Isahluko Seshumi Elinesine
“Intsikelelo Kude Kungasweleki Nto”
1, 2. (a) Luluphi ukhetho oluhle ngamnye wethu anokulwenza? (b) Kukuzaliseka kwasiphi isiprofeto okuya kusizisela iintsikelelo kwixesha elizayo?
SIPHILA kwixesha lomgwebo nelentsikelelo. Ixesha lokuwohloka konqulo nelokubuyiselwa konqulo lwenyaniso. Ngokuqinisekileyo ufuna intsikelelo kwaneengenelo eziziswa lunqulo lwenyaniso ngoku nakwixesha elizayo! Kodwa ungaqiniseka njani ukuba uya kuzifumana ezo ngenelo? Ungaqiniseka ngokuthi uhlolisise isiprofeto esazaliseka ngokukhawuleza emva kokuqalisa ‘kwemihla yokugqibela’ ngowe-1914. (2 Timoti 3:1) UMalaki wachaza wathi: “‘Iya kuza ngequbuliso etempileni Yayo, iNkosi yokwenyaniso [uYehova], leyo niyifunayo, engumthunywa womnqophiso eniyoliswayo nguye. Khangela! Ngokuqinisekileyo uya kuza,’ utsho uYehova wemikhosi.”—Malaki 3:1.
2 Esi siprofeto sibaluleke kangaka ebomini bakho sifumaneka kwincwadi yokugqibela kwezo zabaprofeti abali-12. Njengoko sifikelele esiphelweni sengxubusho yethu yeencwadi ezili-12, sinikela ingqalelo ekhethekileyo kula mazwi kaMalaki okuqukumbela. Incwadi yakhe inemiyalelo ebalulekileyo eya kukunceda wena nabanye abakhonzi bakaYehova ukuba nifumane “intsikelelo kude kungasweleki nto.” (Malaki 3:10) Makhe sihlolisise isahluko 3 sencwadi kaMalaki.
IXESHA LOKUHLANJULULWA KOKOMOYA
3. Yintoni eyenzekayo kubantu bakaThixo bamandulo eyabangela ukuba kunyulwe “uSirayeli kaThixo”?
3 Malunga neenkulungwane ezintlanu emva kwexesha likaMalaki, uYehova, owayemelwa nguKristu (‘ongumthunywa kaThixo womnqophiso ka-Abraham’), weza kwitempile yokoqobo eYerusalem ukuze agwebe abantu Bakhe bomnqophiso. Olo hlanga aluzange lumkholise uYehova, waza walugatya. (Mateyu 23:37, 38) Ubungqina boko ungabubona koko kwenzeka ngowama-70 C.E. Ngoko uThixo wanyula “uSirayeli kaThixo,” oluhlanga lokomoya lwamalungu ali-144 000 aphuma kuzo zonke iintlanga. (Galati 6:16; Roma 3:25, 26) Kodwa akuzange kuphelele apho ukuzaliseka kwesiprofeto sikaMalaki. Siyazaliseka nakwixesha lethu, yaye siza kuzisela abaninzi ithemba lokufumana “intsikelelo kude kungasweleki nto” kwixesha elizayo.
4. Yintoni eyayiza kwenzeka emva kokubekwa kukaYesu etroneni ngowe-1914?
4 Ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kungqina ukuba ngowe-1914 uYesu Kristu wamiselwa njengoKumkani woBukumkani bukaYehova basezulwini. Ngoko lalifikile ixesha lokuba uYesu akhethe iqela lamaKristu awayemkholisa uThixo. Ngoobani ababeza kuhlanjululwa ngokomoya? Ungayifumana impendulo ngokuhlolisisa amazwi kaMalaki athi: “Ngubani na oya kuyinyamezela imini yokuza kwakhe, yaye ngubani na oya kuma xa ebonakala? Kuba uya kuba njengomlilo womsulungekisi.” (Malaki 3:2) UYehova weza nini yaye njani “etempileni” yakhe ukuze agwebe?
5, 6. (a) Xa uYehova weza kuhlola itempile yakhe yokomoya, yintoni awayifumanisayo phakathi kwabaninzi ababezibiza ngokuba bangabanquli bakhe? (b) Yintoni ekwakufuneka yenziwe kubakhonzi bakaThixo abathanjiswe ngomoya?
5 Ngokucacileyo uThixo akazange eze kwitempile yokoqobo eyakhiwe ngezandla. Kaloku itempile yokoqobo yonqulo lwenyaniso yatshatyalaliswa ngowama-70 C.E. Ngoko, uYehova weza kwitempile yokomoya, elilungiselelo lokuba abantu bakwazi ukumnqula, ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu. (Hebhere 9:2-10, 23-28) Ngokuqinisekileyo loo tempile yokomoya yayingabunjwa ziicawa zeNgqobhoko, kuba zaziyinxalenye yonqulo olwalunetyala legazi yaye luhenyuza ngokomoya, lukwakhuthaza neemfundiso zobuxoki kunokukhuthaza unqulo olunyulu. UYehova waba “lingqina elikhawulezileyo nxamnye” nazo, yaye uyazi nawe ukuba umgwebo wakhe wawungowobulungisa. (Malaki 3:5) Noko ke, emva kokumiselwa koBukumkani bukaThixo, kwakukho iqela lamaKristu okwenyaniso awayekhonza kwiintendelezo zetempile yokomoya kaThixo, nawangqineka ethembekile kuThixo nangona ayetshutshiswa ngokuqatha. Kodwa ke, nawo loo maKristu athanjisiweyo ayemele ahlanjululwe. Iincwadi zabaprofeti abali-12 ziyathetha ngoko kuhlanjululwa kwawo, kuba ziqulethe izithembiso ezikhuthazayo zokuhlaziywa ngokomoya nangokwenyama kwabakhonzi bakaThixo. UMalaki waxela kwangaphambili ukuba kwakuza kubakho iqela labantu awayeza ‘kulihlambulula uYehova njengegolide nanjengesilivere.’ ‘Ngokuqinisekileyo kuYehova babeza kuba ngabantu abanikela umnikelo osisipho ngobulungisa.’—Malaki 3:3.
6 Ubungqina bubonisa ukuba ukususela ngowe-1918 ukusa phambili uYehova uye wawahlambulula amaKristu athanjisiweyo, esulungekisa unqulo neemfundiso zawo.a Wona kunye ‘nesihlwele esikhulu’ esawathelelayo kamva, aye angenelwa kakhulu. (ISityhilelo 7:9) Njengeqela elimanyeneyo, ayaqhubeka enikela “umnikelo osisipho ngobulungisa,” mnikelo lowo ‘omkholisayo uYehova.’—Malaki 3:3, 4.
7. Yintoni esinokuzibuza yona ngokuphathelele ulwalamano lwethu noThixo?
7 Koko kwenzekayo kubantu bakaThixo xa bebonke, kodwa kuthekani ngathi ngabanye? Usenokuzibuza: ‘Ngaba isimo sam sengqondo okanye izenzo zam zisafuna ukuhlanjululwa? Ngaba kusafuneka ndihlambulule ihambo yam, kanye njengokuba uYehova wabahlambululayo abakhonzi bakhe abathanjisiweyo?’ Ngaphambili, sibonile ukuba abaprofeti abali-12 baye babalaselisa ihambo ephosakeleyo kwakunye nehambo entle. Oko kukunceda ukuqonde ngokucacileyo oko uYehova ‘akubizayo kuwe.’ (Mika 6:8) Phawula igama elithi “kuwe.” Oku kubonisa ukuba ngamnye wethu ufanele ahlolisise iinkalo amele azihlambulule kuzo.
“KHANINCEDE, NINDIVAVANYE”
8. Sisiphi isimemo uYehova asidlulisela kubantu bakhe?
8 Khawuhlolisise oko uYehova akutshoyo kuMalaki isahluko 3, indinyana 10. Apho sifumana esi simemo sobubele: “‘Zisani zonke izishumi kuvimba, ukuze kubekho ukutya endlwini yam; yaye khanincede, nindivavanye, kule nkalo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘enoba andiyi kunivulela kusini na amasango ezikhukula emazulwini ndize okunene ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo kude kungasweleki nto.’” Eso simemo sibhekiswa kubo bonke abantu bakaThixo. Ngaba uvakalelwa kukuba nawe ngokobuqu uqukiwe kuso?
9. Luhlobo olunjani lweminikelo nezishumi onokuzizisa kuYehova?
9 Unokumnika njani “izishumi” uYehova? Akuyomfuneko ukuba uzise iminikelo nezishumi zokoqobo, njengoko babesenza abo babengaphantsi koMthetho. Ngoku uThixo ulindele ukuba sinikele ngeminikelo yokomoya. Njengoko kuchaziwe kwisahluko esingaphambili, uPawulos wawuchaza njengomnikelo umsebenzi wethu wokushumayela. (Hoseya 14:2) Emva koko wakhankanya olunye uhlobo lomnikelo, esithi: “Musani ukulibala ukwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto [eziphathekayo] nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.” (Hebhere 13:15, 16) Ngoko kucacile ukuba “izishumi” ezikhankanywe kuMalaki 3:10 zimela iminikelo yokomoya neyezinto eziphathekayo. NjengomKristu obhaptiziweyo, uzinikele ngokupheleleyo kuYehova, kodwa isishumi sakho simela into eyeyakho siqu onikela ngayo kuYehova, okanye oyisebenzisayo enkonzweni yakhe. Siquka ixesha lakho, amandla akho, kwanezinto zakho eziphathekayo onikela ngazo ukuze zisetyenziswe enkonzweni kaYehova.
10. ‘Unokumvavanya’ ngokufanelekileyo ngayiphi indlela uYehova?
10 Kubaluleke gqitha ukuba uzinikele ngentliziyo epheleleyo nangothando izishumi zakho zokomfuziselo kuYehova! Kwakhona kufuneka ube nembono yongxamiseko. Uyaqonda ukuba imini enkulu kaYehova isondela ngokukhawuleza yaye “iyoyikeka kakhulu.” (Yoweli 2:1, 2, 11) Ubomi babantu busemngciphekweni. UThixo udlulisela isimemo nawe onokuba nenxaxheba ngokobuqu kuso. Ukucela ukuba ‘umvavanye.’ Kambe ke, akakho umntu omele abe nobuganga bokubeka uYehova eluvavanyweni ngokungathi akathembekanga. (Hebhere 3:8-10) Kodwa unako ukumvavanya ngendlela efanelekileyo. Njani? Usithembise intsikelelo. Xa umthobela, uyamvavanya uThixo, ngokungathi uyabuza ukuba ‘Ngaba uza kundisikelela?’ Ngokuqinisekileyo uya kwenjenjalo, ukuze agcine isithembiso sakhe. Ngaloo ndlela, ukukuvumela kukaThixo ukuba ‘umvavanye’ kuqinisa intembelo yakho yokuba uya kukusikelela kakhulu.
11, 12. Yintoni oye wayiphawula ngendlela uYehova abasikelela ngayo abantu bakhe?
11 Mhlawumbi uphawulile ukuba abantu bakaYehova banikela ngesisa ngokomoya nangezinto zabo eziphathekayo. Yaye uYehova ‘uyabasikelela kude kungasweleki nto.’ Oko kubonakala ekwandeni kwamaNgqina kaYehova ngamanani amakhulu ukususela ekuqaleni kwenkulungwane yama-20 ukuza kuthi ga ngoku. Usenokuba uye waphawula uphuculo olukhulu ekuziqondeni kwawo ‘izinto ezinzulu zikaThixo.’ (1 Korinte 2:10; IMizekeliso 4:18) Kodwa khawukhe ukujonge oku ngale ndlela: Kube nawuphi umphumo kuwe siqu?
12 Cinga ngexesha wawusahamba icawa, okanye ngexesha wawuqala ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ngelo xesha, lwalungakanani ulwazi lwakho lwenyaniso yeBhayibhile? Ngoku cinga ngoko uye wakufunda ukususela ngoko nokwaziyo ukukungqina ngokusuka eZibhalweni. Okanye cinga ngezinto ezinzulu oye waziqonda, kuquka iziprofeto ezizalisekayo ngoku. Yaye cinga ngenkqubela oyenzileyo ekusebenziseni ulwalathiso lweBhayibhile ebomini bakho. Inkulu ngokwenene inkqubela oyenzileyo! Njengompostile uPetros, nawe unako ukuthi: “Sinelizwi lesiprofeto elenziwa laqiniseka ngakumbi.” (2 Petros 1:19) Ingongoma ikukuba: Uye ngokobuqu ‘wafundiswa nguYehova’ yaye uphakathi kwamaKristu okwenene azimisele ukukhonza uYehova ngonaphakade. (Isaya 54:13) Unokutsho ngokuqinisekileyo ukuba uye wakusikelela kakhulu.
IGAMA LAKHO ENCWADINI YOBOMI
13. Kwenzeka njani ukuba igama lomntu libhalwe kwincwadi kaThixo yenkumbulo?
13 Iintsikelelo ezingakumbi zikaYehova zikhankanywe kuMalaki 3:16: “Ngelo xesha abo bamoyikayo uYehova bathetha omnye komnye, ngamnye neqabane lakhe, yaye uYehova wanikela ingqalelo ephulaphule. Kwaye incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.” Abo bathanjisiweyo kwakunye nesihlwele esikhulu babonisa intlonelo ‘yokumoyika uYehova.’ Ngaba akukugqali njengelungelo ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova onwabileyo naliphakamisayo emhlabeni wonke igama likaYehova? Umele ube nemihlali, uqinisekile ukuba uYehova uyakukhumbula ukuthembeka kwakho!—Hebhere 6:10.
14. Abaprofeti abali-12 bakuncede njani wabona isimo sengqondo noqheliselo aluthiyileyo uYehova?
14 Kodwa wena ungakufanelekela njani ukuba igama lakho nalo libhalwe kuloo ‘ncwadi yenkumbulo,’ esaqhubeka ibhalwa nangoku phambi kukaYehova? Khumbula amacebiso obulumko esiwafumene kwiincwadi zabaprofeti abali-12. Siye sachazelwa ngehambo, iimpawu nesimo sengqondo esingamkholisiyo uYehova. Ngokomzekelo, abo baprofeti basilumkise ngoqheliselo athi uThixo luyangqubana nemilinganiselo yakhe yobulungisa nolunokonakalisa ubomi bethu, ‘njengehambo evakalala’ ‘nomoya wobuhenyu.’ (Hoseya 4:12; 6:9) UThixo ukuthiyile ukuqhubana ngobuqhophololo neqabane lomtshato, okanye amanye amalungu entsapho. (Malaki 2:15, 16) UYehova waphefumlela aba baprofeti ukuba bagxininise into yokuba akakholiswa lugonyamelo, nokuba lolwaluphi na uhlobo. (Amosi 3:10) Yaye bakhuthaza nokuba siphephe okungekho sikweni nokungathembeki kwezoshishino nakweminye imicimbi yemali. (Amosi 5:24; Malaki 3:5) Kwakhona ezi ncwadi zili-12 zigxininise ukubaluleka kokuba amadoda anembopheleleko angabi namkhethe okanye ukuzingca.—Mika 7:3, 4.
15. Ziziphi ezinye zeengenelo oya kuzinandipha ngokuthobela kwakho izibongozo zabaprofeti abali-12?
15 Kodwa ke, aba baprofeti abaphelelanga nje ngokuchaza izinto esimele siziphephe. Baye babalaselisa iingenelo esinokuzinandipha ukuba siphila ngokwemilinganiselo kaThixo. Ulwalamano lwethu noYehova luya kuqina ngakumbi. (Mika 4:5) Ibandla lethu liya komelela yaye likhuthale ngakumbi xa wonk’ ubani esenza ngobulungisa. Imitshato yethu iya kuqina ngakumbi, neentsapho zethu ziya kumanyana ngakumbi, zinikel’ ingqalelo ngakumbi kwizinto zokomoya. (Hoseya 2:19; 11:4) Xa sisenza ngokusesikweni size sinyaniseke, siya kuhlonelwa ngabanye. Xa sixelisa inceba kaYehova, siya kubonisa uvelwano nobubele kubazalwana noodadewethu, yaye nabo baya kwenza okufanayo kuthi. (Mika 7:18, 19) Ewe, siya kujikelezwa ngabantu abaqolileyo ngokomoya, abazalwana noodade abathanda inyaniso noxolo, yaye ngaphezu koko, siya kuba ngabahlobo bakaYehova. (Zekariya 8:16, 19) Ngaba akuvumi na ukuba ezi ziintsikelelo osele uzinandipha kakade?
16. Nguwuphi umahluko ocacileyo namhlanje, yaye oko kuya kuba nayiphi imiphumo ngemini kaYehova yomgwebo?
16 Oku sisandul’ ukukuhlolisisa kubonisa ngokucacileyo ukuba ‘umahluko okhoyo phakathi kwelungisa nongendawo’—phakathi kwamaKristu okwenyaniso nawobuxoki—uya ucaca ngakumbi nangakumbi. (Malaki 3:18) Sizama ngamandla ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova, ngoxa lona ihlabathi litshona ngakumbi nangakumbi kwihambo engeyoyabuthixo. Yaye uyazi ukuba lo mahluko uya kuba nemiphumo eyintlekele xa “imini enkulu kaYehova” ifika.—Zefaniya 1:14; Mateyu 25:46.
17. Ungayisebenzisa njani inkcazelo ekule ncwadi kwixesha elizayo?
17 Ngoko kucacile ukuba isiluleko sabaprofeti abali-12 sibaluleke gqitha. Xa ujamelana nocelomngeni okanye xa kufuneka wenze izigqibo, kuya kuba kuhle ukuba uphinde uhlolisise inkcazelo eluncedo ekule ncwadi. Ngaloo ndlela uya kubonisa umnqweno onawo wokufuna ‘ukuhamba emendweni’ kaYehova. (Mika 4:2) Noko ke, oko akufanele kube yinto yangoku kuphela. Unomnqweno wokuba igama lakho libhalwe ngonaphakade encwadini kaYehova yenkumbulo, akunjalo? Iincwadi zabaprofeti abali-12 ziya kukunceda uwuphumeze loo mnqweno.
UKHOLO LUKHOKELELA KUSINDISO
18. Ngawaphi amazwi abalulekileyo afumaneka kuYoweli 2:32, yaye umpostile uPawulos wongezelela yiphi inkalo ebalulekileyo kuloo mazwi?
18 Ebalaselisa eyona nkalo ibalulekileyo ukuze uThixo akholiswe nguwe, uYoweli wathi: “Kuya kuthi wonk’ ubani obiza egameni likaYehova asindiswe.” (Yoweli 2:32) Abapostile ababini, uPetros noPawulos, bawacaphula loo mazwi abalulekileyo. (IZenzo 2:21; Roma 10:13) UPawulos wongezelela inkalo ebalulekileyo kuloo mazwi ngokubuza athi: “Baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye?” (Roma 10:14) Ngokuqinisekileyo uyafuna ukubiza egameni likaYehova uze ubonise ukholo kuye ngoku nangonaphakade!
19. Yintoni ebandakanyekileyo ekubizeni egameni likaYehova?
19 Ukubiza egameni likaYehova kubandakanya okungakumbi kunokwazi nokusebenzisa igama lakhe. (Isaya 1:15) Umongo wamazwi akuYoweli 2:32 ubalaselisa ukuguquka ngokwenene nokuba nentembelo ekuxoleleni kukaYehova. (Yoweli 2:12, 13) Ukubiza egameni likaThixo kuthetha ukumazi ngokwenene, ukukholosa ngaye, ukumthobela, nokumbeka kuqala ebomini bethu. Ewe, kuthetha ukuba ukukhonza uYehova kuba yeyona nto ibalulekileyo kuthi. Oko kuya kuphumela ekubeni siphile ubomi obonwabisayo nobungunaphakade, nto leyo eyintsikelelo evela kuThixo.—Mateyu 6:33.
20. Njengoko ubonisa ukholo, nguwuphi umvuzo omangalisayo oza kuwufumana?
20 Esebenzisa uHabhakuki, uYehova wathi: “Lowo ulilungisa, ngokuthembeka kwakhe uya kuqhubeka ephila.” (Habhakuki 2:4) Qiniseka ukuba uhlala ukukhumbula oko. Leyo yenye yezona nyaniso zibalaseleyo eBhayibhileni. UPawulos wabhekisela kweso sibhalo izihlandlo ezithathu kwiincwadi zakhe eziphefumlelweyo.b (Roma 1:16, 17; Galati 3:11, 14; Hebhere 10:38) Ukuze wenze ngokuvisisana nale nyaniso umele ubonise ukholo kumbingelelo owenziwa nguYesu Kristu ngenxa yezono zethu. UYesu wachaza wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye . . . abe nobomi obungunaphakade.” Yaye wongezelela wathi: “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16, 36) Siye saphiliswa ngenxa yaloo mbingelelo woMhlanguli wethu. Emva kokuchaza imiphumo eza kuba nayo imini yakhe enkulu kwihlabathi elingendawo likaSathana, uYehova waqhubeka wathi: “Kuni ke baloyikayo igama lam ilanga lobulungisa ngokuqinisekileyo liya kukhanyisa, linokuphilisa emaphikweni alo.” Ewe, uYesu uza kukhanyisa enokuphilisa. Oko kubandakanya ukuphilisa kokomoya esikunandiphayo ngoku. Kodwa kuchulumancisa kakhulu ukwazi ukuba kuya kuphumela ekuphilisweni ngokupheleleyo ngokwenyama kwihlabathi elitsha!—Malaki 4:2.
21. Kutheni umele ukholwe ukuba uYehova unamandla okuphumeza ukuthanda kwakhe?
21 Kwakhona kubalulekile ukuba sikholwe kumandla kaThixo okuphumeza ukuthanda kwakhe. Ngemihla kaMika, kwakunzima ukukholosa ngabantu belo xesha. Lo mprofeti wathi: “Musa ukukholwa liqabane lakho. Musa ukukholwa ngumhlobo osenyongweni.” Sekunjalo, uMika akazange abe nengxaki yokukholosa ngoYehova; nawe akumele ube nengxaki. UMika wathi: “Kodwa mna ke, ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova.” (Mika 7:5, 7) Ngokungafaniyo nabantu abangathembekanga, uYehova unomnqweno kwanamandla okuzalisekisa injongo yakhe ukuze athethelele ulongamo lwakhe nokuze kungenelwe abantu ababonisa ukholo kuye.
22. Abo babiza egameni likaYehova ngokholo banokunandipha yiphi imiphumo?
22 NjengoHabhakuki, nawe unokuthetha ngentembelo uthi: “Ndiya kugcoba ngoYehova; ndiya kuvuya kuThixo wosindiso lwam.” (Habhakuki 3:18) Umprofeti uYoweli kwanompostile uPawulos bachaza isizathu sokuba bavuye abo babiza egameni likaYehova ngokholo, besithi: ‘Baya kusindiswa.’ (Yoweli 2:32; Roma 10:13) Baya kusindiswa ngayiphi ingqiqo? Ukubonisa kwakho ukholo sele kukusindisile kakade kumaqhinga kaSathana nakumava amaninzi abuhlungu afunyanwa ngabangendawo. (1 Petros 1:18) Kodwa ngaphezu koko, unokukhangela phambili ngentembelo ekusindisweni ngethuba lokupheliswa kwale nkqubo ingendawo yezinto. Oko kuya kukuvulela ithuba lokuba unandiphe iintsikelelo ezininzi ezichazwe ngabaprofeti abali-12.
INKCAZELO EMFUTSHANE NGEPARADESI
23, 24. (a) Yiyiphi inkcazelo emfutshane enikelwa ngabaprofeti abali-12 ngeParadesi? (b) Oko kubhalwe ngabaprofeti abali-12 kuyichaphazela njani imbono yakho ngekamva?
23 Kukho iintsikelelo zikanaphakade eziya kunanditshwa ngabo “bamoyikayo uYehova.” (Malaki 3:16) Abanye babaprofeti abali-12 baye bachaza ngokufutshane ngeParadesi yasemhlabeni ezayo, nkcazelo leyo enokukuzisela uvuyo nolangazelelo olungakumbi. Ngokomzekelo, uMika wabhala wathi: “Baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.” (Mika 4:4) Enyanisweni, ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo uya kuziva unqabisekile yaye unandiphe iziqhamo zomsebenzi wakho!
24 Unesizathu esihle sokukhangela phambili ekuphelisweni kokugula, intlungu kwanokufa. Khawucinge nje ngovuyo oluya kunanditshwa ngabo baya kuvuselwa ebomini benethemba lokuphila njengabantu abagqibeleleyo! Baya kukubona ngokoqobo ukuzaliseka kwesithembiso esikuHoseya 13:14 kwabo baza kuphila emhlabeni: “Ndiya kumkhulula esandleni seShiyol; ekufeni ndiya kumkhulula. Luphi na ulwamvila lwakho, Kufa? Kuphi na ukutshabalalisa kwakho, Shiyol?” La mazwi uPawulos wawasebenzisa kwabo baza kuvuselwa ezulwini.—1 Korinte 15:55-57.
25. Uya kuvakalelwa njani kwihlabathi elitsha?
25 Akufanele kube nzima ukukholelwa ukuba kuza kubakho uvuko lwasemhlabeni. (Zekariya 8:6) Xa uAmosi noMika baxela kwangaphambili ukuba abantu bakaThixo babeza kubuya ekuthinjweni, kusenokwenzeka ukuba kwakunzima ukukukholelwa oko. Kodwa uyazi ukuba kwenzeka. (Amosi 9:14, 15; Mika 2:12; 4:1-7) Abo babuyileyo ekuthinjweni badanduluka bathi: “Saba njengabo babephupha. Ngelo xesha umlomo wethu wazaliswa kukuhleka, nolwimi lwethu yintswahla yovuyo. . . . Inkulu into asenzele yona uYehova. Siye savuya.” (INdumiso 126:1-3) Yindlela leyo nawe oya kuvakalelwa ngayo kwihlabathi elitsha xa ufumana “intsikelelo kude kungasweleki nto.”
26. Yintoni elindelwe ngabo bahlala beyikhumbula imini kaYehova?
26 Emva kokuba “imini kaYehova” isuse bonke ubungendawo emhlabeni, “ubukumkani bumele bube bobukaYehova” ngomkhamo ongakumbi. (Obhadiya 15, 21) Ngaba ayiyi kuba yintsikelelo emangalisayo leyo kubo bonke abaza kuphila emhlabeni? Yaye unokuba phakathi kwabo abhekisa kubo amazwi kaMalaki isahluko 3, athi: “‘Ngokuqinisekileyo baya kuba ngabam,’ utsho uYehova wemikhosi, . . . ’Kwaye ndiza kubabonisa imfesane, kanye njengomntu obonisa imfesane kunyana wakhe omkhonzayo.’” (Malaki 3:17) Ngokucacileyo ukuthembeka kwakho, okukunika ithemba lokusindiswa, kuya kukuvulela ithuba lokufumana “intsikelelo kude kungasweleki nto.” Elinjani lona ukumangalisa ithemba!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, hlola IMboniselo kaJuni 15, 1987, iphepha 14-20.
b UPawulos wacaphula kwiSeptuagint yesiGrike, enamazwi ahluke kancinane kulawo ombhalo wesiHebhere.
UYE WACHAPHAZELEKA NJANI?
• Uye wangenelwa njani kukuhlanjululwa kokomoya kwabantu bakaYehova namhlanje?—Daniyeli 12:10; Malaki 3:12.
• Kutheni ufuna ukuyandisa nje iminikelo oyinikela kuThixo?—Hoseya 14:2; 1 Petros 2:5.
HLALA UYIKHUMBULA IMINI KAYEHOVA
• Kutheni kubalulekile nje ukuhlala simkhumbula uHabhakuki 2:4?—Hoseya 2:18, 20.
• Abaprofeti abali-12 baliqinise njani ithemba lakho lokuphila kwihlabathi elitsha?—INdumiso 126:1-3.
• Kutheni uzimisele ukuhlala uyikhumbula imini kaYehova?—Yoweli 2:1, 2; Habhakuki 2:2, 3.
[Umfanekiso okwiphepha 180, 181]
UYehova uye wabahlambulula abantu bakhe njengeqela. Ngaba thina ngabanye siseneenkalo ezisafuna ukuhlanjululwa?
[Umfanekiso okwiphepha 187]
UYoweli
[Umfanekiso okwiphepha 188, 189]
Abakhonzi bakaYehova bajikelezwe ngabantu abathanda inyaniso nokusesikweni