-
Ngubani Oya Kusinda Ngemini KaYehova?IMboniselo—2002 | Meyi 1
-
-
Ngubani Oya Kusinda Ngemini KaYehova?
“Khangela! iyeza imini evutha njengeziko.”—MALAKI 4:1.
1. UMalaki usichaza njani isiphelo sale nkqubo engendawo yezinto?
UMPROFETI uMalaki waphefumlelwa nguThixo ukuba abhale iziprofeto ngeziganeko ezoyikisayo eziza kwenzeka kungekudala. Ezi ziganeko ziya kuchaphazela wonke umntu osemhlabeni. UMalaki 4:1 uprofeta esithi: “‘Khangela! iyeza imini evutha njengeziko, yaye bonke abakhukhumeleyo nabo bonke abo benza ubungendawo bamele babe njengeendiza. Kwaye imini leyo izayo ngokuqinisekileyo iya kubaqwenga,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘kangangokuba ayiyi kubashiyela nokuba yingcambu okanye isebe.’” Le nkqubo engendawo yezinto iya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo ukusa kuwuphi umkhamo? Kuya kuba njengomthi oncothulwe neengcambu ongasayi kuphinda ukhule.
2. Ezinye izibhalo ziyichaza njani imini kaYehova?
2 Usenokuba uyabuza, ‘Yiyiphi le “mini” umprofeti uMalaki waprofeta ngayo?’ Ikwayimini ekuthethwa ngayo kuIsaya 13:9, apho kuthiwa: “Khangela! Imini kaYehova iyeza, ikhohlakele inobushushu nokuvutha komsindo, ukuze yenze ilizwe libe yinto yokukhwankqiswa, nokuze kubhujiswe aboni belizwe eli.” UZefaniya 1:15 usichazela ngayo esithi: “Loo mini yimini yokuvutha komsindo, imini yokubandezeleka neyokungcungcutheka, imini yesaqhwithi neyesiphanziso, imini yobumnyama neyesithokothoko, imini yamafu nesithokothoko.”
“Imbandezelo Enkulu”
3. Yintoni “imini kaYehova”?
3 Kwinzaliseko enkulu yesiprofeto sikaMalaki, “imini kaYehova” lixesha ‘lembandezelo enkulu.’ UYesu waprofeta esithi: “Ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.” (Mateyu 24:21) Cinga ngembandezelo eye yakho emhlabeni, ingakumbi ukususela ngowe-1914. (Mateyu 24:7-12) Kaloku, IMfazwe Yehlabathi II iyodwa yabulala abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-50! Kanti, “imbandezelo enkulu” iya kuzenza zibonakale zincinane gqitha ezo nkathazo. Eso siganeko, ngokufanayo nemini kaYehova, siphelela kwiArmagedon, nto leyo ephelisa iintsuku zokugqibela zale nkqubo engendawo.—2 Timoti 3:1-5, 13; ISityhilelo 7:14; 16:14, 16.
4. Xa kuphela imini kaYehova, kuya kube kwenzeke ntoni?
4 Ekupheleni kwemini kaYehova, ihlabathi likaSathana namahlakani akhe baya kutshatyalaliswa. Into yokuqala eya kutshatyalaliswa lunqulo lobuxoki. Uya kwandula ke uYehova ayigwebe inkqubo kaSathana yezorhwebo neyezobupolitika. (ISityhilelo 17:12-14; 19:17, 18) UHezekile uyaprofeta: “Baya kuyiphosa ezitratweni loo silivere yabo, negolide yabo iya kuba yinto eyenyanyekayo. Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kukwazi ukubahlangula ngemini yokuvutha komsindo kaYehova.” (Hezekile 7:19) Ngokuphathalele loo mini uZefaniya 1:14 uthi: “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” Ngenxa yoko kuthethwa yiBhayibhile ngemini kaYehova, simele sizimisele ukuphila ngokuvumelana nemilinganiselo kaThixo yokulunga.
-
-
Ngubani Oya Kusinda Ngemini KaYehova?IMboniselo—2002 | Meyi 1
-
-
9. Iziprofeto zikaMalaki zazaliseka njani okokuqala?
9 Loo mazwi azaliseka nangenkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo. Intsalela yamaYuda yakhonza uYehova yaza yaba yinxalenye “yohlanga” olutsha lwamaKristu athanjiswe ngomoya, olwaluquka nabeeNtlanga. Kodwa inkoliso kaSirayeli wemvelo ayizange imamkele uYesu. Ngoko ke, uYesu wathi kolo hlanga lwakwaSirayeli: “Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.” (Mateyu 23:38; 1 Korinte 16:22) Ngowama-70 C.E., njengoko kwaprofetwa kuMalaki 4:1, “imini evutha njengeziko” yamfikela uSirayeli wokwenyama. IYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswa, yaye kuthiwa kwafa abantu abangaphezu kwesigidi ngenxa yendlala, ukruthakruthwano ngolawulo nokuhlaselwa yimikhosi yaseRoma. Noko ke, abo babekhonza uYehova basinda kuloo mbandezelo.—Marko 13:14-20.
-