“Ndinani”
“Umthunywa kaYehova wahlabela mgama . . . esithi: “‘Ndinani,’ utsho uYehova.’”—HAGAYI 1:13.
1. Ziziphi iziprofeto uYesu awathetha ngazo ezizaliseka kumhla wethu?
SIPHILA kumaxesha amanqam. Njengokuba ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kungqina, ukususela ngowe-1914 besiphila “kwimini yeNkosi.” (ISityhilelo 1:10) Usenokuba uyasazi esi siprofeto, ngoko ke, uyazi ukuba uYesu wathelekisa ‘imihla yoNyana womntu’ eseBukumkanini ‘nemihla kaNowa’ ‘nemihla kaLote.’ (Luka 17:26, 28) IBhayibhile ibonisa ukuba ezi ziprofeto zizaliseka kumhla wethu. Ukanti, kukho esinye isiprofeto esifanele sisiqwalasele ngenyameko.
2. UYehova wabathuma ukuba benze ntoni uHagayi noZekariya?
2 Makhe siqwalasele oko kwenzeka ngemihla yabaprofeti abangamaHebhere, uHagayi noZekariya. Sisiphi isigidimi esadluliselwa ngaba baprofeti babini bathembekileyo esizaliseka kubantu bakaYehova kwixesha lethu? UHagayi noZekariya ‘babethunywe nguYehova’ kumaYuda emva kokubuya kwawo ekuthinjweni eBhabhiloni. Babethunywe ukuba baqinisekise amaSirayeli ukuba uThixo wayeza kuwaxhasa xa ephinda esakha itempile. (Hagayi 1:13; Zekariya 4:8, 9) Nangona uHagayi noZekariya babhala iincwadi ezimfutshane, ezo ncwadi ziyinxalenye yaso ‘sonke iSibhalo esiphefumlelwe nguThixo nesiyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.’—2 Timoti 3:16.
Sifanele Sinikel’ Ingqalelo
3, 4. Kutheni sifanele sibe nomdla kwisiprofeto sikaHagayi nesikaZekariya?
3 Ngokuqinisekileyo, isigidimi sikaHagayi nesikaZekariya sawanceda amaYuda omhla wabo, yaye iziprofeto zabo zazaliseka ngelo xesha. Noko ke, kutheni sifanele sinikel’ ingqalelo kwezi ncwadi zimbini namhlanje? AmaHebhere 12:26-29 asithela thsuphe ngalo mbandela. Apho umpostile uPawulos ucaphula amazwi akuHagayi 2:6, athi uThixo ‘unyikimisa amazulu nomhlaba.’ Ekugqibeleni oku kunyikimisa kuya ‘kuyibhukuqa itrone yezikumkani kuze kuwabhangise amandla ezikumkani zeentlanga.’—Hagayi 2:22.
4 Ecaphula amazwi kaHagayi, uPawulos uchaza okuza kwenzeka ‘kwizikumkani zeentlanga’ aze athethe ngobungangamsha boBukumkani obungenakugungqiswa amaKristu athanjisiweyo aza kubufumana. (Hebhere 12:28) Kusenokuba ngokusuka kula mazwi isiprofeto sikaHagayi nesikaZekariya sasibhekisela kwixesha elaliza kuza xa kwakubhalwa incwadi yamaHebhere ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Namhlanje kusekho intsalela yamaKristu athanjisiweyo, iindlalifa zoBukumkani bukaMesiya noYesu. Ngenxa yoko, isiprofeto sikaHagayi nesikaZekariya zibhekisela nakumhla wethu.
5, 6. Khawuthi gqabagqaba ngoko kwenzeka ngaphambi kokuba uHagayi noZekariya baqalise inkonzo yabo.
5 Incwadi kaEzra isithela gqabagqaba ngeziganeko ezenzeka ngaphambi kwezi ziprofeto. Emva kokubuya kwamaYuda ebukhobokeni baseBhabhiloni ngowama-537 B.C.E., iRhuluneli uZerubhabheli noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa (okanye uYeshuwa) bakhokela kumsebenzi wokwenziwa kwesiseko setempile entsha ngowama-536 B.C.E. (Ezra 3:8-13; 5:1) Nakuba esi yayisisizathu sovuyo olukhulu, amaYuda aqalisa ukuba nedyudyu. Ngokutsho kukaEzra 4:4, iintshaba, “abantu belo lizwe baqhubeka bezenza buthathaka izandla zabantu bakwaYuda bebatyhafisa neentliziyo ukuba bangakhi.” Ezo ntshaba, ingakumbi amaSamariya, zawamangalela ngobuxoki amaYuda. Aba bachasi baphembelela ukumkani wasePersi ukuba awuvale umsebenzi wokwakhiwa kwetempile.—Ezra 4:10-21.
6 Inzondelelo amaYuda awayenayo ekuqaleni ngomsebenzi wokwakha itempile yayisele ithothile. Ngoku ayexakeke zizinto zawo. Noko ke, ngowama-520 B.C.E., kwiminyaka eli-16 emva kokwakhiwa kwesiseko setempile, uYehova wayalela uHagayi noZekariya ukuba bavuselele abantu ukuba baphinde baqalise ukwakha itempile. (Hagayi 1:1; Zekariya 1:1) Omelezwe ngaba bathunywa bakaThixo yaye ezibonele ngawawo amehlo ukuba uYehova wayewaxhasa, amaYuda aphinda aqalisa ukuyakha itempile aza ayigqiba ngowama-515 B.C.E.—Ezra 6:14, 15.
7. Imeko yemihla yabaprofeti ifana njani nemihla yethu?
7 Uyazi ukuba oku kuthetha ntoni kuthi? Kaloku, sinomsebenzi esifanele siwenze wokushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Loo msebenzi wathabath’ unyawo emva kweMfazwe Yehlabathi I. Kanye njengokuba amaYuda amandulo akhululwa kubukhoboka bokoqobo eBhabhiloni, ngokunjalo abantu bakaYehova bale mihla bakhululeka kubukhoboka beBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Abakhonzi bakaThixo abathanjisiweyo bazilahlela nofele kumsebenzi wokushumayela, befundisa yaye bekhokelela abantu kunqulo lokwenyaniso. Loo msebenzi wenziwa ngomlinganiselo othe chatha namhlanje, yaye kusenokwenzeka ukuba nawe unenxaxheba kuwo. Ngoku lixesha lokuxakeka ngulo msebenzi, kuba ukuphela kweli hlabathi lingendawo kusemnyango! Lo msebenzi siwabelwe nguThixo sifanele siwenze ade uYehova angenelele kwimicimbi yabantu ‘ngembandezelo enkulu.’ (Mateyu 24:21) Oku kuya kushenxisa ubungendawo yaye unqulo lokwenyaniso luya kuzalisa umhlaba uphela.
8. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo uyasixhasa kumsebenzi esiwenzayo?
8 Njengokuba isiprofeto sikaHagayi nesikaZekariya sibonisa, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusixhasa ukuba sizinikela ngomphefumlo uphela kulo msebenzi. Phezu kwayo nje imizamo yabathile yokuthen’ amandla abakhonzi bakaThixo okanye ukuvala umsebenzi abawunikiweyo, akukho rhulumente uye wakwazi ukuluthintela ulwando oluqhubekayo emsebenzini wokushumayela. Cinga ngendlela uYehova aye wawusikelela ngayo umsebenzi woBukumkani ngolwando kumashumi eminyaka emva kweMfazwe Yehlabathi I ukuza kuthi ga kumhla wethu. Noko ke, umsebenzi usemninzi.
9. Yintoni eyenzeka mandulo esifanele sinikel’ ingqalelo kuyo, yaye ngoba?
9 Esikufundayo kwincwadi kaHagayi nekaZekariya kunokusikhuthaza ngakumbi njani ukuba sithobele umyalelo kaThixo wokushumayela nokufundisa? Makhe sithi gqabagqaba nje ngezinto esinokuzifunda kwezi ncwadi zimbini zeBhayibhile. Ngokomzekelo, khawucinge ngeengongoma ezimbalwa eziphathelele umsebenzi wokwakhiwa kwetempile owawufanele wenziwe ngamaYuda akhululekileyo. Njengokuba kuphawuliwe, amaYuda abuyela eYerusalem esuka eBhabhiloni akazange awenze ngenzondelelo umsebenzi wokwakha itempile. Emva kokubeka isiseko, aphelelwa ngumdla. Kwakonakele phi? Yaye yintoni esinokuyifunda koku?
Ukuba Nembono Echanileyo
10. AmaYuda atyhafiswa yintoni, yaye oku kwaphumela entwenini?
10 AmaYuda abuyileyo ayesithi: “Alikafiki ixesha.” (Hagayi 1:2) Xa ayeqalisa umsebenzi wokwakha itempile, abeka isiseko ngowama-536 B.C.E., akazange athi “alikafiki ixesha.” Kodwa kungekudala avumela inkcaso yeentlanga ezaziwangqongile nokungenelela kukarhulumente ukuba kuwatyhafise. AmaYuda aqalisa ukucinga ngezindlu zawo nezinto zawo zobutofotofo. Ethelekisa izindlu zawo ezazifulelwe ngemithi emihle netempile engagqitywanga, uYehova wabuza: “Ngaba lixesha lokuba nina nihlale ezindlwini zenu ezifulelwe ngamaplanga, ngoxa le ndlu ichithakele?”—Hagayi 1:4.
11. Kwakutheni ukuze kufuneke uYehova awaluleke amaYuda omhla kaHagayi?
11 Ewe, amaYuda alahlekelwa yimbono echanileyo ngezinto eziza kuqala. Kunokuba injongo kaYehova yokwakhiwa kwetempile ize kuqala, abantu bakaThixo bacinga ngeziqu nezindlu zabo. Umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo yonqulo watyeshelwa. Amazwi kaYehova abhalwe kuHagayi 1:5 awakhuthaza amaYuda ukuba ‘abeke iintliziyo zawo ezindleleni zawo.’ UYehova wayewaxelela ukuba akhe anqumame aze azikis’ ukucinga ngomsebenzi awayewenza aze acinge ngendlela ekwakuwachaphazela ngayo ukungawubeki umsebenzi wokwakhiwa kwetempile kwindawo yokuqala ebomini bawo.
12, 13. UHagayi 1:6 uyichaza njani imeko yamaYuda, yaye le ndinyana ithetha ukuthini?
12 Njengoko unokuzicingela, ukulahlekelwa kwamaYuda yimbono efanelekileyo ngezinto eziza kuqala kwawachaphazela ngokobuqu. Phawula imbono kaYehova njengokuba ichazwe kuHagayi 1:6: “Nihlwayele imbewu eninzi, kodwa ingeniso incinane. Kuyadliwa, kodwa akukho kwaneliseka. Kuyaselwa, kodwa akufikwa kwinqanaba lokuyotywa. Kwambathwa iimpahla, kodwa akukho nabani na ofudumalayo; yaye lowo uziqeshisayo uziqeshisa ngengxowa enemingxuma.”
13 AmaYuda ayekwilizwe uThixo awayewanike lona, kodwa lalingenamveliso njengokuba kwakulindelekile. UYehova wayivalela intsikelelo yakhe, njengoko wayelumkisile. (Duteronomi 28:38-48) Athi akungayifumani inkxaso evela kuye, amaYuda alima imbewu kodwa isivuno sasisincinane, yaye ayengenakutya kwaneleyo. Ekubeni ayengazifumani iintsikelelo zakhe, ayengayifumani impahla efudumeleyo yokwambatha. Kwakungathi nemali awayeyifumana yayingena kwingxowa enemingxuma, nto leyo eyayingabancedi nganto abo babeyisebenzela. Kuthekani ngamazwi athi: “Kuyaselwa, kodwa akufikwa kwinqanaba lokuyotywa”? Akunakuba kubonisa ukuba ukunxila kuyintsikelelo kaThixo; akabufuni ubunxila. (1 Samuweli 25:36; IMizekeliso 23:29-35) Kunoko, la mazwi abonisa ukuba amaYuda ayengasayifumani intsikelelo kaThixo. Nanini na esenza iwayini, yayincinane, yayingeninzi ngokwaneleyo ukuze ubani ayotywe yiyo. IBhayibhile yesiXhosa ithi kuHagayi 1:6: “Nisela, ninganeli kukusela.”
14, 15. Sifunda ntoni kuHagayi 1:6?
14 Esikufundayo kuko konke oku akunanto yakwenza nokwakha okanye ukulungisa indlu. Kuselithuba ngaphambi kokuthinjwa kwawo, umprofeti uAmosi wawakhalimela amaSirayeli ayezizityebi ‘ngezindlu zawo zeempondo zeendlovu nokulala kwawo kwizingqengqelo zeempondo zeendlovu.’ (Amosi 3:15; 6:4) Amapoma ezindlu zawo nempahla yendlu yobunewunewu ayizange ihlale ixesha elide. Ezo zinto zaphangwa ziintshaba ezazingamatutu. Ukanti, kwiminyaka emininzi kamva, emva kobukhoboka beminyaka engama-70, abantu bakaThixo abaninzi babengafundanga nto. Ngaba thina siza kufunda? Kufanelekile ukuba ngamnye kuthi azibuze: ‘Ukuba nditheth’ inyaniso, lingakanani ixesha endilichitha ndilungisa indlu yam? Kuthekani ngokufuna imfundo eyongezelelekileyo ukuze ufumane umsebenzi osemgangathweni, nto leyo enokudl’ ixesha elininzi kangangeminyaka eliqela, nedla ixesha elibalulekileyo lezinto zokomoya?’—Luka 12:20, 21; 1 Timoti 6:17-19.
15 Oko sikufunda kuHagayi 1:6 kufanele kusenze sicinge ngemfuneko yentsikelelo kaThixo ebomini bethu. Loo maYuda amandulo ayengenayo loo ntsikelelo, yaye oko kwabangela ukuba ehlelwe yintlekele. Enoba sinenqwaba yezinto eziphathekayo okanye singamahlwempu, ukuba asinayo intsikelelo kaYehova, oko kuya kusenzakalisa ngokomoya. (Mateyu 25:34-40; 2 Korinte 9:8-12) Phofu ke, sinokuyifumana njani loo ntsikelelo?
UYehova Uyasinceda Ngomoya Wakhe
16-18. Ngokomongo wangaphambili, incwadi kaZekariya 4:6 ithetha ntoni?
16 Umprofeti uZekariya nowaprofeta noHagayi, naye waphefumlelwa ukuba agxininise indlela uYehova awayebakhuthaza aze abasikelele ngayo abo babezinikele kuye ngelo xesha. Yaye oku kubonisa indlela aya kukusikelela ngayo nawe. Siyafunda: “‘Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla, kodwa kungomoya wam,’ utsho uYehova wemikhosi.” (Zekariya 4:6) Kusenokwenzeka ukuba uqhelene nale ndinyana, kodwa yayithetha ntoni kumaYuda omhla kaHagayi noZekariya, yaye ithetha ntoni kuwe?
17 Khumbula ukuba amazwi aphefumlelweyo kaHagayi noZekariya aba nentsingiselo ebalulekileyo ngexesha labo. Oko kwathethwa ngaba baprofeti babini kwawakhuthaza amaYuda athembekileyo. UHagayi waqala ukuprofeta ngenyanga yesithandathu ngowama-520 B.C.E. Yena, uZekariya waqala ngenyanga yesibhozo ngaloo nyaka. (Zekariya 1:1) Njengokuba unokubona kuHagayi 2:18, umsebenzi wesiseko setempile waqalisa ngamandla ngenyanga yethoba. Ngoko ke, amaYuda akhuthazwa ukuba angalal’ emqokozweni, kodwa amthobela uYehova eqinisekile ukuba uza kuwaxhasa. Amazwi akuZekariya 4:6 abonisa ukuba uThixo wawaxhasa.
18 Xa amaYuda abuyela kwilizwe lawo ngowama-537 B.C.E., ayengenamkhosi. Sekunjalo, uYehova wawakhusela waza wawakhokela kuhambo lokunduluka eBhabhiloni. Yaye umoya wakhe wawusalathisa izinto xa aqalisa umsebenzi wokwakha itempile kungekudala emva koko. Emva kokuba ephinde asebenza ngokuzibhokoxa, uYehova wawaxhasa ngomoya wakhe oyingcwele.
19. Umoya kaThixo woyisa yiphi impembelelo enamandla?
19 Ngemibono esibhozo elandelelanayo, uZekariya waqinisekiswa ukuba uYehova wayeya kuba nabantu bakhe, ababeya kuwenza ngokuthembeka umsebenzi wetempile de ugqitywe. Umbono wesine, obhalwe kwisahluko 3, ubonisa ukuba uSathana wayezama ukuwathintela amaYuda ukuze angawugqibi umsebenzi wokwakha itempile. (Zekariya 3:1) Ngokuqinisekileyo wayengavuyi uSathana xa ebona uMbingeleli Omkhulu uYoshuwa enikela inkonzo ngenxa yabantu kwitempile entsha. Nangona uSathana wayexakekile ethintela amaYuda ukuba angayakhi itempile, umoya kaYehova waba nendima enkulu ekushenxiseni loo miqobo nokomeleza amaYuda ukuze aqhubeke nomsebenzi de itempile igqitywe.
20. Umoya kaThixo wawanceda njani amaYuda ukuze enze ukuthanda kukaThixo?
20 Kwabonakala ngathi amagosa karhulumente axabe ngeyona ndlela yaye awuvala umsebenzi wokwakha. Kodwa, uYehova wathembisa ukuba okwakubonakala ngathi ‘yintaba’ wayeya kukudiliza kube “ngumhlaba othe tyaba.” (Zekariya 4:7) Yaye oko kwenzeka ngokwenene! UKumkani uDariyo I waphengulula waza wafumana uxwebhu olwalubhalwe nguKoreshi nolwalugunyazisa amaYuda ukuba aphinde ayakhe itempile. Ngoko ke, uDariyo wawushenxisa umqobo waza wayalela ukuba kuthatyathwe imali kubuncwane bakomkhulu ize inikwe amaYuda ukuze ahlawule iindleko zomsebenzi wokwakha. Hayi indlela izinto ezaziguquke ngayo! Ngaba umoya kaThixo waba negalelo koku? Asithandabuzi nakancinane ukuba wenjenjalo. Itempile yagqitywa ngowama-515 B.C.E., unyaka wesithandathu wokulawula kukaDariyo I.—Ezra 6:1, 15.
21. (a) Kumaxesha amandulo, uThixo ‘wazinyikimisa njani zonke iintlanga’ yaye “izinto ezinqwenelekayo” ziphume njani? (b) Oku kuzaliseka njani kumhla wethu?
21 KuHagayi 2:5, lo mprofeti wakhumbuza amaYuda ngomnqophiso uThixo awayewenze kunye nawo kwiNtaba yeSinayi xa ‘intaba iphela yanyikima kakhulu.’ (Eksodus 19:18) Kwimihla kaHagayi noZekariya, uYehova wayeza kunyikimisa nto yimbi, njengoko kuchazwe ngolwimi olusisafobe kwindinyana 6 neyesi-7. Izinto zazingazinzanga kuBukhosi basePersi, kodwa umsebenzi wetempile wawuza kuqhuba de ugqitywe. Abantu ababengengomaYuda, “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga,” ekugqibeleni babeya kuzukisa uThixo ndawonye namaYuda kuloo ndawo yonqulo. Ngendlela ebalaseleyo kwixesha lethu, uThixo uye ‘wanyikimisa iintlanga’ ngomsebenzi wethu wobuKristu wokushumayela, yaye “izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga” ziye zeza kunqula uThixo ndawonye nentsalela ethanjisiweyo. Enyanisweni, abathanjiswa nezinye izimvu ngoku bazalisa indlu kaYehova ngozuko. Aba banquli bokwenyaniso balilindele ngokholo ixesha xa uYehova eya ‘kunyikimisa amazulu nomhlaba’ ngenye ingqiqo. Oku uya kukwenza ukuze abhukuqe aze abhangise amandla ookumkani beentlanga.—Hagayi 2:22.
22. Iintlanga ‘zinyikimiswa’ njani yaye oku kuba nayiphi imiphumo, yaye yintoni eseza kwenzeka?
22 Sikhunjuzwa ngombhodamo owenzeke kwiinkalo ezininzi njengoko ufanekiselwa ‘ngamazulu nomhlaba nolwandle nomhlaba owomileyo.’ Kaloku, uSathana uMtyholi needemon zakhe baphoswa emhlabeni. (ISityhilelo 12:7-12) Ngaphezu koko, ngokuqinisekileyo abathanjiswa bakaThixo baye balinyikimisa ibutho labantu eliphila kule nkqubo yezinto ngomsebenzi wokushumayela. (ISityhilelo 11:18) Phezu kwako nje oko, “isihlwele esikhulu” sezinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga siye seza kunqula uYehova ndawonye noSirayeli wokomoya. (ISityhilelo 7:9, 10) Isihlwele esikhulu sisebenza namaKristu athanjisiweyo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zokuba kungekudala uThixo uza kunyikimisa iintlanga ngeArmagedon. Oku kuza kuvula ithuba lokuba unqulo lokwenyaniso lufikelele kwimfezeko emhlabeni uphela.
Ngaba Usakhumbula?
• UHagayi noZekariya baprofeta nini yaye phantsi kwaziphi iimeko?
• Unokusisebenzisa njani isigidimi sikaHagayi noZekariya?
• Kutheni incwadi kaZekariya 4:6 ilukhuthazo?
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Incwadi kaHagayi nekaZekariya zisiqinisekisa ukuba uThixo uza kusixhasa
[Umfanekiso okwiphepha 23]
“Ngaba eli lixesha lokuba nihlale kwizindlu zenu ezifulelweyo, ngoxa le ndlu ichithakele?”
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Abantu bakaYehova banenxaxheba ekufikeleleni ‘izinto ezinqwenelekayo zeentlanga’