongoma eziluncedo kubadala ezifumaneka kwizilumkiso nakwiziluleko zabaprofeti abali-12?
20 NjengakwaSirayeli, abadala abangamaKristu bafanele bakhumbule imiyalelo kaYehova equlathwe kwiZibhalo. Zonke izigqibo zabo zifanele zisekelwe kwimiyalelo yakhe kunokuba zisekelwe kwiimbono zobuqu okanye kwiimvakalelo. IBhayibhile ibonisa ukuba kusenokubakho amatyala anzima afuna ixesha elingakumbi lokulungiselela nokwenza uphando eBhayibhileni nakwiimpapasho zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. (Eksodus 18:26; Mateyu 24:45) Xa abadala besenza umgudu ololo hlobo, baya kukuthiya okubi baze bakuthande oko kulungileyo emehlweni kaThixo. Oku kuya kubanceda ukuba ‘bavulele okusesikweni indawo esangweni’ ukuze ‘bagwebe ngokusesikweni.’—Amosi 5:15; Zekariya 7:9.
21. Kutheni abadala befanele bakuphephe ukubonisa umkhethe, kodwa yintoni enokubahendela ekubeni babonise umkhethe?
21 Kwanokuba umntu onembopheleleko yokugweba unolwazi lweBhayibhile, usenokuba nomkhethe. Yayimvisa ubuhlungu uMalaki into yokuba ababingeleli ‘babekhetha ubuso emthethweni,’ nakubeni yayingabo ababefanele badlulisele ulwazi ebantwini. (Malaki 2:7-9) Kwenzeka njani oko? UMika wathi abanye abantu ababeziintloko ‘babegweba ngenxa yokunyotywa, nababingeleli babeyalela nje ngenxa yexabiso.’ (Mika 3:11) Oku kunokumchaphazela njani umdala? Kusenokwenzeka ukuba umntu achophele ityala lakhe wayekhe wabonisa ububele kuye ngaphambili, okanye mhlawumbi umdala ujonge ukuzuza ngandlel’ ithile kuye kwixesha elizayo. Okanye mhlawumbi uxoxa ityala lomntu azalana naye. Ngaba uza kulalanisa ngenxa yolwalamano lwenyama okanye uza kunamathela kwimigaqo yokomoya? Kwezinye iimeko umdala usenokuba nomkhethe xa kuxoxwa amatyala okanye kuxoxwa ngeemfaneleko zeZibhalo zabo baza kunikwa amalungelo enkonzo angakumbi ebandleni.—1 Samuweli 2:22-25, 33; IZenzo 8:18-20; 1 Petros 5:2.
22. (a) Yiyiphi imbopheleleko abanayo abadala ngokuphathelele ukwenza okusesikweni? (b) Ziziphi ezinye iimpawu zobuthixo abafanele bazibonise abadala xa besingatha amatyala abo bonileyo?
22 Xa umntu esona ngokunzulu, abalusi bokomoya bayalikhusela ibandla kuyo nayiphi na ingozi okanye impembelelo yakhe embi. (IZenzo 20:28-30; Tito 3:10, 11) Kodwa ukuba loo mntu wonileyo uguquka ngokunyanisekileyo, abadala bazama “ukumlungisa umntu onjalo ngomoya wobulali.” (Galati 6:1) Kunokuba babe ngqwabalala, bathobela umyalelo othi: “Gwebani ngokusesikweni; nize nibe nobubele bothando nenceba omnye nomnye.” (Zekariya 7:9) Imiyalelo kaYehova ephathelele indlela yokusingathwa kwamatyala kuSirayeli wamandulo ibalaselisa ukuba sesikweni nokuba nenceba kwakhe. Abagwebi babenenkululeko yokwenza izigqibo; babenokubonisa inceba, kuxhomekeka kwiimeko nakwisimo sengqondo somenzi-bubi. Ngoko nabaveleli abangamaKristu bamele bagwebe “ngokusesikweni” yaye babonise ‘ububele bothando nenceba,’ ngaloo ndlela bebonisa ukuba bayamazi uYehova.
23, 24. (a) Abadala banokuwunikela njani ‘umgwebo woxolo’? (b) Yintoni abaye bakunceda ukuba uyiqonde abaprofeti abali-12 ngokuphathelele okusesikweni?
23 Khumbula uZekariya 8:16 othi: “Gwebani emasangweni enu ngenyaniso nomgwebo woxolo.” Yiyiphi eyona nto ibalaseliswayo apha? ‘Ngumgwebo woxolo.’ Kwanangexesha labapostile, kwakukho ukungavisisani neempikiswano phakathi kwamanye amaKristu. Kanye njengokuba uPawulos wenzayo kuWodiya noSintike, abadala namhlanje kusenokufuneka bancede ekucombululeni ukungavisisani okuthile. (Filipi 4:2, 3) Abadala bafanele bazame ngokunyanisekileyo ukunikela ‘umgwebo woxolo,’ bazame ukubuyisela uxolo phakathi kwabo bangavisisaniyo. Isiluleko seZibhalo abasinikelayo nendlela abasinikela ngayo ifanele ikhuthaze uxolo ebandleni nokuba seluxolweni kunye noThixo. Oko kuya kungqina ukuba bamazi ngokwenene uYehova kunye nokuba sesikweni kwakhe.
24 Iinkalo ezimbini ezikhankanywe ngasentla zibonisa ukuba kubalulekile ukusebenzisa kubomi bethu bemihla ngemihla icebiso labaprofeti abali-12 lokwenza okusesikweni. Ngokuqinisekileyo kuzisa iingenelo kuthi nakwabanye ukwenza “okusesikweni”!
YINTONI OYIFUNDILEYO?
• Ngokuphathelele okusesikweni, nguwuphi umzekelo omhle esinawo?—INdumiso 37:28; Hoseya 2:19, 20.
• Kutheni ufanele uzabalazele ukwenza okusesikweni?—Amosi 5:6, 7; Zefaniya 2:3.
• Unokukwenza njani okusesikweni kwezoshishino okanye kweminye imibandela ephathelele imali?—Hoseya 5:10; 12:6, 7; Amosi 8:5; Mika 2:1, 2; Malaki 3:5.
SINOKUKUSEBENZISA NJANI NAMHLANJE?
• Kutheni abadala abangamaKristu befanele bazimisele ukwenza okusesikweni?—Mika 3:9.
• UZekariya 8:16 unikela siphi isilumkiso esingqalileyo kubadala nabanye abantu?
• Ziziphi iindlela zokubonisa umkhethe esifanele siziphephe, yaye ngoba?—Malaki 2:7-9; 1 Timoti 5:21, 22.
[Umfanekiso okwiphepha 71]
UHabhakuki
[Umfanekiso okwiphepha 76]
Ngaba wenza okusesikweni emsebenzini naseshishinini lakho?
[Umfanekiso okwiphepha 79]
Iinkosana zomhla kaMika noZefaniya zazingamazi uYehova
[Umfanekiso okwiphepha 81]
Kuzo zonke iimeko, abadala ‘bavulela okusesikweni indawo esangweni’