Akukho Sixhobo Siyilwe Nxamnye Nawe Siya Kuphumelela
“Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela.”—ISAYA 54:17.
1, 2. Amava amaNgqina kaYehova aseAlbania akungqina njani oko kubhalwe kuIsaya 54:17?
KUMASHUMI eminyaka edluleyo, kwelinye ilizwana elineentaba kumzantsi-mpuma eYurophu, kwakukho iqela lamaKristu awayengoyiki ngokoyikiswa. Urhulumente welo wamaKomanisi angakholelwayo kuThixo wazama ukuwacinezela ngazo zonke iindlela. Noko ke, akazange anikezele nakuba ayengcungcuthekiswa, ephoswa kwiinkampu ekusetyenzwa nzima kuzo, abe namajelo eendaba esasaza ubuxoki ngawo. Ngoobani aba kuthethwa ngabo? NgamaNgqina kaYehova aseAlbania. Nangona ukuhlanganisana nokushumayela kwakunzima ngeyona ndlela, ukunyamezela kwawo ukutyhubela yonke le minyaka kuye kwabangela ukuba ubuKristu buzukiswe yaye kuye kwazisa udumo nakwigama likaYehova. Kunyaka ophelileyo xa bekunikezelwa isakhiwo sawo esitsha seofisi yesebe, elinye iNgqina elineminyaka emininzi lithembekile lathi: “Enoba uSathana uzama kangakanani na, uhlala esoyiswa, nguYehova osoloko ephumelela!”
2 Konke oku kungqina oko uThixo wakuthembisa abantu bakhe kuIsaya 54:17 esithi: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela, nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nawe ekugwetyweni uya kulugwebela isohlwayo.” Imbali ingqina ukuba akukho nanye into eyenziwa ngabaxhasi bakaSathana eya kuze iyekise abakhonzi bakaYehova uThixo abazinikeleyo ukumkhonza.
Imigudu KaSathana Eye Yawa Phantsi
3, 4. (a) Izixhobo zikaSathana ziquka ntoni? (b) Ziye zasilela ngayiphi indlela izixhobo zikaMtyholi?
3 Izixhobo eziye zasetyenziswa nxamnye nabanquli bokwenyaniso ziquka ukuvalwa komsebenzi wabo ngurhulumente, ukuhlaselwa lihlokondiba labantu, ukuvalelwa entolongweni ‘nokuyilwa kwenkathazo ngumthetho.’ (INdumiso 94:20) Eneneni kwamanye amazwe ‘isavavanywa’ nanamhlanje oku ingqibelelo yamaNgqina kaYehova.—ISityhilelo 2:10.
4 Ngokomzekelo, ingxelo evela kwenye iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ibonisa ukuba komnye unyaka, kwabakho amatyala angama-32 okuhlaselwa kwabakhonzi bakaThixo kubulungiseleli basentsimini. Ngaphezu koko, zaba ngama-59 izihlandlo zokubanjwa kwamaNgqina—aselula nasele ekhulile, amadoda namabhinqa—awayeshumayela esidlangalaleni. Kwamanye awo kwathatyathwa imizila yeminwe, afotwa aza aphoswa ngaphaya kwezitshixo njengezaphuli-mthetho. Amanye aye asongelwa ngokwenzakaliswa. Kwelinye ilizwe, iziganeko zokubanjwa, ukuhlawuliswa okanye ukubethwa kwamaNgqina kaYehova sezingaphaya kwe-1 100. Ezingaphezu kwama-200 kwezi ziganeko, zenzeka xa ayehlanganisene ngenjongo yokukhumbula ukufa kukaYesu! Sekunjalo, umoya kaYehova uye wabanceda abantu bakhe abakula mazwe nakwamanye, ukuba banyamezele phantsi kwezo meko zimaxongo. (Zekariya 4:6) Abo badumisa uYehova abanakuvalw’ umlomo yintshutshiso ekrakra yeentshaba zabo. Ewe, siqinisekile ukuba akukho sixhobo siya kukatyisa injongo kaThixo.
Ukugwetywa Kolwimi Oluxokayo
5. Bubuphi ubuxoki obathethwayo ngokuphathelele abakhonzi bakaYehova ngenkulungwane yokuqala?
5 UIsaya waprofeta wathi abantu bakaThixo babeya kumelana nalo naluphi na ulwimi olwaluya kuphakama nxamnye nabo. Kwinkulungwane yokuqala, amaKristu ayesoloko ezizisulu zokubekw’ amabala, kusithiwa angabenzi bobubi. Amazwi akwiZenzo 16:20, 21 angqina oko: “Aba bantu basiphazamisa ngokukhulu isixeko sethu, . . . bavakalisa amasiko ekungekho mthethweni ngathi ukuba siwamkele okanye siwaqhelisele, ekubeni singamaRoma.” Ngesinye isihlandlo, abachasi bonqulo bazama ukuphembelela abalawuli besixeko ukuba bathabath’ amanyathelo nxamnye nabalandeli bakaKristu besithi: “Aba bantu bawubhukuqileyo umhlaba omiweyo bakho nalapha, yaye . . . benza ngokuchasene nemimiselo kaKesare.” (IZenzo 17:6, 7) Umpostile uPawulos wabizwa ngokuba ‘ngumfo olizothe’ nenkokeli yehlelo exhokonxa iziphendu “kuwo wonke umhlaba omiweyo.”—IZenzo 24:2-5.
6, 7. Yiyiphi enye indlela amaKristu azichitha ngayo iintlaselo ezinxamnye nawo?
6 Ngenxa yoko, ayisimangalisi into yokuba amaKristu okwenyaniso namhlanje ebekw’ amabala, engcikivwa, etyatyekwa ngezityholo. Kunokutshiwo njani ukuba siyazigweba iintlaselo ezinjalo?—Isaya 54:17.
7 Ezi zityholo zichithwa yihambo entle yamaNgqina kaYehova. (1 Petros 2:12) Xa amaKristu ethobel’ imithetho yelizwe ahlala kulo, eziphethe kakuhle, ebakhathalela abanye, izityholo atyatyekwa ngazo zitsho zibonakale zibubuxoki. Yihambo yethu echazayo ukuba siluhlobo luni lwabantu. Xa abantu bebona ukuzondelela kwethu imisebenzi emihle, badla ngokuzukisa uBawo wethu osemazulwini, baphawule nokuphakama kwemilinganiselo yabakhonzi bakhe.—Isaya 60:14; Mateyu 5:14-16.
8. (a) Yintoni esenokufuneka maxa wambi ukuze sithethelele ukuziphatha kwethu okusekelwe kwiZibhalo? b) Sixelisa uKristu, silugweba njani ulwimi oluchasayo?
8 Ukongezelela kwihambo yethu yokuhlonel’ uThixo, maxa wambi kusenokufuneka sikuthethelele ngenkalipho ukuma kwethu okusekelwe kwiZibhalo. Enye indlela yokwenza oku kukufaka izibheno koorhulumente nasezinkundleni ukuze sikhuseleke. (Estere 8:3; IZenzo 22:25-29; 25:10-12) Ngoxa wayesemhlabeni, ngesinye isihlandlo uYesu waphikisana ekuhleni nabo babemgxeka, ebhenca izityholo zabo zobuxoki. (Mateyu 12:34-37; 15:1-11) Sixelisa uYesu, siyavuya xa sifumana ithuba lokuchazela abanye ngokucacileyo ngeenkolelo zethu esizixabise gqitha. (1 Petros 3:15) Ngamana singangaze sivumele ukugculelwa esikolweni, emsebenzini okanye zizalamane zethu ezingakholwayo kusithintele ekuvakaliseni inyaniso yeLizwi likaThixo.—2 Petros 3:3, 4.
IYerusalem—“Ilitye Elinzima”
9. Yiyiphi iYerusalem efanekiselwa ‘lilitye elinzima’ elichazwe kuZekariya 12:3, yaye ifanekiselwa ngubani apha emhlabeni?
9 Isiprofeto sikaZekariya sibonisa isizathu sokuba iintlanga ziwachase amaKristu okwenyaniso. Phawula oko kuthethwa nguZekariya 12:3: “Kuya kuthi ke ngaloo mini iYerusalem ndiyenze ilitye elinzima kuzo zonke izizwana.” Esi siprofeto sibhekisela kweyiphi iYerusalem? Isiprofeto sikaZekariya esiphathelele iYerusalem sibhekisela ‘kwiYerusalem yasezulwini,’ uBukumkani basezulwini, obo amaKristu athanjisiweyo abizelwe kubo. (Hebhere 12:22) Intsalela encinane yezi ndlalifa zoBukumkani obungoMesiya iselapha emhlabeni. Yona kunye namaqabane ayo ‘ezinye izimvu,’ ibongoza abantu ukuba babe ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo ngoxa besenethuba. (Yohane 10:16; ISityhilelo 11:15) Baye basabela njani abantu kwesi sibongozo? Yaye uYehova ubaxhasa njani abanquli bakhe bokwenyaniso kule mihla? Makhe sibone njengoko sihlolisisa intsingiselo kaZekariya isahluko 12. Ngokwenjenjalo siya kuqiniseka ukuba ‘akukho sixhobo siya kuphumelela’ nxamnye nabathanjiswa bakaThixo namaqabane abo azinikeleyo.
10. (a) Yintoni ebangela ukuba abantu bakaThixo bahlaselwe? (b) Kuye kwenzeka ntoni kwabo bazama ukushenxisa “ilitye elinzima”?
10 UZekariya 12:3 ubonisa ukuba iintlanga ziya “kukrweleka ngokuqatha.” Kwenzeka njani oku? UThixo uyalele ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo zoBukumkani. AmaNgqina kaYehova ayithabatha nzulu imbopheleleko anayo yokushumayela. Noko ke, ukuvakalisa uBukumkani njengobukuphela kwethemba loluntu kuye kwaba ‘lilitye elinzima’ ezintlangeni. Zizama ukulishenxisa ngokuphazamisa abavakalisi boBukumkani. Xa zisenza oko, ezi ntlanga ‘zikrweleka ngokuqatha.’ Xa la mayelenqe azo engaphumeleli, ziyahlazeka. Azinakubaval’ imilomo abanquli bokwenyaniso abalixabisayo ilungelo lokuvakalisa ‘iindaba ezilungileyo ezingunaphakade’ zoBukumkani bukaThixo obungoMesiya ngaphambi kokuba le nkqubo yezinto iphele. (ISityhilelo 14:6) Xa umlindi wentolongo ekwelinye ilizwe laseAfrika wayebukele ukuphathwa kwabakhonzi bakaYehova ngogonyamelo, wathi: ‘Nidlala nje ngexesha lenu ngokutshutshisa aba bantu. Abasoze balalanise. Into abayenzayo nje bayanda.’
11. Uye wasiphumeza njani uThixo isithembiso sakhe esibhalwe kuZekariya 12:4?
11 Funda uZekariya 12:4. UYehova uthembisa ukuba ngokufuziselayo uya kubenza babe ziimfama baze ‘badubadubeke’ abo balwa nabathunywa bakhe boBukumkani abanenkalipho. Uye wasizalisekisa eso sithembiso. Ngokomzekelo kwelinye ilizwe apho unqulo lokwenyaniso lwalungavumelekanga ngokusemthethweni, abachasi babengakwazi ukuthintela abantu bakaThixo ekufumaneni ukutya kokomoya. Elinye iphephandaba lada lathi amaNgqina kaYehova azingenisa ngeebhaloni iincwadi zawo ezisekelwe eBhayibhileni kwelo. Isithembiso sikaThixo kubakhonzi bakhe abanyanisekileyo sangqineka siyinyaniso: “Ndiya kuwavula amehlo am, yaye onke amahashe ezizwana ndiya kuwabetha ngobumfama.” Ngenxa yokumfanyekiswa ngumsindo, iintshaba zoBukumkani azazi neyona nto zimele ziyenze. Kodwa thina siqinisekile ukuba uYehova uya kubalondoloza abantu bakhe njengeqela aze aqinisekise ukuba uyabakhusela.—2 Kumkani 6:15-19.
12. (a) UYesu wawuphemba ngayiphi indlela umlilo ngoxa wayesemhlabeni? (b) Intsalela yabathanjiswa iye yawuphemba njani umlilo wokomfuziselo yaye uye waba yintoni umphumo?
12 Funda uZekariya 12:5, 6. “Iinkosana zakwaYuda” zibhekisela kwabo bakhokelayo kubantu bakaThixo. UYehova ubenza bavuthe yinzondelelo ukuze banyamekele inxalenye esemhlabeni yezilangazelelo zoBukumkani bakhe. UYesu wakha wathi kubafundi bakhe: “Ndize kuqala umlilo emhlabeni.” (Luka 12:49) Ngokwenene wawuphemba umlilo. Ngokushumayela kwakhe ngenzondelelo, uYesu wabonisa abantu ukuba uBukumkani bukaThixo sesona sigidimi sibalulekileyo. Oku kwavusa imbambano kulo lonke uhlanga lwamaYuda. (Mateyu 4:17, 25; 10:5-7, 17-20) Ngokufanayo, “njengembiza yomlilo phakathi kwemithi nanjengesikhuni somlilo kwizithungu ezisandul’ ukusikwa,” abalandeli bakaKristu banamhlanje baphemba umlilo wokomfuziselo. Incwadi ethi The Finished Mysterya yowe-1917, yakubhenca ngokuphandle ukuhanahanisa kweNgqobhoko. Ngenxa yoko, abefundisi baba nomsindo ngendlela engathethekiyo. Kutshanje, iKingdom News No. 37, enomxholo othi “Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango!” iye yabangela abantu abaninzi bakhetha enoba bayabuxhasa okanye bayabuchasa kusini na uBukumkani bukaThixo.
Ukusindiswa ‘Kweentente ZakwaYuda’
13. Yintoni eboniswa libinzana elithi “intente zakwaYuda,” yaye kutheni uYehova ebakhusela abo bachaphazelekayo?
13 Funda uZekariya 12:7, 8. KwaSirayeli mandulo kwakuyinto eqhelekileyo ukubona iintente, maxa wambi ezazisetyenziswa ngabelusi nangabalimi. Abo bantu basezintenteni babesiba ngamaxhoba okuqala xa kuhlaselwa yaye kwakufuneka bakhuselwe xa iintshaba zize kuhlasela isixeko saseYerusalem. Ibinzana elithi “iintente zakwaYuda” libonisa ukuba kweli xesha siphila kulo, ngokungathi kunjalo, intsalela yabathanjiswa ekhoyo ikummandla onganqabisekanga kungekhona kwisixeko esinqatyisiweyo. Nangona ilapho ikhusela ngokungenaloyiko izilangazelelo zoBukumkani obungoMesiya. UYehova wemikhosi uya kusindisa “iintente zakwaYuda kuqala” ngenxa yokuba zingamaxhoba okuhlaselwa nguSathana.
14. UYehova ubakhusela njani abo ‘bakwiintente zakwaYuda’ ekubeni bakhubeke?
14 Eneneni, imbali ibonisa ukuba uYehova uyabakhusela abameli boBukumkani bakhe abathanjisiweyo ‘kwiintente’ zabo ezikummandla onganqabisekanga.b Uyabakhusela ekubeni ‘bakhubeke’ ngokubenza bomelele yaye babe nenkalipho njengoDavide, ukumkani owayeligorha.
15. Yintoni ebangela ukuba uYehova ‘afune ukuzibhubhisa zonke iintlanga,’ yaye uya kukwenza nini oku?
15 Funda uZekariya 12:9. Yintoni ebangela ukuba uYehova ‘afune ukuzibhubhisa zonke iintlanga’? Kungenxa yokuqhubeka kwazo zichasa uBukumkani obungoMesiya. Ngenxa yokuhlasela nokutshutshisa kwazo abantu bakaThixo, zigwetyiwe. Kungekudala, abameli bakaSathana abasemhlabeni baya kuhlasela abanquli bokwenyaniso bakaThixo okokugqibela, nto leyo eya kukhokelela koko kuchazwe eBhayibhileni ngokuthi yiHar–Magedon. (ISityhilelo 16:13-16) UMgwebi Owongamileyo uya kubakhusela abakhonzi bakhe kuloo ntlaselo aze angcwalise igama lakhe phakathi kweentlanga.—Hezekile 38:14-18, 22, 23.
16, 17. (a) Liyintoni “ilifa labakhonzi bakaYehova”? (b) Ukunyamezela kwethu iintlaselo zikaSathana bubungqina bantoni?
16 USathana akanaso isixhobo esinokwehlisa ukholo okanye sidambise inzondelelo yabantu bakaThixo ehlabathini lonke. “Ilifa labakhonzi bakaYehova,” luxolo lokomoya, olubangelwa kukulondolozwa kwabo ngamandla akhe. (Isaya 54:17) Akakho umntu onokusihlutha olo xolo aze asenze singaphumeleli ngokomoya. (INdumiso 118:6) USathana uya kuqhubeka ephembelela inkcaso aze azame nokusenza sibandezeleke. Ukunyamezela kwethu ngokunyaniseka nakuba sigculelwa, bubungqina bokuba sinomoya kaThixo. (1 Petros 4:14) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaYehova obumiselweyo zivakaliswa emhlabeni wonke. Inkcaso abaye bajamelana nayo abantu bakaThixo ibenze bafana nabantu abahlaselwa ‘ngamatye okusawula.’ Sekunjalo, abakhonzi bakaYehova baye bakwazi ukumelana naloo matye ngokufumana amandla kuye yaye oko kuye kwabangela ukuba la matye abonakale kungekho yawo. (Zekariya 9:15) Abathanjiswa abasaseleyo namaqabane abo anyanisekileyo abasokuze bavalwe umlomo!
17 Sikhangele phambili ekuhlangulweni ngokupheleleyo kwiintlaselo zikaMtyholi. Sithuthuzelwa gqitha sisiqinisekiso sokuba ‘akukho sixhobo esiya kuyilwa nxamnye nathi siya kuphumelela, nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nathi ekugwetyweni siya kulugwebela isohlwayo’!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.
b Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, funda incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 675-6, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni ebonisa ukuba izixhobo zikaSathana ziye zasilela?
• IYerusalem yasezulwini iye yaba ‘lilitye elinzima’ njani?
• UYehova uzisindisa njani “iintente zakwaYuda”?
• Njengoko sisondela kwiArmagedon, yintoni oqiniseke ngayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
EAlbania abantu bakaYehova baqhubeka bethembekile nakuba babehlaselwa nguSathana
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu waziphikisa izityholo zobuxoki
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Akukho sixhobo siya kuyilwa nxamnye nabavakalisi beendaba ezilungileyo siya kuphumelela